“Bantwana, Bathobeleni Abazali Benu”
“Bantwana, bathobeleni abazali benu ngokumanyene neNkosi, kuba oku kububulungisa.”—EFESE 6:1.
1. Ukuthobela kunokukukhusela njani?
SISENOKUBA thina sisaphila kuba sathobela, ngoxa abanye bafa kuba bengazange bathobele. Sathobela ntoni? Ngokomzekelo, sathobela isilumkiso semizimba yethu ‘eyenziwe ngokumangalisayo.’ (INdumiso 139:14) Amehlo ethu abona amafu amnyama, zize iindlebe zethu zive ukugqekreza kwezulu. Kutshawuz’ umbane, yaye sithe phatsha kukoyika. Kwabo bazaziyo ingozi ezilandelayo, oku kubaxelela ukuba bakhangele indawo abanokusithela kuyo ukuze baphephe ukubethwa ngumbane nesichotho esiyingozi.
2. Kutheni abantwana befanele balunyukiswe, yaye kutheni befanele bathobele abazali babo?
2 Nina baselula nifanele nilunyukiswe ngeengozi, yaye abazali benu banembopheleleko yokwenjenjalo. Mhlawumbi usakhumbula kusithiwa: “Ha-a-ta.” “Mus’ ukudlal’ emanzini.” “Khangela ngapha nangapha endleleni ngaphambi kokuba uwele.” Into embi kukuba, abantwana baye benzakala okanye bafa ngenxa yokungathobeli. Ukuthobela abazali “bubulungisa”—kuyinto elungileyo nefanelekileyo. Kwakhona kububulumko. (IMizekeliso 8:33) Enye indinyana yeBhayibhile ithi oku “kukholekile” kwiNkosi yethu uYesu Kristu. Enyanisweni, uThixo uniyalela ukuba nithobele abazali benu.—Kolose 3:20; 1 Korinte 8:6.
Imivuzo Engapheliyo Yokuthobela
3. Kwinkoliso yethu, buyintoni “ubomi benene” yaye abantwana banokuba nalo njani ithemba lokubufumana?
3 Ukuthobela abazali bakho kukukhusela “kobu bomi,” kodwa kusenokukuvulela nethuba lokuphila “nakobo buzayo,” obukwabizwa ngokuthi “ubomi benene.” (1 Timoti 4:8; 6:19) Kwinkoliso yethu, ubomi benene buthetha ubomi obungenasiphelo emhlabeni olihlabathi elitsha likaThixo alithembisa abo bayithobela ngokuthembeka imiyalelo yakhe. Owona uphambili kule mithetho uthi: “‘Beka uyihlo nonyoko’; wona lowo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: ‘Ukuze kulunge kuwe uze uhlale ixesha elide emhlabeni.’” Ngoko ke, ukuthobela abazali bakho kuya kukuzisela ulonwabo. Uya kuba nekamva eliqaqambileyo, yaye usenokufumana ubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni!—Efese 6:2, 3.
4. Abantwana banokumbeka njani uThixo baze bafumane nomvuzo?
4 Xa ubeka abazali bakho ngokubathobela, kwakhona ubeka uThixo kuba nguye okuyalela ukuba ubathobele. Kwangaxeshanye, ikwanguwe ozuzayo. IBhayibhile ithi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.” (Isaya 48:17; 1 Yohane 5:3) Yintoni oyizuzayo ngokuthobela abazali? Umama notata wakho bayavuya, yaye baya kulubonakalisa uvuyo lwabo ngeendlela eziya konwabisa wena nangakumbi. (IMizekeliso 23:22-25) Kodwa okona kubalulekileyo kukuba, ukuthobela kwakho abazali kuvuyisa uYihlo osezulwini, yaye uya kukuvuza ngendlela emangalisayo! Makhe sibone indlela uYehova awamsikelela waza wamkhusela ngayo uYesu, owathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.”—Yohane 8:29.
UYesu—Umsebénzi Okhutheleyo
5. Ziziphi izizathu esinazo zokukholelwa ukuba uYesu wayengumsebénzi onobuchule?
5 UYesu wayelizibulo kunina, uMariya. Uyise awamkhulisayo, uYosefu, wayengumchweli. Naye uYesu waba ngumchweli, ekubonakala ukuba lo msebenzi wayewufundiswe nguYosefu. (Mateyu 13:55; Marko 6:3; Luka 1:26-31) Ucinga ukuba uYesu wayengumchweli onjani? Xa wayesezulwini, ngaphambi kokuba akhawulwe ngokungummangaliso ngunina owayeyintombi enyulu, njengomntu owayenobulumko wacacisa: “Ndandisecaleni kwakhe [uThixo] njengomsebénzi onobuchule, yaye wayendithanda ngokukhethekileyo imihla ngemihla.” UThixo wayekholiswa nguYesu owayengumsebénzi onobuchule ngoxa wayesezulwini. Ngaba ucinga ukuba ngoxa wayesemhlabeni eselula wazama ukuba ngumsebénzi nomchweli olichule?—IMizekeliso 8:30; Kolose 1:15, 16.
6. (a) Kutheni ucinga ukuba, xa uYesu wayesengumntwana unokuba wayesebenza ekhaya? (b) Abantwana banokumxelisa njani uYesu?
6 Ngokuqinisekileyo, ngoxa uYesu wayesengumntwana, wayedla ngokudlala, kanye njengokuba iBhayibhile isitsho ngabantwana bamandulo. (Zekariya 8:5; Mateyu 11:16, 17) Noko ke, usenokuqiniseka ukuba njengezibulo kwintsapho enkulu eyayingamahlwempu, uYesu wayenemisetyenzana yasekhaya awayefanele ayenze ukongezelela kumsebenzi wokuchwela awayewufundiswa nguYosefu. Kamva, uYesu waba ngumshumayeli waza wazibhokoxa ekushumayeleni kangangokuba wancama ubomi obutofo-tofo. (Luka 9:58; Yohane 5:17) Ngaba uyazibona iindlela onokumxelisa ngazo uYesu? Ngaba abazali bakho bayakucela ukuba ucoce igumbi lakho okanye wenze eminye imisetyenzana yasekhaya? Ngaba baya kukhuthaza ukuba unqule uThixo ngokuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuthetha nabanye ngeenkolelo zakho? Ucinga ukuba yintoni uYesu owayeselula engewayeyenzile xa ecelwa ukuba enze into efanayo?
Umfundi Nomfundisi Okhutheleyo WeBhayibhile
7. (a) Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayehamba nabani xa babesiya kwiPasika? (b) Wayephi uYesu xa abanye begoduka, yaye wayesenza ntoni apho?
7 Onke amadoda kwintsapho yamaSirayeli ayeyalelwa ukuba aye kunqula uThixo etempileni ebudeni bemithendeleko emithathu yamaYuda. (Duteronomi 16:16) Xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, kusenokwenzeka ukuba yonke intsapho yakokwabo yahamba isiya kwiPasika eyayiseYerusalem. Oku kusenokuba kwakuquka abantakwabo noodadewabo. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba intsapho yakuloYesu yayihamba noSalome, ekucingelwa kuba wayengudadeboMariya, mhlawumbi wayekho nomyeni wakhe uZebhedi noonyana babo uYakobi noYohane, kamva ababa ngabapostile.a (Mateyu 4:20, 21; 13:54-56; 27:56; Marko 15:40; Yohane 19:25) Xa babebuya, uYosefu noMariya basenokuba bacinga ukuba uYesu wayehamba nezinye izalamane zabo, ngoko ke ekuqaleni abazange babone ukuba akakho. Kwiintsuku ezintathu kamva, xa uMariya noYosefu bamfumanayo uYesu, wayesetempileni, “ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphule yaye ebabuza.”—Luka 2:44-46.
8. UYesu wenza ntoni etempileni, yaye yintoni le yothusa abantu?
8 UYesu ‘wayebabuza’ njani abafundisi? Wayengabuzi nje kuba enomdla okanye ukuze nje afumane iimpendulo zabo. Igama lesiGrike elisetyenziswe apha lisenokuba lithetha ukubuza njengasenkundleni nto leyo eyayisenokuquka ukubagocagoca. Ewe, kwanaxa uYesu wayeselula, wayengumfundi weBhayibhile owabatsho babamb’ ongezantsi abafundisi bonqulo ababezizifundiswa! IBhayibhile ithi: “Bonke abo babemphulaphule bahlala bethe manga kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.”—Luka 2:47.
9. Unokuwulandela njani umzekelo kaYesu ngokufunda iBhayibhile?
9 Ucinga ukuba yintoni le eyabangela uYesu, nakuba wayeselula abamangalise abafundisi abanamava ngolwazi lwakhe lweBhayibhile? Liyinyaniso elokuba wayenabazali abahlonel’ uThixo abathi eselusana bamfundisa ngoThixo. (Eksodus 12:24-27; Duteronomi 6:6-9; Mateyu 1:18-20) Sinokuqiniseka ukuba uYosefu wayehamba noYesu owayeselula xa esiya etempileni ukuze aphulaphule xa kufundwa naxa kucaciswa iZibhalo. Ngaba nawe unaloo nyhweba yokuba nabazali abakufundisa iBhayibhile nabaya nawe ezintlanganisweni zamaKristu? Ngaba uyayixabisa imigudu yabo, kanye njengokuba uYesu wayeyixabisa eyabazali bakhe? Ngaba uyabachazela abanye oko ukufundayo, njengokuba uYesu wenjenjalo?
UYesu Wayethobela
10. (a) Kutheni abazali bakaYesu babefanele bayazi indawo abanokumfumana kuyo? (b) UYesu wabamisela wuphi umzekelo omhle abantwana?
10 Ucinga ukuba uMariya noYosefu baziva njani xa ekugqibeleni bamfumana uYesu esetempileni emva kweentsuku ezintathu? Ngokuqinisekileyo kwathi xibilili kubo. Noko ke, kwamothusa uYesu ukubona ukuba abazali bakhe babengamazi apho akhoyo. Bobabini babesazi ukuba uYesu wayezelwe ngommangaliso. Ukongezelela, nakuba babengazazi zonke iinkcukacha, basenokuba babesazi ngendima yakhe kwixesha elizayo njengoMsindisi noMlawuli woBukumkani bukaThixo. (Mateyu 1:21; Luka 1:32-35; 2:11) Kungeso sizathu le nto uYesu wababuza: “Bekutheni na ukuze nihambe nifunana nam? Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” Noko ke, ebathobela, uYesu wahamba nabazali bakhe wabuyela ekhaya eNazarete. IBhayibhile ithi: “Waqhubeka ezithobile kubo.” Ngapha koko, “unina wawagcina ngenyameko onke la mazwi entliziyweni yakhe.”—Luka 2:48-51.
11. Yintoni onokuyifunda kuYesu ngokuthobela?
11 Ngaba ukufumana kulula ukuxelisa umzekelo kaYesu, uyabathobela ngamaxesha onke abazali bakho? Okanye ucinga ukuba bashiywe lixesha yaye wena wazi bhetele kunabo? Liyinyaniso elokuba kusenokwenzeka zikho izinto ozaziyo kunabo—mhlawumbi njengokusebenzisa icell phone, ikhompyutha okanye ezinye izixhobo zale mihla. Kodwa khawucinge ngoYesu, owothusa abafundisi abanamava “kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.” Usenokuba uza kuvuma ukuba xa uthelekiswa naye, kuncinane wena okwaziyo. Sekunjalo, uYesu wayebathobela abazali bakhe. Oku akuthethi kuthi wayesoloko evumelana nezigqibo zabo. Sekunjalo, “waqhubeka ezithobile kubo”—ngalo lonke ixesha ekwishumi elivisayo. Yintoni ocinga ukuba unokuyifunda kumzekelo wakhe?—Duteronomi 5:16, 29.
Ukuthobela—Into Enzima
12. Ukuthobela kunokubusindisa njani ubomi bakho?
12 Akusoloko kulula ukuthobela, njengokuba oku kwazekeliswa kwiminyaka eliqela eyadlulayo xa amantombazana amabini aselula ayeza kunqumla isitrato esikhulu kunokuba ahambe ngebhulorho engaphezu kwendlela. Bethetha nomhlobo wabo owayesiya kwindlela ehamba ngaphezulu, bambongoza besithi: “Yiza John. Andithi uhamba nathi?” Xa wayethandabuza, enye intombazana yamhleka isithi: “Ulityutyusi nje wena!” Nangona uJohn wayengoyiki, wathi: “Umama uthe mandihambe kule ndlela.” Kungekudala, uJohn wothuswa kukutshitshiliza kwamavili emoto izam’ ukumisa waza wakhangela ezantsi kanye xa enye intombazana yayitshayiswa. Enye intombazana yafa, yaye enye yayenzakele kangangokuba kwafuneka inqunyulwe umlenze. Umama wala mantombazana, owayewayalele ukuba ahambe ngendlela engaphezu kwebhulorho, kamva wathi kumama kaJohn: “Akwaba abantwana bam bebethobela njengonyana wakho.”—Efese 6:1.
13. (a) Kutheni ufanele uthobele abazali bakho? (b) Umntwana ufanele angamthobeli umzali wakhe xa esithi makenze ntoni?
13 Kutheni uThixo esithi: “Bantwana, bathobeleni abazali benu”? Ngokuthobela abazali bakho, uthobela uThixo. Ngapha koko, abazali bakho banamava kunawe. Ngokomzekelo, kwiminyaka emihlanu ngaphambi kokuba kwenzeke ingozi esithethe ngayo, umntwana womhlobo kamama kaJohn watshayiswa yimoto wafa xa wayewela kuloo ndlela! Kakade ke, kusenokungasoloko kulula ukuthobela abazali bakho, kodwa uThixo uthi ufanele ubathobele. Kweliny’ icala, ukuba abazali bakho—okanye abanye—bakukhuthaza ukuba uxoke, ube, okanye wenze nantoni na engamkelwayo nguThixo, umele ‘uthobele uThixo njengomlawuli kunabantu.’ Kungeso sizathu le nto iBhayibhile emva kokuba ithe “bathobeleni abazali benu,” isongezelela ngokuthi, “ngokumanyene neNkosi.” Oku kuthetha ukuthobela abazali bakho ezintweni zonke ezivumelana nemithetho kaThixo.—IZenzo 5:29.
14. Kutheni ukuthobela kulula kumntu ofezekileyo, yaye kwakutheni ukuze kufuneke uYesu akufunde?
14 Ngaba ucinga ukuba, ukuba ubufezekile—nto leyo ethetha ukuthi, ‘akudyobhekanga yaye wahluliwe kuboni,’ njengokuba wayenjalo uYesu—ngaba bekuya kusoloko kulula ukuthobela abazali bakho? (Hebhere 7:26) Ukuba ubufezekile, ngowungenalo utyekelo lokwenza okubi, njengokuba unjalo ngoku. (Genesis 8:21; INdumiso 51:5) Sekunjalo, naye uYesu kwafuneka afunde okuthile ngokuthobela. IBhayibhile ithi: “Nangona [uYesu] wayenguNyana, wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.” (Hebhere 5:8) Iimbandezelo zamnceda njani uYesu wafunda ukuthobela, into ekungazange kufuneke ayifunde ezulwini?
15, 16. UYesu wakufunda njani ukuthobela?
15 Ekhokelwa nguYehova, uYosefu noMariya bamkhusela uYesu ezingozini ngoxa wayesengumntwana. (Mateyu 2:7-23) Noko ke, ekugqibeleni, uThixo wayeka ukumkhusela uYesu ngokungummangaliso. UYesu wabandezeleka engqondweni nasemzimbeni kangangokuba iBhayibhile ithi “wanikela izikhungo kwanezibongozo . . . ngezikhalo ezinamandla neenyembezi.” (Hebhere 5:7) Kwenzeka nini oku?
16 Oku kwenzeka ngeeyure zokugqibela zikaYesu esemhlabeni xa uSathana wenza konke okusemandleni akhe ezam’ ukwaphula ingqibelelo Yakhe. Kubonakala ukuba uYesu wayecinezeleke gqitha xa ecinga indlela ukufa kwakhe njengesaphuli-mthetho okwakuza kuligculela ngayo igama likaYise kangangokuba xa ‘wayethandaza ngenyameko; ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.’ Kwiiyure ezimbala kamva, indlela awafa kabuhlungu ngayo uYesu kumthi wentuthumbo kwamenza watsho “ngezikhalo ezinamandla neenyembezi.” (Luka 22:42-44; Marko 15:34) Ngaloo ndlela “wafunda ukuthobeka ngeembandezelo” yaye wayivuyisa intliziyo kaYise. Ngoku esezulwini, uYesu unovelwano ngathi njengokuba sizabalazela ukuthobeka.—IMizekeliso 27:11; Hebhere 2:18; 4:15.
Ukufunda Ukuthobela
17. Sifanele sikugqale njani ukuqeqeshwa?
17 Xa uyihlo nonyoko bekululeka, babonisa ukuba bayakuthanda yaye bakunqwenelela okuhle. IBhayibhile iyabuza: “Nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?” Ngaba ibingasayi kuba yinto embi ukuba abazali bakho bebengakuthandi ngokwaneleyo ukuba baziphe ixesha lokukulungisa? Ngokufanayo, kuba uYehova ekuthanda, uyakulungisa. “Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa.”—Hebhere 12:7-11.
18. (a) Ingqeqesho yothando ibubungqina bantoni? (b) Ingqeqesho enjalo ibancede njani abantu?
18 Ukumkani wamandulo kwaSirayeli, uYesu awathetha ngaye njengowayesisilumko gqitha, wathetha ngemfuneko yabazali yokuqeqesha abantwana ngothando. USolomon wathi: “Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe, kodwa omthandayo umfunela ingqeqesho.” Kwakhona uSolomon wathi umntu oqeqeshwa ngothando usenokuhlangulwa umphefumlo wakhe ekufeni. (IMizekeliso 13:24; 23:13, 14; Mateyu 12:42) Omnye umfazi ongumKristu ukhumbula ukuba xa wayengumntwana, uyise wayemthembisa ngokumbetha akufika ekhaya xa engenasimilo ezintlanganisweni. Kungokunje umkhumbula gqitha uyise ngokumqeqesha ngothando nto leyo emncede gqitha ebomini bakhe.
19. Kutheni ufanele ngokukhethekileyo ubathobele abazali bakho?
19 Ukuba unabazali abakuthanda ngokwaneleyo ukuze baziphe ixesha lokukuqeqesha ngothando, babulele. Bathobele, kanye njengokuba iNkosi yethu uYesu Kristu wabathobela abazali bakhe, uYosefu noMariya. Kodwa bathobele nangakumbi kuba uYihlo osezulwini, uYehova uThixo, uthi, bathobele. Ngokwenjenjalo, izinto ziya kukuhambela kakuhle, kuze “kulunge kuwe uze uhlale ixesha elide emhlabeni.”—Efese 6:2, 3.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona i-Insight on the Scriptures,uMqulu 2, iphepha 841, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ziziphi iinzuzo abantwana abanokuzifumana ngokuthobela abazali babo?
• Ngoxa wayengumntwana, uYesu wawumisela njani umzekelo wokuthobela abazali bakhe?
• UYesu wakufunda njani ukuthobela?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, wayezazi gqitha iZibhalo
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UYesu wakufunda njani ukuthobela ngeembandezelo?