“Nonke Nina Ningabazalwana”
“Ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana.”—MATEYU 23:8.
1. Nguwuphi umbandela esifanele siwuqwalasele?
ELINYE ibhinqa elingumKristu elivela kwilizwe laseMpuma labuza umvangeli wasemazweni ovela eOstreliya ngokunyanisekileyo lisithi: “Ngubani ofanelwe yimbeko engakumbi, ngaba ngumvangeli wasemazweni okanye ngumntu okhonza eBheteli?” Lalifuna ukwazi ukuba ngubani ofanele ahlonelwe ngakumbi, kukho umvangeli wasemazweni ovela kwelinye ilizwe okanye umlungiseleli wasekuhlaleni okhonza kwiofisi yesebe leWatch Tower Society. Lo mbuzo ubuzwa ngokunyanisekileyo, obonisa ukuthandwa kwezigxina, wammangalisa lo mvangeli wasemazweni. Noko ke, umbuzo wokuba ngubani omkhulu ngakumbi ubangelwa kukunqwenela ukwazi ubungakanani begunya nempembelelo umntu anayo.
2. Sifanele sibajonge njani abo sinqula nabo?
2 Le nkxalabo asinto intsha konke konke. Kwanabafundi bakaYesu babengayeki ukuphikisana ngokuba ngubani na omkhulu phakathi kwabo. (Mateyu 20:20-24; Marko 9:33-37; Luka 22:24-27) Nabo babekhulele kwisizwe sabantu abathanda izigxina, amaYuda enkulungwane yokuqala. Ecinga ngelo butho labantu, uYesu waluleka abafundi bakhe esithi: “Ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana.” (Mateyu 23:8) Isibizo sonqulo esithi “Rabhi,” esithetha “Mfundisi,” “sityekele ekubangeleni ikratshi nemvakalelo yokongama kwabo babizwa ngolo hlobo, baze abo bangabizwa ngolo hlobo babe nomona yaye bazive bephantsi; uwonke nje loo moya nolo tyekelo wahlukile ‘ekuthobekeni kukaKristu,’” watsho njalo omnye umphengululi weBhayibhile uAlbert Barnes. Eneneni, amaKristu ayakuphepha ukuthi xa ethetha ngabaveleli abaphakathi kwawo “Umdal’ uZibani-bani,” esebenzisa igama elithi “umdala” njengesibizo senkohliso. (Yobhi 32:21, 22) Kwelinye icala, abadala abaphila ngokuvisisana nesiluleko sikaYesu bayawahlonela amalungu ebandla, kanye njengoko uYehova ebahlonela abanquli abanyanisekileyo noYesu Kristu ebahlonela abalandeli abanyanisekileyo.
Umzekelo KaYehova NoYesu
3. UYehova wazibeka njani izidalwa zakhe zomoya?
3 Nangona uYehova ‘engOyena uPhakamileyo,’ ukususela ekuqaleni wazibeka izidalwa zakhe ngokuzibandakanya kwimisebenzi yakhe. (INdumiso 83:18) Ekudaleni kwakhe umntu wokuqala, uYehova wabandakanya uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo kulo msebenzi “njengomsebénzi onobuchule.” (IMizekeliso 8:27-30; Genesis 1:26) UYehova wada wamema iingelosi zakhe zasezulwini ukuba zichaze indlela awayeza kutshatyalaliswa ngayo uKumkani uAhabhi xa Yena wayesele ezimisele ukwenjenjalo.—1 Kumkani 22:19-23.
4, 5. UYehova uzihlonela njani izidalwa zakhe ezingabantu?
4 UYehova uyalawula njengoMongami Ophakamileyo wendalo iphela. (Duteronomi 3:24) Akuyomfuneko ukuba abuze nto ebantwini. Ukanti, ngokungathi kunjalo, uyazithoba aze abagqale. Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu, yena ohlala phezulu? Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni, uvusa eluthulini isisweli.”—INdumiso 113:5-8.
5 Ngaphambi kokuba atshabalalise iSodom neGomora, uYehova wayiphulaphula imibuzo eyayibuzwa nguAbraham waza wayanelisa imvo yokusesikweni awayenayo. (Genesis 18:23-33) Nangona uYehova wayesele ewazi umphumo woko kwakucelwa nguAbraham, wamphulaphula ngomonde uAbraham waza wayamkela loo ndlela wayeqiqa ngayo.
6. Yintoni eyabangela ukuba uYehova ambeke uHabhakuki xa wayebuza umbuzo?
6 UYehova wamphulaphula noHabhakuki, owabuza wathi: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva?” Ngaba uYehova lo mbuzo wawugqala njengocelomngeni kwigunya lakhe? Akunjalo, wagqala imibuzo kaHabhakuki njengesengqiqweni, yaye emva koko wayityhila injongo yakhe ngokuxhokonxa amaKhaledi ukuba aphumeze umgwebo. Wamqinisekisa lo mprofeti ukuba ‘lo mgwebo waxelwa kwangaphambili uya kuba yinyaniso nakanjani na.’ (Habhakuki 1:1, 2, 5, 6, 13, 14; 2:2, 3) UYehova wambeka lo mprofeti ngokubonakalisa inkathalo ngezinto ezimxhalabisayo nangokumphendula. Ngenxa yoko, lo mprofeti wayekhathazekile wonwaba waza wanemincili, ethembele ngokupheleleyo kuThixo wosindiso lwakhe. Oku kuboniswe kwincwadi ephefumlelweyo kaHabhakuki eyomeleza intembelo yethu kuYehova namhlanje.—Habhakuki 3:18, 19.
7. Kutheni indima eyadlalwa nguPetros ngePentekoste yowama-33 C.E. iyephawulekayo?
7 UYesu Kristu ungomnye umzekelo wokuhlonela abanye. UYesu wayexelele abafundi bakhe ukuba “nabani na ondikhanyelayo phambi kwabantu, nam ndiza kumkhaneyla phambi koBawo.” (Mateyu 10:32, 33) Noko ke, ngobusuku awangcatshwa ngabo, bonke abafundi bakhe bamshiya yaye umpostile uPetros wamkhanyela izihlandlo ezithathu. (Mateyu 26:34, 35, 69-75) UYesu wakhangela ngaphaya kwenkangeleko yangaphandle waza wathabathel’ engqalelweni iimvakalelo ezinzulu zikaPetros, ukuguquka kwakhe ngokupheleleyo. (Luka 22:61, 62) Kwathi emva kweentsuku ezingama-51, uKristu wabonisa intlonelo kulo mpostile uguqukileyo ngokumvumela ukuba amele abafundi bakaYesu abali-120 ngomhla wePentekoste waza wasebenzisa ‘isitshixo sokuqala sobukumkani.’ (Mateyu 16:19; IZenzo 2:14-40) UPetros wanikwa ithuba lokuba ‘abuye ukuze omeleze abazalwana bakhe.’—Luka 22:31-33.
Ukubonakalisa Imbeko Kumalungu Entsapho
8, 9. Umyeni unokumxelisa njani uYehova noYesu ekubonakaliseni intlonelo kwinkosikazi yakhe?
8 Abayeni nabazali benza kakuhle ukuxelisa uYehova noYesu Kristu xa besebenzisa igunya labo abalinikwe nguThixo. UPetros waluleka esithi: “Nina madoda, qhubekani nihlala [nabafazi benu] ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi.” (1 Petros 3:7) Zithelekelele uphethe ingqayi e-ethe ethe eyenziwe nge-porcelain, ngokucacileyo ecekeceke ngakumbi kunaleyo yenziwe ngeplanga. Ngaba ubungayi kuba nenyameko engakumbi? Umyeni unokwenjenjalo ngokuxelisa uYehova, ephulaphula uluvo lwenkosikazi yakhe xa esenza izigqibo kwimibandela yentsapho. Khumbula ukuba uYehova wazinika ithuba lokuqiqa noAbraham. Ekubeni engafezekanga, umyeni usenokungakwazi ukuvelela nkalo zonke zombandela. Ngoko ngaba bekungayi kuba bubulumko ngaye ukuba ahlonele inkosikazi yakhe ngokuluqwalasela ngokunyanisekileyo uluvo lwakhe?
9 Kumazwe apho igunya lamadoda likhuselwa kakhulu, umyeni umele ahlale ekhumbula ukuba inkosikazi yakhe kusenokufuneka yoyise umqobo omkhulu ukuze ivakalise iimvakalelo zayo. Xelisa indlela uYesu Kristu awaqhubana ngayo nabafundi bakhe, inxalenye yodidi lomtshakazi wakhe wexesha elizayo, ngoxa wayesemhlabeni. Wabahlonela ngokunzulu, eziqonda iintsilelo zabo zokwenyama nezokomoya kwanangaphambi kokuba bakuvakalise oko bakufunayo. (Marko 6:31; Yohane 16:12, 13; Efese 5:28-30) Ukongezelela, zinike ithuba lokuqwalasela oko inkosikazi yakho ikwenzela kona wena nentsapho yakho, uze uvakalise uxabiso ngamazwi nangezenzo. UYehova noYesu bobabini babebaxabisa, bebancoma yaye bebasikelela abo babekufanelekela oko. (1 Kumkani 3:10-14; Yobhi 42:12-15; Marko 12:41-44; Yohane 12:3-8) Emva kokuba umyeni wayo ebe ngomnye wamaNgqina kaYehova, inkosikazi engumKristu yaseMpuma yathi: “Umyeni wam wayedla ngokuhamba phambili endishiya ndithwele yonke into. Ngoku uyawuthwala umthwalo yaye ubonakalisa uxabiso ngezinto endizenzayo ekhaya!” Ukuvakalisa uxabiso ngokunyanisekileyo kuluncedo kakhulu ekwenzeni inkosikazi yakho izive ixabisekile.—IMizekeliso 31:28.
10, 11. Yintoni enokufundwa ngabazali kumzekelo omhle kaYehova xa wayeqhubana nohlanga olunemvukelo lakwaSirayeli?
10 Xa beqhubana nabantwana babo, ingakumbi xa kufuneka isohlwayo, abazali bafanele baxelise umzekelo kaThixo. “UYehova waqhubeka emlumkisa uSirayeli noYuda” ukuba baguquke kwiindlela zabo ezimbi, kodwa “baqhubeka bezenza lukhuni iintamo zabo.” (2 Kumkani 17:13-15) AmaSirayeli ‘azama ukumqhatha ngomlomo wawo; nangolwimi lwawo azama ukumxokisa.’ Abazali abaninzi basenokuvakalelwa kukuba maxa wambi abantwana babo benza ngolo hlobo. AmaSirayeli ‘ayemvavanya uThixo’ yaye emenza buhlungu. Ukanti, uYehova “wayenenceba; wayezigubungela iziphoso aze angonakalisi.”—INdumiso 78:36-41.
11 UYehova wada wawacenga amaSirayeli esithi: “Yizani, ke, silungelelanise imicimbi phakathi kwethu . . . Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu.” (Isaya 1:18) Nangona uYehova wayengenzanga siphoso, walumema olu hlanga lunemvukelo ukuba luze ukuze lulungelelanise imicimbi. Esinjani ukuba sihle isimo sengqondo sokuxeliswa ngabazali xa beqhubana nabantwana babo! Xa kufanelekile, bonakalisa intlonelo ngokubaphulaphula, uze uqiqe nabo ubabonisa isizathu sokuba kufuneke benze utshintsho.
12. (a) Kutheni sifanele sikuphephe ukubeka abantwana bethu ngaphezu koYehova? (b) Yintoni efunekayo ukuze sibonakalise intlonelo ebantwaneni bethu xa sibohlwaya?
12 Kakade ke, maxa wambi abantwana bayakufuna ukululekwa kabukhali. Abazali bebengayi kufuna ukufana noEli, ‘owaqhubeka ebeka oonyana bakhe ngaphezu koYehova.’ (1 Samuweli 2:29) Sekunjalo, abaselula kufuneka bayibone intshukumisa yothando xa belungiswa. Bafanele bayiqonde into yokuba abazali babo bayabathanda. UPawulos waluleka ootata esithi: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Ngoxa utata enegunya, ingongoma yeyokuba utata umele abonakalise intlonelo ebantwaneni ngokuba angabacaphukisi ngokuba ngqwabalala ngokugqithiseleyo. Ewe, ukuze abazali baphathe abantwana ngentlonelo kufuneka ixesha nomgudu, kodwa isiqhamo esifumanekayo ngokwenza oko sikufanele konke ukuzincama okwenziwayo.
13. Iyintoni imbono yeBhayibhile ngabantu abakhulileyo entsatsheni?
13 Ukubeka amalungu entsapho akupheleli nje ekubeni ubani ahlonele inkosikazi nabantwana bakhe. Iqhalo lesiJapan lithi: “Xa umdala, bathobele abantwana bakho.” Eli qhalo lithetha ukuthi abazali abasele bekhulile bafanele bakuphephe ukuba ngabagabadeleyo xa besebenzisa igunya labo lobuzali yaye bafanele bakuphulaphule ngenyameko oko kuthethwa ngabantwana babo abasele bebadala. Ngoxa iZibhalo zibonisa ukuba abazali bafanele babahlonele abantwana babo ngokubaphulaphula, abantwana bafanele bawahlonele amalungu amadala entsapho. IMizekeliso 23:22 ithi: “Ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.” UKumkani uSolomon waphila ngokuvisisana neli qhalo yaye wamhlonela unina xa wayesenza isicelo kuye. USolomon wabeka itrone ngasekunene kweyakhe waza waphulaphula oko kwakuthethwa ngunina owayesele ekhulile, uBhatshebha.—1 Kumkani 2:19, 20.
14. Sinokuyibonisa njani imbeko kumalungu akhulileyo ebandla?
14 Kwintsapho yethu yokomoya eyandisiweyo, sinamathuba amahle ‘okukhokela’ ekuboniseni imbeko kumalungu akhulileyo ebandla. (Roma 12:10) Asenokungakwazi ukwenza izinto ngomkhamo ayefudula esenza ngawo ngaphambili, yaye oko kusenokuwakhathaza. (INtshumayeli 12:1-7) INgqina elithanjisiweyo nelisele likhulile elalingumlwelwe owayehlala ebhedini kwigumbi lokunyamekela abagulayo lavakalisa indlela elalikhathazeke ngayo lisithi: “Ingathi andisafi ndizokukwazi ukuphinda ndisebenze.” Kwabo bakhulileyo banjalo, ukubonisa kwethu imbeko nentlonelo efanelekileyo kunokuba luncedo. AmaSirayeli ayalelwa oku: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu.” (Levitikus 19:32) Bahlonele abantu abakhulu ngokubenza bazive befunwa yaye bexatyiswa. ‘Ukusukuma’ kusenokuquka ukuhlala phantsi uze uphulaphule xa bebalisa ngezinto abaye bazifeza kwiminyaka edluleyo. Oko kuya kumnika isidima umntu okhulileyo kuze kwenze ubomi bethu bokomoya butyebe.
‘Ekuboniseni Imbeko Khokelani’
15. Yintoni enokwenziwa ngabadala ukuze bawaphathe ngesidima amalungu ebandla?
15 Amalungu ebandla ayaphumelela xa abadala bewamisela umzekelo omhle. (1 Petros 5:2, 3) Nangona ucwangciso lwabo luxakekile, abadala abanenyameko bathabatha inyathelo lokuqala lokuthetha nabaselula, iintloko-ntsapho, oomama abangenamaqabane omtshato, amakhosikazi angaphangeliyo nabakhulileyo enoba baneengxaki okanye akunjalo. Abadala bayaphulaphula xa amalungu ebandla ethetha baze bawancome ngezinto akwaziyo ukuzenza. Umdala oneliso elibukhali nomncomayo umzalwana okanye udade ngezinto azenzayo uxelisa uYehova, onoxabiso ngezidalwa zakhe zasemhlabeni.
16. Kutheni sifanele sijonge abadala njengabafanelwe yimbeko njengabanye abasebandleni?
16 Bexelisa uYehova, abadala bamisela umzekelo omhle ngokusebenzisa isiluleko sikaPawulos esithi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Oku kunokuba nzima kubadala abahlala kumazwe apho ukuthanda izigxina kuyinto eqhelekileyo. Ngokomzekelo, kwelinye ilizwe laseMpuma, mabini amagama athetha “umzalwana,” elinye sisibizo sokubonakalisa intlonelo yaye elinye sisibizo esiqhelekileyo. De kwakwiminyaka yakutshanje, amalungu ebandla ebebiza abadala nabakhulileyo ngesibizo sokubonakalisa intlonelo, esebenzisa isibizo esiqhelekileyo kwabanye. Noko ke, akhuthazwa ukuba asebenzise isibizo esiqhelekileyo maxa onke ngenxa yokuba, njengoko uYesu waxelela abalandeli bakhe, “nonke nina ningabazalwana.” (Mateyu 23:8) Nangona ukwahlula-hlula kusenokungacaci kwamanye amazwe, sonke sifanele silulumkele utyekelo lobuntu lokucalulana.—Yakobi 2:4.
17. (a) Kutheni abadala befanele bangeneke? (b) Ziziphi iindlela abadala abanokumxelisa ngazo uYehova xa beqhubana namalungu ebandla?
17 Liyinyaniso elokuba, uPawulos wasikhuthaza ukuba sijonge abadala abathile njengabafanelwe “yimbeko ephindiweyo,” kodwa ke basengabazalwana. (1 Timoti 5:17) Ukuba siyakwazi ‘ukusondela sinenkululeko yokuthetha kwitrone yobubele obungasifanelanga’ yoMongami Wendalo Iphela, ngaba asifanele sikwazi ukusondela ebadaleni, abafanele baxelise uYehova? (Hebhere 4:16; Efese 5:1) Abaveleli basenokuzihlola ukuba bayangeneka na ngokuphawula izihlandlo abeza ngazo abanye kubo ukuza kucela isiluleko okanye ukunikela icebiso. Funda isifundo kwindlela ababandakanya ngayo uYehova abanye kwizinto azenzayo. Ubonakalisa intlonelo kwabanye ngokubabela iimbopheleleko. Kwanokuba amanye amacebiso anikelwa lelinye iNgqina asenokubonakala engenakusebenza, abadala bafanele bayixabise inkxalabo eboniswa ngabanye. Khumbula indlela uYehova awayijonga ngayo imibuzo ka-Abraham yovavanyo nesikhalo sikaHabhakuki sokubandezeleka.
18. Abadala banokumxelisa njani uYehova xa belungisa abo bafuna uncedo?
18 Amanye amaKristu kuyimfuneko ukuba alungiswe. (Galati 6:1) Sekunjalo, axabisekile emehlweni kaYehova, afanele aphathwe ngentlonelo. “Xa ubani ondilulekayo endiphatha ngentlonelo, ndiziva ndikhululekile ukuya kuye,” latsho elinye iNgqina. Uninzi lwabantu lusabela kakuhle kwisiluleko xa luphathwa ngokunesidima. Nangona kusenokuthabatha ixesha elingakumbi, ukubaphulaphula abo baqutyulwe sisiphoso kwenza kube lula ngabo ukwamkela nasiphi na isiluleko esiyimfuneko. Khumbula indlela uYehova awaqiqa ngayo namaSirayeli ngokuphindaphindiweyo ngenxa yenceba yakhe kuwo. (2 Kronike 36:15; Tito 3:2) Isiluleko esinikelwe ngovelwano nosizi siya kuzichukumisa iintliziyo zabo bafuna uncedo.—IMizekeliso 17:17; Filipi 2:2, 3; 1 Petros 3:8.
19. Sifanele sibajonge njani abantu abanganquli njengamaKristu?
19 Ukubonisa intlonelo kwabanye kudlulela nakwabo basenokuba ngabazalwana bethu bokomoya kwixa elizayo. Abo bantu basenokungasamkeli ngokukhawuleza isigidimi sethu ngoku, sekunjalo kufuneka sibe nomonde kubo size sisigqale isidima sabo njengabantu. UYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ngaba asifanele sibe nembono kaYehova? Ukuba sinenyameko ngabantu ngokubanzi, sinokuhlahl’ indlela yokunikela ubungqina ukuba sizama ukusoloko sinothando ngommelwane. Kakade ke, siyakuphepha ukuba nobudlelane obunokuba yingozi ngokomoya. (1 Korinte 15:33) Ukanti, sibonakalisa ‘ubuntu,’ size singabajongeli phantsi abantu abanganquli nathi.—IZenzo 27:3.
20. Umzekelo kaYehova noYesu Kristu ufanele usishukumisele ekwenzeni ntoni?
20 Ewe, uYehova noYesu Kristu bagqala ngamnye wethu njengofanelwe yintlonelo. Ngamana singasoloko siyikhumbula indlela abenza ngayo izinto size ngokufanayo sikhokele ekuboniseni imbeko omnye komnye. Yaye ngamana singasoloko siwakhumbula amazwi eNkosi yethu uYesu Kristu athi: “Nonke nina ningabazalwana.”—Mateyu 23:8.
Ubuya Kuphendula Njani?
• Ufanele ubajonge njani abo unqula nabo?
• Umzekelo kaYehova noYesu ukukhuthaza njani ukuba uhlonele abanye?
• Abayeni nabazali banokubahlonela njani abanye?
• Ukugqala amanye amaKristu njengabazalwana babo kushukumisela abadala ukuba benze ngaziphi iindlela?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Bonisa intlonelo kwinkosikazi yakho ngamazwi oxabiso
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Baphathe ngesidima abantwana bakho ngokubaphulaphula
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Waphathe ngesidima amalungu ebandla