Eyokuqala YooKumkani
2 Xa uDavide wayeza kufa, wathi kunyana wakhe uSolomon: 2 “Sendiza kufa.* Ngoko ke, yomelela+ ube yindoda.+ 3 Uze ungamshiyi uYehova uThixo wakho, uhambe ezindleleni zakhe, uthobele imithetho yakhe, imiyalelo yakhe, izigwebo zakhe nezikhumbuzo zakhe, njengokuba zibhaliwe kuMthetho KaMoses;+ ukuba uyayenza loo nto, uza kuphumelela* kuyo yonke into oyenzayo nakuyo yonke indawo oya kuyo. 4 UYehova uza kuyenza into awandithembisa yona esithi: ‘Ukuba oonyana bakho bayayijonga indlela abahamba ngayo phambi kwam, bathembeke ngentliziyo yabo yonke nangomphefumlo* wabo wonke,+ kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho* ehleli etroneni yakwaSirayeli.’+
5 “Uyazi kakuhle nawe into eyenziwa nguYowabhi unyana kaTseruya kum, into awayenzayo kwiintloko ezimbini zomkhosi wakwaSirayeli, uAbhinere+ unyana kaNere noAmasa+ unyana kaYetere. Wababulala, waphalaza igazi+ lemfazwe ngexesha loxolo, wadyobha igazi lemfazwe ebhantini elalisesinqeni sakhe nakwiimbadada ezazisezinyaweni zakhe. 6 Umele wenze ngobulumko, ungazivumeli izimvi zakhe zehle ziye engcwabeni* ngoxolo.+
7 “Kodwa uze ubathande oonyana bakaBharzilayi+ umGiliyadi, ibe bamele babe phakathi kwabo batya etafileni yakho, kuba nabo bandixhasa ngaloo ndlela+ xa ndandibaleka umntakwenu uAbhisalom.+
8 “Kukho noShimeyi unyana kaGera umBhenjamin waseBhahurim. Wandiqalekisa kabuhlungu+ ngemini endaya ngayo eMahanayim;+ kodwa xa weza kundihlangabeza eYordan, ndafunga ngoYehova ndathi kuye: ‘Andizukukubulala ngekrele.’+ 9 Uze ungamshiyi ungamohlwayanga,+ kuba wena uyindoda esisilumko kwaye uyakwazi omele ukwenze kuye; umele uzihlisele engcwabeni* zinegazi izimvi zakhe.”+
10 Emva koko uDavide walala kookhokho bakhe waza wangcwatyelwa kwisiXeko SikaDavide.+ 11 Iyonke iminyaka uDavide awalawula ngayo kwaSirayeli iyi-40. Walawula iminyaka eyi-7 eHebron,+ waza walawula eyi-33 eYerusalem.+
12 Ngoko uSolomon wahlala phantsi etroneni katata wakhe uDavide, nobukumkani bakhe baya busomelela ngokomelela.+
13 Ekuhambeni kwexesha uAdoniya unyana kaHagiti weza kumama kaSolomon, uBhatshebha. UBhatshebha wathi kuye: “Uze ngoxolo?” Waphendula wathi: “Ewe, ndize ngoxolo.” 14 Waphinda wathi: “Kukho into endifuna ukukuxelela yona.” UBhatshebha wathi: “Thetha.” 15 Wathi: “Njengokuba usazi, ndim owayeza kulawula, ibe uSirayeli wonke wayelindele* ukuba ibe ndim ukumkani;+ kodwa kwalawula umntakwethu, kuba uYehova wayefuna kulawule yena.+ 16 Kodwa ke ngoku ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe. Ndicela ungasikhabi.” UBhatshebha wathi kuye: “Thetha.” 17 Wathi: “Ndicela uthethe noKumkani uSolomon, kuba akanakwala kuwe, umcele andinike uAbhishagi+ umShunem abe ngumfazi wam.” 18 Wathi uBhatshebha: “Kulungile! Ndiza kukuthethela kukumkani.”
19 Ngoko uBhatshebha waya kuKumkani uSolomon ukuze athethele uAdoniya. Ukumkani waphakama ngoko nangoko wamhlangabeza waza waqubuda kuye. Emva koko wahlala etroneni yakhe, wayalela ukuba umama wakhe abekelwe itrone, ukuze ahlale ngasekunene kwakhe. 20 UBhatshebha wathi: “Ndinesicelo esincinci endifuna ukusenza kuwe. Uze ungandigxothi.” Ukumkani wathi kuye: “Thetha mama; andizukukugxotha.” 21 Wathi: “Nika umntakwenu uAdoniya uAbhishagi umShunem abe ngumfazi wakhe.” 22 UKumkani uSolomon wathi kumama wakhe: “Kutheni ucela ukuba uAbhishagi umShunem anikwe uAdoniya? Kungcono umcelele nobukumkani xa kunjalo;+ andithi kaloku yena ungumkhuluwa wam,+ ibe uxhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare nanguYowabhi+ unyana kaTseruya!”+
23 UKumkani uSolomon wafunga ngoYehova, esithi: “Ngoko kwanga uThixo angandohlwaya, aze ongeze, ukuba esi sicelo sika-Adoniya asimenzanga wabulawa. 24 Ephila nje uYehova, lowo undimiseleyo+ waza wandihlalisa etroneni kaDavide utata, wandakhela nendlu kanye njengoko wayethembisile,+ uAdoniya uza kubulawa+ namhlanje.” 25 Ngoko nangoko uKumkani uSolomon wathumela uBhenaya+ unyana kaYehoyada, waza wamxabela uAdoniya wambulala.
26 Ukumkani wathi kumbingeleli uAbhiyatare:+ “Yiya emhlabeni wakho eAnatoti!+ Ufanelwe kukufa, kodwa andizukukubulala ngoku, ngenxa yokuba wawuthwala iTyeya yeNkosi enguMongami uYehova phambi koDavide utata,+ nangenxa yokuba wabuva bonke ubunzima obaviwa ngutata.”+ 27 Ngoko uSolomon wamyekisa uAbhiyatare ukuba ngumbingeleli kaYehova, yatsho yenzeka into eyathethwa nguYehova eShilo+ ngendlu kaEli.+
28 Akuziva ezi ndaba uYowabhi wabalekela ententeni kaYehova+ waza wabambelela nkqi kwiimpondo zesibingelelo, kuba kaloku naye wamxhasa uAdoniya+ nangona engazange amxhase uAbhisalom.+ 29 Kwathiwa ke kuKumkani uSolomon: “UYowabhi ubalekile waya ententeni kaYehova, ecaleni kwesibingelelo.” Ngoko uSolomon wathumela uBhenaya unyana kaYehoyada, esithi: “Hamba, uye kumxabela!” 30 Ngoko uBhenaya waya ententeni kaYehova, wathi kuye: “Ukumkani uthi, ‘Phuma apho!’” Kodwa wathi: “Andizukuphuma! Ndiza kufela apha.” UBhenaya wabuyela kukumkani, wathi kuye: “UYowabhi uthe kum xa ebendiphendula.” 31 Ukumkani wathi: “Yenza loo nto ayithethileyo; mxabele uze umngcwabe, ulisuse kum nasendlini katata igazi elichithwe nguYowabhi ngaphandle kwesizathu.+ 32 UYehova uza kulibuyisela phezu kwentloko yakhe igazi lakhe, kuba wathi engathunywanga ngutata uDavide, waxabela waza wabulala ngekrele amadoda amabini awayengamalungisa ngaphezu kwakhe: uAbhinere+ unyana kaNere, intloko yomkhosi kaSirayeli,+ noAmasa+ unyana kaYetere, intloko yomkhosi wakwaYuda.+ 33 Igazi labo liza kuba phezu kwentloko kaYowabhi naphezu kwentloko yenzala yakhe ngonaphakade;+ kodwa kuDavide, nenzala yakhe, nendlu yakhe, netrone yakhe, makubekho uxolo oluvela kuYehova ngonaphakade.” 34 Ngoko uBhenaya unyana kaYehoyada wahamba waya kumxabela uYowabhi, wambulala, waza wangcwatywa endlini yakhe entlango. 35 Emva koko ukumkani wamisela uBhenaya+ unyana kaYehoyada wayintloko yomkhosi endaweni yakhe, waza wafaka umbingeleli uTsadoki+ endaweni ka-Abhiyatare.
36 Emva koko ukumkani wathi makubizwe uShimeyi,+ wathi kuye: “Zakhele indlu eYerusalem uhlale kuyo, ungayi ndawo. 37 Mhla waphuma waza wawela iNtlambo YeKidron,+ uze wazi ukuba ungofileyo. Igazi lakho liza kuba phezu kwentloko yakho.” 38 UShimeyi wathi kukumkani: “Uthethe kakuhle. Isicaka sakho siza kwenza njengokuba usitsho nkosi yam kumkani.” Ngoko uShimeyi wahlala eYerusalem ixesha elide.
39 Kodwa emva kweminyaka emithathu, amakhoboka amabini kaShimeyi abaleka aya kuAkishe+ unyana kaMahaka ukumkani waseGati. Xa kwathiwa kuShimeyi: “Jonga! Amakhoboka akho aseGati,” 40 ngoko nangoko wafaka isali kwidonki yakhe waza waya kufuna amakhoboka akhe kuAkishe eGati. Ukubuya kwakhe eGati namakhoboka akhe, 41 kwathiwa kuSolomon: “UShimeyi uphumile eYerusalem waya eGati waphinda wabuya.” 42 Ngoko ukumkani wathi makabizwe waza wathi kuye: “Andizange ndikufungise na ngoYehova ndakulumkisa ndisithi: ‘Mhla waphuma apha waya nakweyiphi na enye indawo, uze wazi ukuba ungofileyo’? Awuzange na uthi kum, ‘Uthethe kakuhle; ndiza kuthobela’?+ 43 Kutheni ke ungasigcinanga isifungo sikaYehova nomyalelo endakubekela wona?” 44 Ngoko ukumkani wathi kuShimeyi: “Uzazi kakuhle entliziyweni yakho zonke izinto ezimbi owazenzayo kuDavide utata,+ ibe uYehova uza kuzibuyisela phezu kwentloko yakho zonke izinto ezimbi owazenzayo.+ 45 Kodwa uKumkani uSolomon uza kusikelelwa,+ netrone kaDavide iza kumiselwa ngokuqinileyo phambi koYehova ngonaphakade.” 46 Ngoko ukumkani wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, waphuma waya kumxabela, wambulala.+
Ngaloo ndlela ubukumkani bukaSolomon baqiniswa.+