Ngaba Uluthetha Ngokutyibilikayo “Ulwimi Olusulungekileyo”?
“Izizwana ndiya kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova.”—ZEF. 3:9.
1. Sisiphi isipho esimangalisayo uYehova asiphe sona?
ISIPHO sokuthetha asiphumi bantwini, kodwa sivela kuMdali wabo, uYehova uThixo. (Eks. 4:11, 12) Wanika umntu wokuqala uAdam, kungekuphela nje amandla okuthetha kodwa nawokuqamba amagama amatsha, ngaloo ndlela esandisa isigama sakhe. (Gen. 2:19, 20, 23) Ngokwenene, esi yaba sisipho esimangalisayo! Siye sanceda nabantu bakwazi ukunxibelelana yoYise wasezulwini nokuba badumise igama lakhe elizukileyo.
2. Kutheni abantu bengasathethi ulwimi olunye nje?
2 Kwiinkulungwane ezili-17 zokuqala abantu bekho, bonke babethetha ulwimi olunye, ‘bentetho-nye.’ (Gen. 11:1) Kwathi kusenjalo kwafika imvukelo yomhla kaNimrodi. Ngokuchasene nemiyalelo kaYehova, abantu abangathobeliyo bahlanganisana kuloo ndawo kamva kwathiwa yiBhabheli, benenjongo yokuba bahlale bonke ndawonye. Baqalisa ukwakha inqaba enkulu, kungekhona ukuze bazukise uYehova, kodwa ngenjongo ‘yokuzenzela igama elidumileyo.’ Ngenxa yoko uYehova waliduba ulwimi lwabo bavukeli wabenza bathetha iilwimi ezahlukahlukeneyo. Emva koko, bachithachitheka bathi saa kuwo wonke umhlaba.—Funda iGenesis 11:4-8.
3. Yintoni eyenzekayo xa uYehova wadubaduba ulwimi lwabavukeli baseBhabheli?
3 Namhlanje, kukho amawaka eelwimi ezahlukahlukeneyo—bambi bathi zimalunga nama-6 800—iilwimi ezithethwa ehlabathini. Ngalunye lufuna ubani acinge ngendlela eyahlukileyo kweyomntu othetha olunye. Ngoko kuyabonakala ukuba xa uYehova wayeduba intetho yabo bavukeli, wabangela ukuba bangaphindi balukhumbule kwaphela olo lwimi lwantlandlolo. Akazange anele nje ukufaka isigama esitsha engqondweni kodwa wabenza bacinga ngendlela entsha negrama entsha. Yiloo nto loo ndawo kwathiwa yiBhabheli, igama elithetha “Isidubedube”! (Gen. 11:9) Okubangel’ umdla kukuba, yiBhayibhile kuphela enikela inkcazelo eyanelisayo ngemvelaphi yeelwimi ezahlukahlukeneyo ezithethwa namhlanje.
Ulwimi Olutsha, Olusulungekileyo
4. Yintoni uYehova awayixela kwangaphambili ukuba yayiya kwenzeka kulo mhla wethu?
4 Nakuba ibangel’ umdla ingxelo yeBhayibhile yokungenelela kukaThixo eBhabheli, kukho enye ebaluleke ngaphezu kwayo eye yenzeka kulo mhla wethu. Ngomprofeti wakhe uZefaniya, uYehova waxela kwangaphambili wathi: “Ngoko izizwana ndiya kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova, ukuze zimkhonze ngaxhatha linye.” (Zef. 3:9) Luluphi olo ‘lwimi lusulungekileyo,’ ibe singakufunda njani ukuluthetha ngokutyibilikayo?
5. Luluphi ulwimi olusulungekileyo, ibe kuye kwanayiphi imiphumo ukutshintshela kulo?
5 Ulwimi olusulungekileyo yinyaniso ephathelele uYehova uThixo nenjongo yakhe efumaneka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Olo “lwimi” luquka ukuqondwa ngokuchanileyo kwenyaniso ngoBukumkani bukaThixo nendlela obuya kulingcwalisa ngayo igama likaYehova, buthethelele ulongamo lwakhe buze buzise iintsikelelo ezingunaphakade kuluntu oluthembekileyo. Iba njani imiphumo yokutshintshela kolu lwimi? Sixelelwa ukuba izizwana ziya ‘kubiza egameni likaYehova zize zimkhonze ngaxhatha linye.’ Ngokwahlukileyo kwiziganeko zaseBhabheli, kona ukutshintshela kulwimi olusulungekileyo kuye kwaphumela ekudunyisweni kwegama likaYehova nakumanyano lwabantu bakhe.
Ukufunda Ulwimi Olusulungekileyo
6, 7. (a) Yintoni ebandakanyekileyo ekufundeni ulwimi olutsha, ibe oku kudibana njani nokufunda ulwimi olusulungekileyo? (b) Yintoni esiza kuyikhangela ngoku?
6 Xa umntu efunda ulwimi olutsha, asipheleli nje ekukhumbuleni amagama amatsha. Ukufunda ulwimi olutsha kuquka ukucinga ngendlela entsha, ngokuvisisana nalo. Izinto ezisengqiqweni noburharha zinokwahluka kolunye ulwimi. Ukuze ubize loo magama matsha kuye kufuneke usebenzise amalungu okuthetha ngendlela eyahlukileyo. Kunjalo ke naxa sifunda ulwimi olusulungekileyo lwenyaniso yeBhayibhile. Asipheleli nje kwiimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Ukuze sazi olu lwimi kufuneka silungise nendlela yokucinga size sitshintshe nengqondo yethu.—Funda eyabaseRoma 12:2; neyabase-Efese 4:23.
7 Yintoni eya kusinceda singaneli nje ukuluqonda ulwimi olusulungekileyo kodwa siluthethe ngokutyibilikayo? Njengokuba kunjalo ukufunda naluphi na ulwimi, kukho iindlela ezithile ezisisiseko ezinokusinceda siluthethe kakuhle olu lwimi lwenyaniso yeBhayibhile. Makhe sikhangele amanyathelo ambalwa asetyenziswa ngabantu ukufunda ulwimi olutsha size sibone indlela anokusinceda ngayo sifunde olu lwimi lokomfuziselo.
Ukuthetha Ulwimi Olusulungekileyo Ngokutyibilikayo
8, 9. Yintoni esimele siyenze ukuba sifuna ukufunda ulwimi olusulungekileyo, ibe kutheni kubalulekile nje oko?
8 Phulaphula kakuhle. Ekuqaleni ulwimi olutsha lusenokuvakala lungaqhelekanga kwaphela kumntu ongazange aluve. (Isa. 33:19) Kodwa njengoko ezama ukuphulaphulisisa oko akuvayo, uye aqhelane namagama athile aze eve nendlela abizwa ngayo. Ngokufanayo, silulekwa ukuba: “Simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singakhukuliseki.” (Heb. 2:1) Ngokufuthi, uYesu waluleka abalandeli bakhe wathi: “Lowo uneendlebe makaphulaphule.” (Mat. 11:15; 13:43; Marko 4:23; Luka 14:35) Ewe, kufuneka ‘siphulaphule ukuze sikuqonde’ oko sikuvayo size ke senze inkqubela ekuluqondeni kwethu ulwimi olusulungekileyo.—Mat. 15:10; Marko 7:14.
9 Ukuze siphulaphule kufuneka sinikele ingqalelo, kodwa oko kufuna umgudu wokwenene. (Luka 8:18) Xa sikwiintlanganiso zamaKristu, ngaba sinikela ingqalelo koko kuthethwayo, okanye sizifumana sesicinga ngezinye izinto? Kubalulekile ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuze sinikele ingqalelo koko kufundiswayo. Ukuba asenzi njalo, singazifumana sesibuthuntu ekuveni kwethu.—Heb. 5:11.
10, 11. (a) Simele senze nto enye ukongezelela ekuphulaphuleni kakuhle,? (b) Yintoni enye ebandakanyekileyo ekuthetheni ulwimi olusulungekileyo?
10 Xelisa abo baluthetha ngokutyibilikayo. Abantu abafunda ulwimi olutsha bakhuthazwa ukuba banganeli nje ngokuphulaphula kodwa bazame ukuxelisa okanye ukulinganisa abo baluthetha ngokutyibilikayo. Oku kubanceda bangabi nendlela yabo yokubiza amagama enokwenza kube nzima ukuviwa ngabanye ethubeni. Ngokufanayo, simele sifunde kwabo ‘banobugcisa bokufundisa’ ulwimi olutsha. (2 Tim. 4:2) Cela uncedo. Kulungele ukuboniswa xa wenze impazamo.—Funda amaHebhere 12:5, 6, 11.
11 Ukuthetha ulwimi olutsha akuthethi nje ukukholelwa inyaniso uze uyifundise abanye, kodwa simele siphile ngokuvisisana nemithetho nemigaqo kaThixo. Into eya kusinceda senjenjalo, kukuxelisa ihambo entle yabanye. Oku kuquka ukuxelisa ukholo nenzondelelo yabo. Kanti iquka ukuxelisa indlela awayephila ngayo uYesu. (1 Kor. 11:1; Heb. 12:2; 13:7) Ukuba siyazingisa ekwenzeni oku, siya kumanyano njengabantu bakaThixo, sitsho sithethe, ulwimi olusulungekileyo ngazwinye.—1 Kor. 4:16, 17.
12. Ukukhumbula izinto ngentloko kudibana njani nokufunda ulwimi olutsha?
12 Ukufaka amagama engqondweni. Abantu abafunda ulwimi kufuneka bafake engqondweni izinto ezininzi. Oku kuquka isigama namabinzana amatsha. KumaKristu, ukukhumbula kunokuwanceda gqitha ukuze alwazi kakuhle ulwimi olusulungekileyo. Siya kuba senza kakuhle xa sizama ukukhumbula amagama eencwadi zeBhayibhile ngokulandelelana kwazo. Bambi baye bazenzela usukelo lokukhumbula iindawo ezifumaneka kuyo iindinyana ezibalulekileyo zeBhayibhile. Abanye bakufumanise kuluncedo ukukhumbula iingoma zoBukumkani, amagama ezizwe zakwaSirayeli nawabapostile abali-12 kunye neempawu ezibumba isiqhamo somoya. Kumaxesha amandulo, amaSirayeli amaninzi ayezazi ngentloko iindumiso. Namhlanje, eny’ inkwenkwana yathi iseneminyaka emithandathu nje ubudala yabe sele isazi ngentloko iindinyana zeBhayibhile ezingama-80. Ngaba asinakubuzama nathi obu buchule bokukhumbula?
13. Kutheni lubaluleke kangaka nje uphindaphindo?
13 Uphindaphindo luluncedo ukuze ukwazi ukukhumbula, yaye ludlala indima ephambili kwimfundiso yamaKristu. Umpostile uPetros wathi: “Ndiya kusoloko ndityekele ekunikhumbuzeni ngezi zinto, nangona nizazi yaye nimi ngokuqinileyo kwinyaniso ekhoyo kuni.” (2 Pet. 1:12) Kutheni kufuneka sikhunjuzwe nje? Kungenxa yokuba xa sikhunjuzwa sitsho siqonde ngakumbi, sibe nembono ephangaleleyo size sizimisele ngakumbi ukuhlala sithobela uYehova. (INdu. 119:129) Ukuhlala sihlolisisa imilinganiselo nemigaqo kaThixo kusinceda siziqonde kakuhle size silwe notyekelo lokuba ‘ngabevayo baze balibale.’ (Yak. 1:22-25) Ukuba asihlali sizikhumbuza ngenyaniso, sinokuphenjelelwa zezinye izinto ibe oko kunokusenza singaze siphinde sikwazi ukuthetha ulwimi olusulungekileyo ngokutyibilikayo.
14. Yintoni eya kusinceda xa sifunda ulwimi olusulungekileyo?
14 Funda ngokuvakalayo. (ISityhi. 1:3) Xa befunda ulwimi olutsha abanye baye bazame ukuzenzela, belufundela ngaphakathi. Oku akubi namiphumo mihle. Xa sifunda ulwimi olusulungekileyo, maxa wambi kusenokufuneka silufunde “ngesandi esiphantsi” ukuze sikwazi ukunikela ingqalelo. (Funda INdumiso 1:1, 2.) Xa sisenjenjalo umbandela esiwufundayo uye ubetheleleke ngakumbi. NgesiHebhere, intsingiselo yebinzana elithi ‘ukufunda ngesandi esiphantsi’ iphantse ifane nokucamngca. Kanye njengokuba ukutya kufuneka kucolwe ngumzimba ukuze sifumane izondlo, nokucamngca kuyafuneka ukuze sikuqonde kakuhle oko sikufundayo. Ngaba sizipha ixesha elaneleyo lokucamngca ngoko sikufundayo? Emva kokufunda iBhayibhile, simele sicingisise ngoko sisandul’ ukukufunda.
15. Sinokuyifunda njani “igrama” yolwimi olusulungekileyo?
15 Hlalutya igrama. Ethubeni kuye kube luncedo ukufunda igrama, okanye indlela ezakhiwa ngayo izivakalisi nemigaqo yolwimi esilufundayo. Oku kusinceda siyiqonde indlela olwakheke ngayo, sitsho sikwazi ukuluthetha kakuhle. Njengokuba ulwimi lunendlela akhiwa ngayo amagama alo, nalo ulwimi olusulungekileyo lwenyaniso yeZibhalo lunendlela akhiwa ngayo ‘amazwi aphilileyo.’ (2 Tim. 1:13) Simele siyixelise loo ndlela.
16. Yiyiphi ingxaki esimele silwe nayo, ibe singayilwa njani?
16 Qhubeka usenza inkqubela. Umntu usenokufunda ulwimi esenzela nje ukuncokola ngalo emva koko angabi salufunda ngakumbi. Le ngxaki ingakho nakwabo bafunda ulwimi olusulungekileyo. (Funda amaHebhere 5:11-14.) Yintoni enokusinceda siyiphephe? Yenza umgudu ukuze uqhubeke utyebisa isigama sakho. “Ekubeni ngoku sidlulile kwimfundiso esisiqalelo engoKristu, masixhinele ekuqoleni, singabeki esinye isiseko kwakhona ngokuphathelele inguquko kwimisebenzi efileyo, nokholo kuThixo, nemfundiso ngobhaptizo nokubekwa kwezandla, novuko lwabafileyo nomgwebo ongunaphakade.”—Heb. 6:1, 2.
17. Kutheni kubalulekile nje ukuhlala ufundisisa? Zekelisa.
17 Zibekele amaxesha angqalileyo okufundisisa. Izihlandlo ezifutshane zokufundisisa usenjenjalo rhoqo zibhetele kunezihlandlo ezide ezenziwa ngamathuba athile. Fundisa ngexesha othe qwa ngalo apho kungayi kuba lula ukuba uphazamiseke. Ukufunda ulwimi olutsha kufana nokuzivulela indledlana kwihlathi elishinyeneyo. Okukhona uhamba kuloo ndledlana, kokukhona kusiba lula ukuhamba kuyo. Ukuba akukho mntu uhamba kuyo kangangexesha elide, akubi kudala iphinde ivaleke. Ngoko kufuneka uzingise okanye ukwenze rhoqo oko! (Dan. 6:16, 20) ‘Hlala uphaphile rhoqo’ yaye ukhunga ukuze ukwazi ukuthetha ulwimi olusulungekileyo lwenyaniso yeBhayibhile.—Efe. 6:18.
18. Kutheni simele siluthethe ulwimi olusulungekileyo nanini na kuvela ithuba?
18 Luthethe kangangoko unako! Bambi abafunda ulwimi olutsha basenokuba madolw’ anzima ukuluthetha kuba nje beneentloni okanye besoyika ukubhuda. Oku kuyababambezela ekwenzeni inkqubela. Xa kufikelelwa kumbandela wokufunda ulwimi ayikho into edlula ukuluthetha. Okukhona umntu eluthetha ulwimi olutsha, kokukhona lusiba lula. Nathi ke kufuneka siluthethe ulwimi olusulungekileyo lonk’ ixesha kuvela ithuba. “Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.” (Roma 10:10) Asaneli nje ngokwenza “uvumo lwasesidlangalaleni” ngexesha lokubhaptizwa kwethu kodwa silwenza naxa sithetha ngoYehova nanini na kuvela ithuba, kuquka xa siye kushumayela entsimini. (Mat. 28:19, 20; Heb. 13:15) Iintlanganiso zethu zamaKristu zisinika ithuba lokutsho amazwi ambalwa nacacileyo ngolwimi olusulungekileyo.—Funda amaHebhere 10:23-25.
Ukumanyana Ekuthetheni Ulwimi Olusulungekileyo Kuzukisa UYehova
19, 20. (a) Yintoni emangalisayo efezwa ngamaNgqina kaYehova namhlanje? (b) Yintoni ozimisele ukuyenza wena?
19 Sasiya kuvuya gqitha ukuba sasikho eYerusalem ngentsasa yangeCawa, ngoSivan 6, ngonyaka wama-33 C.E.! Kaloku ngaloo mini, kanye nje phambi kwentsimi yesithoba kusasa, ngokungummangaliso abo babehlanganisene kwigumbi eliphezulu “baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.” (IZe. 2:4) Namhlanje abakhonzi bakaThixo abasenaso isipho sokuthetha ngeelwimi. (1 Kor. 13:8) Nakuba kunjalo, amaNgqina kaYehova avakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngeelwimi ezingaphezu kwama-430.
20 Sinombulelo gqitha ngento yokuba kungakhathaliseki ukuba luluphi ulwimi esiluthethayo, sonke simanyaniswa kukuthetha ulwimi olusulungekileyo lwenyaniso yeBhayibhile! Oku kwahluke ngokupheleleyo koko kwenzeka eBhabheli. Ngokungathi bathetha ulwimi olunye, abantu bakaYehova bazukisa igama lakhe. (1 Kor. 1:10) Kwanga singazimisela ukuqhubeka simkhonza “ngaxhatha linye” nabazalwana noodadewethu abasehlabathini lonke njengoko sifunda ukuthetha olu lwimi lunye ngokutyibilika ngakumbi, ukuze sizukise uBawo wethu wasezulwini, uYehova.—Funda INdumiso 150:1-6.
Ungaphendula Uthini?
• Luluphi ulwimi olusulungekileyo?
• Yintoni ebandakanyekileyo ekuthetheni kwethu ulwimi olusulungekileyo?
• Yintoni eya kusinceda siluthethe ngokutyibilikayo ulwimi olusulungekileyo?
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
Zabalazela Ukuluthetha Ngokutyibilikayo Ulwimi Olusulungekileyo
◆ ngokuphulaphula kakuhle.
◆ ngokuxelisa abo baluthetha ngokutyibilikayo.
◆ ngokuwafaka engqondweni nokuwaphindaphinda amagama.
◆ ngokufunda ngokuvakalayo.
◆ ngokuhlalutya “igrama.”
◆ ngokuqhubeka usenza inkqubela.
◆ ngokuzibekela amaxesha angqalileyo okufundisisa.
◆ ngokuluthetha.
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Abantu bakaYehova bamanyene ekuthetheni ulwimi olusulungekileyo