IBhayibhile—Incwadi Eyayenzelwe Ukuba Iqondwe
BAMBI abantu bakholelwa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo elicacileyo elifanele lilandelwe njengoko linjalo. Kwabanye, “isigidimi seBhayibhile ubukhulu becala simbono-mbini.” Litsho njalo iqela lonqulo lamalungu ali-12 nekomiti yabefundisi bezakwalizwi yelona hlelo likhulu laseKhanada lamaProtestanti. Umfundisi uClifford Elliott, weUnited Church, uvakalelwa kukuba kwabathile “iBhayibhile kunzima ukuyiqonda, ayingqalanga yaye ayisebenzi kubo.”
Iimbono ezinjalo ziphakamisa imibuzo ebalulekileyo efanele iphendulwe. Ebalulekileyo phakathi kwayo yile, Kwakutheni ukuze kubhalwe iBhayibhile? Ngaba idida yaye intsonkothe gqitha ukuba ingaqondwa? Ngaba umntu nje oqhelekileyo angayiqonda? Luluphi uncedo olufunekayo ukuze ubani aqonde intsingiselo yeZibhalo? Yaye kutheni ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile lufuneka kula maxesha anzima?
Kwakutheni Ukuze Kubhalwe IBhayibhile?
Ukufundisisa iLizwi likaThixo bekusoloko kuyinto ephambili kwabo uThixo Osenyangweni, uYehova aya kukholiswa ngabo aze abamkele. Ookumkani, ababingeleli, abazali, amadoda, abafazi nabantwana—izityebi namahlwempu ngokufanayo—babeyalelwe ukuba suku ngalunye bazinike ixesha kwimisebenzi yemihla ngemihla ukuze ngokunzulu nangomthandazo banikel’ ingqalelo kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo.—Duteronomi 6:6, 7; 17:18-20; 31:9-12; Nehemiya 8:8; INdumiso 1:1, 2; 119:7-11, 72, 98-100, 104, 142; IMizekeliso 3:13-18.
Ngokomzekelo, uYoshuwa wayalelwa oku: “Qiniseka ukuba incwadi yoMthetho isoloko ifundwa kunqulo lwakho. Yifundisise imini nobusuku, yaye uqiniseke ukuba uthobela konke okubhaliweyo kuyo. Uya kwandula ke ube nenkqubela uze uphumelele.” (Yoshuwa 1:8, Today’s English Version) Ukuyifundisisa ngenyameko okunjalo nokusebenzisa uMthetho kaThixo kwakuya kuphumela kwimpumelelo nakulonwabo. Injongo kaYehova ikukuba “bonke abantu” banganeli nje ukuliqonda iLizwi lakhe, iBhayibhile, kodwa kwakhona balithobele, ngethemba lokufumana isipho sobomi.—1 Timoti 2:3, 4; Yohane 17:3.
Ngaba Intsonkothe Gqitha Ukuba Ingaqondwa?
Ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wacacisa ukuba wayefuna ucwangciso olukhulu lokufundisa iBhayibhile luqhubeke emhlabeni wonke. (IZenzo 1:8) Wayesazi ukuba iBhayibhile yayenzelwe ukuba iqondwe. Emva kokuchaza ukuba uYehova umnike lonke igunya ezulwini nasemhlabeni, wanikela lo myalelo ungqalileyo: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”—Mateyu 28:19, 20.
Ngaphambi kokuba abafundi abatsha babhaptizwe, kwakufuneka bafundiswe ngoYehova, ngoNyana wakhe nangendlela osebenza ngayo umoya oyingcwele. Ukongezelela, kwakufuneka bafundiswe umthetho wenkqubo yezinto yamaKristu. (1 Korinte 9:21; Galati 6:2) Ukuze oku kufikelelwe, kwakufuneka abafanelekayo bakholwe kuqala ukuba iBhayibhile ivela kuYehova yaye okwesibini yayenzelwe ukuba iqondwe.—Mateyu 10:11-13.
Yintoni efunekayo kuwe ukuze uqonde iBhayibhile? UNyana kaThixo wenza umgudu okhethekileyo wokuchaza iZibhalo. Wayesazi ukuba iZibhalo Ezingcwele ziyinyaniso yaye ziqulethe ukuthanda kukaYehova akuchazileyo. (Yohane 17:17) Ngokuphathelele umsebenzi owawusisabelo sakhe, uYesu Kristu wathi: “Ndazalelwa ndaza ndezela le njongo inye ehlabathini, ukuba ndithethe ngenyaniso. Nabani na ongowenyaniso uyandiphulaphula.” (Yohane 18:37, TEV; Luka 4:43) UYesu akazange arhoxobise ekufundiseni abo babeneentliziyo neengqondo ezilungele ukuphulaphula. KuLuka 24:45, sixelelwa oku: “Wandula [uKristu Yesu] wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo.”
Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu wacaphula ngokukhululekileyo kwiLizwi elibhaliweyo, echaza yaye ebhekisela kwizibhalo “emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.” (Luka 24:27, 44) Abo bazivayo iinkcazelo zakhe ezingokweZibhalo bachukumiseka gqitha yindlela ecacileyo awayeziqonda ngayo, kwanobuchule bakhe bokufundisa. (Mateyu 7:28, 29; Marko 1:22; Luka 4:32; 24:32) Kuye, iZibhalo zaziyincwadi eqondakala ngokulula.
IBhayibhile Nabalandeli BakaYesu
Umpostile uPawulos, owayexelisa uYesu Kristu, wayibona imfuneko yokufundisa abanye oko kuqulethwe ziZibhalo. Naye wayesazi ukuba zazenzelwe ukuba ziqondwe. Kungenxa yoko lento wafundisa ekuhleni yaye ngokungathandabuzekiyo wazichaza iZibhalo emakhayeni abo babefuna ukuziqonda. UPawulos wakwenza kwaziwa ukuma kwakhe xa wathi: “Niyazi ukuba andizange ndinifihlele nantoni na eyayiza kuba luncedo kuni njengoko ndandishumayela yaye ndifundisa ekuhleni nasemakhayeni enu.” (IZenzo 20:20, TEV) Ebudeni beengxubusho zakhe wayeqiqa ngeZibhalo, echaza yaye engqina iingongoma zakhe ngeembekiselo. (IZenzo 17:2, 3) Wayenomdla wokunceda abanye baqonde intsingiselo yeZibhalo.
Ngaba ulangazelela ukuziqonda izinto uYesu nabafundi bakhe ababezifundisa? (1 Petros 2:2) Abemi baseBhereya yamandulo babenomnqweno onjalo, yaye babelangazelela ukukukholelwa oko umpostile uPawulos wayebafundisa kona ngoKristu. Ngoko bakhuthazwa ukuba bafundisise iZibhalo imihla ngemihla yaye ngaloo ndlela baqinisekise ukuba iindaba ezilungileyo abazivayo ngenene zaziyinyaniso. Ngenxa yokuba iingqondo zabo zazikulungele ukuphulaphula, ‘kwakholwa ke ngoko into eninzi kubo.’—IZenzo 17:11, 12.
Ukuze ubani ayiqonde iBhayibhile, ufanele abe nentliziyo entle, umnqweno onyanisekileyo wokufunda, aze ‘ayiphaphele intswelo yakhe yokomoya.’ (Mateyu 5:3) Xa uYesu wabuzwa: “Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?” waphendula wathi: “Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.” Kwakuxelwe kwangaphambili ukuba wayeya ‘kuwuvula umlomo wakhe ngemizekeliso akhuphe izinto ezifihliweyo.’ (Mateyu 13:10, 11, 35) Ngoko uYesu wayethetha ngemizekeliso ukwahlula abo babephulaphula ngokungakhathali nangenxa nje yokuthand’ ukwazi kwabo babefun’ ukwazi ngokwenene. Ngesinye isihlandlo abafundi bakaYesu babonakalisa ukunyaniseka kwabo xa bahamba naye baya endlwini ethile baza bathi: “Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.”—Mateyu 13:36.
Licacile elokuba sifuna uncedo ukuze siyiqonde iBhayibhile. Umfundisi uHal Llewellyn, unobhala wezakwalizwi, ukholo nenkqubo yecawa iUnited Church, wathi: “Kubaluleke gqitha ukucacisa oko kuthethwa yiBhayibhile kuthi nendlela efundwa ize itolikwe ngayo.” Kodwa enoba asingabo bonke abantu abakuqondayo oku, inyaniso ikukuba asinakuyiqonda iBhayibhile sisedwa. Sifuna uncedo.
Luluphi Uncedo Olufumanekayo?
EBhayibhileni kukho iindawo ezididayo, imibuzo enzima namazwi antsonkothileyo afuna ukucaciswa. Kusenokuba kukho iindawo ezenziwe azaqondakala ngabom, kusetyenziswa uthelekiso olunentsingiselo olwalungafanele luqondwe ngexesha lokubhalwa kwazo. Kodwa zazibandakanya iinjongo zikaYehova. Ngokomzekelo, ISityhilelo 13:18 sithi “inani lerhamncwa” nali “ngamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.” Ngoxa le ndinyana isithi “nabu ubulumko,” ayiyichazi intsingiselo yelo nani. Noko ke, uYehova, ngentlangano yakhe, uye wavumela abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba bayiqonde intsingiselo yalo namhlanje. (Bona ibhokisi ethi, “Ijelo Lokuqonda IBhayibhile.”) Nawe unokuluzuza olu lwazi ngokuncedwa ngabo banamava ‘okulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.’—2 Timoti 2:2, 15, 23-25; 4:2-5; IMizekeliso 2:1-5.
Maxa wambi uYesu wayesebenzisa imizekeliso ukubonisa intsabelo okanye ukungabi nantsabelo kwisigidimi soBukumkani. Wabonisa ukuba abanye babengayi kuba nankqubela ngenxa yokudinyazwa yinkcaso yabahlobo nezalamane. Abanye babeya kuvumela “imbandezelo nokuba yintshutshiso” iphelise uxabiso abanalo ngesigidimi soBukumkani. Sekunjalo abanye babeya kuvumela izinto zobomi bemihla ngemihla, “ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi,” kuluminxe naluphi na uthando abasenokuba nalo ngeendaba ezilungileyo. Kwelinye icala, kukho abo bathi ngovuyo basabele yaye bakulungele ukuva ilizwi elixabisekileyo baze baliqonde. ‘Bayagcuma, yaye bayancwina ngenxa yamasikizi onke awenzekayo’ kwiNgqobhoko, ekuthiwa enziwa egameni likaYesu Kristu. Abanjalo balangazelela ukufundiswa ngendlela kaYehova yaye ngenxa yoko bakuqonde oko bakufundayo eBhayibhileni.—Mateyu 13:3-9, 18-23; Hezekile 9:4; Isaya 2:2-4.
Kwabo bafuna ukuziqonda iinjongo zikaYehova bebodwa, uYehova angaqinisekisa ukuba bayalufumana uncedo abalufunayo. Ukuzekelisa, iBhayibhile isixelela ukuba umoya kaYehova wakhokelela umvakalisi weendaba ezilungileyo uFilipu ukuba ancede indoda engumTiyopiya eyayifundisisa incwadi yeBhayibhile kaIsaya njengoko yayikuhambo olusuka eYerusalem. Endleleni egodukayo, yayiyifunda kwinqwelo yayo yamahashe. Ethobela ukhokelo lomoya oyingcwele kaYehova, uFilipu wabaleka ecaleni kwale nqwelo waza wabuza: “Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?” Le ndoda yayithobekile yaye inyaniseke ngokwaneleyo ukuvuma ukuba yayifuna uncedo. Ngovuyo uFilipu wamfundisa lo mntu wayelambile ngokomoya yaye efundiseka. Le mfundiso yamnceda ukuze aziqonde iZibhalo. Wafunda oko wayefanele akwenze ngoku ukuze abe nolwalamano oluhle noYehova aze afumane ubomi obungunaphakade. Waba ngumkhonzi owonwabileyo nobhaptiziweyo kaYehova, owayephila ubomi obabumkholisa uThixo.—IZenzo 8:26-39.
Usenokuba unayo iBhayibhile ekhayeni lakho, yaye usenokuba uyifunde izihlandlo ezininzi. Kusenokwenzeka ukuba uye wanengxaki efanayo neyomTiyopiya owayenyanisekile nowayethobekile. Wayengakuqondi oko wayekulesa. Wayefuna uncedo yaye walwamkela ngezandla ezishushu uncedo uYehova uThixo awayekuvuyela ukulunikela. NjengoFilipu, amaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukukunceda ukuze uziqonde izinto ezingoThixo ezibhalwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ayazi ukuba uYehova walungiselela iBhayibhile yaye wayefuna ukuba iqondwe.—1 Korinte 2:10; Efese 3:18; 2 Petros 3:16.
Kutheni IBhayibhile Iyimfuneko?
Siphila kwelona xesha longxamiseko kwimbali yabantu. IBhayibhile ibhekisela kulo ‘njengelokupheliswa kweli phakade.’ (Mateyu 24:3) Iziganeko ezininzi ezenzekayo ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile ukususela kunyaka we-1914 zibonisa ukuba kungekudala ngoku uBukumkani bukaThixo basezulwini buza ‘kubacola buze bubagqibe bonke abanye oorhulumente.’—Daniyeli 2:44.
Zifundele ngokwakho oko kwaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni kuMateyu isahluko 24, kuMarko isahluko 13 nakuLuka isahluko 21. Uya kuphawula ukuba iziganeko ezichaziweyo zigungqisa ihlabathi lonke. Ziquka iimfazwe zehlabathi—ezahlukileyo kuzo zonke ezinye iimfazwe. Ukususela kwiMfazwe Yehlabathi I, siye sabona ukunqongophala kokudla okwaxelwa ngaphambili, iinyikima zomhlaba nexesha lolwaphulo-mthetho olungaqhelekanga. Yaye ngoku izizwe zibonakala zisemgubasini wokwenza isibhengezo esiya kunikela umqondiso ongaphazamiyo wokuba ukutshatyalaliswa kwehlabathi kusemnyango. Ngokuphathelele oku, umpostile uPawulos wabhala: “Imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, . . . baye bengayi kukha basinde.” (1 Tesalonika 5:2, 3) Ngoobani aba bangayi kukha basinde? UPawulos uchaza ukuba: “Abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu.” (2 Tesalonika 1:7-9) Inxalenye yomqondiso oyintlanganisela yayiza kuzalisekiswa ngabo bawuthobelayo umyalelo onikelwe kuMateyu 24:14 wokushumayela “iindaba ezilungileyo zobukumkani . . . kulo elimiweyo liphela.”
Izigidi zamaNgqina kaYehova ziyawuphumeza lo myalelo kumazwe angama-231 nakwiziqithi zolwandle. Ziya emakhayeni abantu zize ngokobuqu zibakhuthaze ukuba bafunde ngorhulumente obuBukumkani bukaYehova. Ngobubele zalatha ikhondo elifanele lilandelwe nguye ngamnye ukuze abe phakathi kwabaya kusinda kule nkqubo yezinto aze aphile kwiparadisi esemhlabeni apho kungasayi kubakho sijwili, nakukhala, nantlungu, okanye ukufa.—ISityhilelo 21:3, 4.
Eli hlabathi lingendawo liphelelwa lixesha ngokukhawuleza, yaye kubalulekile ngabo bonke abafuna ukusinda kwisiphelo seli hlabathi ukuba bafunde oko kubandakanyekileyo ‘ekuthobeleni iindaba ezilungileyo’ baze ngaloo ndlela basinde kwintshabalaliso. Xa amaNgqina kaYehova ephinda etyelela ekhayeni lakho, kutheni ungasamkeli isimemo sokuba nesifundo seBhayibhile seeveki ngeeveki? Okude kwalunga nangakumbi, kutheni ungawaceli ukuba afundisise kunye nawe iBhayibhile kuba ufuna ukuyiqonda?
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
IJELO LOKUQONDA IBHAYIBHILE
UYESU wasiqinisekisa ukuba emva kokufa nokuvuka kwakhe, wayeya kumisela ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ owayeya kusebenza njengejelo lakhe lonxibelelwano. (Mateyu 24:45-47) Umpostile uPawulos wawazisa amaKristu ase-Efese ngeli jelo xa wabhala esithi “baziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi, ngokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu.” (Efese 3:10, 11) Yayilibandla lamaKristu athanjisiweyo, elayilwa ngePentekoste yowama-33 C.E., elaliphathiswe “izinto ezityhilekileyo.” (Duteronomi 29:29) Njengeqela, amaKristu athanjisiweyo asebenza njengomkhonzi othembekileyo noqondayo. (Luka 12:42-44) Isabelo sawo asinikwe nguThixo kukunikela ulwazi olungokomoya ‘ngezinto ezityhilekileyo.’
Kanye njengokuba isiprofeto seBhayibhile salatha phambili kuMesiya, kwakhona sikwasalathisela kwiqumrhu elisebenza ngokumanyeneyo lamaNgqina angamaKristu athanjisiweyo ngoku elisebenza njengomkhonzi othembekileyo noqondayo.a Eli qumrhu liyasinceda ukuze siliqonde iLizwi likaThixo. Bonke abo bafuna ukuyiqonda iBhayibhile bafanele baqonde ukuba “ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi” bunokwaziwa kuphela ngejelo lonxibelelwano likaYehova, umkhonzi othembekileyo noqondayo.—Yohane 6:68.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IMboniselo, kaSeptemba 1, 1981, iphepha 22-8.