Sithetha Ntoni Kuwe ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa?
“Nabani na otya isonka okanye osela indebe yeNkosi ngokungafanelekanga uya kuba netyala ngokuphathelele umzimba negazi leNkosi.”—1 KORINTE 11:27.
1. Sisiphi esona siganeko sibalulekileyo esicetyelwe lo nyaka wama-2003, yaye saqala njani?
ESONA siganeko sibalulekileyo esicetywayo kulo nyaka wama-2003 siza kubakho emva kokutshona kwelanga ngoAprili 16. AmaNgqina kaYehova aya kuhlanganisana ukuze enze iSikhumbuzo sokufa kukaYesu Kristu. Njengokuba kubonisiwe kwinqaku elandulelayo, uYesu wasungula lo msitho, okwabizwa ngokuba siSidlo seNkosi Sangokuhlwa, emva kokuba yena nabapostile bakhe bebhiyozele iPasika ngoNisan 14, 33 C.E. Imifuziselo yeSikhumbuzo esisonka esingenagwele newayini ebomvu ifuzisela umzimba kaKristu ongenasono negazi lakhe elaphalalayo—ekuphela kwedini elinokukhulula uluntu kwisono esasizuz’ ilifa nokufa.—Roma 5:12; 6:23.
2. Sisiphi isilumkiso esibhalwe kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:27?
2 Abo bathabathayo kwimifuziselo yeSikhumbuzo bamele benjenjalo ngokufanelekileyo. Umpostile uPawulos wakucacisa oko xa wayebhalela amaKristu kwiKorinte yamandulo, apho iSidlo seNkosi Sangokuhlwa sasingenziwa ngendlela efanelekileyo. (1 Korinte 11:20-22) UPawulos wabhala: “Nabani na otya isonka okanye osela indebe yeNkosi ngokungafanelekanga uya kuba netyala ngokuphathelele umzimba negazi leNkosi.” (1 Korinte 11:27) Wayethetha ukuthini ngala mazwi?
Abanye Benza Okungafanelekanga
3. AmaKristu amaninzi aseKorinte ayeziphatha njani kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
3 AmaKristu amaninzi aseKorinte ayethabatha kwiSikhumbuzo ngokungafanelekanga. Kwakukho ukwahlukana phakathi kwawo, yaye ubuncinane ngesihlandlo esinye, abanye baza nesidlo sabo sangokuhlwa baza basidla ngaphambi okanye ebudeni bale ntlanganiso, ngamaxesha amaninzi besidla yaye besela kakhulu. Babengazinzanga engqondweni nangokomoya. Oku kwabenza ‘banetyala ngokuphathelele umzimba negazi leNkosi.’ Abo babengatyanga emakhaya balamba baza baphazamiseka. Ewe, abaninzi bathabatha ngokungenantlonelo yaye bengabuqondi ngokupheleleyo ubunzulu besi siganeko. Akumangalisi ke ngoko ukuba bazizisela ukugwetywa!—1 Korinte 11:27-34.
4, 5. Kutheni kubalulekile ukuba abo baqhele ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo bazihlole?
4 Njengokuba nyaka ngamnye iSikhumbuzo sisondela, kubalulekile ukuba abo ngokuqhelekileyo bathabathayo kwimifuziselo bazihlole. Ukuze bathabathe ngokufanelekileyo kwesi sidlo sobudlelane, bamele babe baphilile ngokomoya. Nabani na obonakalisa ukungabi nantlonelo, kwanokulidelela idini likaYesu, uya kuba sengozini ‘yokunqunyulwa ebantwini bakaThixo,’ kanye njengomSirayeli owayesidla kwisidlo sobudlelane engahlambulukanga.—Levitikus 7:20; Hebhere 10:28-31.
5 UPawulos wathelekisa iSikhumbuzo nesidlo sobudlelane samaSirayeli amandulo. Wathetha ngabo bathabathayo nabanesabelo kunye noKristu waza wathi: “Aninakusela indebe kaYehova nendebe yeedemon; aninakuba nenxaxheba ‘etafileni kaYehova’ nasetafileni yeedemon.” (1 Korinte 10:16-21) Ukuba ubani oqhele ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo wenza isono esinzulu, ufanele asivume isono sakhe kuYehova aze kwakhona afune uncedo lokomoya lwamadoda amakhulu ebandla. (IMizekeliso 28:13; Yakobi 5:13-16) Ukuba uguquka ngokwenene yaye uvelisa iziqhamo ezifanele inguquko, akasayi kuba uthabatha ngokungafanelekanga.—Luka 3:8.
Ukuza Njengombukeli Onentlonelo
6. UThixo uligcinele bani ilungelo lokuthabatha kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
6 Ngaba abo ngoku benza okuhle kwintsalela yabazalwana bakaKristu abali-144 000 bafanele bathabathe kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa? (Mateyu 25:31-40; ISityhilelo 14:1) Akunjalo. Elo lungelo uThixo uligcinele abo abathambise ngomoya oyingcwele ukuze ‘babe ziindlalifa ezimanyene noKristu.’ (Roma 8:14-18; 1 Yohane 2:20) Ngoko ke, sisiphi isigxina sabo banethemba lokuphila kwiparadesi yasemhlabeni kulawulo loBukumkani? (Luka 23:43; ISityhilelo 21:3, 4) Ekubeni bengezondlalifa ezimanyene noYesu kwithemba lasezulwini, baza eSikhumbuzweni njengababukeli abanentlonelo.—Roma 6:3-5.
7. AmaKristu enkulungwane yokuqala ayezazi njani ukuba afanele athabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
7 AmaKristu okwenyaniso enkulungwane yokuqala ayethanjiswe ngomoya oyingcwele. Amaninzi kuwo ayekwazi ukusebenzisa isipho esinye somoya okanye ezingakumbi, njengokuthetha ngeelwimi. Ngoko ke, kwakungasayi kuba nzima kubantu abanjalo ukwazi ukuba bathanjiswe ngomoya yaye bafanele bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo. Noko ke, kwixesha lethu, oku kusenokuqinisekiswa ngamazwi aphefumlelweyo anjengathi: “Bonke abo baqhutywa ngumoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. Kuba anifumananga moya wobukhoboka obangela uloyiko kwakhona, kodwa nifumene umoya wokwenziwa oonyana, moya lowo esithi ngawo sidanduluke sisithi: ‘Abha, Bawo!’”—Roma 8:14, 15.
8. Ngoobani abafuziselwa ‘yingqolowa’ ‘nokhula’ olukhankanywe kuMateyu isahluko 13?
8 Kangangeenkulungwane, abo bathanjisiweyo ngokwenene baye bakhula ‘njengengqolowa’ kwintsimi ‘yokhula,’ okanye amaKristu obuxoki. (Mateyu 13:24-30, 36-43) Ukususela ngeminyaka yee-1870, “ingqolowa” iye yabonakala ngakumbi, yaye kwiminyaka ethile kamva abaveleli abangamaKristu baxelelwa: “Abadala . . . bafanele badlulisele le miyalelo nale migaqo kwabo bahlanganiseneyo [eSikhumbuzweni],—(1) bafanele babe nokholo kwigazi [likaKristu]; yaye (2) bazinikele eNkosini nasemisebenzini yayo, de kuse ekufeni. Emva koko bafanele babameme bonke abo batyekele kule ndlela nabazinikeleyo ukuba beze kwisikhumbuzo sokufa kweNkosi.”—Studies in the Scriptures, uMqulu VI, The New Creation, iphepha 473.a
Ukufuna “Ezinye Izimvu”
9. Ukwaziwa ‘kwesihlwele esikhulu’ kwacaciswa njani ngowe-1935, yaye oku kwabachaphazela njani abanye ababethabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
9 Ekuhambeni kwexesha, intlangano kaYehova yaqalisa ukunikela ingqalelo kwabanye ukongezelela kubalandeli abathanjisiweyo bakaKristu. Kwenzeka into ephawulekayo ngokuphathelele oku phakathi kwiminyaka yee-1930. Ngaphambi koko, abantu bakaThixo babesigqala “isihlwele esikhulu” seSityhilelo 7:9 njengodidi olungaphantsi lokomoya oluya kunxulumana nabali-144 000 abavuselwe ezulwini nabathanjisiweyo—njengabakhaphi okanye amaqabane omtshakazi kaKristu. (INdumiso 45:14, 15; ISityhilelo 7:4; 21:2, 9) Kodwa ngoMeyi 31, 1935, kwintetho eyanikelwa kwindibano yamaNgqina kaYehova eWashington, D.C., eUnited States, kwachazwa ngokweZibhalo ukuba “isihlwele esikhulu” (“indimbane enkulu,” King James Version) sibhekisela ‘kwezinye izimvu’ eziphila kwixesha lesiphelo. (Yohane 10:16) Emva kwaloo ndibano, bambi ababethabatha ngaphambili kwimifuziselo yeSikhumbuzo bayeka kuba bafumanisa ukuba babenethemba lokuphila emhlabeni, kungekhona ezulwini.
10. Unokulicacisa njani ithemba neembopheleleko ‘zezinye izimvu’ zanamhlanje?
10 Ingakumbi ukususela ngowe-1935 bekufunwa abo bayila “ezinye izimvu,” abanokholo kwintlawulelo, nabazahlulele kuThixo, nabaxhasa ‘umhlambi omncinane’ othanjisiweyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. (Luka 12:32) Ezinye izimvu zinethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade, kodwa kuzo zonke ezinye iinkalo, ziyafana nentsalela yanamhlanje yeendlalifa zoBukumkani. Njengoko abaphambukeli kwaSirayeli wamandulo babenqula uYehova yaye bezithoba kuMthetho, ezinye izimvu zanamhlanje zamkela iimbopheleleko zamaKristu, njengokushumayela iindaba ezilungileyo namalungu oSirayeli wokomoya. (Galati 6:16) Noko ke, kanye njengokuba umphambukeli wayengayi kuba ngukumkani okanye umbingeleli wakwaSirayeli, akukho namnye wezinye izimvu onokulawula kuBukumkani basezulwini okanye abe ngumbingeleli.—Duteronomi 17:15.
11. Kutheni usuku lokuzahlulela komntu lunxulumene nethemba analo?
11 Ngoko ke, ngeminyaka yee-1930, kwakucacile ukuba, ngokuqhelekileyo abodidi lwasezulwini babesele bekhethiwe. Kangangamashumi eminyaka ngoku, bekufunwa abanye bezinye izimvu, abanethemba lokuphila emhlabeni. Ukuba omnye wabathanjiswa akathembeki, kusenokwenzeka ukuba umntu obekhonza uThixo ngokuthembeka kangangexesha elide njengomnye wezinye izimvu uya kubizwa ukuze athabathe indawo yaloo mntu kwabali-144 000.
Isizathu Sokuba Abanye Benze Impazamo
12. Umntu ufanele ayeke ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo xa kutheni, yaye ngoba?
12 AmaKristu athanjisiweyo aqiniseke ngokupheleleyo ukuba abizelwe ezulwini. Kodwa kuthekani ukuba abanye abantu abangabizwanga bebethabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo? Ekubeni ngoku besazi ukuba abazange babe nethemba lokuphila ezulwini, ngokuqinisekileyo isazela sabo siya kubanyanzela ukuba bayeke ukuthabatha. UThixo akasayi kukholiswa nguye nabani na ozenza ukumkani okanye umbingeleli wasezulwini ngoxa esazi ukuba ngokwenene akabizelwanga ezulwini. (Roma 9:16; ISityhilelo 20:6) UYehova wambulala umLevi onguKora owathi ngokuzikhukhumalisa wafuna ububingeleli buka-Aron. (Eksodus 28:1; Numeri 16:4-11, 31-35) Ukuba umKristu othile ufumanise ukuba ebethabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo ngokungafanelekanga, ufanele ayeke aze ngokuzithoba athandaze kuYehova acele uxolo.—INdumiso 19:13.
13, 14. Kutheni abanye ngempazamo basenokucinga ukuba babizelwe ezulwini?
13 Kutheni abanye besenokuphazama bacinge ukuba babizelwe ezulwini? Ukufa kweqabane okanye intlekele ethile isenokubabangela ukuba bangasafuni ukuphila emhlabeni. Okanye basenokunqwenela ukuba nethemba elinjengelo lomhlobo wabo osenyongweni othi ungumKristu othanjisiweyo. Kakade ke, akukho mntu uThixo amnike isabelo sokufuna abanye ukuze bafumane eli lungelo. Yaye akathambisi iindlalifa zoBukumkani ngokuzenza zive amazwi azixelela ukuba zithanjisiwe.
14 Ingcamango yonqulo lobuxoki yokuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini isenokwenza abanye bacinge ukuba babizelwe ezulwini. Ngenxa yoko, sifanele sikulumkele ukuphenjelelwa ziingcamango eziphosakeleyo zexesha elidluleyo okanye zezinye izinto. Ngokomzekelo, abanye basenokuzibuza: ‘Ngaba ndisebenzisa amayeza anokuchaphazela iimvakalelo zam? Ngaba ndingumntu ochukumiseka ngokunzulu kangangokuba ndide ngempazamo ndicinge ngale ndlela?’
15, 16. Kutheni abantu abambalwa ngokuphosakeleyo besenokugqiba kwelokuba bangabathanjiswa?
15 Bambi basenokuzibuza: ‘Ngaba ndifuna ukubalasela? Ngaba ndinqwenela ukuba negunya ngoku okanye kwixesha elizayo njengendlalifa emanyene noKristu?’ Xa iindlalifa zoBukumkani zabizwa ngenkulungwane yokuqala, asizizo zonke ezazinezigxina ebandleni. Yaye abantu ababizelwe ezulwini abafuni kubalasela okanye baqhayise ngokuba bethanjisiwe. Babonakalisa ukuthobeka okulindeleke kwabo ‘banengqondo kaKristu.’—1 Korinte 2:16.
16 Bambi basenokugqiba kwelokuba babizelwe ezulwini kuba baye banolwazi oluninzi lweBhayibhile. Kodwa ukuthanjiswa ngomoya akwenzi ubani abe nolwazi olungakumbi, kuba kwafuneka uPawulos ayale aze aluleke abathile ababethanjisiwe. (1 Korinte 3:1-3; Hebhere 5:11-14) UThixo unelungiselelo lokubondla ngokomoya bonke abantu bakhe. (Mateyu 24:45-47) Ngoko ke, akukho mntu ofanele acinge ukuba ngokuba ngumKristu othanjisiweyo ufumana ubulumko obungaphezu kwabanethemba lokuphila emhlabeni. Ukuthanjiswa ngomoya akubonakaliswa ngokuba nobuchule obungakumbi ekuphenduleni imibuzo yeZibhalo, ekushumayeleni, okanye ekunikeleni iintetho zeBhayibhile. AmaKristu anethemba lokuphila emhlabeni nawo enza kakuhle kwezi nkalo.
17. Ukuthanjiswa ngomoya kuxhomekeke entwenini nakubani?
17 Ukuba elinye ikholwa libuza ngobizo lwasezulwini, umdala okanye omnye umKristu oqolileyo unokuthetha nalo ngalo mbandela. Noko ke, akukho mntu onokwenzela omnye esi sigqibo. Umntu onolu bizo ngokwenene akuyomfuneko ukuba abuze abanye ukuba unethemba elinjalo. Abathanjiswa ‘bazalwa ngokutsha, kungekhona ngembewu enokonakala, kodwa ngengenakonakala enemveliso, ngalo ilizwi likaThixo ophilayo nohlala ekho.’ (1 Petros 1:23) Ngomoya nangeLizwi lakhe, uThixo utyala “imbewu” eyenza ubani abe “sisidalwa esitsha,” enethemba lokuphila ezulwini. (2 Korinte 5:17) Yaye nguYehova okhethayo. Ukuthanjiswa “kuxhomekeke, kungekhona kulowo unqwenelayo nakulowo ubalekayo, kodwa kuThixo.” (Roma 9:16) Ngoko ke ubani unokuqiniseka njani ukuba ubizelwe ezulwini?
Isizathu Sokuba Baqiniseke
18. Umoya kaThixo ungqinelana njani nomoya wabathanjiswa?
18 Ubungqina bomoya kaThixo buyawaqinisekisa amaKristu athanjisiweyo ukuba anethemba lokuphila ezulwini. UPawulos wabhala: “Nifumene umoya wokwenziwa oonyana, moya lowo esithi ngawo sidanduluke sisithi: ‘Abha, Bawo!’ Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu, ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye ukuze sizukiswe ndawonye naye.” (Roma 8:15-17) Bephenjelelwa ngumoya oyingcwele, umoya okanye isimo sengqondo sabo bathanjisiweyo sibenza bazimisele ukwenza oko kuthethwa ziZibhalo ngabantwana bakaYehova bokomoya. (1 Yohane 3:2) Umoya kaThixo ubenza babe ngoonyana bakhe baze babe nethemba elikhethekileyo. (Galati 4:6, 7) Ewe, ukuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni njengabantu abafezekileyo kunye namalungu entsapho nabahlobo kuya kubangela uvuyo, kodwa elo asilothemba labo abalinikwe nguThixo. Ngomoya wakhe, uThixo uye wabenza banethemba elomeleleyo lokuphila ezulwini kangangokuba bakulungele ukuncama zonke izinto ezisenokufumaneka emhlabeni.—2 Korinte 5:1-5, 8; 2 Petros 1:13, 14.
19. Umnqophiso omtsha unayiphi indima kubomi bomKristu othanjisiweyo?
19 AmaKristu athanjisiweyo aqinisekile ngethemba lawo lokuphila ezulwini, lokungeniswa kumnqophiso omtsha. UYesu wakhankanya oku xa wayeqalisa iSikhumbuzo waza wathi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.” (Luka 22:20) Abo bakumnqophiso omtsha nguThixo nabathanjiswa. (Yeremiya 31:31-34; Hebhere 12:22-24) UYesu ngumlamleli wawo. Ekubeni lo mnqophiso usebenza ngenxa yegazi likaKristu elaphalalayo, asingomaYuda kuphela akumnqophiso omtsha kodwa nakwiintlanga kuthatyathwe isizwana segama likaYehova yaye senziwe saba yinxalenye ‘yembewu’ ka-Abraham. (Galati 3:26-29; IZenzo 15:14) Lo “mnqophiso ongunaphakade” wenza onke amaSirayeli okomoya avuselwe kubomi bokungafi ezulwini.—Hebhere 13:20.
20. Abathanjiswa bangeniswa kuwuphi umnqophiso noKristu?
20 Abathanjiswa baqinisekile ngethemba abanalo. Baye bathatyathelwa komnye umnqophiso, umnqophiso woBukumkani. Ngokuphathelele ukusebenza kwabo noKristu, uYesu wathi: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.” (Luka 22:28-30) Lo mnqophiso uphakathi kukaKristu namaqabane akhe angookumkani uhlala usebenza ngonaphakade.—ISityhilelo 22:5.
Ixesha LeSikhumbuzo—Ixesha Leentsikelelo
21. Sinokuzuza lukhulu njani kwixesha leSikhumbuzo?
21 Zininzi iintsikelelo ezifumaneka ngexesha leSikhumbuzo. Sinokuzuza kufundo lweBhayibhile olulungiselelwe eli xesha. Kwakhona lixesha elihle ngokukhethekileyo lokuthandaza, ukucamngca ngobomi nokufa kukaYesu emhlabeni, nokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. (INdumiso 77:12; Filipi 4:6, 7) Lo msitho usikhumbuza ngothando olwabonakaliswa nguThixo noKristu ngokuphathelele idini lentlawulelo likaYesu. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16) Eli lungiselelo lisenza sibe nethemba yaye liyasithuthuzela kwaye lifanele lomeleze ukuzimisela kwethu ukulandela ikhondo elinjengelikaKristu. (Eksodus 34:6; Hebhere 12:3) Kwakhona iSikhumbuzo sifanele sisomeleze ukuba sizalisekise ukuzahlulela kwethu njengabakhonzi bakaThixo size sibe ngabalandeli abanyanisekileyo boNyana wakhe othandekayo.
22. Sisiphi esona sipho sikhulu uThixo asiphe abantu, yaye yiyiphi enye indlela esinokubonisa uxabiso ngaso?
22 Ezi zizipho ezintle ngokwenene uYehova asinika zona! (Yakobi 1:17) ILizwi lakhe liyasikhokela, umoya wakhe uyasinceda, yaye sinethemba lobomi obungunaphakade. Esona sipho sikaThixo sikhulu lidini likaYesu ukuze kuxolelwe izono zabo bathanjisiweyo nabo bonke abanye ababonakalisa ukholo. (1 Yohane 2:1, 2) Ngoko ke ukufa kukaYesu kubaluleke kangakanani kuwe? Ngaba uya kuba phakathi kwabo baya kubonakalisa umbulelo ngokufa kwakhe ngokuhlanganisana emva kokutshona kwelanga ngoAprili 16, 2003, kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ngoobani abafanele bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
• Kutheni “ezinye izimvu” zisiya kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa kuphela njengababukeli abanentlonelo?
• AmaKristu athanjisiweyo azi njani ukuba afanele athabathe isonka newayini kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu?
• Ixesha leSikhumbuzo lixesha elihle lokwenza ntoni?
[Igrafu/Imifanekiso ekwiphepha 18]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ababezile KwiSikhumbuzo
NGEZIGIDIIN
15,597,746
15
14
13,147,201
13
12
11
10
9
8
7
6
5
4,925,643
4
3
2
1
878,303
63,146
1935 1955 1975 1995 2002
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba uya kubakho kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa kulo nyaka?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Ixesha leSikhumbuzo lixesha elihle lokwandisa ufundo lwethu lweBhayibhile nokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani