“Lingoku Elona Xesha Lamkelekileyo”
“Khangelani! Lingoku elona xesha lamkelekileyo. Khangelani! Ingoku imini yosindiso.”—2 KOR. 6:2.
1. Kutheni sifanele siyiqonde into emele yenziwe ngalo lonke ixesha?
“YONKE into inexesha layo elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu.” (INtshu. 3:1) Apha uSolomon wayethetha ngokubaluleka kokuqonda elona xesha lifanelekileyo lokwenza nantoni na ebalulekileyo—enoba kukulima, ukuthabath’ uhambo, ukushishina okanye ukunxibelelana nabanye. Sekunjalo, sikwafanele siwuqonde owona msebenzi ubaluleke ngakumbi esimele siwenze ngalo lonke ixesha. Ngamany’ amazwi, simele sizazi kakuhle izinto eziza kuqala.
2. Sazi njani ukuba xa uYesu wayeshumayela wayeliqonda kakuhle ixesha aphila kulo?
2 Xa uYesu wayesemhlabeni wayeliqonda kakuhle ixesha awayephila kulo noko kwakufuneka ekwenzile. Ekubeni wayezazi izinto eziza kuqala kuye, wayeqonda ukuba lalifikile ixesha ekwakukudala lilindelwe lokuzaliseka kweziprofeto ezingoMesiya. (1 Pet. 1:11; ISityhi. 19:10) Wayenomsebenzi wokwazisa abantu ukuba unguMesiya othenjisiweyo. Kwakufuneka anikele ubungqina obucokisekileyo ngenyaniso engoBukumkani aze ahlanganise abo babeya kuba ziindlalifa kunye naye eBukumkanini. Kwakufuneka aseke ibandla lamaKristu elaliza kwenza umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi de uye kufika eziphelweni zomhlaba.—Marko 1:15.
3. Ziziphi izinto ezenziwa nguYesu ezazibonisa ukuba wayeqonda ukuba ixesha analo lifutshane?
3 Ukwazi ezi zinto kwaba nempembelelo entle kubomi bukaYesu, kwamkhuthaza ukuba abe nenzondelelo ekwenzeni ukuthanda kukaYise. Wathi kubafundi bakhe: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:2; Mal. 4:5, 6) UYesu waqala ngokunyula abafundi abali-12 waza walandelisa ngabangama-70, wabanika imiyalelo ecacileyo waza wabathuma ukuba baye kushumayela isigidimi esibangel’ umdla esithi: “Ubukumkani bamazulu busondele.” Sifunda ukuba yena uYesu wenza oku: “Akugqiba ukunikela imiyalelo kubafundi bakhe abalishumi elinesibini, wanduluka apho ukuze afundise yaye ashumayele ezixekweni zabo.”—Mat. 10:5-7; 11:1; Luka 10:1.
4. Yiyiphi indlela uPawulos awamxelisa ngayo uYesu Kristu?
4 UYesu wamisela bonke abalandeli bakhe umzekelo ogqibeleleyo wokuba nenzondelelo nokuzinikela. Kungeso sizathu le nto umpostile uPawulos wabongoza amanye amaKristu, esithi: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Kor. 11:1) Yiyiphi indlela uPawulos awamxelisa ngayo uKristu? Ubukhulu becala wenjenjalo ngokwenza konke okusemandleni akhe ukushumayela iindaba ezilungileyo. Xa uPawulos wayebhalela amabandla, wayesebenzisa amabinzana anjengelithi “musani ukutshivela emsebenzini wenu,” “yibani ngamakhoboka kaYehova,” “nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi” nelithi “nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova.” (Roma 12:11; 1 Kor. 15:58; Kol. 3:23) UPawulos akazange asilibale isihlandlo awadibana ngaso neNkosi uYesu Kristu kwindlela eya eDamasko namazwi kaYesu awathethwa nguAnaniyas, athi: “Lo mntu usisitya esinyuliweyo kum sokuthwala igama lam ezintlangeni nakookumkani noonyana bakaSirayeli.”—IZe. 9:15; Roma 1:1, 5; Gal. 1:16.
“Elona Xesha Lamkelekileyo”
5. Yintoni eyakhuthaza uPawulos ukuba aphumeze ubulungiseleli bakhe ngenzondelelo?
5 Xa sifunda incwadi yeZenzo, siyibona ngokucacileyo inkalipho nenzondelelo awayenayo uPawulos xa wayesenza umsebenzi wobulungiseleli. (IZe. 13:9, 10; 17:16, 17; 18:5) UPawulos wayeliqonda ixesha awayephila kulo. Wathi: “Khangelani! Lingoku elona xesha lamkelekileyo. Khangelani! Ingoku imini yosindiso.” (2 Kor. 6:2) Ngowama-537 B.C.E., yayilixesha elamkelekileyo lokuba abathinjwa ababeseBhabhiloni babuyele kwilizwe labo. (Isa. 49:8, 9) Kodwa amazwi kaPawulos ayebhekisela entwenini? Umongo wawo usinceda sibone oko wayecinga ngako.
6, 7. Liliphi ilungelo elikhethekileyo elinikwe amaKristu athanjisiweyo namhlanje yaye ngoobani abasebenza nabathanjiswa?
6 Ngaphambidlana kule ncwadi yakhe, uPawulos wathetha ngelungelo elikhulu elinikwe yena nabalandeli bakaKristu abathanjisiweyo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 5:18-20.) Wathi uThixo wayebabizele injongo ekhethekileyo, ukuze bafeze “ubulungiseleli boxolelaniso,” bebongoza abantu ukuba ‘babe ngabaxolelanisiweyo noThixo.’ Oko kwakuthetha ukuba baphinde babe nolwalamano noThixo okanye bamanyane naye.
7 Ukususela kwimvukelo yase-Eden, bonke abantu baye bahlukaniswa noYehova. (Roma 3:10, 23) Oko kuye kwabangela ukuba abantu babe sebumnyameni ngokomoya, nto leyo ebangele ukuba babandezeleke baze bafe. UPawulos wathi: “Siyazi ukuba yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” (Roma 8:22) Kodwa uThixo uye wathatha amanyathelo okukhuthaza, eneneni ‘okubongoza,’ abantu ukuba babuyele kuye, okanye baxolelaniswe naye. Loo msebenzi wanikwa uPawulos namanye amaKristu athanjisiweyo ngelo xesha. ‘Ixesha elamkelekileyo’ lisenokuba ‘yimini yosindiso’ kwabo banokholo kuYesu. Onke amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo ‘ezinye izimvu’ asebenza kunye nawo, aqhubeka emema abantu ukuba bangenelwe kweli ‘xesha lamkelekileyo.’—Yoh. 10:16.
8. Yintoni ebangela ukuba isibongozo sokuxolelaniswa noThixo sichukumise?
8 Into ebangela ukuba isibongozo soxolelaniso sichukumise kangaka kukuba, nangona ingabantu abonakalisa ulwalamano lwabo noThixo—ngokuvukela kwabo e-Eden—nguThixo oqale wathath’ inyathelo lokulungisa loo monakalo. (1 Yoh. 4:10, 19) Wenza ntoni? UPawulos uphendula athi: “UThixo ngoKristu walixolelanisa naye ihlabathi, engazibaleli kubo izigqitho zabo, yaye walinikela kuthi ilizwi loxolelaniso.”—2 Kor. 5:19; Isa. 55:6.
9. Yintoni eyenziwa nguPawulos ukubonisa ukuba uyayixabisa inceba kaThixo?
9 Ngokulungiselela idini lentlawulelo, uYehova uye wabangela ukuba abo banokholo bakwazi ukuxolelwa izono zabo baze baphinde babe nolwalamano oluhle naye. Ngaphezu koko, wathumela abathunywa bakhe ukuba babongoze bonke abantu ukuba baxolelaniswe naye ngoku besakwazi ukwenjenjalo. (Funda eyoku-1 kuTimoti 2:3-6.) Ngenxa yokuqonda ukuthanda kukaThixo nexesha awayephila kulo, uPawulos wazibhokoxa ngamandla ‘kubulungiseleli boxolelaniso.’ Ukuthanda kukaYehova akutshintshanga. Nanamhlanje uYehova usafuna ukuba abantu baxolelaniswe naye. Amazwi kaPawulos athi “lingoku elona xesha lamkelekileyo” nathi “ingoku imini yosindiso” asasebenza nanamhlanje. Ngokwenene uYehova unguThixo onenceba nemfesane!—Eks. 34:6, 7.
‘Ningayiphosi Injongo Yabo’
10. ‘Imini yosindiso’ ibithetha ntoni kumaKristu athanjisiweyo amandulo nawanamhlanje?
10 Abantu bokuqala ukufumana ilungelo lokuxolelaniswa noThixo yayingabo ‘bamanyene noKristu.’ (2 Kor. 5:17, 18) Eyabo ‘imini yosindiso’ yaqala ngePentekoste yowama-33 C.E. Ukususela ngoko, baye banikwa umsebenzi wokuvakalisa “ilizwi loxolelaniso.” Namhlanje intsalela yamaKristu athanjisiweyo isaqhubeka ‘nobulungiseleli boxolelaniso.’ Iyaqonda ukuba iingelosi ezine ezabonwa ngumpostile uYohane embonweni osisiprofeto “zibambe ngokuqinileyo imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni.” Ngenxa yoko, ‘iseyimini yosindiso nelona xesha lamkelekileyo.’ (ISityhi. 7:1-3) Ngoko ke, ukususela ebutsheni benkulungwane yama-20, intsalela yabathanjiswa ibiphumeza ngenzondelelo “ubulungiseleli boxolelaniso” kwiinxalenye ezikude zomhlaba.
11, 12. Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, amaKristu athanjisiweyo aye abonisa njani ukuba ayaqonda ukuba ixesha eliseleyo lifutshane? (Bona umfanekiso okwiphepha 15.)
11 Ngokomzekelo, njengoko kuboniswe kwincwadi ethi AmaNgqina KaYehova Abavakalisi—BoBukumkani BukaThixo, ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, “uC.T. Russell nezinxulumani zakhe babekholelwa ngamandla ekubeni babephila kwixesha lokuvuna nokuba kwakufuneka abantu beve ngenyaniso ekhululayo.” Benza ntoni? Beqonda ukuba baphila kwixesha lesivuno, “elona xesha lamkelekileyo,” aba bazalwana abazange baneliswe nje kukumema abantu ukuba beze kuphulaphula inkonzo. Kaloku kwakusele kukudala abefundisi beNgqobhoko beyenza loo nto. Loo maKristu athanjisiweyo aqalisa ukusebenzisa ezinye iindlela eziluncedo ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo. Phakathi kwezinye zezinto awazisebenzisa ngobulumko bubugcisa bezi mini ukuhambisela phambili umsebenzi wabo.
12 Ukuze lisasaze iindaba ezilungileyo zoBukumkani, elo qaqobana labashumayeli abanenzondelelo lasebenzisa amaphecana, amaphephancwadi, kunye neencwadi. Lalungiselela neentshumayelo namanqaku ukuze ashicilelwe kumaphephandaba angamawaka. Lasasaza inkcazelo evela kwiZibhalo koonomathotholo abasasaza kwilizwe elihlala kulo nakwamanye amazwe. Lenza laza lasebenzisa imifanekiso eshukumayo enesandi, kwanangaphambi kokuba abenzi beemovie benze imifanekiso eshukumayo enesandi. Waba yintoni ke umphumo wenzondelelo elolo hlobo? Namhlanje kukho abantu abamalunga nezigidi ezisixhenxe abaye basabela baza nabo basivakalisa isigidimi esithi: “Yibani ngabaxolelanisiweyo noThixo.” Ngokwenene abo bakhonzi bakaYehova baye bamisela umzekelo omhle wokuba nenzondelelo nangona izinto zazingelula.
13. Yiyiphi injongo kaThixo esingafanele siyithabathe lula?
13 Amazwi kaPawulos athi “lingoku elona xesha lamkelekileyo” aseyinyaniso. Thina baye benzelwa inceba nguYehova sinombulelo ngokufumana ithuba lokuva nokwamkela isigidimi soxolelaniso. La mazwi kaPawulos alandelayo asiwathabathi lula: “Nathi siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo.” (2 Kor. 6:1) Injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo kukuba ‘ihlabathi lixolelaniswe naye’ ngoKristu.—2 Kor. 5:19.
14. Ngawaphi amathuba avulekayo kumazwe amaninzi?
14 Abantu abaninzi abamfamekiswe nguSathana basahlukanisiwe noThixo yaye abakayazi injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo. (2 Kor. 4:3, 4; 1 Yoh. 5:19) Noko ke, iimeko zehlabathi eziya zisiba mandundu ziye zabangela abantu abaninzi ukuba basabele xa beboniswa ukuba ukwahlukaniswa noThixo kungunozala wobungendawo nokubandezeleka. Kwanakumazwe apho abantu abaninzi bebengenamdla kumsebenzi wethu wokushumayela, ngoku abaninzi bayazamkela iindaba ezilungileyo yaye bathatha amanyathelo okuxolelaniswa noThixo. Ngoko ke, ngaba siyaqonda ukuba ngoku lixesha lokuba sisivakalise ngenzondelelo isibongozo esithi: “Yibani ngabaxolelanisiweyo noThixo”?
15. Yintoni esifuna bonke abantu bayazi, kunokuba sibonwaye iindlebe?
15 Umsebenzi wethu asikokuxelela abantu ukuba xa benokusondela kuThixo, uya kubanceda kuzo zonke iingxaki zabo kwaye baya kuziva bebhetele. Abantu abaninzi baya ngaloo njongo ezicaweni, ibe nazo iicawa zizabalazela ukwanelisa loo mnqweno. (2 Tim. 4:3, 4) Leyo asiyonjongo yobulungiseleli bethu. Iindaba ezilungileyo esizishumayelayo zezokuba uYehova, eqhutywa luthando analo, ukulungele ukusixolela izono zethu ngoKristu. Ngenxa yoko, abantu banokubuyela kuThixo baze baxolelaniswe naye. (Roma 5:10; 8:32) Noko ke, isiphelo “selona xesha lamkelekileyo,” siza sixhabashile.
“Emoyeni Ke Vuthani”
16. Yintoni eyanceda uPawulos abe nenkalipho nenzondelelo?
16 Yintoni enokusinceda sihlale sinenzondelelo ngonqulo lokwenyaniso? Abanye abantu baneentloni okanye bathule ngemvelo, abanye banokukufumanisa kunzima ukubonisa indlela abavakalelwa ngayo okanye ukuba ngamancoko. Noko ke, kuhle ukukhumbula ukuba, ukuba nenzondelelo akupheleli nje ekuboniseni abantu indlela esivakalelwa ngayo okanye ukuba sinemincili; kananjalo akuxhomekekanga nakubuntu bakho. UPawulos wachaza eyona nto inokusinceda sihlale sinenzondelelo xa wabongoza amanye amaKristu esithi: “Emoyeni ke vuthani.” (Roma 12:11) Ngumoya kaYehova owanceda lo mpostile wakhalipha waza wanyamezela kumsebenzi wokushumayela. Ukususela ngexesha awabizwa ngalo nguYesu ukusa kwixesha awavalelwa ngalo entolongweni waza wabulawa ngenxa yokholo lwakhe eRoma—iminyaka engaphezu kwama-30—inzondelelo kaPawulos ayizange inqamke. Wayesoloko ethembele kuThixo, owamomeleza ngomoya wakhe. Wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Fil. 4:13) Sinokungenelwa gqitha ngokufunda kumzekelo wakhe!
17. ‘Sinokuvutha njani emoyeni’?
17 Igama eliguqulelwe ngokuthi ‘vutha’ ngokungqalileyo lithetha “ukubila.” (Ngokutsho kweKingdom Interlinear) Ukuze amanzi aseketileni aqhubeke ebila, umlilo kufuneka uhlale uvutha. Ngokufanayo ke, ukuze ‘sivuthe emoyeni,’ kufuneka sihlale sinomoya kaThixo. Ukuze sihlale sinawo kufuneka sisebenzise onke amalungiselelo uYehova asenzele wona ukusomeleza ngokomoya. Loo nto ithetha ukuba simele silujonge njengento ebalulekileyo unqulo lwethu lwentsapho neentlanganiso zebandla—sibe nesifundo sobuqu nesentsapho, sithandaze size sihlanganisane nabazalwana bethu rhoqo. Oko kuya kusigcina ‘sivutha emoyeni.’—Funda iZenzo 4:20; 18:25.
18. NjengamaKristu azahluleleyo, luluphi usukelo esifanele sizimisele ukulufikelela?
18 Umntu ozahluleleyo uzibekela usukelo aze abambelele kulo ngokupheleleyo yaye akaphazamiseki lula okanye adimazeke xa ezama ukulufikelela. NjengamaKristu azahluleleyo, injongo yethu kukwenza nantoni na uYehova afuna siyenze, njengoYesu. (Heb. 10:7) Namhlanje, ukuthanda kukaYehova kukuba abantu bonke baxolelaniswe naye. Ngoko ke, masizibhokoxe ngenzondelelo—njengoYesu noPawulos—senze lo msebenzi ubalulekileyo nongxamisekileyo namhlanje.
Ngaba Uyakhumbula?
• Babuyintoni ‘ubulungiseleli boxolelaniso’ obanikwa uPawulos namanye amaKristu athanjisiweyo?
• Intsalela ethanjisiweyo yalisebenzisa kakuhle njani ‘elona xesha lamkelekileyo’?
• Abalungiseleli abangamaKristu ‘banokuvutha njani emoyeni’?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UPawulos akazange asilibale isihlandlo awadibana ngaso neNkosi uYesu Kristu