Ukufunda Imfihlelo Yokwaneliseka
Kwileta ekhuthazayo awayibhalela amaKristu aseFilipi, umpostile uPawulos wathi: “Ndiye ndafunda ukwaneliseka. . . . Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela.”—Filipi 4:11, 12.
Yayiyintoni imfihlelo kaPawulos yokwaneliseka? Xa sicinga ngendlela aphakame ngayo amaxabiso ezinto nokungazinzi kwezoqoqosho namhlanje, ngokuqinisekileyo bekuya kuba luncedo kumaKristu okwenyaniso ukufunda ukwaneliseka ukuze ahlale enikele ingqalelo enkonzweni yawo kuThixo.
EKUQALENI kweleta yakhe, uPawulos wayebala izinto awayezenze ngempumelelo. Wathi: “Ukuba kukho nawuphi na omnye umntu ocinga ukuba unezizathu zokuba nentembelo enyameni, mna ndinazo ngakumbi: ndaluka ngomhla wesibhozo, ndiphuma kumnombo wentsapho yakwaSirayeli, kwisizwe sakwaBhenjamin, ndingumHebhere ozelwe kumaHebhere; ngokomthetho ndingumFarisi; ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla; ngokobulungisa bomthetho ndazingqina ndingenakusoleka.” (Filipi 3:4-6) Ukongezelela, njengomYuda onenzondelelo, uPawulos wayethunywe yaye exhaswa ngababingeleli abaziintloko baseYerusalem. Konke oku kwakuza kumenza abe negunya nodumo—kwezobupolitika, kunqulo, yaye ngokungathandabuzekiyo nangokwasemalini—kwinkqubo yamaYuda.—IZenzo 26:10, 12.
Noko ke, xa uPawulos waba ngumlungiseleli ongumKristu onenzondelelo, izinto zaguquka ngokuphawulekayo. Ngenxa yeendaba ezilungileyo, wawuyeka umsebenzi wakhe wokuziphilisa owawuphumelela nazo zonke izinto ezazigqalwa njengezibalulekileyo ngaphambili. (Filipi 3:7, 8) Wayeza kuzixhasa njani ngoku? Ngaba wayeza kuhlawulwa njengomfundisi? Wayeza kuzinyamekela njani iintswelo zakhe zobuqu?
UPawulos wayengahlawulwa ngokushumayela kwakhe. Ukuze angabi ngumthwalo kwabo wayeshumayela kubo, wasebenza noAkwila noPrisila ekwenzeni iintente ngoxa eseKorinte, yaye wayesenza nezinye izinto ukuzixhasa. (IZenzo 18:1-3; 1 Tesalonika 2:9; 2 Tesalonika 3:8-10) UPawulos wahamba imigama emide izihlandlo ezithathu ngoxa wayengumvangeli wasemazweni, yaye watyelela namabandla awayefuna uncedo. Ekubeni wayexakeke ngokupheleleyo yinkonzo kaThixo, wayengenazinto zingako eziphathekayo. Ngokuqhelekileyo abazalwana babezinyamekela iintswelo zakhe. Noko ke, maxa wambi, ngenxa yeemeko ezinzima, wayeswela. (2 Korinte 11:27; Filipi 4:15-18) Sekunjalo, uPawulos akazange akhalaze ngemeko yakhe, yaye akazange anqwenele izinto zabanye. Wayekuvuyela ukuzibhokoxa ukuze ancede amanye amaKristu. Eneneni, nguPawulos owacaphula amazwi kaYesu awaziwayo athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” Lo ngumzekelo omhle kakhulu kuthi sonke!—IZenzo 20:33-35.
Oko Kuthethwa Kukwaneliseka
Eyona nto yanceda uPawulos ukuba onwabe yayikukwaneliseka. Noko ke, kuthetha ukuthini ukwaneliseka? Ngokulula, kuthetha ukwaneliseka zizinto ezisisiseko. Ngokuphathelele oku, uPawulos wathi kuTimoti, iqabane lakhe kubulungiseleli: “Phofu ke, iyinene yona into yokuba, uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu. Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:6-8.
Phawula ukuba uPawulos wanxulumanisa ukwaneliseka nozinikelo lobuthixo. Wayeqonda ukuba ulonwabo lokwenene luvela kuzinikelo lobuthixo, oko kuthetha ukuba, sibeke inkonzo yethu kuThixo kwindawo yokuqala, kungekhona kwizinto eziphathekayo okanye ubutyebi. ‘Isixhaso nesambatho’ yayizizinto ezazinokumenza akwazi ukuqhubeka esukela uzinikelo lobuthixo. Ngoko ke kuPawulos imfihlelo yokwaneliseka yayikukuthembela ngoYehova, enoba iimeko zinjani na.
Abantu abaninzi namhlanje baxhalabe gqitha yaye abonwabanga ngenxa yokuba abayazi loo mfihlelo okanye bayayityeshela. Kunokuba bahlakulele umoya wokwaneliseka, bakhetha ukukholosa ngemali nezinto ezinokuthengwa ngayo. Amajelo entengiso naweendaba enza abantu bacinge ukuba abanakonwaba ngaphandle kokuba nezona zinto zintsha nezikudidi oluphezulu—yaye babe nazo ngoku. Ngenxa yoko, abaninzi bawela kumgibe wokufuna imali nezinto eziphathekayo. Kunokuba bafumane ulonwabo nokwaneliseka, “beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.”—1 Timoti 6:9, 10.
Baye Bayifunda Imfihlelo
Kule mihla siphila kuyo, ngaba ngokwenene kunokwenzeka ukuphila ngozinikelo lobuthixo nolwaneliseko size sonwabe? Ewe, kunokwenzeka. Enyanisweni, abantu abazizigidi namhlanje benza kanye oko. Baye bafunda imfihlelo yokwaneliseka zizinto abanazo. La ngamaNgqina kaYehova, aye azahlulela kuThixo, enza ukuthanda kwakhe yaye afundisa abantu ezindaweni zonke injongo yakhe.
Ngokomzekelo, cinga ngabo baye bangamatsha-ntliziyo abaye baqeqeshwa baza bathunyelwa njengabavangeli basemazweni kumazwe abangawaziyo ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:14) Kumaxesha amaninzi, umgangatho wokuphila wamazwe abathunyelwa kuwo awukho phezulu njengakumazwe abasuka kuwo. Ngokomzekelo, xa abavangeli basemazweni bafika kwilizwe elithile eAsia ekuqaleni kowe-1947, kwakusanda kuphela imfazwe, yaye yayimbalwa gqitha imizi eyayinombane. Kumazwe amaninzi, aba bavangeli basemazweni bafumanisa ukuba impahla nganye yayihlanjelwa phezu kweplanga okanye ematyeni emlanjeni kunokuba ihlanjwe ngomatshini wombane wokuhlamba. Kodwa babeze kufundisa abantu inyaniso yeBhayibhile, ngoko bazilungelelanisa neemeko zasekuhlaleni baza baxakeka ngumsebenzi wokushumayela.
Abanye baye bangabashumayeli bexesha elizeleyo okanye bafudukela kwimimandla engekafikelelwa ngeendaba ezilungileyo. UAdulfo uye waba kwinkonzo yexesha elizeleyo iminyaka engaphezu kwengama-50 kwiindawo ezahlukahlukeneyo eMexico. Uthi: “Njengompostile uPawulos, mna nomfazi wam siye safunda ukuzivumelanisa neemeko. Ngokomzekelo, elinye lamabandla esasiwatyelela lalikude edolophini okanye ezivenkileni. Kwisidlo ngasinye, abazalwana babesaneliseka kukufumana iqebengwane elinye eliqatywe intwana yamafutha netyuwa nekofu. Leyo kuphela kwento ababeyitya—amaqebengwane amathathu ngosuku. Ngoko safunda ukuphila kanye njengabo bazalwana. Bekusenzeka into efanayo ebudeni beminyaka engama-54 ebendikhonza ngayo uYehova ixesha elizeleyo.”
UFlorentino ukhumbula indlela yena nentsapho yakowabo ekwakufuneka baziqhelanisa ngayo neemeko ezinzima. Ekhumbula eselula, uthi: “Utata wayengumrhwebi onempumelelo. Wayenemihlaba emininzi. Ndisakhumbula ikhawuntara eyayikwivenkile yasekhaya. Kwakukho idrowa eyayiziisentimitha ezingama 50 ububanzi nezingama-20 ubunzulu, yaye yayinamacandelo amane. Apho sasifaka imali yolo suku. Ekupheleni kwemini, yayidla ngokuzala qhu ziingqekembe nemali engamaphepha.
“Yaye singalindelanga, ivenkile yatshona saza sayeka ukuba zizityebi sangamahlwempu. Salahlekelwa yiyo yonke into ngaphandle kwekhaya lethu. Ngaphandle koku, omnye wabakhuluwa bam wafumana ingozi waza wangumlwelwe. Izinto zazingasafani kunasekuqaleni. Kangangexesha elithile ndandithengisa iziqhamo nenyama. Kwakhona ndandivuna umqhaphu, umdiliya, ilusini, yaye ndandinkcenkceshela amasimi. Abanye abantu babesithi akukho nto ndingayenziyo. Umama wayedla ngokusithuthuzela ngokuthi sifumene inyaniso, ubutyebi obungokomoya obufunyenwe ngabantu abambalwa. Ngoko ke ndafunda ukuba nentabalala yaye kwakhona nokuswela okanye ukungabi nanto kwaphela. Ngoku ndiye ndamkhonza uYehova ixesha elizeleyo kangangeminyaka enokuba ngama-25, yaye ndinokuthi suku ngalunye ndiye ndasikelelwa ngokwazi ukuba ndiye ndakhetha eyona ndlela ibalaseleyo yokuphila—ukukhonza uYehova ixesha elizeleyo.”
Ngokungqalileyo iBhayibhile isixelela ukuba “imeko yeli hlabathi iyatshintsha.” Ngenxa yesi sizathu, kwakhona isibongoza isithi: ‘Abo banemihlali mababe njengabangenamihlali, nabo bathengayo babe njengabangenanto, nabo balisebenzisayo eli hlabathi mababe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo.’—1 Korinte 7:29-31.
Ngoko ke, ngoku lixesha lokuba uhlolisise indlela yakho yokuphila. Ukuba ulihlwempu, kulumkele ukuba nengqumbo, nokuba nomsindo nomona. Kwelinye icala, naziphi na izinto eziphathekayo onazo, kuya kuba bubulumko ukuzibeka kwindawo efanelekileyo ebomini ukuze zingakulawuli. Njengoko umpostile uPawulos wabongoza, ngamaxesha onke musa ukuthembela ‘kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa thembela kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.’ Ukuba wenjenjalo, ngoko ke nawe usenokuthi uyifundile imfihlelo yokwaneliseka.—1 Timoti 6:17-19.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UPawulos wayesebenza ngezandla zakhe ukuze angabi ngumthwalo kwabanye
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Abantu abazizigidi bonwabile kubomi ‘bozinikelo lobuthixo kunye nokwanela’