ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zeencwadi Eziya KwabaseGalati, Kwabase-Efese, KwabaseFilipi NakwabaseKolose
ESAKUVA ngokuwexulwa kwamaKristu athile ngabo baguqulela abantu kubuYuda, umpostile uPawulos “ubhalela amabandla aseGalati” ileta enamandla. (Gal. 1:2) Le leta yabhalwa malunga nowama-50-52 C.E. inesiluleko esingqalileyo nezibongozo ezinamandla.
Malunga neminyaka elishumi kamva ngoxa ‘elibanjwa likaKristu Yesu’ eRoma, uPawulos ubhalela ibandla lase-Efese, elaseFilipi nelaseKolose, ewanika amacebiso asengqiqweni nokhuthazo lothando. (Efe. 3:1) Nathi namhlanje sinokungenelwa ngokunikela ingqalelo kwisigidimi sezi ncwadi zeBhayibhile ziya kwabaseGalati, kwabase-Efese, kwabaseFilipi nakwabaseKolose.—Heb. 4:12.
“BAVAKALISWA BENGAMALUNGISA”—NJANI?
Ekubeni abo baguqulela abantu ebuYudeni bezama ukungcolisa igama likaPawulos, ukhusela ukuba ngumpostile kwakhe ngokuchaza iinkcukacha ezithile eziphathelele ubomi bakhe. (Gal. 1:11–2:14) Ephikisa iimfundiso zabo zobuxoki, uPawulos uthi: “Umntu uvakaliswa elilungisa, kungekhona ngenxa yemisebenzi yomthetho, kodwa kuphela ngokholo kuKristu Yesu.”—Gal. 2:16.
UPawulos uthi, uKristu ‘wabakhulula ngokubathenga abo baphantsi komthetho’ ukuze banandiphe inkululeko yamaKristu. Ethetha kabukhali nabaseGalati uthi: “Yimani nkqi, ningaphindeli kwakhona kwidyokhwe yobukhoboka.”—Gal. 4:4, 5; 5:1.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:16-18, 28, 29—Ngaba umnqophiso ka-Abraham usasebenza? Ewe usasebenza. Umnqophiso woMthetho wawusongezelela kuwo, ungathabathi indawo yalowo wenziwa nguThixo noAbraham. Ngoko, umnqophiso ka-Abraham waqhubeka usebenza nasemva kokuba uMthetho ‘ubhangisiwe.’ (Efe. 2:15) Izithembiso zawo zidluliselwa ‘kwimbewu’ yokwenene ka-Abraham—uKristu Yesu, oyintloko nakwabo ‘bangabakaKristu.’
6:2—Uyintoni “umthetho kaKristu”? Lo mthetho uquka zonke iimfundiso nemiyalelo kaYesu. Uquka ngokukhethekileyo umyalelo ‘wokuba sithandane.’—Yoh. 13:34.
6:8—‘Siwuhlwayelela njani umoya’? Oku sikwenza ngokuphila ngendlela evumela ukuba umoya kaThixo usebenze ngokukhululekileyo kuthi. Ukuhlwayelela umoya kuquka ukuba nenxaxheba ngomphefumlo uphela kwimisebenzi ekhuthaza ukusebenza kakuhle komoya.
Oko Sikufundayo:
1:6-9. Abadala abangamaKristu kufuneka bangalibazisi ukuthabath’ amanyathelo xa kuvela iingxaki ebandleni. Ngokusebenzisa ingqiqo neZibhalo, banokukhawuleza balwe neengcamango eziphosakeleyo.
2:20. Intlawulelo sisipho esisinikwe nguThixo. Kufuneka sifunde ukuyijonga ngalo ndlela.—Yoh. 3:16.
5:7-9. Unxulumano olubi ‘lunokusithintela ekuqhubekeni sithobela inyaniso.’ Sakuba silumkile ukuba siyaluphepha.
6:1, 2, 5. Abo ‘baneemfaneleko zokomoya’ banokusinceda sithwale uxanduva, olufana nokuzibona sele sisebunzimeni, ngenxa yokuthabatha inyathelo eliphosakeleyo singaqondi. Kodwa xa kufuneka sithwele iimbopheleleko zethu zokomoya, simele sikwenze ngokwethu oko.
‘UKUHLANGANISELWA KWAZO ZONKE IZINTO KUKRISTU’
Ebalaselisa umxholo womanyano lwamaKristu kwileta yakhe eya kwabase-Efese, uPawulos uthetha ‘ngokulungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’ UKristu wanikela ‘ngezipho ezingabantu’ ngenjongo yokunceda bonke abantu ‘bafikelele kubunye bokholo.’—Efe. 1:10; 4:8, 13.
Ukuze azukise uThixo akhuthaze nomanyano, amaKristu amele “ambathe ubuntu obutsha” aze ‘athobelane ngokoyika uKristu.’ Kanti kufuneka ‘eme eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi’ ambathe sonke isikrweqe sokomoya.—Efe. 4:24; 5:21; 6:11.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:4-7—AmaKristu athanjisiweyo amiselwa njani kude kudala ngaphambi kokuba azalwe? Amiselwa njengeqela, okanye udidi kungekhona njengabantu ngabanye. Oku kwenzeka kude kudala ngaphambi kokuba kuzalwe abantu abanesono. Isiprofeto esikwiGenesis 3:15, esavakaliswa ngaphambi kokuba bonke abantu abanesono bakhawulwe, siquka injongo kaThixo yokuba kubekho abanye abalandeli bakaKristu abaza kulawula kunye naye ezulwini.—Gal. 3:16, 29.
2:2—Umoya wehlabathi ufana njani nomoya esiwuphefumlayo, yaye unalo njani igunya? “Umoya wehlabathi”—umoya wokuzimela geqe nokungathobeli—ukuyo yonke indawo, kanye njengomoya esiwuphefumlayo. (1 Kor. 2:12) Igunya okanye amandla awo uwafumana ngokuzingisa nokungabuyeli emva kwawo.
2:6—AmaKristu athanjisiweyo akwazi njani ukuba “kwezasezulwini iindawo” ngoxa eselapha emhlabeni? Ibinzana elithi “kwezasezulwini iindawo” alibhekiseli kwilifa lasezulwini alithenjisiweyo. Kodwa, libhekisela kwimeko yawo ephakamileyo yokomoya ebangelwa ‘kukutywinwa ngomoya oyingcwele owathenjiswayo.’—Efe. 1:13, 14.
Oko Sikufundayo:
4:8, 11-15. UYesu Kristu “wathabatha abathinjwa,” nto leyo ethetha ukuba, wasusa amadoda kulawulo lukaSathana ukuze awasebenzise njengezipho ukuze kwakhiwe ibandla lamaKristu. ‘Ngalo uthando sinokukhula ezintweni zonke kuKristu’ ngokuzithoba kwabo bakhokelayo phakathi kwethu sisebenzisana namalungiselelo ebandla.—Heb. 13:7, 17.
5:22-24, 33. Ngaphandle kokuzithoba kwindoda yakhe, umfazi ufanele ayihlonele. Oku ukwenza ngokubonisa ‘umoya ozolileyo nowobulali’ ezama ukuyizukisa njengoko ethetha kakuhle ngayo aze asebenzele ukuba izigqibo ezenzayo ziphumelele.—1 Pet. 3:3, 4; Tito 2:3-5.
5:25, 28, 29. Kanye njengokuba ‘izondla,’ indoda ifanele imnyamekele kakuhle umfazi wayo—ngokwenyama, ngokweemvakalelo nangokomoya. Ikwafanele imxabise ngokuchitha ixesha elaneleyo naye, ithethe naye kakuhle ize imphathe kakuhle.
6:10-13. Ukuze sixhathise imikhosi yeedemon, sifanele sisinxibe ngentliziyo epheleleyo isikrweqe sokomoya esisinikwe nguThixo.
“MASIQHUBEKE SIHAMBA NGOKULUNGELELENEYO”
Eyona nto ahleli phezu kwayo uPawulos kwincwadi yakhe eya kwabaseFilipi luthando. Uthi: “Ndiqhubeka ndithandazela ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi lulwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo.” Ebalumkisa ngomgibe wokuzithemba ngokugqithiseleyo uthi: “Hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.”—Fil. 1:9; 2:12.
UPawulos ukhuthaza abo baqolileyo ukuba ‘basukele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo.’ Uthi: “Ngokwenqanaba esiye senza inkqubela ukusa kulo, masiqhubeke sihamba ngokulungeleleneyo kulo mzila mnye.”—Fil. 3:14-16.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:23—Ziziphi ‘izinto ezimbini’ uPawulos awayekwingcinezelo kuzo, yaye kukuphi “ukukhululeka” awayekunqwenela? Ngenxa yeemeko awayekuzo, zimbini izinto ezaziphambi kwakhe; ukuphila okanye ukufa. (Fil. 1:21) Ngoxa engatsho ukuba ukhetha yiphi, uyakuchaza oko akunqwenelayo—‘ukukhululeka aze abe kunye noKristu.’ (Fil. 3:20, 21; 1 Tes. 4:16) Oku “kukhululeka” ebudeni bobukho bukaKristu kwakuya kuphumela ekufumaneni kukaPawulos umvuzo awayewulungiselelwe nguYehova.—Mat. 24:3.
2:12, 13—UThixo usibangela njani ukuba ‘sinqwenele size senze’? Umoya oyingcwele kaYehova unokusebenza ezingqondweni nasezintliziyweni zethu, ukuze sinqwenele ukwenza okona kulungileyo nokungakumbi kwinkonzo yakhe. Ngenxa yoko, asisweli luncedo njengoko ‘sihlala silufezekisa usindiso lwethu.’
Oko Sikufundayo:
1:3-5. Nangona babeswele izinto eziphathekayo, abaseFilipi basimisela umzekelo omhle wokupha.—2 Kor. 8:1-6.
2:5-11. Njengokuba umzekelo kaYesu ubonisa, ukuthobeka asikokuba buthathaka kodwa kuthetha ukuba nemilinganiselo ephakamileyo. Enye into, uYehova uyabaphakamisa abathobekileyo.—IMize. 22:4.
3:13. “Izinto ezingasemva” zisenokubhekisela kwizinto ezifana nomsebenzi ohlawulayo, ukhuseleko lokuzalwa kwintsapho emi kakuhle, okanye izono ezinzulu zangaphambili esiye saguquka kuzo saza ‘sahlanjwa sahlambuluka.’ (1 Kor. 6:11) Sifanele sizilibale ezi zinto, okuthetha ukuthi siyeke ukuzixhalabisa ngazo, size ‘solulele kwizinto ezingaphambili.’
‘UKUZINZISWA ELUKHOLWENI’
Kwincwadi yakhe eya kwabaseKolose, uPawulos ubhenca iimbono eziphosakeleyo zabafundisi bobuxoki. Uqiqa ngelithi, usindiso luxhomekeke kungekhona kwiimfuneko zoMthetho, kodwa ‘ekuqhubekeni elukholweni.’ UPawulos ukhuthaza abaseKolose ukuba ‘baqhubeke behamba ngokumanyene noKristu, bemiliselwe yaye bakhelwe kuye, bazinzisiwe elukholweni.’ Oko kuzinziswa kufanele kubachaphazele njani?—Kol. 1:23; 2:6, 7.
UPawulos ubhala athi: “Phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano. Kanjalo, uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu.” Lo mpostile ubaxelela oku: “Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu.” Ngokuphathelele abo bangaphandle ebandleni, uthi: “Qhubekani nihamba ngobulumko” ngakubo—Kol. 3:14, 15, 23; 4:5.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:8—Ziintoni “izinto eziziziqalelo zehlabathi” awalumkisa ngazo uPawulos? Ezi zizinto zehlabathi likaSathana—izinto ezisisiseko zalo okanye imigaqo elibumbayo, elikhokelayo okanye eliphembelelayo. (1 Yoh. 2:16) Phakathi kwazo kukho intanda-bulumko, ukuthanda izinto eziphathekayo, nonqulo lobuxoki lwale nkqubo.
4:16—Kutheni incwadi eya kwabaseLawodike ingeyonxalenye yeBhayibhile? Kusenokwenzeka ukuba le ncwadi yayingenankcazelo iyimfuneko namhlanje. Okanye yaphinda iingongoma ezikwezinye iincwadi.
Oko Sikufundayo:
1:2, 20. Intlawulelo, ilungiselelo lobubele obungasifanelanga bukaThixo, linokususa ukuzisola okukuthi lize lisinike uxolo lwengqondo.
2:18, 23. “Intobeko yenkwalambisa”—Ukuthobeka kwenkwalambisa ngenjongo yokuchukumisa abanye mhlawumbi ngokwenza ngathi akuzithandi izinto eziphathekayo okanye ukuzixhaphaza emzimbeni—kuyimbonakaliso yokuba umntu ‘ukhukhumaliswe yingqiqo yakhe yenyama.’