Ukuhambela Kwakho Phambili Makubonakale
“Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.”—1 TIMOTI 4:15.
1. Unokusibona njani isiqhamo esivuthiweyo nesilungele ukutyiwa?
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni wesona siqhamo usithandayo—ipesika, ipere, imengo okanye nokuba sisiphi na. Ngaba uyakwazi ukusibona xa sele sivuthiwe yaye silungele ukutyiwa? Ngokuqinisekileyo. Ivumba, ibala nokuthamba kwaso kuginyis’ ingwiqi! Uthi wakusiluma, kuthi ngco ngaphakathi. Enjani yona incindi! Hayi indlela esinencasa ngayo! Simnandi ngeyona ndlela.
2. Ubonakala njani umntu oqolileyo, yaye oko kuba nawuphi umphumo kulwalamano lobuqu?
2 Lo mzekelo ulula yaye umnandi, unezinye izinto ezifana nawo kwezinye iinkalo zobomi. Phakathi kwezinye izinto, njengoko kunjalo ngesiqhamo esilungele ukutyiwa, ukuqola komntu ngokomoya kunokubonakala ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ukuqola komntu kuyabonakala xa siphawula ukuqonda, ingqiqo ubulumko njalo njalo. (Yobhi 32:7-9) Ngokuqinisekileyo kumnandi ukunxulumana nokusebenza nabantu ababonakalisa iimpawu ezinjalo kwisimo sabo sengqondo nakwizenzo zabo.—IMizekeliso 13:20.
3. Indlela uYesu awabachaza ngayo abantu bomhla wakhe ibonisa ntoni ngokuqola?
3 Kwelinye icala, umntu unokukhula ngokomzimba, kodwa indlela athetha ngayo nenza ngayo izinto inokubonisa ukuba akakhulanga ngokweemvakalelo nangokomoya. Ngokomzekelo, xa wayethetha ngesizukulwana esigwenxa somhla wakhe, uYesu Kristu wathi: “UYohane weza engadli, engaseli, kanti abantu bathi, ‘Unedemon’; uNyana womntu weza esidla, esela, ukanti abantu bathi, ‘Khangela! Umntu olidla-kudla nozinikela ekuseleni iwayini.’” Nangona abo bantu babekhulile ngokomzimba, uYesu wathi babesenza izinto ‘njengabantwana abaselula’—babengaqolanga. Ngaloo ndlela, wongezelela ngokuthi: “Noko kunjalo, ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.”—Mateyu 11:16-19.
4. Ziziphi iindlela okunokubonakaliswa ngazo ukuhambela phambili nokuqola?
4 Ngokusuka kula mazwi kaYesu, indlela esinokubona ngayo enoba umntu unobulumko bokwenene kusini na—uphawu olubonisa ukuqola—kungemisebenzi ayenzayo neziqhamo zayo. Ngokuphathelele oku, phawula isiluleko sikampostile uPawulos awasibhekisa kuTimoti. Emva kokubala izinto awayefanele azisukele uTimoti, uPawulos wathi: “Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” (1 Timoti 4:15) Ewe, ukuhambela phambili komKristu ‘kuyabonakala,’ okanye kunokubonakala ngokucacileyo. Ukuqola komKristu, njengesibane esiqaqambileyo, asinto ingabonakaliyo okanye asilophawu lufihlakeleyo. (Mateyu 5:14-16) Ngoko ke, siza kuqwalasela iindlela ezimbini eziziintloko okunokubonakaliswa ngazo ukuhambela phambili nokuqola: (1) ukukhula elwazini, ekuqondeni nasebulumkweni; (2) ukubonakalisa isiqhamo somoya.
Ubunye Bokholo Nobolwazi
5. Kunokuchazwa njani ukuqola?
5 Inkoliso yezichazi-magama ichaza ukuqola njengokukhula ngokupheleleyo, nanjengokufikelela umlinganiselo ofunekayo. Isiqhamo, njengoko kuye kwakhankanywa ngaphambili, sigqalwa njengesivuthiweyo okanye esilungele ukutyiwa, xa lifikile ixesha laso yaye sibonakala ngenkangeleko, ibala, ivumba nencasa yaso ukuba silungele ukutyiwa. Ngoko ke, ukuqola kuyafana ngokubalasela, ukuphelela kwanokugqibelela.—Isaya 18:5; Mateyu 5:45-48; Yakobi 1:4.
6, 7. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYehova unomdla onyanisekileyo wokuba bonke abanquli bakhe babe ngabaqolileyo ngokomoya? (b) Yintoni enxibelelene ngokusondeleyo nokuqola ngokomoya?
6 UYehova uThixo unomdla onyanisekileyo wokuba bonke abanquli bakhe babe ngabaqolileyo ngokomoya. Ukuze bakwazi ukufikelela oko, uye wenza amalungiselelo amahle ebandleni lobuKristu. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu ase-Efese esithi: “Bambi wabanika ukuba babe ngabapostile, bambi babe ngabaprofeti, bambi babe ngabavangeli, bambi babe ngabalusi nabafundisi, ngenjongo yokulungiswa kwabo bangcwele, ukwenzela umsebenzi wobulungiseleli, ukuze kwakhiwe umzimba kaKristu, de sonke sifikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu; ukuze singabi saba ziintsana, sikhukuliswa ngamaza yaye siphetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhokolo.”—Efese 4:11-14.
7 Kwezi ndinyana, uPawulos wachaza ukuba phakathi kwezinye izizathu zokuba uThixo enze amalungiselelo amaninzi kangaka ngokomoya ebandleni kukuze bonke ‘bafikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo,’ ‘bakhulele ebudodeni obupheleleyo,’ baze bafikelele “kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.” Siya kwandula ke sikhuseleke ekukhukulisweni ngeengcamango neemfundiso eziphosakeleyo njengeentsana zokomoya. Ngaloo ndlela, siyakubona ukunxibelelana okukhoyo phakathi kokuba ngumKristu oqolileyo nokufikelela “kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo.” Zininzi iingongoma esifanele siziphawule kwesi siluleko sikaPawulos.
8. Yintoni efunekayo ukuze sifikelele “kubunye” bokholo nakulwazi oluchanileyo?
8 Okokuqala, ekubeni ‘ubunye’ bumele bulondolozwe, umKristu oqolileyo umele amanyane yaye avisisane ngokupheleleyo namanye amakholwa ngokuphathelele ukholo nolwazi. Akamele athethelele okanye anyanzelise izimvo zobuqu okanye abe neengcamango zakhe ngokuphathelele indlela ayiqonda ngayo iBhayibhile. Kunoko, unentembelo epheleleyo enyanisweni njengoko ityhilwe nguYehova uThixo ngoNyana wakhe, uYesu Kristu, ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Xa sizondla ngokutya kokomoya okulungiselelwe “ngexesha elifanelekileyo”—ngeempapasho zamaKristu, iintlanganiso, iindibano ezincinane nezinkulu—sinokuqiniseka ukuba silondoloza ‘ubunye’ namanye amaKristu elukholweni naselwazini.—Mateyu 24:45.
9. Chaza intsingiselo yebinzana elithi ‘ukholo’ elisetyenziswe nguPawulos kwincwadi yakhe eya kwabase-Efese.
9 Okwesibini, ibinzana elithi ‘ukholo’ libhekisela, kungekhona kulweyiseko lomKristu ngamnye, kodwa kuko konke oko sikukholelwayo, “ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu” bako. (Efese 3:18; 4:5; Kolose 1:23; 2:7) Eneneni, umKristu unokumanyana njani namanye amakholwa ukuba ukholelwa okanye wamkela iinkalo ezithile ‘zokholo’? Oku kuthetha ukuba asimele sanele nje kukwazi iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko okanye sibe nofifana nje okanye ulwazi oluncinane ngenyaniso. Kunoko, sifanele sibe nomdla wokuxhakamfula onke amalungiselelo kaYehova asilungiselela wona ngentlangano yakhe ukuze siphande nzulu eLizwini lakhe. Simele sizabalazele ukuzuza ulwazi oluchanileyo nokuqonda okuzeleyo ngokuthanda nenjongo kaThixo kangangoko kunokwenzeka. Oku kuquka ukuzinika ithuba lokufunda nokufundisisa iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni, sithandaze kuThixo ukuze asincede yaye asikhokele, siye kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo size sibe nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—IMizekeliso 2:1-5.
10. Iyintoni intsingiselo yamazwi asetyenziswe kwabase-Efese 4:13 athi “de sonke sifikelele”?
10 Okwesithathu, xa echaza olu sukelo luntlu-ntathu uPawulos watshayelela ngamazwi athi “de sonke sifikelele.” Ngokuphathelele ibinzana elithi “sonke,” enye incwadi yeBhayibhile inikela intsingiselo yokuba “akubhekiselwa kumntu ngamnye, ngokwahlukileyo, kodwa kubhekiselwa kubo bonke.” Ngamany’ amazwi, ngamnye wethu ufanele azibhokoxe kangangoko kunokwenzeka abe nosukelo lokuba ngumKristu oqolileyo kunye nabo bonke abazalwana. IThe Interpreter’s Bible ithi: “Ukukhula ngokupheleleyo ngokomoya asinto imele izuzwe ngumntu ngamnye, kanye njengokuba lungu ngalinye lomzimba likhula ngokupheleleyo xa umzimba uphela ukhula ngendlela efanelekileyo.” UPawulos wakhumbuza amaKristu ase-Efese ukuba wona kunye “nabo bonke abo bangcwele” babefanele bazabalazele ukucacelwa engqondweni zizo zonke iinkalo zokholo.—Efese 3:18a.
11. (a) Ukwenza inkqubela ngokomoya akubhekiseli entwenini? (b) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze senze inkqubela?
11 Ngokusuka kumazwi kaPawulos kucacile ukuba ukwenza inkqubela ngokomoya akuthethi nje ukuzalisa iingqondo zethu ngolwazi nemfundo eninzi. UmKristu oqolileyo akafuni kugqwesa abanye ngobukrelekrele bakhe. Kunoko iBhayibhile ithi: “Umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.” (IMizekeliso 4:18) Ewe, ‘ngumendo,’ kungekhona umntu, ‘oya ukhanya ngokukhanya.’ Ukuba siqhubeka sisenza umgudu wokuhambisana nokuqonda okuqaqambileyo okuseLizwini likaThixo oko uYehova akudlulisela ebantwini bakhe, siya kuba senza inkqubela ngokomoya. Kule meko, oku kuhambisana kuthetha ukuqhubela phambili, yaye leyo yinto sonke esinokukwazi ukuyenza.—INdumiso 97:11; 119:105.
Bonakalisa “Isiqhamo Somoya”
12. Kutheni kubalulekile ukuba sibonakalise isiqhamo somoya kusukelo lwethu lokufuna ukuhambela phambili ngokomoya?
12 Ngoxa kubalulekile ukuba sifikelele “kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo,” kukwabalulekile nokuba sibonakalise isiqhamo somoya kaThixo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Ngoba? Kungenxa yokuba ukuqola, njengoko siye sabona, asinto ingabonakaliyo okanye ifihlakeleyo, kodwa kubonakala ngeempawu ezicacileyo ezinokuba yingenelo kwabanye baze bakheke ngenxa yazo. Kakade ke, usukelo lwethu lokufuna ukuhambela phambili ngokomoya asikokufuna nje uhlobo oluthile lwenkcubeko. Kunoko, njengoko sikhula ngokomoya, silandela ukhokelo lomoya kaThixo, kuya kubakho iinguqulelo kwisimo sengqondo sethu nezenzo zethu. Umpostile uPawulos wathi: “Ukuba niqhubeka nihamba ngokomoya anisayi kulawulwa yiminqweno yenyama konke konke.”—Galati 5:16.
13. Luluphi utshintsho olubonisa ngokucacileyo ukuba umntu uhambela phambili?
13 UPawulos wahlabela mgama ebala “imisebenzi yenyama,” emininzi ‘nebonakalayo.’ Ngaphambi kokuba umntu akuqonde ukuxabiseka kwemilinganiselo kaThixo, ngokuqhelekileyo uphila ngendlela yehlabathi yaye unokubandakanyeka kwezinye zezinto ezakhankanywa nguPawulos: “uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, oomona, iindywala, iziyunguma nezinto ezinjengezi.” (Galati 5:19-21) Kodwa njengoko umntu ehambela phambili ngokomoya, ngokuthe ngcembe uyayoyisa le ‘misebenzi yenyama’ ingathandekiyo ize ithatyathelw’ indawo ‘sisiqhamo somoya.’ Olo tshintsho lucacileyo lubonisa ukuba umntu uhambela phambili ukuze abe ngumKristu oqolileyo.—Galati 5:22.
14. Chaza la mabinzana mabini, elithi “imisebenzi yenyama” nelithi “isiqhamo somoya.”
14 Sifanele siwaphawule la mabinzana mabini, “imisebenzi yenyama” ‘nesiqhamo somoya.’ “Imisebenzi” ngumphumo wezenzo zikabani. Ngamany’ amazwi, izinto ezadweliswa nguPawulos njengemisebenzi yenyama ngumphumo wokuzikhethela kukabani okanye wempembelelo yobuthathaka benyama. (Roma 1:24, 28; 7:21-25) Kwelinye icala, ibinzana elithi “isiqhamo somoya” libonisa ukuba ezo mpawu zidwelisiweyo, azibikho ngenxa yemigudu yokuziphucula komntu, kodwa zibangelwa kukusebenza komoya oyingcwele kaThixo emntwini. Kanye njengokuba umthi uthwala isiqhamo xa unyanyekelwa kakuhle, nomntu uya kubonakalisa isiqhamo somoya xa umoya oyingcwele usebenza ngokukhululekileyo ebomini bakhe.—INdumiso 1:1-3.
15. Kutheni kubalulekile ukunikela ingqalelo kuzo zonke iinkalo ‘zesiqhamo somoya’?
15 Enye ingongoma esifanele siyiphawule kukusebenzisa kukaPawulos igama elithi “isiqhamo” ukuquka zonke iimpawu ezintle awazikhankanyayo. Umoya awuvelisi iintlobo ezahlukahlukeneyo zeziqhamo ukuze sikhethe eso sisithandayo. Zonke iimpawu awathetha ngazo uPawulos—uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa—zibaluleke ngokufanayo, yaye xa zizonke zenza umntu akwazi ukwambatha ubuntu obutsha bobuKristu. (Efese 4:24; Kolose 3:10) Ngoko ke, ngoxa sinokufumanisa ukuba ezithile kwezi mpawu zibonakala kakhulu ebomini bethu ngenxa yobuntu bethu notyekelo esinalo, kubalulekile ukuba sinikele ingqalelo kuzo zonke iinkalo ezakhankanywa nguPawulos. Ngokwenjenjalo, sinokubonakalisa ngokuzele ngakumbi ubuntu obufana nobukaKristu ebomini bethu.—1 Petros 2:12, 21.
16. Iyintoni injongo yethu ekusukeleni ukuba ngamaKristu aqolileyo, yaye sinokukuzuza njani oku?
16 Isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kule ngxubusho kaPawulos kukuba xa sinosukelo lokuba ngamaKristu aqolileyo, injongo yethu asikokufumana ulwazi nemfundo eninzi okanye ukuhlakulela iimpawu zobuntu ezisulungekileyo. Sifuna ukuba umoya kaThixo usebenze ngokukhululekileyo ebomini bethu. Ukuqola kwethu ngokomoya kuxhomekeke kwindlela esisabela ngayo kukhokelo lomoya kaThixo ngeengcinga nangezenzo zethu. Sinokulufikelela njani olu sukelo? Simele sivule iintliziyo neengqondo zethu ukuze ziphenjelelwe ngumoya kaThixo. Oku kuquka ukubakho rhoqo nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu. Kwakhona, sifanele silifundisise rhoqo iLizwi likaThixo size sicamngce ngalo, sivumele imigaqo yalo ukuba isalathise kwindlela esibaphatha ngayo abanye nakukhetho nezigqibo esizenzayo. Ngoko, ngokuqinisekileyo, ukuhambela kwethu phambili kuya kubonakala ngokucacileyo.
Hambela Phambili Ukuze Kuzukiswe UThixo
17. Ukuhambela kwethu phambili kunxulumene njani nokuzukisa kwethu uBawo wethu osemazulwini?
17 Ekugqibeleni, ukubonakalisa ukuhambela phambili kwethu kuzisa uzuko nendumiso, kungekhona kuthi, kodwa kuBawo wethu osezulwini, uYehova, osenza sikwazi ukuba ngabaqolileyo ngokomoya. Ngobusuku obungaphambi kokuba abulawe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yohane 15:8) Ngesiqhamo somoya nangesiqhamo soBukumkani sobulungiseleli babo, abafundi bazisa uzuko kuYehova.—IZenzo 11:4, 18; 13:48.
18. (a) Nguwuphi umsebenzi wokuvuna ovuyisayo owenziwayo namhlanje? (b) Luluphi ucelomngeni oluziswa ngulo msebenzi wokuvuna?
18 Namhlanje, uYehova uyabasikelela abantu bakhe njengoko bebandakanyeka kwisivuno sokomoya somhlaba wonke. Kangangeminyaka eliqela ngoku, nyaka ngamnye bamalunga nama-300 000 abantu abatsha abazahlulela kuYehova baze bafuzisele uzahlulelo lwabo ngokubhaptizwa emanzini. Oku kuyasivuyisa yaye ngokungathandabuzekiyo kuvuyisa nentliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Noko ke, ukuze oku kuqhubeke kungumthombo wovuyo yaye kusizisa indumiso kuYehova, kufuneka bonke abo bantu batsha ‘baqhubeke behamba ngokumanyene noKristu, bamiliselwe yaye bakhelwe kuye, bazinziswe elukholweni.’ (Kolose 2:6, 7) Oku kuzisa ucelomngeni oluntlu-mbini kubantu bakaThixo. Kwelinye icala, ukuba usandul’ ukubhaptizwa, ngaba uya kumelana nocelomngeni lokuzibhokoxa ukuze “ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke”? Ukanti kwelinye icala, ukuba unethuba elide usenyanisweni, ngaba uya kumelana nocelomngeni lokuthwala imbopheleleko yokunyamekela intlalo-ntle yokomoya yabo basebatsha? Kuzo zombini ezi meko, kucacile ukuba ikho imfuneko yokuxhinela ekuqoleni.—Filipi 3:16; Hebhere 6:1.
19. Unokufumana liphi ilungelo neentsikelelo xa ubonakalisa ukuhambela phambili?
19 Bonke abo bazibhokoxayo befuna ukuba ukuhambela kwabo phambili kubonakale balindelwe ziintsikelelo ezimangalisayo. Khumbula amazwi kaPawulos akhuthazayo awawathethayo emva kokubongoza uTimoti ukuba abonakalise ukuhambela phambili kwakhe, wathi: “Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.” (1 Timoti 4:16) Ngokuzibhokoxa ubonakalisa ukuhambela phambili kwakho, nawe unokuba nesabelo kwilungelo lokuzukisa igama likaThixo uze unandiphe iintsikelelo zakhe.
Ngaba Usakhumbula?
• Kunokubonakaliswa ngaziphi iindlela ukuqola ngokomoya?
• Luhlobo olunjani lolwazi nokuqonda okubonisa ukuqola?
• Ukubonakalisa “isiqhamo somoya” kubonisa njani ukuba umntu uqolile ngokomoya?
• Luluphi ucelomngeni esifanele simelane nalo njengoko sixhinela ekuqoleni?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ukuvuthwa, okanye ukuqola kunokubonwa ngokucacileyo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Sihambela phambili ngokomoya xa sihambisana nenyaniso etyhiliweyo
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umthandazo usinceda sibonakalise “isiqhamo somoya”