Ngaba ‘Uzongela Ixesha’?
UMPOSTILE UPAWULOS waluleka amaKristu enkulungwane yokuqala ase-Efese esithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efese 5:15, 16) Kutheni sasiyimfuneko nje esi siluleko? Impendulo kulo mbuzo ifuna ulwazi ngeemeko awayejamelane nazo amaKristu kweso sixeko samandulo.
IEfese yayisaziwa ngokuba nendyebo, ukuziphath’ okubi okugqithiseleyo, ulwaphulo-mthetho olugqugqisileyo nobudemon. Ngaphezu koko, amaKristu ayelapho ayemele alwisane neenkolelo zentanda-bulumko ngokuphathelele ixesha. AmaGrike awayengengawo amaKristu e-Efese ayengakholelwa ukuba ixesha laliya kwicala elinye. Intanda-bulumko yamaGrike yayiwafundise ukuba ubomi babuphindaphindwa kwimijikelo engapheliyo. Umntu ochithe ixesha lakhe kumjikelo wobomi wayenokulifumana lonke kwakhona komnye umjikelo. Le ngcamango yayisenokuba yayiwalukuhla namaKristu ase-Efese ukuba abe nesimo sengqondo sokungakhathali ngeziganeko zexesha likaYehova, kuquka ixesha lakhe lomgwebo wobuthixo. Ngenxa yoko, icebiso likaPawulos ‘lokuzongela ixesha’ lalifanelekile.
UPawulos wayengathethi ngexesha nje eliqhelekileyo. Igama lesiGrike alisebenzisileyo libonisa ixesha elimiselweyo, ixesha lenjongo engqalileyo. UPawulos wayecebisa amaKristu enkulungwane yokuqala ukuba alisebenzise ngobulumko ixesha awayelinandipha ngoko ngaphambi kokuba liphele aze angafumani nceba yobuthixo nosindiso.—Roma 13:11-13; 1 Tesalonika 5:6-11.
Siphila kwixesha elifanayo. Kunokuba achithe eli xesha lingayi kuphinda libekho ngokusukela uyolo lokwexeshana olukweli hlabathi, amaKristu enza ngobulumko ukuba asebenzise eli xesha analo ekwenzeni ‘izenzo zozinikelo lobuthixo’ aze ngaloo ndlela omeleze ulwalamano lwawo noMdali, uYehova uThixo.—2 Petros 3:11; INdumiso 73:28; Filipi 1:10.