Amanzi Ampompozayo Anika Ubomi Obungunaphakade
“Nabani na osela kumanzi endiza kumpha wona akasayi kuze anxanwe konke konke, kodwa kuye amanzi endiya kumnika wona aya kuba ngumthombo wamanzi ampompozayo anika ubomi obungunaphakade.”—YOHANE 4:14.
“NGESIQUPHE emva kwenyanga kuthi gqi, . . . isacholo esiqaqambileyo esikhazimlayo esinombala oluhlaza namhlophe siqukunjelwe ngelaphu elimhlophe elicekethekileyo, sijikeleza kancinane njengeperile kwintsunguzi yobumnyama.”—watsho njalo uEdgar Mitchell usomajukujuku xa wayechaza indlela obonakala ngayo umhlaba.
Yintoni eyenza isijikelezi-langa sethu sibe nombala oqaqambe ngale ndlela kangangokuba usomajukujuku aqambe umbongo? Ngamanzi agubungela inxalenye enkulu yomhlaba. Amanzi awapheleli nje ekuhombiseni isijikelezi-langa sethu, kwakhona anceda izidalwa ezisemhlabeni zikwazi ukuphila. Enyanisweni, malunga nama-65 ekhulwini omzimba womntu ngamanzi. Ngokuphathelele amanzi, iEncyclopædia Britannica ithi: “Abalulekile ebomini kuba zonke izinto eziphilayo, izityalo nezilwanyana zixhomekeke kuwo.”
Sibamba ngazibini kwinkqubo yamanzi yokuzihlaziya. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Phantse iqabaza ngalinye esilisebenzisayo linendlela yokubuyela elwandle. Apho elwandle litshiswa lilanga. Liphinda libuyele emhlabeni sele liyimvula. La manzi ayaqhubeka esetyenziswa izihlandlo ngezihlandlo. Awapheli.” Malunga neminyaka engama-3 000 le nkqubo ibalaseleyo yokuzihlaziya kwamanzi yachazwa ngolu hlobo eBhayibhileni: “Yonke imisinga yasebusika iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali. Kwindawo eya kuyo imisinga yasebusika, ibuyela kwakuyo.” Inkqubo yokuzihlaziya kwamanzi isishiya sibambe ongezantsi!—INtshumayeli 1:7.
Ngenxa yokubaluleka kwamanzi ebomini nendlela engummangaliso aveliswa ngayo asimele sothuke xa ekhankanywa izihlandlo ezingama-700 eBhayibhileni. Ekubeni amanzi ekwazi ukucoca iBhayibhile idla ngokusebenzisa wona ibhekisela kumandla awo okucoca.—Isaya 58:11; Yohane 4:14.
Amandla EBhayibhile Okucoca
Ekubeni amaSirayeli ayedla ngokuhlamba ngamanzi ayesoloko ecocekile. Yayisisithethe ukuhlamba iinyawo zomntu xa emenyelwe esidlweni. (Luka 7:44) Ukongezelela ekucoceni imizimba neempahla zawo, amaSirayeli ayezihlamba ngamanzi xa enemithendeleko. Ababingeleli ababekhonza kwintente yokuhlangana babemele bahlambe imizimba nempahla ababeyinxiba. (Eksodus 30:18-21) Kamva kwitempile yaseYerusalem uSolomon wenza “ulwandle olutyhidiweyo” lobhedu olwaludla ngokugalelwa iilitha ezingama-44 000 zamanzi, la manzi ayecoca ababingeleli. (2 Kronike 4:2, 6) Amanzi anayiphi intsingiselo kumaKristu namhlanje?
Umpostile uPawulos wathi uYesu wacoca ibandla lamaKristu “ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi.” Kanye njengokuba amanzi ecoca, inyaniso eseLizwini likaThixo inamandla okucoca imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya. La manzi enza abafundi bakaKristu babe ‘ngcwele yaye bangabi nasiphako.’ (Efese 5:25-27) Ngaloo ndlela abo bafuna ukukholisa uThixo bamele bazigcine ‘bengenabala, bengenasiphako’ kwimilinganiselo yokuziphatha neyokomoya. (2 Petros 3:11, 14) Libanceda njani iLizwi likaThixo kule nkalo?
Abo banomdla wokukholisa uYehova uThixo basela kumanzi okomoya ngokufunda iBhayibhile yonk’ imihla. Xa olo lwazi lufikelela ezingqondweni nasezintliziyweni zabo lubenza babe nomnqweno onamandla wokwenza oko kufundiswa yiBhayibhile: “Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”—Roma 12:2.
Ulwazi oluchanileyo lokuthanda kukaThixo lubenza bakwazi ukubona izinto ezingamkholisiyo uThixo kwindlela abaziphatha nabacinga ngayo. Njengokuba besebenzisa imigaqo yeBhayibhile kangangexesha elithile, njengamanzi iLizwi likaThixo liya kubanceda ‘lihlambe’ nkqu nezono ezinzulu.—1 Korinte 6:9-11.
La ngamava omfana waseSpeyin owenza utshintsho. UAlfonso uthi: “Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala ndandingonwabanga ebomini.” Wayelikhoboka leziyobisi ephuma engena entolongweni. Ndandiziva ndingcolile ngenxa yendlela endandiziphethe ngayo nangendlela endandibaphatha ngayo abanye abantu.
“Esikolweni kwakukho enye intwazana eyayiyintanga yam, yayicocekile yaye indlela eyayiziphethe ngayo yayiyenza yahluke kwabanye abantwana. Umzekelo wayo omhle wandenza ndafuna ukuphila njengayo. Yandicebisa ukuba ndiye kwintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile ndaza ndakha ulwalamano lwam noYehova. Ngonyaka nje omnye, ndacoca ubomi bam ndaza ndaba liNgqina elibhaptiziweyo. Ngenxa yolu tshintsho abazali abaninzi beza kum baza bandicela ukuba ndincede abantwana babo ababechewulwe ziziyobisi.”
Amanzi Anika Ubomi Obungunaphakade
UYesu wakhe waxelela umSamariyakazi owayeyokukha amanzi kwiqula likaYakobi ‘ngamanzi aphilayo.’ Wathi: “Nabani na osela kumanzi endiza kumpha wona akasayi kuze anxanwe konke konke, kodwa kuye amanzi endiya kumnika wona aya kuba ngumthombo wamanzi ampompozayo anika ubomi obungunaphakade.” (Yohane 4:10, 14) Amazwi kaYesu abonisa ukuba “amanzi aphilayo” afuzisela amalungiselelo kaThixo obomi, njengoko echazwe eLizwini likaThixo iBhayibhile. Avulela abantu ithuba lokuphila ngonaphakade. Idini likaYesu Kristu lentlawulelo liyinxalenye ebalulekileyo yala manzi okomfuziselo. UYesu uthi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
UAlfonso okhankanywe ngasentla, ngoku uyawaxabisa “amanzi aphilayo” avela kuThixo. Ethetha ngabo baye baqhubeka nolwaphulo-mthetho neziyobisi, uthi: “Umkhuluwa wam kunye nabo bonke abahlobo bam bamnabel’ uqaqaqa. Ulwazi oluseLizwini likaThixo lwasindisa ubomi bam. Ndibamba ngazibini kumalungiselelo kaYehova okomoya kuba ndisadl’ amazimba.” Ukongezelela, ekubeni eye wafunda iLizwi likaThixo, uAlfonso ukhangele phambili ekunandipheni ubomi obungenasiphelo kwihlabathi elitsha likaThixo.—2 Petros 3:13.
Isimemo Kubo Bonke
Kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile kuthethwa ‘ngomlambo wamanzi obomi, ongcwengeke njengekristale, oqukuqela uphuma kwitrone kaThixo neyeMvana.’ (ISityhilelo 22:1) Lo mlambo ufuzisela amalungiselelo kaThixo aya kubuyisela ubomi obufezekileyo obabunanditshwa nguAdam noEva ekuqaleni.
Emva kokuba le ngxelo ithethe ngalo mlambo ihlabela mgama isenza esi simemo: “Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Namhlanje eso simemo sivakaliswa emhlabeni wonke. Nyaka ngamnye, amaNgqina kaYehova kumazwe angaphezu kwama-235 achitha iiyure ezingaphezu kwewaka lesigidi enceda abantu bafunde iBhayibhile.
Ngaba uyawafuna amanzi obomi? Ngokusela amanzi angcwengeke njengekristale oko kukuthi ngokufunda nokusebenzisa amalungiselelo avela kuMdali wethu, nawe unokuba phakathi kwabo “baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.”—1 Timoti 6:19.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]
Kanye njengokuba amanzi ecoca, inyaniso eseLizwini likaThixo inamandla okucoca imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]
AMANZI NGAMAXESHA OKUBHALWA KWEBHAYIBHILE
Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abantu babesiwa bevuka ukuze bafumane imithombo yamanzi efanelekileyo. UAbraham noIsake bemba amaqula ngaseBher-shebha ukuqinisekisa ukuba iintsapho zabo nemihlambi yabo yayiza kuba namanzi awaneleyo.—Genesis 21:30, 31; 26:18.
Amaqula angekho nzulu ayedla ngokutsha khonkqo ehlotyeni. Ukuze ahlale enamanzi kwakufuneka abe nzulu. (IMizekeliso 20:5) Elinye iqula elibizwa ngokuba yiLachish lingangeemitha ezingama-44 ubunzulu. Elinye iqula eliseGibheyon lingaphezu kweemitha ezingama-25 ubunzulu nemitha ezili-11 ububanzi. Ukuze kwembiwe elo qula kwafuneka kukhutshwe iitoni ezingama-3 000 zamatye. UmSamariyakazi owayeze kukha amanzi kwiqula likaYakobi waxelela uYesu ukuba: ‘Iqula linzulu.’ Kusenokwenzeka ukuba amanzi kwelo qula ayefumaneka kwiimitha ezingama-23.—Yohane 4:11.
Mandulo amanzi ayefumaneka nasemithonjeni eMbindi Mpuma. Aba vimba babenamanzi emvula eyayisina ukususela ngo-Oktobha ukuya kuAprili. Kwakusembiwa imijelo ezindulini esa amanzi kula maqula. AmaSirayeli emba amaqula amakhulu amanzi ukuze awagcine.–2 Kronike 26:10.
Ukukha amanzi kula maqula nemithombo yayingumsebenzi onzima osenzima nanamhl’ oku. Amabhinqa anjengoRebheka neentombi zikaYitro ayesenza umsebenzi obalulekileyo wokukhela iintsapho nezilwanyana amanzi yonke imihla.—Genesis 24:15-20; Eksodus 2:16.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UAlfonso uthetha nabanye ngeLizwi likaThixo