Musani Ukuba Ngabevayo Nize Nilibale
“Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela, nizikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo.”—YAKOBI 1:22.
1. Abantu bakwaSirayeli wamandulo, baba nelungelo lokubona yiphi imimangaliso?
“AYINAKULIBALEKA” imimangaliso eyenziwa nguYehova kwiYiputa yamandulo. Ngokungathandabuzekiyo, ngasinye kwiZibetho Ezilishumi sasisoyikeka ngendlela emangalisayo. Emva kwezo zibetho abantu bakwaSirayeli bahlangulwa ngendlela emangalisayo ngokwahlukaniswa kwamanzi kuLwandle Olubomvu. (Duteronomi 34:10-12) Ukuba wawuzibonele ngawakho amehlo ezo ziganeko, ngokuqinisekileyo wawungayi kumlibala Lowo wayezenzile. Ukanti, umdumisi wavuma ingoma esithi: ‘AmaSirayeli amlibala uThixo uMsindisi wawo, UMenzi wezinto ezinkulu eYiputa, imisebenzi emangalisayo kwilizwe lakwaHam, izinto ezoyikekayo kuLwandle Olubomvu.’—INdumiso 106:21, 22.
2. Yintoni ebonisa ukuba uxabiso awayenalo uSirayeli ngemisebenzi kaThixo yamandla, lwaphelela emoyeni?
2 Emva kokuwela uLwandle Olubomvu, amaSirayeli ‘amoyika uYehova aza akholwa kuYehova.’ (Eksodus 14:31) Amadoda akwaSirayeli athelela uMoses ekuvumeleni uYehova ingoma yoloyiso, yaye uMiriyam namanye amabhinqa badlala intambula baza bangqungqa. (Eksodus 15:1, 20) Ewe, abantu bakaThixo babechukumisekile zizenzo zikaYehova zamandla. Kodwa uxabiso ababenalo kuLowo wenza le misebenzi lwaphelela emoyeni. Kungekudala emva koko, abaninzi kubo baziphatha ngokungathi banesifo esinzulu sokulibala. Babembombozela yaye bemkhalazela uYehova. Bambi kubo babandakanyeka kunqulo zithixo nasekuziphatheni okubi ngokwesini.—Numeri 14:27; 25:1-9.
Yintoni Enokusenza Silibale?
3. Ngenxa yokungafezeki kwethu, yintoni esinokuyilibala?
3 Ukungabi naluxabiso kukaSirayeli kuyamangalisa ngokwenene. Sekunjalo, nakuthi kunokwenzeka okufanayo. Liyinyaniso elokuba, asikhange simbone uThixo esenza imimangaliso enjalo. Noko ke, kulwalamano lwethu noThixo, ngokuqinisekileyo ziye zakho iziganeko esingenakuzilibala. Abanye bethu basenokukhumbula ixesha esamkela ngalo inyaniso yeBhayibhile. Amanye amaxesha avuyisayo asenokuquka umthandazo esawenzayo ngoxa sasizahlulela kuYehova nokubhaptizwa kwethu emanzini njengamaKristu enyaniso. Abaninzi kuthi baye bancedwa nguYehova kwezinye iinkalo zethu zobomi. (INdumiso 118:15) Ngaphezu kwako konke, ngokufa okulidini koNyana kaThixo, uYesu Kristu, siye saba nethemba lokusindiswa. (Yohane 3:16) Sekunjalo, ngenxa yokungafezeki kwethu, xa sineminqweno engafanelekanga namanye amaxhala obomi, sisenokuzilibala ngokulula izinto ezintle esizenzelwe nguYehova.
4, 5. (a) Usilumkisa njani uYakobi ngokuba ngabevayo baze balibale? (b) Sinokuwusebenzisa njani umzekeliso kaYakobi womntu nesipili?
4 Xa wayebhalela amanye amaKristu, uYakobi, umntakwabo Yesu ngonina, walumkisa ngengozi yokuba ngabevayo baze balibale. Wabhala: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela, nizikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo. Kuba lowo ulivayo ilizwi, aze angalenzi, unjengomntu okhangela ubuso bakhe bemvelo esipilini. Kuba uyazikhangela, aze akumka, alibale ngoko nangoko ukuba unjani na.” (Yakobi 1:22-24) Wayethetha ukuthini uYakobi ngaloo mazwi?
5 Xa sivuka ekuseni, ngokuqhelekileyo siye sikhangele esipilini size sibone izinto esimele sizilungise kwimbonakalo yethu. Xa sisenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo size similisele iingqondo zethu kwezinye izinto, siyayeka ukucinga ngaloo nto siyibone esipilini. Oku kunokwenzeka nangengqiqo yokomoya. Njengoko sikhangela kwiLizwi likaThixo, sinokuthelekisa oko sikuko noko uYehova alindele ukuba sibe kuko. Ngenxa yoko, sibubona ngokucacileyo ubuthathaka bethu. Olu lwazi lufanele lusishukumisele ukuba senze uhlengahlengiso kubuntu bethu. Kodwa njengoko sisenza imisebenzi yethu yosuku yaye sihlangabezana neengxaki zethu, ngokulula, sisenokuyeka ukucinga ngezinto zokomoya. (Mateyu 5:3; Luka 21:34) Kuba ngathi siyazilibala izenzo zothando zikaThixo asenzela zona. Xa oku kusenzeka, sichanabeka kutyekelo lwesono.
6. Luluphi uhlolisiso lweZibhalo olunokusinceda singalilibali ilizwi likaYehova?
6 Kwileta yakhe yokuqala eya kwabaseKorinte, umpostile uPawulos ubhekisela kumaSirayeli awayesentlango. Kanye njengoko amaKristu enkulungwane yokuqala angenelwayo kumazwi kaPawulos, ukuhlolisisa oko wakubhalayo kunokusinceda singalilibali ilizwi likaYehova. Ngoko masihlolisise eyoku-1 kwabaseKorinte 10:1-12.
Yigatye Iminqweno Yehlabathi
7. Bubuphi ubungqina obungenakuphikiswa obabonwa ngamaSirayeli bokuba uYehova uyawathanda?
7 Oko kuthethwa nguPawulos ngamaSirayeli kusisilumkiso kumaKristu. UPawulos uthi ngokuyinxenye: “Andifuni ningazi, bazalwana, ukuba ookhokho bethu bonke babephantsi kwelifu yaye bonke badlula elwandle ibe bonke babhaptizelwa kuMoses ngelifu nangolwandle.” (1 Korinte 10:1-4) Ngomhla kaMoses, abantu bakwaSirayeli babona imbonakaliso enkulu yamandla kaThixo, kuquka ummangaliso owenziwa nguThixo womqulu welifu owawubakhokela emini nowabancedayo ukuba bawele kuLwandle Olubomvu. (Eksodus 13:21; 14:21, 22) Ewe, loo maSirayeli abona ubungqina obungenakuphikiswa bokuba uYehova uyawathanda.
8. Waba yintoni umphumo wokulibala kwamaSirayeli ngokomoya?
8 UPawulos uhlabela mgama esithi: “Noko ke, uThixo akazange akholiswe yinkoliseko yabo, kuba bathiwa waca entlango.” (1 Korinte 10:5) Olunjani lona usizi! Inkoliso yaloo maSirayeli awayevela eYiputa yazenza ngokwayo ukuba ingakufanelekeli ukungena kwiLizwe Lesithembiso. Kuba uThixo engazange akholiswe ngawo ngenxa yokuswela kwawo ukholo, afela entlango. (Hebhere 3:16-19) Yintoni esinokuyifunda koku? UPawulos uthi: “Ezi zinto zaba yimizekelo yethu, ukuze thina singabi ngabantu abanqwenela izinto ezimbi, njengoko bona bazinqwenelayo.”—1 Korinte 10:6.
9. Ngawaphi amalungiselelo uYehova awayewenzele abantu bakhe, yaye asabela njani amaSirayeli?
9 Zazininzi izinto ezazinokugcina amaSirayeli exakeke zizinto zokomoya ngoxa ayesentlango. Enza umnqophiso noYehova aza aba luhlanga oluzahlulele kuye. Ngaphezu koko, anikwa ububingeleli, umnquba njengesazulu sonqulo nelungiselelo lokunikela imibingelelo kuYehova. Noko ke, kunokuba abe nemihlali ngenxa yezi zipho zokomoya, akazange aneliseke ngamalungiselelo okwenyama awayewanikwe nguThixo.—Numeri 11:4-6.
10. Kutheni sifanele sihlale sicinga ngoThixo?
10 Ngokungafaniyo namaSirayeli awayesentlango, abantu bakaYehova namhlanje bafumana inkoliseko kaThixo. Noko ke, njengabantu ngabanye, kubalulekile ukuhlala sicinga ngoThixo. Ukwenjenjalo kuya kusinceda ukuba siyigatye iminqweno enokwenza umbono wethu wokomoya ufiphale. Simele sizimisele ‘ukuzilumla kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.’ (Tito 2:12) Thina siye sanxulumana nebandla lobuKristu ukususela ebusaneni singaze sicinge ukuba kukho nto imnandi silahlekelwa yiyo. Ukuba sinokufikelwa ziingcinga ezinjalo, siya kuba senza kakuhle xa sikhumbula iintsikelelo ezimangalisayo esizilungiselelwe nguYehova.—Hebhere 12:2, 3.
Ukuthobela UYehova Ngokupheleleyo
11, 12. Umntu unokubekek’ ityala njani ngokunqula izithixo nakuba enganquli mifanekiso iqingqiweyo?
11 UPawulos usinika esinye isilumkiso xa ebhala esithi: “Singabi ngabo nabanquli-zithixo, njengoko bambi kubo benjenjalo; kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: ‘Abantu bahlala phantsi, batya, basela, yaye basukuma ukuze bonwabe.’” (1 Korinte 10:7) UPawulos ubhekisela kwisihlandlo apho amaSirayeli aphembelela uAron ukuba enze ithole legolide. (Eksodus 32:1-4) Nangona mhlawumbi singenakuphethukela ekunquleni izithixo ngokungqalileyo, sisenokuba ngabanquli-zithixo ngokuvumela iminqweno yethu yokuzingca isiphazamise ekunquleni uYehova ngomphefumlo uphela.—Kolose 3:5.
12 Ngesinye isihlandlo, uPawulos wabhala ngabanye ababezixhalabise kakhulu ngezinto eziphathekayo kunezinto zokomoya. Ebhekisela kwabo ‘babeziintshaba zesibonda sentuthumbo sikaKristu,’ wabhala: “Isiphelo sabo yintshabalalo, uthixo wabo sisisu sabo.” (Filipi 3:18, 19) Babengafuni kunqula umfanekiso oqingqiweyo. Umnqweno ababenawo yayingowezinto eziphathekayo. Kakade ke, asiyiyo yonke iminqweno ephosakaleyo. UYehova wasidala saneentswelo zobuntu yaye sakwazi nokunandipha izinto ezahlukahlukeneyo. Kodwa abo basukela iziyolo ngaphezu kolwalamano lwabo noThixo, eneneni, baba ngabanquli-zithixo.—2 Timoti 3:1-5.
13. Yintoni esinokuyifunda kwingxelo yethole legolide?
13 Emva kokuba eyishiyile iYiputa, amaSirayeli azenzela ithole legolide ukuze alinqule. Ukongezelela kwesi silumkiso sonqulo-zithixo, sikho nesinye isifundo esibalulekileyo kule ngxelo. AmaSirayeli akazange aluthobele ulwalathiso olucacileyo olwaluvela kuYehova. (Eksodus 20:4-6) Ukanti, ayengenanjongo yakumgatya uYehova njengoThixo wawo. Abingelela kwithole elityhidiweyo aza eso sihlandlo asibiza ngokuba “ngumthendeleko kuYehova.” Azikhohlisa ngandlel’ ithile ngokucinga ukuba uThixo wayeya kukubetha ngoyaba ukungathobeli kwawo. Esi yaba sisinyeliso kuYehova, yaye kwamenza wavutha ngumsindo.—Eksodus 32:5, 7-10; INdumiso 106:19, 20.
14, 15. (a) Kutheni sinokuthi amaSirayeli ayengenasizathu sokuba ngabevayo baze balibale? (b) Ukuba sizimisele ukungabi ngabevayo baze balibale, yintoni esiya kuyenza ngokuphathelele imiyalelo kaYehova?
14 Ibiya kuba yinto engaqhelekanga kakhulu ukuba omnye wamaNgqina kaYehova uzibandakanya nonqulo lobuxoki. Noko ke, ngoxa besebandleni, abanye basenokulugatya ukhokelo lukaYehova ngezinye iindlela. Abantu bakwaSirayeli babengenasizathu sokuba ngabevayo baze balibale. BabeneMithetho Elishumi yaye babekho xa uMoses wabanika umyalelo kaThixo othi: “Nize ningenzi ndawonye nam oothixo besilivere, ningazenzeli oothixo begolide.” (Eksodus 20:18, 19, 22, 23) Sekunjalo, amaSirayeli anqula ithole legolide.
15 Nathi asinakuzithethelela ukuba sinokuba ngabevayo size silibale. EZibhalweni, sinikwa ukhokelo oluvela kuThixo oluphathelele iinkalo ezininzi zobomi. Ngokomzekelo, iLizwi likaYehova liyakugweba ngokuphandle ukuboleka uze ungabuyisi. (INdumiso 37:21) Abantwana bayalelwa ukuba bathobele abazali babo, yaye kulindeleke ukuba oobawo bakhulise abantwana babo ‘ekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’ (Efese 6:1-4) AmaKristu angekatshati ayalelwa ukuba atshate “kuphela eNkosini,” yaye abakhonzi bakaThixo abatshatileyo baxelelwa oku: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa, kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.” (1 Korinte 7:39; Hebhere 13:4) Ukuba sizimisele ukungabi ngabevayo baze balibale, siya kulujonga ngendlela enzulu olu khokelo luvela kuThixo size senze ngokuvisisana nalo.
16. Waba yintoni umphumo wokunqula ithole legolide?
16 UYehova akazange ayamkele into yokuba amaSirayeli alinge ukumnqula ngendlela athanda ngayo. Kunoko, abangama-3 000 kuwo batshatyalaliswa, mhlawumbi ngenxa yokuba babephambili kwisenzo semvukelo sokunqula ithole legolide. Abanye abenzi bobubi bafumana isibetho esivela kuYehova. (Eksodus 32:28, 35) Esinjani sona isifundo kuye nabani na ofunda iLizwi likaThixo kodwa azikhethele lowo afuna ukumthobela!
“Sabani Kulo Uhenyuzo”
17. Yayibhekisela kwiziphi iziganeko eyoku-1 kwabaseKorinte 10:8?
17 UPawulos uchaza enye inkalo iminqweno yenyama enokubangela ukulibala ngokomoya kuyo xa esithi: “Masingaqheliseli luhenyuzo, njengoko abathile kubo bahenyuzayo, suke bawa, amawaka angamashumi amabini anesithathu kubo ngamini-nye.” (1 Korinte 10:8) UPawulos apha ubhekisela kwisiganeko esenzeka kuMathafa akwaMowabhi ekupheleni kohambo lwamaSirayeli lweminyaka engama-40 entlango. AmaSirayeli ayesandul’ ukuncedwa nguYehova ukuba oyise amazwe angakwimpuma yeYordan, kodwa amaninzi alibala yaye abonakalisa ukungabi naluxabiso. Ngoxa ayekwimida yeLizwe Lesithembiso, alukuhlelwa ekuziphatheni okubi ngokwesini nakunqulo olungacocekanga lukaBhahali wasePehore. Kwatshatyalaliswa abamalunga nama-24 000 kuwo, yaye abali-1 000 kuwo babephambili kwelo qela.—Numeri 25:9.
18. Luhlobo luni lwehambo enokukhokelela ekuziphatheni okubi ngokwesini?
18 Abantu bakaYehova namhlanje baziwa ngokubanzi ngemilinganiselo yabo ephakamileyo yokuziphatha. Kodwa xa ehendelwa ekuziphatheni kakubi ngokwesini, amanye amaKristu aye ayeka ukucinga ngoThixo nangemilinganiselo yakhe. Aye angabevayo aza alibala. Ekuqaleni, isilingo sisenokungabandakanyi isenzo sohenyuzo. Isenokuba lutyekelo lokufuna ukujonga amanyala, ukudlala ngothando ngokungafanelekanga, okanye ukunxulumana ngokusondeleyo nabantu abangenamilinganiselo ingqongqo yokuziphatha. Zonke ezi zinto ziye zakhokelela amaKristu kwihambo yesono.—1 Korinte 15:33; Yakobi 4:4.
19. Sisiphi isiluleko seZibhalo esisinceda ukuba ‘sisabe kulo uhenyuzo’?
19 Xa sihendelwa ekubeni sibandakanyeke ekuziphatheni okubi, asimele siyeke ukucinga ngoYehova. Kunoko, simele silandele izikhumbuzo eziseLizwini lakhe. (INdumiso 119:1, 2) NjengamaKristu, inkoliso yethu yenza konke okusemandleni ukuba ihlale icocekile ngokokuziphatha, kodwa ukuze senze okufanelekileyo phambi kukaThixo kufuneka umgudu oqhubekayo. (1 Korinte 9:27) UPawulos wabhalela amaKristu aseRoma esithi: “Intobelo yenu ifikelele ekuphawulweni ngabo bonke. Ngoko ke ndinemihlali ngani. Kodwa ndifuna nibe zizilumko mayela noko kulungileyo, kodwa nibe msulwa mayela noko kubi.” (Roma 16:19) Kanye njengoko amaSirayeli angama-24 000 abulawayo ngenxa yezono zawo, kungekudala abahenyuzi nabenzi bobubi baza kufumana umgwebo kaYehova oqatha. (Efese 5:3-6) Ngoko ke, kunokuba sibe ngabevayo baze balibale, simele siqhubeke ‘sisaba kulo uhenyuzo.’—1 Korinte 6:18.
Waxabise Amalungiselelo KaYehova Lonke Ixesha
20. AmaSirayeli amvavanya njani uYehova, yaye waba yintoni umphumo?
20 Uninzi lwamaKristu aluweli ekuziphatheni okubi ngokwesini. Ukanti, simele sikulumkele ukuba singasukeli ikhondo elikhokelela ekubeni ngabambombozelayo nto leyo enokubangela ukuba uThixo angakholiswa sithi. UPawulos uyasiluleka esithi: “Masingamvavanyi uYehova, njengoko abathile [kumaSirayeli] bamvavanyayo, suke batshabalala ziinyoka. Masingabi ngabambombozeli, kanye njengoko abathile kubo bambombozelayo, suke batshabalala ngumtshabalalisi.” (1 Korinte 10:9, 10) AmaSirayeli ambombozela nxamnye noMoses noAron—ewe, nxamnye noThixo ngokwakhe—ekhalazela imana awayeyilungiselelwe ngokungummangaliso. (Numeri 16:41; 21:5) Ngaba ukumbombozela kwawo akuzange kumcaphukise uYehova ngendlela okwamcaphukisa ngayo ukuhenyuza kwawo? Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba abaninzi kwabo babembombozela babulawa ziinyoka. (Numeri 21:6) Ngaphambilana, kwatshatyalaliswa abavukeli ababembombozela abangaphezu kwe-14 700. (Numeri 16:49) Ngoko ke, masingawuvavanyi umonde kaYehova ngokungawahloneli amalungiselelo akhe.
21. (a) Sisiphi isibongozo uPawulos awaphefumlelwa ukuba asibhale? (b) Ngokuvisisana noYakobi 1:25, yintoni enokusenza sizuze uyolo lokwenene?
21 Xa ebhalela amanye amaKristu, uPawulos uqukumbela izilumkiso zakhe ngesi sibongozo: “Ke kaloku ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto. Ngenxa yoko lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” (1 Korinte 10:11, 12) NjengamaSirayeli, zininzi iintsikelelo esizifumene kuYehova. Noko ke, ngokungafaniyo nawo, ngamana asingelibali size singazixabisi izinto ezintle esizenzelwe nguThixo. Xa sisindwa ngamaxhala obomi, masicinge ngezithembiso ezimangalisayo eziseLizwini lakhe. Ngamana singakhumbula ulwalamano oluxabisekileyo lwethu noYehova size siqhubeke sisenza umsebenzi esiwuphathisiweyo wokushumayela ngoBukumkani. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ngokuqinisekileyo elo khondo liya kusizisela ulonwabo lokwenene, kuba iZibhalo zithembisa oku: “Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:25.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni enokusenza sibe ngabevayo baze balibale?
• Kutheni kubalulekile ukuthobela uThixo ngokupheleleyo?
• ‘Sinokusaba njani kulo uhenyuzo’?
• Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngamalungiselelo enziwe nguYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
AmaSirayeli azilibala izenzo zamandla ezenziwa nguYehova ngenxa yawo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abantu bakaYehova bazimisele ukulondoloza imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha