Ukuphengulula ‘Izinto Ezinzulu ZikaThixo’
“Umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.”—1 KORINTE 2:10.
1. Ziziphi iinyaniso zeBhayibhile ezinokuvuyisa abafundi beBhayibhile abatsha?
UNINZI lwethu kwibandla lamaKristu lisayikhumbula kakuhle indlela esavuya ngayo sakuva inyaniso okwesihlandlo sokuqala. Safunda isizathu sokubaluleka kwegama likaYehova, isizathu sokuba avumele ukubandezeleka, isizathu sokuba kukho abathile abaya ezulwini, noko ikamva likufumbathele uluntu oluthembekileyo. Kusenokwenzeka ukuba sakha sayifunda iBhayibhile ngaphambi koko, kodwa ezi zinto zaziyimfihlelo kuthi, njengokuba zinjalo kubantu abaninzi. Sasifana nendoda efuna ilitye elinqabileyo emanzini. Ekubeni ingenaso isixhobo sokupopola, izibona luzizi izinto ezintle ezingaphantsi kwamanzi. Kodwa xa ifumene isixhobo sokupopola ngaphantsi kwamanzi okanye iphenyane elenziwe ngeglasi, ayikwazi ukuzibamba luchulumanco xa ibona okokuqala, imibala yeekorale, iintlanzi nezinye izidalwa ezintle. Ngokufanayo, xa sancedwa ukuba siqonde iZibhalo, sakrotyiswa okokuqala “kwizinto ezinzulu zikaThixo.”—1 Korinte 2:8-10.
2. Kutheni kungekho mda ekufundeni ngobulumko bukaThixo?
2 Ngaba simele saneliswe kukukrotyiswa nje kwiinyaniso zeBhayibhile? Ibinzana elithi “izinto ezinzulu zikaThixo” liquka ukuqonda ubulumko bukaThixo obutyhilwa kumaKristu ngomoya oyingcwele kodwa obuyinkohla kwabanye. (1 Korinte 2:7) Ubulumko bukaThixo obungaphaya kokuqonda buya kusivuyisa xa sibuphanda. Asinako ukwazi yonk’ into ngeendlela zikaThixo zobulumko. Sinokuhlala sinalo ngonaphakade uvuyo esaba nalo xa sasifunda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, ukuba siqhubeka siphengulula “izinto ezinzulu zikaThixo.”
3. Kutheni simele siziqonde kakuhle izizathu zeenkolelo zethu?
3 Kutheni simele siziqonde ezi ‘zinto zinzulu’? Ukuqonda kungekuphela nje oko sikukholelwayo kodwa nezizathu zezinto esizikholelwayo komeleza ukholo nentembelo. IBhayibhile isixelela ukuba sisebenzise “amandla okucinga” ukuze ‘sikungqine [ngokwethu] ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:1, 2) Ukuqonda isizathu sokuba uYehova efuna siphile ngendlela ethile, komeleza isigqibo sethu sokumthobela. Ngoko ke, ukwazi “izinto ezinzulu” kunokusinika amandla okuxhathisa izilingo zokwenza okuchasene nomthetho yaye kunokusishukumisela ukuba ‘sizondelele imisebenzi emihle.’—Tito 2:14.
4. Kuquka ntoni ukufundisisa iBhayibhile?
4 Ukuze siziqonde izinto ezinzulu kufuneka sifundisise. Noko ke, ukufundisisa akufani nokufunda nje uphela sonwabe. Kubandakanya ukuhlolisisa ngenyameko inkcazelo nokubona ukuba ingena njani koko sele sikwazi. (2 Timoti 1:13) Kuthetha ukuqonda izizathu zaloo nkcazelo. Ukufunda iBhayibhile kuquka ukucamngca ngendlela esinokukusebenzisa ngayo oko sikufundayo ukuze senze izigqibo zobulumko size sincede nabanye. Kwakhona, ekubeni “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo,” xa sifunda simele siquke “onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.” (2 Timoti 3:16, 17; Mateyu 4:4) Ukufundisisa iBhayibhile kunokuba ngumsebenzi onzima! Kodwa kunokuzisa uvuyo olungathethekiyo yaye ukuqonda “izinto ezinzulu zikaThixo” akunzima kangako.
UYehova Unceda Abalulamileyo Baqonde
5. Ngubani onokuziqonda “izinto ezinzulu zikaThixo”?
5 Kusenokwenzeka ukuba esikolweni ubungaphumelel’ emagqabini okanye ungakukhathalelanga ukufunda, kodwa oko akumele kukwenze ucinge ukuba ukuqonda “izinto ezinzulu zikaThixo” kungaphaya kwamandla akho. Kubulungiseleli bukaYesu basemhlabeni, uYehova watyhila injongo Yakhe, kungekhona kwizilumko, kodwa kumadoda angafundanga naqhelekileyo athobekileyo ukuze afundiswe ngumkhonzi kaThixo. Ayefana neentsana ezinuka ubisi xa ethelekiswa nezifundiswa zelo xesha. (Mateyu 11:25; IZenzo 4:13) Mayelana ’nezinto uThixo azilungisele abo bamthandayo,’ uPawulos wabhala wathi: “UThixo uzityhile kuthi ngomoya wakhe, kuba umoya uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.”—1 Korinte 2:9, 10.
6. Inayiphi intsingiselo eyoku-1 kwabaseKorinte 2:10?
6 Umoya kaThixo uziphengulula njani ‘izinto zonke, kwanezinto ezinzulu zikaThixo’? Kunokuba atyhilele mKristu ngamnye, uYehova usebenzisa umoya wakhe ukwalathisa intlangano yakhe, yaye imanyanisa abantu bakaThixo ngokuqonda iBhayibhile. (IZenzo 20:28; Efese 4:3-6) Ehlabathini jikelele, amabandla afumana ucwangciso olufanayo lokufundiswa iBhayibhile. Njengokuba ihamba iminyaka, baye bagubungele zonke iimfundiso zeBhayibhile. Umoya oyingcwele usebenza emabandleni uze uncede abantu babe nesimo sengqondo esifunekayo ukuze baqonde “izinto ezinzulu zikaThixo.”—IZenzo 5:32.
Oko Kuquka “Izinto Ezinzulu ZikaThixo”
7. Kutheni abantu abaninzi bengaziqondi “izinto ezinzulu zikaThixo”?
7 Asimele sicinge ukuba “izinto ezinzulu” zinzima. Ulwazi ‘ngezinto ezinzulu zikaThixo’ luyintsumantsumane kubantu abaninzi, kungengakuba ubulumko bukaThixo kunzima ukubufumana, kodwa ngenxa yokuba uSathana ulukuhla abantu ukuze bagatye uncedo lukaYehova alulungiselela ngentlangano Yakhe.—2 Korinte 4:3, 4.
8. Wayebhekisa kweziphi izinto ezinzulu uPawulos kwisahluko sesithathu seleta eya kwabase-Efese?
8 Isahluko sesithathu sencwadi eyabhalwa nguPawulos eya kwabase-Efese, sibonisa ukuba “izinto ezinzulu zikaThixo” ziquka iinyaniso eziqondwa kakuhle ngabantu bakaYehova, ezifana nokwalatha iMbewu ethenjisiweyo nokukhethwa kwabathile abaza kuphila ezulwini noBukumkani obungoMesiya. UPawulos wabhala wathi: “Kwezinye izizukulwana oonyana babantu abazange bayaziswe le mfihlelo njengoko iye ngoku yatyhilwa kubapostile bakhe abangcwele nabaprofeti ngomoya, eyile, yokuba abantu beentlanga bafanele babe ziindlalifa ezimanyeneyo namalungu omzimba angamadlelane yaye babe nesabelo kunye nathi kwisithembiso ngokumanyene noKristu Yesu.” UPawulos wachaza isabelo sakhe ‘sokwenza abantu babone indlela elungiselelwa ngayo imfihlelo engcwele yona ebikade ifihliwe ukususela kwixesha elidlulileyo elingenammiselo ikuye uThixo.’—Efese 3:5-9.
9. Kutheni kulilungelo ukuqonda “izinto ezinzulu zikaThixo”?
9 UPawulos wachaza nokuthanda kukaThixo ukuba ‘nakwezasezulwini iindawo baziswe ngobulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi.’ (Efese 3:10) Iingelosi zifunda okuthile ngokubukela nangokuqonda ubulumko bukaYehova kwiinkqubano zakhe nebandla lamaKristu. Khawufan’ ucinge nje, ukuqonda izinto ezenza umdla neengelosi! (1 Petros 1:10-12) Kwakhona, uPawulos wathi simele sizabalazele “ukucacelwa ngokucokisekileyo engqondweni oko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu’ kokholo lobuKristu. (Efese 3:11, 18) Makhe sihlolisise ngoku imizekelo yezinto ezinzulu esinokuziqonda nangakumbi.
Imizekelo Yezinto Ezinzulu
10, 11. Ngokutsho kweZibhalo uYesu waba yintloko ‘yembewu’ njani ‘yomfazi’ kaThixo?
10 Siyazi ukuba uYesu ngundoqo ‘wembewu yomfazi’ kaThixo wasezulwini ochazwe kwiGenesis 3:15. Ukuze siphangalale ekuqondeni kwethu le ndinyana, simele sizibuze: ‘Uqale nini uYesu ukuba yiMbewu ethenjisiweyo? Ngaba kungaphambi kokuba eze emhlabeni, xa wayezalwa, xa wayebhaptizwa, okanye xa wayevusiwe?’
11 UThixo wathembisa ukuba inxalenye yentlangano yakhe yasezulwini, nekubhekiselwa kuyo kwisiprofeto ‘njengomfazi’ wakhe, iya kuvelisa imbewu eya kutyumza intloko yenyoka. Kodwa, kudlule iinkulungwane ngaphambi kokuba umfazi kaThixo avelise imbewu eyayiya kutshabalalisa uSathana nemisebenzi yakhe. Ngoko ke, umprofeti ulsaya umbiza ngokuba “ludlolo” yaye ‘wenzakele emoyeni.’ (Isaya 54:1, 5, 6) Ekugqibeleni, uYesu wazalwa eBhetelehem. Kodwa kwaba semva kokubhaptizwa kwakhe, xa wathanjiswa ngomoya ukuze abe ngunyana kaThixo wokomoya, awathi uYehova wavakalisa ukuba: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17; Yohane 3:3) Kwaba lelo thuba kanye, eyathi yavela ngalo ‘yembewu’ eyintloko yomfazi. Kamva, abalandeli bakaYesu bathanjiswa baza bazaliswa ngumoya oyingcwele. “Umfazi” kaThixo, kangangexesha elide ebevakalelwa ngathi “uludlolo olungazaliyo,” ngoku ‘wayenokumemelele ngovuyo.’—Isaya 54:1; Galati 3:29.
12, 13. Ziziphi iZibhalo ezibonisa ukuba amaKristu athanjisiweyo emhlabeni abumba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi”?
12 Umzekelo wesibini wezinto ezinzulu zikaThixo ubandakanya ukukhethwa kwe-144 000 phakathi kwabantu. (ISityhilelo 14:1, 4) Siyakuqonda kwaye siyakukholelwa ukuba abathanjiswa abaphila emhlabeni nangaliphi na ixesha babumba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” awathi uYesu liya kulungiselela abendlu “ukutya.” (Mateyu 24:45) Ziziphi iZibhalo ezingqina ukuba olu lwazi luchanile? Ngaba uYesu wayenokubhekisa kuye nawuphi na umKristu owakha umzalwana wakhe ngokutya kokomoya?
13 Naku okwathethwa nguThixo kuhlanga lwakwaSirayeli: “Ningamangqina am,” . . .ningumkhonzi wam endimnyulileyo.” (Isaya 43:10) Kodwa ngoNisan 11 ngomnyaka ka-33 C.E., uYesu waxelela iinkokeli zakwaSirayeli ukuba uThixo walugatya olu hlanga ukuba lube ngumkhonzi Wakhe. Wathi: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” UYesu wazixelela oku izihlwele: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mateyu 21:43; 23:38) Njengekhoboka likaYehova, indlu kaSirayeli yayingathembekanga yaye ingeyongqondi. (Isaya 29:13, 14) Kamva kwangolo suku, uYesu wabuza: “Ngubani ngokwenene elo khoboka lithembekileyo neliyingqondi?” Eneneni, uYesu wayebuza ukuba ‘Luluphi uhlanga olwaluza kuthabatha indawo kaSirayeli ukuze lube likhoboka likaThixo elithembekileyo?’ Umpostile uPetros waphendula xa waxelela ibandla lamaKristu elithanjisiweyo oku: “Nisisizwe esinyuliweyo . . , ‘uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo.’” (1 Petros 1:4; 2:9) Olo hlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo,” waba ngumkhonzi kaYehova omtsha. (Galati 6:16) Kanye njengokuba onke amalungu oSirayeli wamandulo ayebumba “umkhonzi” omnye, kunjalo nangamaKristu athanjisiweyo emhlabeni nangaliphi na ixesha emhlabeni, abumba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” elinye. Kulilungelo ukuba sifumane ‘ukutya’ ngekhoboka likaThixo!
Unokukunandipha Ukufundisisa
14. Kutheni ukufundisisa iBhayibhile kusonwabisa ngaphezu nje kokufundela uphela sonwabe?
14 Xa kuvela ulwazi olutsha lweZibhalo, ngaba asivuyi kuba lusomeleza ukholo lwethu? Seso sizathu kanye esenza ukuba ukufundisisa iBhayibhile kube kokona kuvuyisayo ngaphezu kokufundela nje uphela sonwabe. Ngoko ke, xa ufunda iimpapasho zamaKristu, zibuze: ‘Ndinokuyithelekisa njani le nkcazelo ndiyifundayo naleyo sele ndiyazi ngalo mbandela? Ziziphi iindinyana zeZibhalo okanye iingongoma endinokucinga ngazo ezixhasa oko kuthethwa kweli nqaku?’ Ukuba kufuneka uphando olungakumbi, bhala phantsi umbuzo onawo, uze uphande ngawo kamva.
15. Yiyiphi imibandela onokukonwabela ukufundisisa ngayo yaye inokuba yingenelo njani?
15 Yiyiphi imibandela onokukuvuyela ukufumana ulwazi olongezelelekileyo ngayo? Imibandela enzulu efana neminqophiso eyahlukeneyo uThixo ayenze nabantu kunokuba yingenelo ukwazi okungakumbi ngayo. Unokomeleza ukholo lwakho ngokufunda ngeziprofeto ezithetha ngoYesu Kristu okanye ukuhlolisisa iincwadi zeziprofeto zeBhayibhile indinyana ngendinyana. Eny’ into eyomeleza ukholo kukubuyekeza imbali yamaNgqina kaYehova usebenzisa incwadi ethi AmaNgqina kaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, ukuba le ncwadi unayo ngolwimi lwakho.a Amanqaku athi “Imibuzo Evela Kubafundi” epapashwe kwiMboniselo anokunceda uqonde iindinyana ngendlela ecacileyo. Nikela ingqalelo ekhethekileyo kwiZibhalo eziye zasetyenziswa ukuze kufikelelwe kweso sigqibo. Oku kuya kukunceda ukuba uqeqeshe “amandla okuqonda.” (Hebhere 5:14) Njengokuba ufundisisa bhala amanqaku eBhayibhileni yakho okanye kwiphepha elahlukileyo ukuze ufundisiso lwakho lube yingenelo ehlala ihleli kuwe nakwabo uya kuba nceda.
Nceda Abantwana Bakho Banandiphe Ukufundisisa IBhayibhile
16. Unokubanceda njani abaselula bakunandiphe ukufundisisa iBhayibhile?
16 Kuninzi okunokwenziwa ngabazali ukulola abantwana babo bakuthande ukufundisisa iBhayibhile. Ungaze ubeye abantwana ekuqondeni izinto ezinzulu. Ukuba wabele abaselula umbandela omelwe uphandwe ngaphambi kwesifundo sentsapho, usenokubabuza ukuba bafumene ntoni kuphando lwabo. Isifundo sentsapho sisenokuquka ixesha lokuqhelisela ukuze kuncedwe abantwana bafunde indlela yokumela abakukholelwayo nokukwazi ukuchaza ubunyani bezinto abazifundisiweyo. Ukongezelela, usenokusebenzisa incwadi ethi “Khawubone Eli Lizwe Lihle”b ukufundisa ngemimandla yexesha lokubhalwa kweBhayibhile nokucacisa izinto ozifunda kufundo lweBhayibhile lweveki.
17. Kutheni kufuneka ulungelelwano xa siphanda ngemibandela yeZibhalo?
17 Ukuphanda ngemibandela yeBhayibhile kunokuba luyolo yaye komeleze ukholo, kodwa kulumkele kungathabathi ixesha lokulungiselela iintlanganiso zebandla. Iintlanganiso yenye yendlela asiyalela ngazo uYehova ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Noko ke, uphando olongezelelekileyo lunokukunceda ukuba ugqabaze ngendlela eyakhayo ezintlanganweni—ngokomzekelo, kwiSifundo Sencwadi Sebandla okanye kwiimbalasane zofundo lweBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.
18. Kutheni ingekokuzixhamla nje ukufundisisa “izinto ezinzulu zikaThixo”?
18 Ukufundisisa izinto ezinzulu zeLizwi likaThixo kunokukunceda usondele ngakumbi kuYehova. Ichaza ukubaluleka kolo fundisiso, iBhayibhile ithi: “Kuba ubulumko buyakhusela njengokuba nemali ikhusela; kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Ngoko ke, akuzixhamli xa uphanda ngokunzulu ngezinto zokomoya. Nasi isithembiso seBhayibhile kwabo baqhubeka bephanda olo lwazi: ‘Niya kufumana ukumazi uThixo.’—IMizekeliso 2:4, 5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Unokucacisa?
• Ziziphi “izinto ezinzulu zikaThixo”?
• Kutheni singamele siyeke ukufundisisa izinto ezinzulu?
• Kutheni ukuqonda “izinto ezinzulu zikaThixo” kuvuleleke kuwo onke amaKristu?
• Unokungenelwa ngakumbi njani “kwizinto ezinzulu zikaThixo”?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UYesu uqale nini ukuba yiMbewu ethenjisiweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abazali banokwabela abantwana babo imibandela abanokuphanda ngayo ngaphambi kwesifundo sentsapho