Imbono YeBhayibhile
Indlela Yokuphila Eyahlukileyo—Ngaba UThixo Uyakholiswa Yiyo?
“NDIYA kuzazi nini ukuba ndikhetha ukuba yinkwenkwe okanye intombazana?” Yabhala yenjenjalo enye intwazana ene-13 leminyaka ubudala, kumhlathi wamacebiso anikelwa kwabeshumi elivisayo. Lo mbuzo wale ntwazana ubhenca isimo sengqondo sabaninzi, abavakalelwa kukuba abantu bakhululekile ukuzikhethela enoba bafuna ukuba ngamadoda okanye amabhinqa kusini na.
Abanye abantu basenokuba badideke ngokwenene ngokuphathelele indlela abavakalelwa ngayo ngokwesini. Abanye bamkela ngokuphandle indlela eyahlukileyo yokuziphatha, njengobufanasini. Ukanti abanye baziphatha baze banxibe ngokufanayo nabantu besini esahlukileyo. Abanye benza utyando lokutshintsha isini. Kanti ke, kukho nabo bami ngelithi abantu abadala bafanele bavunyelwe ukuba neentlobano zesini nabantwana.
Ngaba ngokwenene umntu uyazikhethela indlela afuna ukuziphatha ngayo ngokwesini yaye ngaba uyazikhethela kusini na enoba ufuna ukuba yindoda okanye ibhinqa? Lithini iLizwi likaThixo ngokuphathelele le mibandela?
“Wadala Indoda Nebhinqa”
Ngokutsho kwencwadi yeBhayibhile iGenesis, uThixo wadala amadoda ngokwahlukileyo kumabhinqa. Le ngxelo ithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe . . . Wadala indoda nebhinqa. Ngoko ke, uThixo wabasikelela waza wathi kubo uThixo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.”—Genesis 1:27, 28.
UThixo wadala abantu banenkululeko yokuzikhethela yaye wabavulela amathuba okuba bayixhamle loo nkululeko banayo. (INdumiso 115:16) Ekubeni umntu wayenikwe imbopheleleko yokunyamekela zonke izinto eziphilayo emhlabeni, wada wavunyelwa nokuba azithiye amagama afanelekileyo. (Genesis 2:19) Noko ke, ngokuphathelele imibandela yesini, uThixo wanikela ulwalathiso olucacileyo.—Genesis 2:24.
Ngenxa yokungathobeli kuka-Adam, sonke siye sakuzuz’ ilifa ukungafezeki. Ngoko ke, simele silwisane nobuthathaka neminqweno yenyama enamandla engavisisaniyo nenjongo kaThixo yantlandlolo. Ngoko, kwimithetho awayidlulisela ngoMoses, uThixo wazichaza ngokucacileyo iintlobo zokuziphatha ngokwesini azenyanyayo—ukukrexeza, umbulo, ubufanasini nokulala nezilwanyana. (Levitikus 18:6-23) UThixo wakugatya ngokuphandle ukunxiba ngendlela abanxiba ngayo abantu besini esahlukileyo ngeenjongo zokuziphatha kakubi. (Duteronomi 22:5) IBhayibhile ithi, ngabantu besini esahlukileyo abatshatileyo kuphela abavumelekileyo phambi koThixo ukuba babe neentlobano zesini. (Genesis 20:1-5, 14; 39:7-9; IMizekeliso 5:15-19; Hebhere 13:4) Ngaba loo milinganiselo isengqiqweni?
Ngubani Okhethayo?
IBhayibhile ifanisa umntu phambi koMdali nodongwe olusezandleni zombumbi. Ithi: “Owu mntundini, xa ungubani wena ngokwenene, ukuba ungade uphendulane noThixo? Inako kusini na into exonxiweyo ukuthi kulowo uyixonxileyo, ‘Kutheni undenze ngale ndlela nje?’” (Roma 9:20) Kucacile ukuba ngokwendlela uThixo awawenza ngayo amadoda namabhinqa kungokwemvelo ukuba batsaleleke omnye komnye. Ngoko ke, ukutsaleleka kumntu wesini esifanayo, kwisilwanyana okanye emntwaneni asinto yemvelo.—Roma 1:26, 27, 32.
Ngenxa yoko, abantu abanotyekelo lwesini olungekho ngokwemvelo balwa noThixo. IBhayibhile inikela esi silumkiso: “Yeha ke lowo usukuzene noMyili wakhe, njengeceba lengqayi namanye amaceba eengqayi zodongwe! Lungatsho na udongwe kumbumbi walo ukuthi: ‘Wenza ntoni na?’” (Isaya 45:9) Ngokuqinisekileyo, kusengqiqweni ukuba uMenzi wabantu anikele ulwalathiso kwimibandela ephathelele isini. Ngaba akukho ngqiqweni ukuba abantu balulandele olo lwalathiso?
Ukuzuza Isitya
Umbhali weBhayibhile, uPawulos wasebenzisa umzekeliso ofanayo xa wayenikela ulwalathiso kumaKristu ngokuphathelele indlela yokuziphatha ngokwesini. Wathi: ‘Ngamnye wenu ufanele akwazi ukusizuza esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko, kungekhona ngenkanuko yesini.’ (1 Tesalonika 4:4, 5) UPawulos ufanisa umzimba womntu nesitya. Ukuzuza eso sitya kuthetha ukuvisisanisa iingcinga neminqweno kabani nemilinganiselo kaThixo yokuziphatha.
Kuyavunywa ukuba, oku kusenokungabi lula. Kuyaqondakala ukuba abantu abakhula bexhatshazwa ngokwesini, abantu ababenabazali okanye ababenyanyekelwa ngabantu ababafundisa imbono egqwethekileyo ngokuphathelele indoda okanye ibhinqa, okanye abantu ababebukela amanyala besebancinane basenokuba nengxaki. Izinto ezifana nemizila yemfuza amadlala nokusebenza kwengqondo zinokubangela umntu abe nembono egqwethekileyo ngokuphathelele isini. Noko ke, kuyathuthuzela ukwazi ukuba uMdali wethu unokubanceda aze abaxhase abo bafuna uncedo.—INdumiso 33:20; Hebhere 4:16.
Vumela Umbumbi Omkhulu Akubumbe
Udongwe kufuneka lufakwe kwivili lombumbi ngaphambi kokuba umbumbi aqalise ukulubumba. Emva koko, njengoko ivili liqalisa ukujikeleza, ngobuchule umbumbi uyalubumba ngeminwe ukuze lube yiloo nto ayifunayo. Ngaphambi kokuba uThixo asibumbe ukuze sibe luhlobo lwabantu abafunayo, kufuneka sivisisanise ubomi bethu nemilinganiselo kaThixo engaguquguqukiyo. Emva kokuba siye saqalisa ukwenza umgudu, uThixo ngokunothando uyasibumba esebenzisa iBhayibhile, umoya wakhe oyingcwele nabazalwana abangamaKristu. Emva koko umntu uqalisa ukunyanyekelwa nguThixo.
Kakade ke, simele sihlakulele ukuba nentembelo kubulumko boMdali, sikholelwe ukuba uyakwazi oko kusifaneleyo. Ukuze sibe nale ntembelo kufuneka sithandaze size sifundisise iBhayibhile ngenyameko. Umntu ozama ukusombulula ingxaki yokuba neemvakalelo zesini ezingafanelekanga, enale ntembelo, kuba lula ukuba abunjwe nguMdali. Eyokuqala kaPetros 5:6, 7 ithi: “Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo; liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”
Ukufunda iBhayibhile rhoqo kusenza siqhelane nabakhonzi bakaThixo abaninzi abathembekileyo ababesilwa neminqweno yenyama kodwa abangazange banikezele. Enjani yona ukukhuthaza imizekelo! Sinokuyithelekelela indlela awayekhathazeke ngayo umpostile uPawulos xa wathi: “Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?” Ukanti, waphinda wasixelela owona mthombo sinokufumana kuwo uncedo xa wayeziphendula esithi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!”—Roma 7:24, 25.
Amandla Anokusinceda Siguquke
Sinokuvumela umoya oyingcwele kaThixo usebenze kuthi. Ungamandla anokusinceda siguquke. Umoya oyingcwele usinceda ‘silahle ubuntu obudala’ size ‘sambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ (Efese 4:22-24) UBawo wethu osemazulwini akasileli ukusiphendula xa ngokunyanisekileyo sicela umoya oyingcwele ukuze usincede siguquke. UYesu uyasiqinisekisa ukuba uBawo ‘uyabanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Noko ke, kufuneka sizingise emthandazweni njengoko la mazwi ebonisa: “Qhubekani nicela, niya kunikwa.” (Mateyu 7:7) Oku kunokuba yimfuneko ngakumbi xa ulwisana neminqweno yesini enamandla.
Kwakhona uThixo uyasinceda ngabazalwana abangamaKristu okwenyaniso abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Amanye amaKristu kwibandla laseKorinte lenkulungwane yokuqala ayefudula ekuluhlu ‘lwamadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, amadoda alala namadoda.’ Ukanti aguquka. Acocwa ngegazi likaKristu, aza amkeleka emehlweni kaThixo. (1 Korinte 6:9-11) Abanye namhlanje kufuneka benze iinguqulelo ezifanayo. Yaye abanjalo banokufumana inkxaso ebandleni lobuKristu xa belwisana neminqweno engafanelekanga.
Ngaba oku kuthetha ukuba yonke iminqweno engaqhelekanga nokudideka ngokuphathelele iimvakalelo zesini kuyaphela ngoko nangoko xa umntu esiba ngumKristu? Akunjalo. Abanye baye bakwazi ukuphila ubomi obuqhelekileyo ngokuqhubeka besebenzisa imilinganiselo yeBhayibhile. Sekunjalo, la maKristu kuye kwafuneka alwisane neminqweno engafanelekanga imihla ngemihla. Ngaloo ndlela, abo banjalo bakhonza uThixo nangona ngokufuziselayo ‘beneliva enyameni.’ (2 Korinte 12:7) Logama nje beqhubeka belwisana notyekelo olungafanelekanga yaye belondoloza ihambo entle, uThixo ubagqala njengabakhonzi bakhe abathembekileyo nabacocekileyo. Banokukhangela phambili kwikamva xa lonke uluntu luya ‘kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala luze lube nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.
Okwangoku, bonke abo banqwenela ukukholisa uThixo bamele babambelele nkqi kwimilinganiselo yakhe yobulungisa. AmaKristu okwenyaniso akhetha ukukhonza uThixo—kungekhona ukulandela utyekelo lwawo lokuzingca. Abo bazithobayo baze benze ukuthanda kukaThixo kuzo zonke iinkalo zobomi babo baya kuvuzwa ngokufumana uvuyo nolonwabo olungunaphakade.—INdumiso 128:1; Yohane 17:3.
Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze ekhayeni lakho ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhale, uthumele igama nedilesi ohlala kuyo kule dilesi, AmaNgqina KaYehova, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]
Ngokuphathelele imibandela yesini, uThixo wanikela ulwalathiso olucacileyo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]
Amanye amaKristu kwibandla laseKorinte lenkulungwane yokuqala ayefudula ‘engamadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, amadoda alala namadoda.’ Ukanti aguquka
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Ukufundisisa iBhayibhile kunceda ubani ahlakulele imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha