“Hlalani Nizicikida Oko Nikuko Nina Ngokwenu”
“Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.”—2 KORINTE 13:5.
1, 2. (a) Ukungaqiniseki ngeenkolelo zethu kunokusichaphazela njani? (b) Yiyiphi imeko engeyayibangele abathile kwibandla lenkulungwane yokuqala laseKorinte abaqiniseka ngendlela abamele bahambe ngayo?
ENYE indoda ihamba emaphandleni ize ifike apho iindlela zahlukana khona. Ingaqinisekanga ngeyona ndlela ichanileyo, ibuzisa kubantu abadlulayo kodwa bamphendula ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ididekile, ayikwazi kuqhubeka nohambo lwayo. Kungaba njalo naxa singaqinisekanga ngeenkolelo zethu. Oko kungaqiniseki kungenza singakwazi ukwenza izigqibo, nto leyo enokubangela ukuba singaqiniseki ngeyona ndlela simele sihambe ngayo.
2 Ngenkulungwane yokuqala kwibandla lamaKristu aseKorinte, eGrisi, kwabakho imeko engeyayibangele ukuba abathile babe kwingxaki efanayo. ‘Abapostile abaziincamisa’ babelucel’ umngeni igunya likampostile uPawulos, besithi: “Iincwadi zakhe zinzima yaye zinamandla, kodwa ubukho bakhe ngobuqu bubuthathaka, nentetho yakhe idelekile.” (2 Korinte 10:7-12; 11:5, 6) Imbono enjalo isenokuba yabangela abathile kwibandla laseKorinte abaqiniseka ngendlela abamele bahambe ngayo.
3, 4. Kutheni simele sibe nomdla nje kwisiluleko sikaPawulos esiya kwabaseKorinte?
3 UPawulos waseka ibandla laseKorinte ebudeni botyelelo lwakhe ngowama-50 C.E. Wahlala eKorinte “unyaka neenyanga ezintandathu, efundisa phakathi kwabo ilizwi likaThixo.” Eneneni, “abaninzi eKorinte abevayo bakholwa baza babhaptizwa.” (IZenzo 18:5-11) UPawulos wayenomdla ngokwenene kwimpilo-ntle yokomoya yamanye amakholwa eKorinte. Ngaphezu koko, abaseKorinte babebhalele uPawulos becela amacebiso kwizinto ezithile. (1 Korinte 7:1) Ngoko wabanika isiluleko esihle gqitha.
4 UPawulos wabhala: “Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) Ukusebenzisa esi siluleko ngekwakubakhusele abo bazalwana baseKorinte bayeke ukungaqiniseki ngendlela abamele bahambe ngayo. Kunokusikhusela nathi namhlanje. Ngoko ke, sinokusisebenzisa njani esi siluleko sikaPawulos? Sinokuzivavanya njani enoba siselukholweni kusini na? Yaye yintoni ebandakanyekileyo ekuzicikideni oko sikuko?
“Hlalani Nizivavanya Enoba Niselukholweni Kusini Na”
5, 6. Nguwuphi umlinganiselo esinokuzivavanya ngawo enoba siselukholweni kusini na, yaye kutheni ingumlinganiselo ofanelekileyo nje?
5 Kuvavanyo, kusoloko kubakho umntu okanye into evavanywayo nento esetyenziswayo ukwenza olo vavanyo. Kule nkalo, akuvavanywa ukholo—iimfundiso esizamkeleyo. Kuvavanywa umntu ngamnye. Ukuze sizivavanye, simele sisebenzise umlinganiselo ogqibeleleyo. Ingoma eyaqanjwa ngumdumisi uDavide ithi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava. Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye emehlo.” (INdumiso 19:7, 8) IBhayibhile inemithetho egqibeleleyo nemiyalelo ethe tye kaYehova, inezikhumbuzo zakhe ezikholosekileyo nezihlambulukileyo. Isigidimi sayo ngumlinganiselo ofanelekileyo wokwenza olu vavanyo.
6 Ngokuphathelele isigidimi esiphefumlelweyo sikaThixo, umpostile uPawulos uthi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) Ewe, ilizwi likaThixo linokuvavanya intliziyo yethu—oko sikuko ngokwenene ngaphakathi. Sinokusisebenzisa njani ebomini bethu esi sigidimi sibukhali nesinamandla? Umdumisi uyichaza ngokucacileyo indlela esinokusisebenzisa ngayo. Wavuma ingoma wathi: “Unoyolo umntu . . . oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.” (INdumiso 1:1, 2) “Umthetho kaYehova” ukwiLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile. Kufanele kusiyolise ukufunda iLizwi likaYehova. Eneneni, simele sizibekele ixesha lokulifunda ngesandi esiphantsi, okanye sicamngce ngalo. Njengoko sisenza oku, simele sivumele oko kubhalwe kulo kusivavanye.
7. Yiyiphi eyona ndlela iyintloko yokuzivavanya enoba siselukholweni kusini na?
7 Ngoko ke, eyona ndlela iyintloko yokuzivavanya enoba siselukholweni kusini na, kukufunda nokucamngca ngeLizwi likaThixo size sihlole enoba indlela esiziphatha ngayo iyavisisana kusini na noko sikufundayo. Imele isivuyise into yokuba sinezinto ezininzi ezinokusinceda siqonde iLizwi likaThixo.
8. Iimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ zinokusinceda njani sizivavanye enoba siselukholweni kusini na?
8 UYehova wenze ilungiselelo lokusifundisa esebenzisa iimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ ezicacisa iZibhalo. (Mateyu 24:45) Ngokomzekelo, cinga ngebhokisi enomxholo othi “Imibuzo Onokucamngca Ngayo” esekupheleni kwenkoliso yezahluko zencwadi ethi Sondela KuYehova.a Le bhokisi isinika ithuba elihle lokuzihlolisisa. Imibandela emininzi exutyushwa koolindixesha bethu, IMboniselo noVukani!, ikwasinceda sizivavanye enoba siselukholweni kusini na. Ngokuphathelele amanqaku axubusha incwadi yeMizekeliso akwiinkupho zakutshanje zeMboniselo, elinye ibhinqa elingumKristu lathi: “La manqaku ndiwafumanisa esebenziseka gqitha. Andinceda ndihlolisise enoba intetho, ihambo nesimo sam sengqondo ziyavisisana na nemilinganiselo kaYehova yobulungisa.”
9, 10. Ngawaphi amalungiselelo asenzele wona uYehova ukuze sihlale sizivavanya enoba siselukholweni kusini na?
9 Sikwafumana ulwalathiso nokhuthazo oluninzi kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano zesiphaluka nezesithili. La ngamanye amalungiselelo okomoya uThixo awenzele abo uIsaya awaprofeta ngabo esithi: “Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli; kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. Ngokuqinisekileyo izizwana ezininzi ziya kuhamba zisithi: ‘Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova, . . . asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.’” (Isaya 2:2, 3) Kuyintsikelelo ngokwenene ukuba naloo miyalelo ngendlela zikaYehova.
10 Sinokuzivavanya nangesiluleko esivela kwabo baneemfaneleko zokomoya, kuquka abadala abangamaKristu. Ngokuphathelele bona, iBhayibhile ithi: “Bazalwana, ukuba umntu uqutyulwe sisiphoso, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali, nizilumkela ukuba ningahendwa nani.” (Galati 6:1) Hayi indlela esimele sibe nombulelo ngayo ngeli lungiselelo lokusilungisa!
11. Ukuzivavanya ukuba siselukholweni kufuna senze ntoni?
11 Iimpapasho zethu, iintlanganiso zamaKristu, amadoda amiselweyo—ngamalungiselelo amahle avela kuYehova. Noko ke, ukuzivavanya enoba siselukholweni, kufuna ukuzihlolisisa. Ngoko xa sifunda iimpapasho zethu okanye siphulaphule isiluleko seZibhalo, sifanele sizibuze: ‘Ngaba oku kuchaza mna? Ngaba ndiyakwenza oku? Ngaba ndibambelele kwiimfundiso zamaKristu?’ Isimo sengqondo sethu ngenkcazelo esiyifumana kula malungiselelo siba nempembelelo kwimeko yethu yokomoya. IBhayibhile ithi: “Umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. . . . Noko ke, umntu wokomoya eneneni uncina zonke izinto.” (1 Korinte 2:14, 15) Ngaba asifanele sizabalazele ukuhlala sinembono eyakhayo neyokomoya ngoko sikufunda kwiincwadi, amaphephancwadi nezinye iimpapasho zethu nangoko sikuva kubadala nakwiintlanganiso zethu?
“Hlalani Nizicikida Oko Nikuko Nina Ngokwenu”
12. Kuquka ntoni ukuzicikida oko sikuko?
12 Ukuzicikida oko sikuko kuquka ukuzihlolisisa. Ewe, sisenokuba senyanisweni, kodwa siphila ngayo ukusa kuwuphi umkhamo? Ukuzicikida oko sikuko kuquka ukubonakalisa ubungqina bokuba siqolile yaye siyawaxabisa amalungiselelo okomoya.
13. Ngokutsho kwamaHebhere 5:14, bubuphi ubungqina obubonisa ukuba siqolile?
13 Bubuphi ubungqina esinokuzihlola ngabo ukuze sibone ukuba singamaKristu aqolileyo? Umpostile uPawulos wabhala: “Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:14) Ubungqina bokuba siqolile sibubonisa ngokuqeqesha amandla ethu okuqonda. Kanye njengokuba imbaleki ifanele ilolonge izihlunu ezithile zomzimba ngokuphindaphindiweyo ngaphambi kokuba ibe yintshatsheli, amandla ethu okuqonda afanele aqeqeshwe ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.
14, 15. Kutheni sifanele senze umgudu wokufundisisa izinto ezinzulu zeLizwi likaThixo?
14 Noko ke, ngaphambi kokuba siqeqeshe amandla ethu engqondo, simele sibe nolwazi. Ukuze sibe nalo, kufuneka sifundisise ngenkuthalo. Xa sifundisisa rhoqo—ingakumbi izinto ezinzulu zeLizwi likaThixo—oko kuyawaphucula amandla ethu okuqonda. Kwixesha elidluleyo, imibandela emininzi enzulu ibixutyushwa kwiMboniselo. Senza ntoni xa sidibana namanqaku axubusha iinyaniso ezinzulu? Ngaba siyawaphepha kuba equlethe “izinto ezithile ekunzima ukuziqonda”? (2 Petros 3:16) Ngokwahlukileyo koko, senza umgudu ongakumbi wokuqonda oko kuthethwayo.—Efese 3:18.
15 Kuthekani ukuba sikufumanisa kunzima ukuba nesifundo sobuqu? Kubalulekile ukuba senze umgudu wokusithanda.b (1 Petros 2:2) Ukuqola kufuna ukuba sifunde ukufumana isondlo kukutya okuqinileyo, inyaniso enzulu yeLizwi likaThixo. Ngaphandle kwayo, siya kuba namandla engqondo alinganiselweyo. Noko ke, ukubonisa ukuba siqolile, kuquka okungakumbi kunokuzuza nje amandla engqondo. Ulwazi esilufumene ngokufundisisa simele silusebenzise ebomini bethu.
16, 17. Sisiphi isiluleko umfundi uYakobi asinikelayo ngokuphathelele ukuba “ngabenzi belizwi”?
16 Ubungqina boko sikuko bubonakala kwindlela esiyixabisa ngayo inyaniso—imisebenzi yethu yokholo. Esebenzisa umzekelo obalaseleyo ukuchaza indlela esinokuzihlolisisa ngayo kule nkalo, umfundi uYakobi uthi: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela, nizikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo. Kuba lowo ulivayo ilizwi, aze angalenzi, unjengomntu okhangela ubuso bakhe bemvelo esipilini. Kuba uyazikhangela, aze akumka, alibale ngoko nangoko ukuba unjani na. Kodwa umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:22-25.
17 UYakobi uthi: ‘Zijonge kwisipili selizwi likaThixo, uze uzihlolisise. Kwenze ngokuzingisileyo oku, uze uzihlolisise ngokuvisisana noko ukufumene kwilizwi likaThixo. Ngoko ke, musa ukukulibala ngokukhawuleza oko ukubonileyo. Lungisa izinto ezifuna ukulungiswa.’ Ukulandela eli cebiso maxa wambi kunokuba nzima.
18. Kutheni kulucelomngeni ukulandela isiluleko sikaYakobi?
18 Ngokomzekelo, cinga ngoko kufunekayo ukuze ubani abe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. UPawulos wabhala: “Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.” (Roma 10:10) Ukwenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso ngomlomo kufuna senze uhlengahlengiso kwizinto eziliqela. Kuninzi lwethu akuyonto ilula ukushumayela. Ukwenza lo msebenzi ngenkuthalo nokuba ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu kufuna senze iinguqulelo ezininzi nokuzincama. (Mateyu 6:33) Kodwa xa sisiba ngabenzi balo msebenzi siwunikwe nguThixo, oko kuyasivuyisa kuba kuzisa indumiso kuYehova. Ngoko ke, ngaba singabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo?
19. Ifanele iquke ntoni imisebenzi yethu yokholo?
19 Ifanele iquke ntoni imisebenzi yethu yokholo? UPawulos uthi: “Ziqheliseleni izinto enazifundayo naza nazamkela, naziva, nazibona kum; yaye uThixo woxolo uya kuba nani.” (Filipi 4:9) Oko sikuko sikungqina ngokwenza izinto esizifundileyo, sazamkela, saziva saza sazibona—ikhondo lomKristu ozahluleleyo nokuba ngumfundi. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova uyalela esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.”—Isaya 30:21.
20. Ngabantu abanjani abayintsikelelo gqitha ebandleni?
20 Amadoda namabhinqa alifunda ngenkuthalo iLizwi likaThixo, ashumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo, agcina ingqibelelo yawo, naxhasa uBukumkani ngokunyaniseka ayintsikelelo gqitha ebandleni. Ubukho bawo benza ibandla lizinze ngakumbi. Baluncedo gqitha, ingakumbi ekubeni kukho abaninzi abasebatsha abamele babanyamekele. Xa sisebenzisa icebiso likaPawulos lokuba ‘sihlale sizivavanya enoba siselukholweni kusini na,’ nathi siba nempembelelo entle kwabanye.
Yoliswa Kukwenza Ukuthanda KukaThixo
21, 22. Sinokuyoliswa njani kukwenza ukuthanda kukaThixo?
21 UKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo, wavuma ingoma wathi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile, nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.” (INdumiso 40:8) UDavide wayeyoliswa kukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngoba? Kuba umthetho kaYehova wawusentliziyweni yakhe. UDavide wayeqinisekile ngendlela amele ahambe ngayo.
22 Xa umthetho kaThixo ungaphakathi ezibilinini zethu, siyaqiniseka ngendlela esimele sihambe ngayo. Siyayoliswa kukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngoko ke, ‘masizibhokoxe ngamandla’ njengoko sikhonza uYehova ngokusuka entliziyweni.—Luka 13:24.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ukuze ufumane amacebiso aluncedo okufundisisa, bona incwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiphepha 27-32, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Uyakhumbula?
• Sinokuzivavanya njani enoba siselukholweni kusini na?
• Yintoni ebandakanyekileyo ukungqina oko sikuko?
• Sinokubonisa njani ukuba singamaKristu aqolileyo?
• Imisebenzi yethu yokholo isinceda njani sibone oko sikuko?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba uyayazi eyona ndlela iyintloko yokuzivavanya enoba uselukholweni kusini na?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Sibonisa ukuba singamaKristu aqolileyo ngokusebenzisa amandla ethu okuqonda
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Sizingqina oko sikuko ‘ngokungabi ngabevayo size silibale, kodwa sibe ngabenzi belizwi’