Yibani Neqhayiya Kuba NingamaKristu!
“Lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”—1 KORINTE 1:31.
1. Luluphi utyekelo olubonakala kwisimo sengqondo sabantu ngonqulo?
ABANTU abasalukhathalele unqulo. Ethetha ngendlela abantu abalujonga ngayo unqulo, umsasazi ngemibandela yonqulo kutshanje wathi: “Eyona nto iphawulekayo kunqulo lwanamhlanje kukuba ayiselulo unqulo—kodwa kukungakhathalelwa konqulo.” Etyatyadula ngalo mbandela wathi “abantu abasenamdla kunqulo lwabo.” Wathi abantu abaninzi, “bayakholelwa kuThixo . . . ; abamkhathalele kangako.”
2. (a) Kutheni ingamangalisi into yokuba abantu bengazikhathalele izinto zokomoya? (b) Yiyiphi ingozi amaKristu okwenyaniso anokujamelana nayo ukuba akakhathali?
2 Abafundi beBhayibhile abayothuki into yokungakhathali kwabantu. (Luka 18:8) Yaye xa kufikelelwa kunqulo ngokubanzi, loo nto ilindelekile. Unqulo lobuxoki luye lwakhohlisa lwaza lwabadanisa abantu kangangexesha elide. (ISityhilelo 17:15, 16) Noko ke, kumaKristu okwenyaniso, lo moya ogqugqisileyo wokungabi namdla nenzondelelo uyingozi. Siya kwehlelwa yintlekele ukuba asikhathali ngonqulo lwethu yaye asinanzondelelo ngokukhonza uThixo nangenyaniso yeBhayibhile. UYesu walumkisa ngokuba dikidiki xa wayethetha namaKristu aseLawodike esithi: “Akubandi yaye ungeshushu. Akwaba ububanda okanye ushushu. . . . Udikidiki.”—ISityhilelo 3:15-18.
Ukuzazi
3. Ziziphi izinto amaKristu anokuba neqhayiya ngazo?
3 Ukuze alwe nokungakhathali ngokomoya, amaKristu afanele azazi kakuhle, yaye afanele abe neqhayiya ngokuba engamaKristu. Njengabakhonzi bakaYehova nabafundi bakaKristu, sinokuyifumana eBhayibhileni indlela esichazwa ngayo. ‘Singamangqina’ kaYehova, “abasebenzi abangamadlelane kaThixo,” njengoko ngenkuthalo sidlulisela ‘iindaba ezilungileyo’ kwabanye. (Isaya 43:10; 1 Korinte 3:9; Mateyu 24:14) Singabantu ‘abathandanayo.’ (Yohane 13:34) AmaKristu okwenyaniso angabantu ‘abathe ngokusebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) ‘Sizizikhanyiso ehlabathini.’ (Filipi 2:15) Sizabalazela ukuba ‘nehambo entle phakathi kweentlanga.’—1 Petros 2:12; 2 Petros 3:11, 14.
4. Umnquli kaYehova uyiqonda njani into angeyiyo?
4 Kwakhona abanquli bokwenyaniso bakaYehova bayayazi into abangeyiyo. “Abayonxalenye yehlabathi,” kanye njengokuba iNkokeli yabo, uYesu Kristu, wayengeyiyo inxalenye yehlabathi. (Yohane 17:16) Bazigcina bahlukile ‘kwiintlanga ezisebumnyameni ngengqondo nezahlukanisiweyo nobomi bukaThixo.’ (Efese 4:17, 18) Ngenxa yoko, abalandeli bakaYesu ‘bazilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi yaye baphila ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.’—Tito 2:12.
5. Kuthetha ukuthini xa kusithiwa ‘masiziqhayise ngoYehova’?
5 Ukuzazi ngokuqinisekileyo ukuba singamaKristu nolwalamano esinalo noMlawuli onguMongami wendalo iphela ezo zinto zisenza ‘siziqhayise ngoYehova.’ (1 Korinte 1:31) Olu luhlobo olunjani lokuqhayisa? NjengamaKristu okwenyaniso, sineqhayiya lokuba noYehova njengoThixo wethu. Silandela isiluleko esithi: “Lowo uzigwagwisayo makazigwagwise ngenxa yale nto kanye, yokuba enokuqiqa kwanolwazi ngam, lokuba ndinguYehova, Lowo ubonakalisa ububele bothando, okusesikweni nobulungisa emhlabeni.” (Yeremiya 9:24) ‘Siqhayisa’ ngelungelo lokumazi uThixo nokusetyenziswa nguye ukuze sincede abanye.
Iingxaki
6. Kutheni abanye bekufumanisa kunzima ukulondoloza iimpawu ezibagcina bengamaKristu?
6 Liyavunywa elokuba, akusoloko kulula ukulondoloza iimpawu ezisigcina singamaKristu. Umfana owayekhuliswe njengomKristu ukhumbula ukuba wakha wabuthathaka ngokomoya. Uthi: “Maxa wambi, ndandingasazi isizathu sokuba ndibe ndiliNgqina likaYehova. Ndakhulela enyanisweni. Maxa wambi ndandivakalelwa kukuba le yenye nje yeenkonzo ezininzi ezikhoyo.” Abanye basenokuphenjelelwa yindlela yehlabathi yokuzonwabisa, amajelo eendaba, nomoya okhoyo wokungahloneli Thixo. (Efese 2:2, 3) Amanye amaKristu maxa wambi asenokungaqiniseki ngemilinganiselo nosukelo azibekele lona.
7. (a) Yiyiphi indlela yokuzivavanya efanelekileyo kubakhonzi bakaThixo? (b) Iba phi ke ingozi?
7 Ngaba kuphosakele ngokupheleleyo ukuzihlola? Akunjalo. Usenokukhumbula ukuba umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba ahlale ezivavanya: “Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) Apha lo mpostile wayekhuthaza umzamo wokukhangela naluphi na uphawu lobuthathaka bokomoya obusenokuba bukho, ngenjongo yokuthabatha amanyathelo afanelekileyo okubulungisa. Xa umKristu ezivavanya enoba uselukholweni na, umele ahlole enoba amazwi nezenzo zakhe ziyavisisana nokuzibiza kwakhe njengomKristu. Noko ke, ukuzivavanya ngenjongo yokuzazi ukuba singoobani okanye ukufumana iimpendulo ngaphandle kolwalamano lwethu noYehova okanye ibandla lobuKristu kuya kungqineka kulilize yaye kunokusenzakalisa ngokomoya.a Asifuni ‘kuphukelwa yinqanawa mayelana nokholo lwethu’!—1 Timoti 1:19.
Nathi Sisenokujamelana Neengxaki
8, 9. (a) UMoses wakuvakalisa njani ukungazithembi? (b) UYehova wasabela njani kumazwi kaMoses okubonakalisa ukungazithembi? (c) Sikuchaphazela njani isithembiso sikaYehova?
8 Ngaba amaKristu aba namathandabuzo ngamaxesha athile afanele acinge ukuba anengxaki? Akunjalo! Enyanisweni, anokuthuthuzelwa kukwazi ukuba ukuziva ngaloo ndlela akunto intsha. Amangqina kaThixo athembekileyo ngamaxesha adluleyo akhe ajamelana neengxaki ezinjalo. Ngokomzekelo, khawucinge ngoMoses owabonakalisa ukholo, ukunyaniseka nokuzinikela okupheleleyo. Xa wayenikwe umsebenzi owawubonakala unzima, othukile uMoses wabuza: “Ndingubani na mna?” (Eksodus 3:11) Ngokucacileyo, impendulo awayecinga ngayo yayikukuthi, ‘Ndingumntu nje ongabalulekanga!’ okanye ‘Andinakuphumelela!’ Iinkalo eziliqela eziphathelele imvelaphi kaMoses zisenokuba zamenza wavakalelwa kukuba akafanelekanga: Wayengowesizwe samakhoboka. Wayengafunwa ngamaSirayeli. Wayengelociko. (Eksodus 1:13, 14; 2:11-14; 4:10) Wayengumalusi, umsebenzi owawuthiyiwe ngamaYiputa. (Genesis 46:34) Akumangalisi ke ngoko ukuba azive engafanelekanga ukukhulula abantu bakaThixo ebukhobokeni!
9 UYehova wamqinisekisa uMoses ngokumthembisa izinto ezimbini: “Ngokuba ndiya kuba nawe, yaye nanku umqondiso wokuba ndim okuthumeleyo: Wakuba ubakhuphile abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo oyinyaniso kule ntaba.” (Eksodus 3:12) UThixo wayexelela lo mkhonzi wakhe unamathandabuzo ukuba Yena wayeza kuba naye ngamaxesha onke. Ukongezelela, uYehova wayebonisa ukuba ngokuqinisekileyo wayeya kubahlangula abantu bakhe. Ukutyhubela iinkulungwane, uThixo wathembisa ngendlela efanayo. Ngokomzekelo, esebenzisa uMoses wathi kuhlanga lwakwaSirayeli kanye njengokuba lwaluza kungena kwiLizwe Lesithembiso: “Yibani nesibindi, nomelele. . . . NguYehova uThixo wakho ohamba nawe. Akayi kukulahla okanye akushiye ngokupheleleyo.” (Duteronomi 31:6) Kwakhona uYehova wamqinisekisa uYoshuwa esithi: “Akukho bani uya kuma ngokuqinileyo phambi kwakho yonke imihla yobomi bakho. . . . Ndiya kuba nawe. Andiyi kukulahla okanye ndikushiye ngokupheleleyo.” (Yoshuwa 1:5) Yaye uthembisa amaKristu esithi: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Ukunyanyekelwa ngale ndlela kufanele kusenze sibe neqhayiya kuba singamaKristu!
10, 11. Wancedwa njani umLevi onguAsafu ukuba ahlale enesimo sengqondo esihle ngokuxabiseka kwenkonzo yakhe kuYehova?
10 Kusenokuba kwakusemva kweenkulungwane ezintlanu emva kwexesha likaMoses, xa uAsafu, umLevi owayethembekile wathetha ngokuphandle ngamathandabuzo awayenawo ngokubaluleka kokulandela ikhondo elithe tye. Ngoxa wayekufumanisa kunzima ukukhonza uThixo ngoxa wayejamelene neenzima nezilingo, uAsafu wabona abathile ababegculela uThixo besiba namandla yaye bephumelela. Oku kwamchaphazela njani uAsafu? Wavuma esithi: “Ke mna, iinyawo zam beziphantse zathi gu bucala, ukunyathela kwam bekuphantse kwenziwa kwatyibilika. Kuba ndabamonela abaqhayisi, xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo.” Waqalisa ukuthandabuza ukubaluleka kokuba ngumnquli kaYehova. Ecinga uAsafu wathi: “Ngokuqinisekileyo kulilize ukuyihlambulula kwam intliziyo yam nokuhlamba kwam izandla zam ngobumsulwa. Ndiye ndakhathazwa imini yonke.”—INdumiso 73:2, 3, 13, 14.
11 UAsafu wakusingatha njani ukukhathazeka kwakhe? Ngaba walikhanyela elokuba ukhathazekile? Akunjalo. Wakuvakalisa ukukhathazeka xa wayethandaza kuThixo, njengokuba sibona kwiNdumiso 73. Into eyamncedayo uAsafu kukutyelela ingcwele yetempile. Ngoxa elapho, waqonda ukuba ukuzinikela kuThixo kuselelona khondo lobulumko. Akuba ekhuthazekile ngokomoya, waqonda ukuba uYehova ubuthiyile ububi yaye ngexesha elifanelekileyo uya kubohlwaya abangendawo. (INdumiso 73:17-19) Enesimo sengqondo esihle, uAsafu waliqonda ilungelo analo lokuba ngumkhonzi kaYehova. Wathi kuThixo: “Ndinawe rhoqo; usibambile isandla sam sasekunene. Uya kundikhokela ngecebo lakho, emva koko uya kundithabatha undinike uzuko.” (INdumiso 73:23, 24) UAsafu waphinda waneqhayiya ngoThixo wakhe.—INdumiso 34:2.
Babeneqhayiya Ngokuba Ngabakhonzi BakaThixo
12, 13. Nikela imizekelo yabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ababeneqhayiya ngolwalamano lwabo noThixo.
12 Enye into enokusinceda sibe neqhayiya ngakumbi ngokuba ngamaKristu kukuhlolisisa nokuxelisa ukholo lwabakhonzi abathembekileyo, abathi phezu kwazo nje iinzima baba neqhayiya ngolwalamano lwabo noThixo. Khawucinge ngoYosefu, unyana kaYakobi. Eselula, wathengiswa njengekhoboka waza wasiwa eYiputa, kumakhulu eekhilomitha mgama kuyise owayehlonela uThixo nakwimeko enzima xa kuthelekiswa nekhaya lakhe elalifudumele. Ngoxa wayeseYiputa, uYosefu wayengenamntu owayenokucela kuye icebiso, yaye kwafuneka ajamelane neengxaki ezazivavanya indlela yakhe yokuziphatha nokuthembela kwakhe kuThixo. Noko ke, wenza umzamo wokuhlala ezazi ukuba ungumkhonzi kaThixo, yaye wahlala ethembekile koko wayekwazi ukuba kulungile. Wayeneqhayiya ngokuba ngumkhonzi kaYehova nakwimeko enzima, yaye wayengakoyiki ukuyivakalisa indlela awayeziva ngayo.—Genesis 39:7-10.
13 Kwiinkulungwane ezisibhozo kamva, intombazana elikhoboka nengumSirayeli eyaba sisicakakazi senjengele engumSiriya uNahaman ayizange ilibale ukuba ingumkhonzi kaYehova. Xa yavulekelwa lithuba, yanikela ubungqina obunamandla ngoYehova xa yamchaza uElisha njengomprofeti woThixo oyinyaniso. (2 Kumkani 5:1-19) Kwiminyaka eliqela emva koko, uKumkani uYosiya owayeselula, phezu kwako nje ukuba phakathi kwabantu ababi, wenza iinguqulelo ezinkulu zonqulo, walungisa itempile kaThixo, waza waphinda wasibuyisela esi sizwe kuYehova. Wayeneqhayiya ngonqulo lwakhe. (Eyesi-2 yeziKronike, isahluko 34, nesama-35) UDaniyeli nabahlobo bakhe abangamaHebhere abathathu eBhabhiloni abazange balibale ukuba bangabakhonzi bakaYehova, naxa babephantsi kwengcinezelo nokulingwa, bagcin’ ingqibelelo. Ngokucacileyo, babeneqhayiya ngokuba ngabakhonzi bakaYehova.—Daniyeli 1:8-20.
Yiba Neqhayiya Kuba UngumKristu
14, 15. Yintoni ebandakanyekileyo ngokuqhayisa kwethu kuba singamaKristu?
14 Aba bakhonzi bakaThixo baba nempumelelo kuba babeneqhayiya ngolwalamano lwabo noThixo. Kuthekani ngathi namhlanje? Yintoni esinokuqhayisa ngayo kuba singamaKristu?
15 Ngokuyintloko, oku kubandakanya uxabiso olunzulu ngokuba ngomnye wabantu begama likaYehova, ukuba nentsikelelo nokwamkelwa nguye. UThixo ubazi kakuhle abangabakhe. Umpostile uPawulos, owayephila ngexesha lombhodamo omkhulu kunqulo, wabhala: “UYehova uyabazi abakhe.” (2 Timoti 2:19; Numeri 16:5) UYehova uneqhayiya “ngabakhe.” Uthi: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8) Ngokucacileyo, uYehova uyasithanda. Ngoko ke, ulwalamano lwethu naye lufanele lusekelwe kuthando olunzulu ngaye. UPawulos wathi: “Ukuba nabani na uyamthanda uThixo, uyaziwa nguye.”—1 Korinte 8:3.
16, 17. Kutheni amaKristu, aselula nakhulileyo, eneqhayiya ngelifa lawo lokomoya?
16 Abantu abaselula abakhuliswe bengamaNgqina kaYehova bafanele bazihlole enoba baya besiba neqhayiya elingakumbi ngenxa yolwalamano lwabo noThixo. Abanakuxhomekeka kuphela kukholo lwabazali babo. Ngokuphathelele umkhonzi ngamnye kaThixo, uPawulos wabhala: “Ukuma okanye ukuwa kwaso kusenkosini yaso.” Wandula ke uPawulos ongezelele esithi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.” (Roma 14:4, 12) Ngokucacileyo, ukukholisa nje abazali akunakusenza sibe nolwalamano olusenyongweni noluthabatha ixesha elide noYehova.
17 Ukutyhubela imbali, bekukho umnombo wamangqina amaninzi kaYehova. Lo mnombo ususela kuAbheli owayethembekile—kwiinkulungwane ezinokuba ngama-60 ezadlulayo—ukusa ‘kwisihlwele esikhulu’ samaNgqina ezi mini ukusa kwizihlwele zabanquli bakaYehova eziya kufumana ikamva elingapheliyo. (ISityhilelo 7:9; Hebhere 11:4) Siliqela lamvanje lalo mnombo wabakhonzi abathembekileyo. Sinelifa lokomoya elixabiseke ngokwenene!
18. Imilinganiselo nemigaqo yethu yokuziphatha isahlula njani kwihlabathi?
18 Ukuba ngumKristu kukwaquka ukuba nemilinganiselo, iimpawu nemigaqo yokuziphatha esenza sibe ngamaKristu. ‘KuyiNdlela,’ ekuphela kweyona ndlela iphumelelayo yobomi neyokukholisa uThixo. (IZenzo 9:2; Efese 4:22-24) AmaKristu ‘ayaqiniseka ngezinto zonke’ aze ‘abambelele nkqi koko kuhle’! (1 Tesalonika 5:21) Sinolwazi olucacileyo ngomahluko omkhulu okhoyo phakathi kobuKristu nehlabathi elahlukanisiweyo noThixo. UYehova usibonisa umahluko ocacileyo phakathi konqulo lobuxoki nolokwenyaniso. Esebenzisa umprofeti wakhe uMalaki, wathi: “Ngokuqinisekileyo nina niya kuwubona kwakhona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.”—Malaki 3:18.
19. Yiyiphi ingxaki amaKristu okwenyaniso angasokuze abe nayo?
19 Ekubeni ukuqhayisa ngoYehova kubaluleke kangaka kweli hlabathi liphixeneyo, yintoni enokusinceda ukuze sihlale sineqhayiya ngoThixo wethu nokuhlala sizazi ukuba singamaKristu? Amacebiso aluncedo afumaneka kwinqaku elilandelayo. Ngoxa uwaqwalasela, unokuqiniseka ngoku: AmaKristu okwenyaniso akasoze abe nengxaki yokungalukhathaleli unqulo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Apha kuthethwa ngeempawu zethu zokomoya. Kwimibandela ethile yezigulo zengqondo, kusenokufuneka ubani afumane unyango lweengcali.
Ngaba Usakhumbula?
• AmaKristu ‘anokuqhayisa njani ngoYehova’?
• Ufunde ntoni kumzekelo kaMoses noAsafu?
• Ngabaphi abantu eBhayibhileni ababa neqhayiya ngenkonzo yabo kuThixo?
• Yintoni ebandakanyekileyo ngokuqhayisa kwethu kuba singamaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Kangangexesha elithile, uMoses wayenamathandabuzo
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Abakhonzi abaninzi bakaYehova bamandulo babeneqhayiya ngokuba ngamaKristu