Ukuze Ufumane Ubomi Noxolo, Hamba Ngokuvumelana Nomoya
“Hamba, kungekhona ngokuvumelana nenyama, kodwa ngokuvumelana nomoya.”—ROMA 8:4.
1, 2. (a) Nguwuphi umphumo obuhlungu oye wakho xa umntu ephazanyiswa yenye into ngoxa eqhuba? (b) Yiyiphi ingozi enokubakho xa siphazamiseka ngokomoya?
“INGXAKI yabantu abaqhuba abenza ezinye izinto ngoxa beqhuba, ixhaphakile yaye ithath’ unyawo nyaka ngamnye.” Watsho njalo unobhala wezothutho waseUnited States. Iiselfowuni ziphakathi kwezinto ezinokuphazamisa umqhubi kwinto afanele ukuba uyayenza—ukuqhuba. Ngaphezu kwesinye kwisithathu sabantu ekwadliwan’ indlebe naso, xa kwakusenziwa olunye uphando sathi sakha satshayiswa okanye saphantse satshayiswa yimoto eqhutywa ngumntu osebenzisa iselfowuni. Ukuqhuba ngoxa usenza enye into kunokubonakala kusonga ixesha, kodwa umphumo uba yintlekele.
2 Kunokuba njalo ke nangolwalamano lwethu noThixo. Njengoko umqhubi onento emphazamisayo edla ngokungayiboni imiqondiso yengozi, umntu ophazamisekayo ngokomoya unokugaxeleka lula engozini. Ukuba sizivumela ukuba siphambukiswe kwikhondo lethu lamaKristu nakwimisebenzi yokomoya, umphumo unokuba kukwaphukelwa yinqanawa yokholo lwethu. (1 Tim. 1:18, 19) Umpostile uPawulos walumkisa ngale ngozi xa wathi kwamanye amaKristu eRoma: “Ukunyamekela inyama kuthetha ukufa, kodwa ukunyamekela umoya kuthetha ubomi noxolo.” (Roma 8:6) Wayethetha ukuthini uPawulos? Sinokukuphepha njani “ukunyamekela inyama” size ‘sinyamekele umoya’?
“Abagwetyelwanga Sohlwayo”
3, 4. (a) Yiyiphi ingxaki uPawulos awayenayo nawabhala ngayo? (b) Kutheni sifanele sibe nomdla kwimeko kaPawulos?
3 Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, uPawulos wabhala ngobunzima awabufumanayo—ukungavisisani phakathi kwenyama yakhe nengqondo yakhe. (Funda amaRoma 7:21-23.) UPawulos wayengazingxengxezeleli okanye ezisizela, ngokungathi unenkitha yezono kangangokude angakwazi kuzinceda. Ngapha koko, wayengumKristu oqolileyo nothanjiswe ngomoya, owayekhethwe ukuba abe “ngumpostile weentlanga.” (Roma 1:1; 11:13) Ngoko ke, kwakutheni ukuze uPawulos abhale ngengxaki yakhe?
4 Ngokunyaniseka, uPawulos wayevuma ukuba, ngamandla akhe wayengenakukwazi ukwenza ukuthanda kukaThixo ngendlela awayenqwenela ngayo. Sasiyintoni isizathu? “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Njengenzala ka-Adam, uPawulos waba lixhoba lemiphumo yesono kwinyama yakhe engafezekanga. Siyazi kakuhle indlela awayevakalelwa ngayo, kuba sonke asifezekanga yaye sijamelana nobunzima obufanayo yonke imihla. Ngaphezu koko, zininzi izinto eziphazamisayo ezinokuthatha ingqalelo yethu zize zisiphambukise ‘kwindlela emxinwa esa ebomini.’ (Mat. 7:14) Kodwa ke, oku akuthethi kuthi amathemba ayephelile kuPawulos, yaye nakuthi akaphelanga.
5. UPawulos walufumana phi uncedo nesiqabu?
5 Wathi uPawulos: “Ngubani na oya kundihlangula . . . ? Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:24, 25) Emva koko, wathetha nabo “bamanyene noKristu Yesu”—amaKristu athanjisiweyo. (Funda amaRoma 8:1, 2.) Ngomoya wakhe oyingcwele, uYehova ubenza oonyana bakhe, ebabizela ukuba babe ‘ziindlalifa ezimanyene noKristu.’ (Roma 8:14-17) Umoya kaThixo, udibene nokholo lwabo kwidini lentlawulelo likaKristu, ubenza bakwazi ukoyisa kumlo owachazwa nguPawulos baze ngaloo ndlela ‘bangagwetyelwa sohlwayo.’ Bakhululwe “kumthetho wesono nowokufa.”
6. Kutheni bonke abakhonzi bakaThixo bemele banikele ingqalelo kumazwi kaPawulos?
6 Ngoxa la mazwi uPawulos wayewabhekisela kumaKristu athanjisiweyo, oko wakuthethayo ngomoya kaThixo nangedini lentlawulelo likaKristu kunokuba yingenelo kubo bonke abakhonzi bakaYehova enoba banaliphi na ithemba. Nangona uPawulos waphefumlelwa ukuba anikele eso siluleko kumaKristu athanjisiweyo, kubalulekile ukuba bonke abakhonzi bakaThixo bakuqonde oko wakubhalayo, baze bazimisele ukungenelwa kuko.
Indlela UThixo ‘Awasigwebela Ngayo Isohlwayo Isono Enyameni’
7, 8. (a) Kungayiphi ingqiqo owathi uMthetho waba “buthathaka ngayo inyama”? (b) Yintoni ephunyezwe nguThixo ngomoya wakhe nangedini?
7 Kwisahluko 7 samaRoma, uPawulos wathetha ngendlela isono esinamandla ngayo kwinyama engafezekanga. Kwisahluko 8, wathetha ngamandla omoya oyingcwele. UPawulos wachaza indlela umoya kaThixo onokuwanceda ngayo amaKristu kumlo nxamnye namandla esono ukuze aphile ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova aze akholiseke kuye. UPawulos waphawula ukuba ngomoya kaThixo nangedini lentlawulelo loNyana wakhe, uThixo uye waphumeza into uMthetho kaMoses owawungenakuyiphumeza.
8 UMthetho, kunye nemiyalelo yawo emininzi, wawubagweba aboni. Ngaphezu koko, ababingeleli abakhulu bakwaSirayeli ababekhonza phantsi koMthetho babengafezekanga yaye babengenakunikela idini elifanelekileyo lesono. Ngenxa yoko, uMthetho “wawubuthathaka ngayo inyama.” Kodwa “ngokuthumela uNyana wakhe ekwimfano yenyama enesono” nokumnikela njengedini, uThixo “wasigwebela isohlwayo isono enyameni,” ngaloo ndlela esoyisa “ukungabi namandla kuwo uMthetho.” Umphumo kukuba amaKristu athanjisiweyo abalelwa ebulungiseni ngenxa yokholo lwawo kwidini lentlawulelo likaYesu. Abongozwa ukuba ‘ahambe, kungekhona ngokuvumelana nenyama, kodwa ngokuvumelana nomoya.’ (Funda amaRoma 8:3, 4.) Eneneni, afanele enjenjalo ngokuthembeka, de aligqibe ikhondo lawo lasemhlabeni ukuze anikwe “isithsaba sobomi.”—ISityhi. 2:10.
9. Lithetha ukuthini igama elithi “umthetho” elisetyenziswe kumaRoma 8:2?
9 Ukongezelela ‘kumthetho,’ uPawulos wathetha ‘ngomthetho womoya lowo’ kunye ‘nomthetho wesono nowokufa.’ (Roma 8:2) Iyintoni le mithetho? Igama elithi “umthetho” apha alibhekiseli kwimiyalelo ethile, njengaleyo ikuMthetho kaMoses. Enye incwadi yeembekiselo ithi: “Ibinzana lesiGrike elimela umthetho, apha lithetha umgaqo abantu abaphila ngawo—enoba ngowobulungisa okanye ngowobungendawo—nosebenza kanye njengomthetho. Eli binzana likwachaza nemilinganiselo abantu abakhetha ukuphila ngayo.”
10. Singamaxhoba omthetho wesono nowokufa ngayiphi ingqiqo?
10 Umpostile uPawulos wathi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Njengenzala ka-Adam, sonke singamaxhoba omthetho wesono nowokufa. Inyama yethu engafezekanga isoloko isenza sibe neminqweno yokwenza izinto ezingamkholisiyo uThixo, zinto ezo ezisikhokelela ekufeni. Kwincwadi yakhe awayibhalela abaseGalati, uPawulos wachaza izenzo notyekelo olunjalo ‘njengemisebenzi yenyama.’ Wongezelela wathi: “Abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (Gal. 5:19-21) Aba bantu bayafana nabo bahamba ngokuvumelana nenyama. (Roma 8:4) “Umgaqo abaphila ngawo” ‘nemilinganiselo abakhetha ukuphila ngayo,’ ivumelana nenyama ngokupheleleyo. Kodwa ngaba abo bahenyuzayo, banqule izithixo, basebenzelane nemimoya, okanye benze ezinye izono ezinzulu, ngabo kuphela abahamba ngokuvumelana nenyama? Akunjalo, kuba imisebenzi yenyama iquka oko abanye banokukugqala njengezinto ezingenamsebenzi ezifuna ukulungiswa kubuntu bethu, njengekhwele, ukugqajukelwa ngumsindo, usukuzwano nomona. Ngubani onokuthi yena uzikhulule ngokupheleleyo ekuhambeni ngokuvumelana nenyama?
11, 12. Liliphi ilungiselelo elenziwe nguYehova ukusinceda soyise umthetho wesono nowokufa, yaye sifanele senze ntoni ukuze sikholiseke kuThixo?
11 Kusivuyisa ngokwenene ukuba uYehova esenze sakwazi ukuwoyisa umthetho wesono nowokufa! UYesu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” Xa sisamkela uthando lukaThixo naxa sibonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu, sinako ukukhululwa ekugwetyweleni isohlwayo ngenxa yesono esasizuza njengelifa. (Yoh. 3:16-18) Ngoko ke, sinokuvakalelwa njengoPawulos size sitsho la mazwi wawathethayo: “Siyambulela uThixo ngoYesu Kristu iNkosi yethu!”
12 Imeko yethu iyafana nokunyangwa komntu kwisifo esibulalayo. Ukuba sifuna ukuphila, sifanele senze konke esikuyalelwa ngugqirha. Nangona ukuba nokholo kwintlawulelo kunokusikhulula kumthetho wesono nowokufa, asikafezeki yaye sisenesono. Simele senze okungakumbi ukuze sibe nolwalamano olusondeleyo noThixo, sikholiseke kuye aze asisikelele. Ngokuphathelele ukuzalisekisa “imilinganiselo yobulungisa yoMthetho,” uPawulos uphinda aphakamise umba wokuhamba ngokuvumelana nomoya.
Hamba Ngokuvumelana Nomoya—Njani?
13. Kuthetha ntoni ukuhamba ngokuvumelana nomoya?
13 Xa sihamba, siqhubeka ngokuthe ngcembe sisingise kwindawo okanye kusukelo oluthile. Ngaloo ndlela, ukuhamba ngokuvumelana nomoya kuthetha ukuba sifanele sibe nenkqubela ngokomoya—kungekhona ukuba sifezeke. (1 Tim. 4:15) Yonk’ imihla, simele senze unako nako wokuhamba okanye wokuphila ngokuvumelana nokhokelo lomoya. ‘Ukuhamba ngokomoya’ kwenza uThixo akholiswe sithi.—Gal. 5:16.
14. Banaluphi utyekelo abo “bavumelana nenyama”?
14 Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, uPawulos wathetha ngeentlobo ezimbini zabantu abanezimo zengqondo ezingafaniyo. (Funda amaRoma 8:5.) Apha inyama ayibhekiseli kwimizimba yethu yokoqobo. EBhayibhileni, igama elithi ‘inyama’ ngamanye amaxesha lidla ngokusetyenziselwa ukuchaza ukuba nesono nokungafezeki kwenyama ebuthathaka. Yile nto uPawulos athethe ngayo ngaphambilana nebangela ukungqubana phakathi kwenyama nengqondo. Kodwa ke, ngokungafaniyo naye, abo “bavumelana nenyama” abazami nokuzama ukulwa neminqweno yabo. Kunokuba bacinge ngento efunwa nguThixo kubo baze bamkele uncedo abalungiselele lona, batyekele ‘ekubekeni iingqondo zabo kwizinto zenyama.’ Eyona nto bayaziyo kukwanelisa iminqweno yabo yenyama. Ngokwahlukileyo, abo “bavumelana nomoya” babeka iingqondo zabo “kwizinto zomoya”—amalungiselelo nemisebenzi yokomoya.
15, 16. (a) Ukubeka ingqondo kwinto ethile kunokusichaphazela njani isimo sengqondo somntu? (b) Sinjani isimo sengqondo sabantu abaninzi namhlanje?
15 Funda amaRoma 8:6. Xa esenza nantoni na—enoba ilungile okanye imbi—umntu umele abeke ingqondo yakhe kuyo. Abantu abasoloko bebeka iingqondo zabo kwizinto zenyama badla ngokukhawuleza ukuba nesimo sengqondo okanye utyekelo lokunikela ingqalelo epheleleyo kwizinto zenyama. Isimo sabo sengqondo, izinto abanomdla kuzo, nezinto abazithandayo zidla ngokusekelwa ngokupheleleyo kwizinto zenyama.
16 Ziziphi izinto abantu abazixakekise ngazo namhlanje? Umpostile uYohane wathi: “Konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.” (1 Yoh. 2:16) Le minqweno iquka ukuthi phithi sisini, ukufun’ udumo nokuthi swii zizinto eziphathekayo. Zonke ezi zinto uya kuzifumana ngobuninzi bazo kwiincwadi ezikhoyo, kumaphephancwadi, kumaphephandaba, kwiimovie, kwiinkqubo zikamabonwakude nakwi-Internet, ngenxa yokuba ezi zizinto abantu ababeka kuzo iingqondo zabo ibe bazifuna ngamandla. Noko ke, “ukunyamekela inyama kuthetha ukufa”—okwangoku kukufa kokomoya kodwa kungekudala kuya kuthetha ukufa kokoqobo. Ngoba? Ngenxa yokuba “ukunyamekela inyama kuthetha ubutshaba noThixo, kuba akuwuthobeli umthetho kaThixo, phofu, enyanisweni, akunakuba nako ukwenjenjalo. Ngoko abo bavisisana nenyama abanako ukumkholisa uThixo.”—Roma 8:7, 8.
17, 18. Sinokuwunyamekela njani umoya, yaye uya kuba yintoni umphumo wokwenza loo nto?
17 Kwelinye icala, “ukunyamekela umoya kuthetha ubomi noxolo”—ubomi obungunaphakade kwixesha elizayo noxolo lwangaphakathi nokuba seluxolweni noThixo ngoku. ‘Sinokuwunyamekela njani umoya’? Ngokubeka iingqondo zethu kwizinto zokomoya rhoqo nangokuvumela umoya kaThixo usikhokele size sibe nesimo sengqondo esifana nesakhe. Njengoko sisenjenjalo, siya kucinga ngendlela ‘ethobela umthetho kaThixo’ ‘nevumelana’ neengcinga zakhe. Xa sijamelene nesilingo, asinakube sithingaza ngokuphathelele into esifanele siyenze. Siya kukhuthazeka ukuba sikhethe indlela efanelekileyo—leyo ivumelana nomoya.
18 Ngoko ke, kubalulekile ukuba sibeke iingqondo zethu kwizinto zokomoya. Sikwenza oku ngokuthi ‘siqinisele iingqondo zethu umsebenzi,’ sibeke imisebenzi yamaKristu kuqala kubomi bethu, kuquka ukuthandaza rhoqo, ukufunda iBhayibhile nokuba nesifundo sobuqu, ukuya ezintlanganisweni nakubulungiseleli bamaKristu. (1 Pet. 1:13) Kunokuba sivumele izinto zenyama zisiphazamise, masibeke iingqondo zethu kwizinto zokomoya. Ngaloo ndlela siya kuqhubeka sihamba ngokuvumelana nomoya. Ukwenjenjalo kuya kusizisela iintsikelelo, kuba ukunyamekela umoya kuthetha ubomi noxolo.—Gal. 6:7, 8.
Ngaba Unokuchaza?
• Kwakuyintoni “ukungabi namandla kuwo uMthetho,” yaye uThixo wakoyisa njani oko?
• Uyintoni “umthetho wesono nowokufa,” yaye sinokukhululwa njani kuwo?
• Yintoni esimele siyenze ukuze ‘sinyamekele umoya’?
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
Ngaba uhamba ngokuvumelana nenyama okanye ngokuvumelana nomoya?