Liphulaphule Ilizwi Elikuwe
‘Abantu beentlanga abangenawo umthetho kaThixo benza ngemvelo izinto zomthetho.’—ROMA 2:14.
1, 2. (a) Abantu abaninzi baye bayibonisa njani inkxalabo kwabanye? (b) Yiyiphi imizekelo yeZibhalo yokubonisa inkxalabo kwabanye?
INDODA eneminyaka engama-20 ubudala eyayimi kwisikhululo sikaloliwe esingaphantsi komhlaba yaxhuzula yaza yaya kuwa esiporweni. Ndoda ithile eyayibonayo loo nto yashiya iintwazana zayo ezimbini eyayihamba nazo yaza yatsibela esiporweni. Yatsala lo mfo uxhuzulayo imkhupha esiporweni yambeka kwisikhewu esiphakathi kweziporo, yalala phezu kwakhe imkhusela kuloliwe owayemisa kanye apho ecaleni kwabo. Abantu babesithi liqhawe le ndoda, kodwa yona yayisithi: “Umntu umele ayenze into xa ilungile. Le nto ndiyenze nje ngenxa yobubele. Bendingafuni kuzukiswa.”
2 Kusenokwenzeka ukuba ukho umntu omaziyo owabeka ubomi bakhe esichengeni enceda abanye. Abaninzi bayenza loo nto befihla abantu ngeMfazwe Yehlabathi II. Kanti, uya kuwakhumbula namava kampostile uPawulos nabanye abangama-275 abaphukelwa yinqanawa eMalta, kufutshane neSisili. Abantu balapho babanceda abo bantu basemzini, bebonisa “ubuntu obungaqhelekanga.” (IZenzo 27:27–28:2) Okanye kuthekani ngomzekelo wentombazana engumSirayeli, eyathi nangona yayingabeki ubomi bayo esichengeni, yabonisa inkxalabo ngempilo yomSiriya owayeyithimbile? (2 Kumkani 5:1-4) Phinda ucinge ngomzekeliso odumileyo kaYesu womSamariya olungileyo. Umbingeleli nomLevi abazange bamhoye umYuda wakowabo owayeza kufa, kodwa lo mSamariya wenza umgudu okhethekileyo wokumnceda. Lo mzekeliso uye wachukumisa iintliziyo zabantu beentlanga ezahlukeneyo ukutyhubela iinkulungwane.—Luka 10:29-37.
3, 4. Ukuzincama kwabantu abaninzi kusixelela ntoni ngengcamango yendaleko?
3 Eneneni, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’; ixesha labantu ‘abaziindlobongela nabangathandi kulunga.’ (2 Timoti 3:1-3) Nakuba kunjalo, ngaba asikhange sizibone izenzo zobulungisa, mhlawumbi ezinye zisenziwa kuthi? Kuxhaphake gqitha ukufuna ukunceda abanye, side sincame okuthile kangangokuba abanye bathi “kukuba nobuntu.”
4 Ukukulungela ukunceda nokuncama okuthile kwenziwa ngabantu bazo zonke iintlanga neenkcubeko, nto leyo echaseneyo nento edla ngokuthethwa yokuba abantu “bangooNdim phambili.” UFrancis S Collins, ingcali ngemizila yemfuza eyayitshotsha phambili kwimigudu yorhulumente waseUnited States yokufunda ngemizila yabantu, wathi: “Aye aphel’ emqaleni amazwi kwabo bakholelwa kwindaleko xa kufuneka bacacise ngale yokuba abantu bekwazi ukucingela abanye. . . . Kaloku into yokuba abantu bakwazi ukucingela abanye ingqubana kwaphela nengcamango yokuba isegazini kubo into yokucingela iziqu zabo.” Waphinda wathi: “Abanye abantu baye bancamele abanye izinto, kungekho kwanto badibana ngayo okanye ibadibanisayo. . . . Leyo ke ayibonakali idibana neengcamango zikaDarwin.”
“Ilizwi Lesazela”
5. Yintoni ebisoloko iphawulwa ebantwini?
5 UGqr. Collins uthetha ngenye inkalo yokuzincama kwethu: “Sisazela sethu esithi masincede abantu enoba asizi kufumana nto ngaloo nto.”a Ukuthetha kwakhe ‘ngesazela’ kunokusikhumbuza le ngongoma yabethelelwa ngumpostile uPawulos: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.”—Roma 2:14, 15.
6. Kutheni bonke abantu beya kuziphendulela kuMdali wabo?
6 Kwileta yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos wabonisa ukuba abantu bamele baphendule kuThixo ngenxa yokuba ubukho neempawu zakhe zibonakala ngokucacileyo kwizinto esizibonayo. Bekunjalo “ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili.” (Roma 1:18-20; INdumiso 19:1-4) Enyanisweni, abaninzi abamhoyi uMdali wabo yaye balandela ikhondo eliphosakeleyo. Kodwa ukuthanda kukaThixo kukuba abantu babuqonde ubulungisa bakhe baze baguquke kwiindlela zabo ezimbi. (Roma 1:22–2:6) AmaYuda ayenezizathu ezininzi zokwenjenjalo—uMoses wawanika uMthetho kaThixo. Kodwa nabantu ababengazazi “izibhengezo ezingcwele zikaThixo” babemele babuqonde ubukho bukaThixo.—Roma 2:8-13; 3:2.
7, 8. Ixhaphake kangakanani imvo yokusesikweni, yaye ibonisa ntoni loo nto?
7 Isizathu esinamandla sokuba bonke abantu befanele bamgqale uThixo baze benze ngokuvisisana noko, lulwazi abanalo lokulungileyo nokubi. Okusesikweni okukuthi ngaphakathi kububungqina bokuba sinazo izazela. Yiba nalo mfanekiso-ngqondweni: Naba abantwana bakrozile balindele ukukhwela ujingi. Kufika omnye umntwana aye kuma ngaphambili kubo bonke njengoko belindile. Abaninzi bathi kuye, ‘Sukungenelela!’ Khawuzibuze, ‘Kutheni okusesikweni kusaziwa nangabantwana?’ Indlela abasabela ngayo ibonisa ukuba okusesikweni kukubo ngaphakathi. UPawulos wathi xa wayebhala: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho.” Akazange athi, “Ukuba,” ngokungathi yinto eyayingafane yenzeke. Wathi “xa sukuba,” nto leyo ebonisa ukuba yinto eyenzeka rhoqo. Loo nto ithetha ukuba, abantu ‘benza ngemvelo izinto zomthetho,’ beqhutywa yinto ekubo ngaphakathi ukuba benze ngokuvisisana noko kubhalwe kwiLizwi likaThixo.
8 Olu tyekelo lwangaphakathi lukho kubantu bamazwe amaninzi. Omnye unjingalwazi waseCambridge wathi imilinganiselo yamaBhabhiloni, amaYiputa namaGrike, kwakunye neyeenzalelwane zaseOstreliya namaMerika Omthonyama yayiquka “ukuthiywa kwengcinezelo, ukubulala, ubumenemene nobuxoki, yaye babenendlela efanayo yokubonisa ububele kwabakhulileyo, abaselula nababuthathaka.” Yaye uGqr. Collins wabhala wathi: “Izinto ezilungileyo neziphosakeleyo zibonakala zifana kubantu bonke abasehlabathini.” Ngaba loo nto ayikukhumbuzi eyabaseRoma 2:14?
Sisebenza Njani Isazela Sakho?
9. Siyintoni isazela, yaye sinokukunceda njani ngaphambi kokuba wenze okuthile?
9 IBhayibhile ithi isazela ngamandla akuwe okuhlolisisa izinto ozenzayo. Sifana nelizwi elingaphakathi kuwe elimana likuxelela enoba into oyenzayo ilungile okanye iphosakele. UPawulos wathi ngeli lizwi lingaphakathi kuye: “Isazela sam singqinelana nam kumoya oyingcwele.” (Roma 9:1) Ngokomzekelo, eli lizwi lisenokuthetha kusengaphambili njengoko uzibuza enoba kulungile okanye kuphosakele kusini ukwenza okuthile. Isazela sakho sinokukunceda uhlolisise into ocinga ukuyenza size sikubonise nendlela oza kuvakalelwa ngayo xa sele uyenzile.
10. Sidla ngokusebenza njani isazela?
10 Kuxhaphake gqitha ukuba isazela sakho sithethe emva kokuba uyenzile into. Ngoxa wayezimele uKumkani uSawule, uDavide wazibona esesichengeni sokuthabatha inyathelo elalingabonisi ntlonelo ngokumkani othanjisiweyo kaThixo, yaye wakwenza oko. Emva koko, “intliziyo kaDavide yaba buhlungu.” (1 Samuweli 24:1-5; INdumiso 32:3, 5) Igama elithi “isazela” alisetyenziswa kule ngxelo; kodwa wayesiva loo nto kanye uDavide—ilizwi lesazela sakhe. Ngokufanayo, sonke sikhe sityiwe zizazela. Sikhe senze okuthile, ize isikhathaze loo nto kamva. Abanye abantu abangayihlawuliyo irhafu bakhe bakhathazwe zizazela zabo de balihlawule elo tyala kamva. Abanye bashukunyiselwa ukuba baxelele amaqabane abo ngokukrexeza kwabo. (Hebhere 13:4) Kodwa xa umntu esithobela isazela sakhe uyaneliseka aze abe noxolo lwengqondo.
11. Kutheni kunokuba yingozi ukusuka nje ‘uvumele isazela sakho sikukhokele’? Zekelisa.
11 Ngaba sinokusuka nje ‘sivumele izazela zethu zisikhokele’? Kona, kulungile ukuphulaphula izazela zethu, kodwa zinokusilahlekisa kakhulu. Ngokwenene, ilizwi ‘lomntu esinguye ngaphakathi’ linokusilahlekisa. (2 Korinte 4:16) Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ngoStefano, umlandeli kaKristu ozinikeleyo ‘owayezele lubabalo namandla.’ Amanye amaYuda amphosela ngaphandle kweYerusalem aza amxuluba ngamatye wafa. USawule (owaba ngumpostile uPawulos ekugqibeleni) wayemi kufutshane nalapho yaye “wayekholiswa kukubulawa” kukaStefano. Kubonakala ngathi loo maYuda ayeqinisekile ukuba enza okulungileyo kangangokuba nezazela zawo zazingawakhathazi. Kusenokuba kwakunjalo nangoSawule, kuba emva koko ‘wayesabafuthela ngesisongelo nokubulala abafundi beNkosi.’ Ngokucacileyo, isazela sakhe sasingathethi ngelizwi elililo.—IZenzo 6:8; 7:57–8:1; 9:1.
12. Yiyiphi indlela esinokuphenjelelwa ngayo zizazela zethu?
12 Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yaba negalelo kwisazela sikaSawule? Isenokuba lunxulumano lwakhe nabanye. Kukhe kwenzeka kwabaninzi kuthi ukuba bathethe emnxebeni nendoda enelizwi elifana nqwa nelikayise. Nakuba elo lizwi lisenokufana nelikayise, kungenzeka ukuba ifunde nendlela athetha ngayo uyise. Mhlawumbi noSawule wasulelwa kukunxulumana kwakhe namaYuda awayecaphukela uYesu ezichasile neemfundiso zakhe. (Yohane 11:47-50; 18:14; IZenzo 5:27, 28, 33) Ngokwenene, abo babenxulumene noSawule bamele ukuba baba negalelo kwilizwi elingaphakathi kuye, elisisazela sakhe.
13. Abantu esihlala phakathi kwabo banokuzichaphazela njani izazela zethu?
13 Izazela zethu zinokuchatshazelwa nayindlela yokwenza izinto okanye imeko-bume umntu ahlala kuyo, kanye njengokuba indawo okuyo inokuchaphazela indlela othetha ngayo okanye ukubetha kolwimi lwakho. (Mateyu 26:73) Kusenokuba kwakunjalo nangama-Asiriya amandulo. Ayedume ngokuthanda imfazwe yaye imikrolo yawo iwabonisa engcungcuthekisa abathinjwa bawo. (Nahum 2:11, 12; 3:1) Abantu baseNineve yomhla kaYona kuthiwa babengawazi ‘umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo.’ Loo nto ithetha ukuba babengenamilinganiselo iyiyo yokwahlula phakathi kokulungileyo nokubi ngokwembono kaThixo. Cinga nje ngendlela ukukhula ngolo hlobo okwakunokusichaphazela ngayo isazela somntu okhulele eNineve! (Yona 3:4, 5; 4:11) Ngokufanayo namhlanje, isazela somntu sinokutshintshwa zizimo zengqondo zabantu aphila phakathi kwabo.
Ukuphucula Ilizwi Elikuthi
14. Izazela zethu zihlobene njani noko kuthethwa kwiGenesis 1:27?
14 UYehova wapha uAdam noEva isazela, yaye nathi sasizuz’ ilifa kubo isazela. IGenesis 1:27 isixelela ukuba abantu benziwe ngokomfanekiso kaThixo. Loo nto ayithethi ukuba banomzimba ofana nokaThixo, kuba yena ungumoya thina siyinyama. Singumfanekiso kaThixo kuba sineempawu zakhe, siphinde sazi okulungileyo nokubi sincedwa zizazela ezisebenzayo. Le nto isibonisa enye indlela yokomeleza izazela zethu, sizenze zithembeke ngakumbi. Loo ndlela kukufunda ngakumbi ngoMdali, size sisondele kuye.
15. Yiyiphi enye indlela esinokungenelwa ngayo ngokwazi uBawo wethu?
15 IBhayibhile ibonisa ukuba ngandlel’ ithile uYehova nguBawo wethu sonke. (Isaya 64:8) AmaKristu athembekileyo anokubhekisela kuThixo njengoBawo enoba anethemba lokuphila ezulwini okanye kwiparadesi esemhlabeni. (Mateyu 6:9) Sifanele sikulangazelele ukusondela ngakumbi kuBawo wethu ukuze sifunde indlela azijonga ngayo izinto nemilinganiselo yakhe. (Yakobi 4:8) Abaninzi abanamdla wokwenjenjalo. Bafana namaYuda awathi ngawo uYesu: “Anizange nilive ilizwi lakhe nakanye, ningazange niyibone nembonakalo yakhe; yaye aninalo ilizwi lakhe elihleli kuni.” (Yohane 5:37, 38) Asizange simve uThixo ethetha ngokoqobo, kodwa usinike ilizwi lakhe yaye sinokukwazi ukuba njengaye size sivakalelwe njengaye ngezinto.
16. Ingxelo engoYosefu ibonisa ntoni ngokuqeqesha nokuphulaphula izazela zethu?
16 Ingxelo engoYosefu emzini kaPotifare ikubonisa kakuhle oko. Umfazi kaPotifare wazama ukuhenda uYosefu. Nakuba wayephila ngemihla ekwakungekabhalwa nencwadi enye yeBhayibhile, kungekabhalwa neMithetho Elishumi, uYosefu wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” (Genesis 39:9) Ethetha ngolo hlobo nje wayengazami ukukholisa intsapho yakowabo; yayihlala kude kakhulu. Eyona nto yayiphambili kuye yayikukufuna ukukholisa uThixo. UYosefu wayeyazi imilinganiselo kaThixo ephathelele umtshato—indoda imele ibe nomfazi omnye, bobabini babe “nyama-nye.” Yaye kusenokwenzeka ukuba weva ngendlela uAbhimeleki awavakalelwa ngayo akufumanisa ukuba uRebheka utshatile—ukumthabatha kwakuya kuba yinto ephosakeleyo, yaye loo nto yayiya kuzisa ityala phezu kwabantu bakhe. Ibe ngokwenene uYehova wayisikelela imiphumo yaloo mba, ebonisa indlela akujonga ngayo ukukrexeza. Kusenokwenzeka ukuba ukwazi kukaYosefu loo nto kwasomeleza isazela sakhe awasizuz’ ilifa, kumshukumisela ukuba akuphephe ukuziphatha kakubi ngokwesini.—Genesis 2:24; 12:17-19; 20:1-18; 26:7-14.
17. Kumba wokufana noBawo wethu, kutheni imeko yethu ibhetele kunekaYosefu?
17 Kambe ke, eyethu imeko ibhetele noko ngoku. SineBhayibhile epheleleyo esifundisa ngeengcinga neemvakalelo zoBawo wethu, kuquka izinto azithandayo nangazifuniyo. Okukhona sizifunda ngamandla iZibhalo, kokukhona siya kusondela kuThixo size sifane naye. Njengoko sisenjenjalo, izazela zethu ziya kusondela ngakumbi kwindlela kaBawo wethu yokucinga. Ziya kuvisisana ngakumbi nokuthanda kwakhe.—Efese 5:1-5.
18. Enoba sikhule njani na, sinokwenza ntoni ukuze siphucule ukuthembeka kwezazela zethu?
18 Kuthekani ngokuphathelele indlela isazela sethu esichatshazelwa ngayo yimeko-bume? Kusenokwenzeka ukuba siphenjelelwa zizalamane zethu nabantu esikhulele phakathi kwabo. Ngenxa yoko, kusenokwenzeka ukuba imiyalezo evela kwizazela zethu iphazamisekile. Iphuma “ngelizwi” labantu abasingqongileyo. Liyinyaniso elokuba, asinakuyitshintsha indlela esikhule ngayo; kodwa ke, sinokuzimisela ukukhetha abahlobo nemeko eya kuba nempembelelo entle kwizazela zethu. Inyathelo elibalulekileyo kukuba kunye namaKristu azinikeleyo aza azama ukufana noBawo wethu kangangexesha elide. Iintlanganiso zebandla, kwakunye nonxulumano lwangaphambi nasemva kwazo, zisinika ithuba elihle lokwenjenjalo. Sinokuphawula iingcinga nezenzo ezisekelwe eBhayibhileni zamanye amaKristu kuquka ukukulungela kwawo ukuphulaphula izazela zawo njengoko zichaza imbono kaThixo ngezinto. Ekugqibeleni, oku kuya kusinceda sivisisanise izazela zethu nemilinganiselo yeBhayibhile, nto leyo esisondeza kumfanekiso kaThixo. Xa sivisisanisa ilizwi elikuthi nemilinganiselo yoBawo wethu size silandele impembelelo entle yamanye amaKristu, izazela zethu ziya kuthembeka ngakumbi yaye siya kutyekela ngakumbi ekuziphulaphuleni.—Isaya 30:21.
19. Ziziphi iinkalo zesazela ekusafuneka kunikelwe ingqalelo kuzo?
19 Sekunjalo, kunzima kwabanye ukusabela kwizazela zabo imihla ngemihla. Inqaku elilandelayo liza kushukuxa ezinye iimeko aye ahlangabezana nazo amaKristu. Xa sihlolisisa ezo meko, sinokuyibona ngokucacileyo indima yesazela, isizathu sokuba izazela zisahluka nendlela esinokusabela ngayo kwilizwi laso.—Hebhere 6:11, 12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Naye, uOwen Gingerich, unjingalwazi ophanda ngeenkwenkwezi kwiYunivesithi iHarvard wabhala wathi: “Ukuncamela abantu izinto kunokuphakamisa umbuzo . . . ongafuni buchule benzululwazi okanye ukufunda ngezilwanyana ukuze uphendulwe. Kanti kusenokwenzeka ukuba eyona mpendulo yanelisayo ifumaneka kwelinye icala yaye elo cala linento yokwenza neempawu esizinikwe nguThixo zobuntu eziquka isazela.”
Ufunde Ntoni?
• Kutheni imvo yokulungileyo nokubi okanye isazela ikho kubantu beentlanga zonke?
• Kutheni sifanele sikulumkele ukusuka sivumele izazela zethu zisikhokele?
• Ziziphi ezinye iindlela esinokuliphucula ngazo ilizwi elikuthi?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
UDavide watyiwa sisazela . . .
kodwa kwakungenjalo ngoSawule waseTarso
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Sinokuziqeqesha izazela zethu