Oko Kufunekayo Ngokwenene Ukuze Ubani Onwabe
UYEHOVA, ‘uThixo onoyolo,’ noYesu Kristu, “okuphela kwakhe Onegunya nonoyolo,” bazi ngaphezu kwakhe nabani na ngoko kufunekayo ukuze ubani onwabe. (1 Timoti 1:11; 6:15) Ngoko ke, akumangalisi ukuba oyena ndoqo kulonwabo ufumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.—ISityhilelo 1:3; 22:7.
KwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu wachaza indlela esinokulufumana ngayo ulonwabo. Uthi: “Banoyolo abo” (1) bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, (2) abo bazilileyo, (3) abo banomoya wobulali, (4) abo balambela baze banxanelwe ubulungisa, (5) abanenceba, (6) abasulungekileyo entliziyweni, (7) abanoxolo, (8) abo baye batshutshiswa ngenxa yobulungisa (9) nabo baye bangcikivwa baza batshutshiswa ngenxa yakhe.—Mateyu 5:3-11.a
Ngaba Oko Kwathethwa NguYesu Kuchanile?
Akukho mfuneko yokuba kuchazwe ukunyanisa kwamazwi athethwa nguYesu. Ngubani onokulikhanyela elokuba umntu onobulali, onenceba nonoxolo obangelwa yintliziyo enyulu angonwaba ngakumbi kunomntu onomsindo, onobundlobongela nongenanceba?
Noko ke, sisenokuzibuza ngesizathu sokuba abantu abalambele baze banxanelwe ubulungisa okanye abazilileyo kunokuthiwa bonwabile. Abantu abanjalo banembono efanelekileyo ngeemeko zehlabathi. ‘Bayancwina yaye bayagcuma ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwayo’ kwimihla yethu. (Hezekile 9:4) Oku akubenzi bonwabe. Kodwa, xa befunda ngenjongo kaThixo yokuzisa iimeko ezilungileyo emhlabeni nokuba phatha ngokusesikweni abahlelelekileyo, bonwaba gqitha.—Isaya 11:4.
Kwakhona ukuthanda ubulungisa kubangela abantu ukuba babe buhlungu ngeempazamo abahlala bezenza ukuze benze okulungileyo. Ngoko ke bayiphaphele intswelo yabo yokomoya. Abantu abanjalo bafuna ukukhokelwa nguThixo kuba bayaqonda ukuba nguye kuphela onokunceda abantu bakwazi ukweyisa ubuthathaka babo.—IMizekeliso 16:3, 9; 20:24.
Abantu abazilayo, abalambela baze banxanelwe ubulungisa, nabayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya baya kuqonda ukubaluleka kokuba nolwalamano oluhle noMdali. Ukuba nolwalamano oluhle nabantu kufak’ isandla ekubeni ubani onwabe, kodwa wonwaba nakakhulu xa enolwalamano oluhle noThixo. Ewe, abantu abakuthandayo nabazimiseleyo ukwenza okuhle, abakufunayo ukwamkela ulwalathiso oluvela kuThixo, kunokuthiwa bonwabile ngokwenene.
Noko ke, usenokukufumanisa kunzima ukukholelwa ukuba umntu otshutshiswayo nongcikivwayo kunokuthiwa wonwabile. Kodwa, oko kumele ukuba yinyaniso ekubeni kwatsho uYesu. Ngenxa yoko, sinokukuqonda njani oko wakuthethayo?
Ukutshutshiswa Kodwa Wonwabe—Kunokwenzeka Njani Oko?
Phawula ukuba uYesu akazange athi ukungcikivwa nokutshutshiswa kona ngokwako kubangela ulonwabo. Wathi: “Banoyolo abo baye batshutshiswa ngenxa yobulungisa, . . . xa abantu beningcikiva, benitshutshisa . . . ngenxa yam.” (Mateyu 5:10, 11) Ngoko ke ulonwabo lunokufumaneka kuphela xa ubani engcikivwa kuba engumlandeli kaKristu yaye ephila ubomi ngokwemigaqo yobulungisa uYesu awayifundisayo.
Oku kuboniswe ngoko kwenzeka kumaKristu okuqala. Amalungu eSanhedrin, inkundla ephakamileyo yamaYuda, “ababiza abapostile, abakatsa, abayalela ukuba bayeke ukuthetha ngegama likaYesu, aza abandulula.” Benza ntoni abapostile? “Bona, ke ngoko, bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe. Yaye imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.”—IZenzo 5:40-42; 13:50-52.
Umpostile uPetros wakucacisa ngakumbi indlela ukugculelwa okunxulumene ngayo nolonwabo. Wabhala: “Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo, ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.” (1 Petros 4:14) Ewe, ukubandezeleka njengomKristu ngenxa yokwenza okulungileyo, nangona ukubandezeleka okunjalo kungemnandi, kuzisa ulonwabo ekubeni ubani esazi ukuba ufumana umoya oyingcwele kaThixo. Umoya oyingcwele kaThixo unxulumene njani nolonwabo?
Ngaba Yimisebenzi Yenyama Okanye Sisiqhamo Somoya?
Umoya oyingcwele kaThixo uhleli kuphela phezu kwabo bathobela uThixo njengomphathi. (IZenzo 5:32) UYehova akabaniki umoya wakhe oyingcwele abo baqhubeka besenza “imisebenzi yenyama.” Loo misebenzi ‘luhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, oomona, iindywala, iziyunguma, nezinto ezinjengezi.’ (Galati 5:19-21) Liyinyaniso elokuba, ixhaphakile “imisebenzi yenyama” kwihlabathi lanamhlanje. Sekunjalo, abo baqhubeka beyenza abafumani lonwabo lokwenene okanye ulonwabo oluhlala luhleli. Kunoko, ukwenza izinto ezinjalo konakalisa ulwalamano lwabo oluhle nezalamane, abahlobo kwanabanye abantu abaqhelene nabo. Ngaphezu koko, iLizwi likaThixo lithi abo “baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”
Ngokwahlukileyo koko, uThixo unika umoya wakhe oyingcwele kwabo bahlakulela “isiqhamo somoya.” Iimpawu zesi siqhamo “luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.” (Galati 5:22, 23) Xa sibonakalisa ezi mpawu, sivula amathuba okuba nolwalamano oluhle noThixo nabanye abantu, nto leyo ebangela ulonwabo lokwenene. (Bona ibhokisi.) Okubaluleke ngakumbi kukuba, xa sibonakalisa uthando, ububele, ukulunga nezinye iimpawu zikaThixo, sikholisa uYehova yaye sinethemba elivuyisayo lokufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa.
Ulonwabo Luxhomekeke Kukhetho Olwenzayo
Xa uWolfgang noBrigitte, isibini esihlala eJamani, saqalisa ukufundisisa iBhayibhile ngokunyanisekileyo, sasinezinto ezininzi eziphathekayo abantu abaninzi abathi zizo ezizisa ulonwabo. Babeselula yaye besempilweni. Babenxiba impahla yexabiso eliphezulu, behlala kwindlu elungiswe kakuhle yaye ishishini labo laliphumelela. Babechitha ixesha elininzi befuna izinto eziphathekayo ezingakumbi, kodwa oko akuzange kubenze bonwabe ngokwenene. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, uWolfgang noBrigitte benza ukhetho olubalulekileyo. Baqalisa ukuchitha ixesha namandla abo bezabalazela ukukhula ngokomoya yaye befuna iindlela zokusondela kuYehova. Kungekudala ukhetho abalwenzayo lwatshintsha isimo sabo sengqondo, nto leyo eyababangela babenza lula ubomi babo baza baba ngoovulindlela, okanye abavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo. Namhlanje, bangamatsha-ntliziyo kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eJamani. Ngapha koko, bafunda ulwimi lwaseAsia ukuze bakwazi ukunceda abantu abavela kwamanye amazwe ukuba bafunde inyaniso efumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.
Ngaba esi sibini sonwaba ngokwenene? UWolfgang uthi: “Okoko saqala ukuzixhalabela ngakumbi izinto zokomoya, siye sonwaba saza saneliseka nangakumbi. Ukukhonza uYehova ngentliziyo iphela kwakhona kwawuqinisa nomtshato wethu. Sasonwabile emtshatweni wethu ngaphambili, kodwa sasineembopheleleko nosukelo olungafaniyo. Ngoku sobabini simanyene kusukelo olufanayo.”
Yintoni Efunekayo Ukuze Ubani Onwabe?
Ngamafutshane: Yiphephe “imisebenzi yenyama,” uze uhlakulele “isiqhamo somoya [kaThixo].” Ukuze ubani onwabe, ufanele akulangazelele ukuba nolwalamano olusenyongweni noThixo. Umntu ozabalazela ukwenza oku uya konwaba njengoko uYesu watsho.
Ngoko ke, ungenzi mpazamo ngokugqiba ngelithi awusoze wonwabe. Liyinyaniso elokuba, okwangoku kusenokwenzeka ukuba akunampilo okanye usenokuba neengxaki emtshatweni wakho. Mhlawumbi akukwazi ukuba nabantwana, okanye kusenokwenzeka ukuba uwa uvuka ufuna umsebenzi owanelisayo. Mhlawumbi akusenamali ingako njengasekuqaleni. Sekunjalo, yiba nenkalipho; akukho mfuneko yakuphelelwa lithemba! Ulawulo loBukumkani bukaThixo luya kucombulula zonke ezi ngxaki nezinye ezininzi. Eneneni, kungekudala uYehova uThixo uya kukufeza oko kwathenjiswa ngumdumisi esithi: “Ubukumkani bakho bubukumkani ngawo onke amaxesha angenammiselo . . . Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:13, 16) Njengoko izigidi zabakhonzi bakaYehova emhlabeni wonke zinokungqina, ukusoloko ucinga ngesi sithembiso sikaYehova kuya kuba negalelo elikhulu kulonwabo lwakho namhlanje.—ISityhilelo 21:3.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nganye kwezi nkalo zisithoba ezikhankanywe nguYesu ziqala ngebinzana lesiGrike elithi ma·kaʹri·oi. Kunokuba isebenzise ibinzana elithi “basikelelwe,” njengoko ezinye iinguqulelo zisitsho, INguqulelo Yehlabathi Elitsha nezinye iinguqulelo, njengeBhayibhile yesiXhosa, isebenzisa ibinzana elichanileyo elithi “banoyolo.”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Izinto Ezifak’ Isandla Kulonwabo
Uthando lubangela nabanye bakuthande.
Uvuyo lukunika amandla okuhlangabezana neengxaki.
Uxolo luya kukunceda ube nolwalamano oluhle nabanye.
Ukuzeka kade umsindo kukunceda uhlale wonwabile naxa ujamelene nesilingo.
Ububele buya kubangela nabanye bafune ukuba ngumhlobo wakho.
Ukulunga kuya kwenza ukuba nabanye bakuncede xa usengxakini.
Ukholo luya kwenza uqiniseke ukuba uThixo uya kukukhokela ngothando.
Ubulali buya kukubangela uzole entliziyweni, engqondweni nasemzimbeni.
Ukuzeyisa kuya kukwenza ungenzi ziimpazamo ezininzi.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ukuze wonwabe, ufanele wanelise iintswelo zakho zokomoya