ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zeencwadi Eziya KwabaseTesalonika NakuTimoti
IBANDLA elitsha eliseTesalonika liye lajamelana nenkcaso ukususela ekutyeleleni kompostile uPawulos apho. Ngoko xa uTimoti—mhlawumbi oneminyaka engaphezu kwama-20 ubudala—ebuya apho nengxelo entle, oko kwenza uPawulos ababhalele incwadi, abancome yaye abakhuthaze abaseTesalonika. Njengoko isenokuba yabhalwa, ngasekupheleni kowama-50 C.E., le ncwadi yeyokuqala kwiincwadi eziphefumlelweyo zikaPawulos. Ngokukhawuleza nje emva koko, ubhalela amaKristu aseTesalonika incwadi yesibini. Kwesi isihlandlo, ulungisa imbono engachananga yabathile aze akhuthaze abazalwana ukuba bomelele elukholweni.
Malunga neminyaka elishumi kamva, uPawulos useMakedoniya ngoxa yena uTimoti ese-Efese. UPawulos ubhalela uTimoti, emkhuthaza ukuba ahlale e-Efese aze aqhubeke nemfazwe yokomoya nxamnye nabafundisi bobuxoki abaphakathi ebandleni. Xa amaKristu etshutshiswa ngenxa yomlilo oqhambuke wonakalisa iRoma ngowama-64 C.E, uPawulos ubhala incwadi yakhe yesibini eya kuTimoti. Le iba yeyokugqibela kwimibhalo yakhe ephefumlelweyo. Nathi namhlanje sinokungenelwa kukhuthazo nesiluleko esikwezi ncwadi zine zikaPawulos.—Heb. 4:12.
‘HLALANI NIPHAPHILE’
UPawulos uyabancoma abaseTesalonika ngenxa ‘yomsebenzi wabo wokuthembeka, ukubulaleka kwabo beqhutywa luthando nokunyamezela kwabo.’ Ubaxelela ukuba ‘balithemba, uvuyo nesithsaba sokugcoba kuye.’—1 Tes. 1:3; 2:19.
Emva kokukhuthaza amaKristu aseTesalonika ukuba athuthuzelane ngethemba lovuko, uPawulos uthi: “Imini kaYehova iza kanye njengesela ebusuku.” Uwaluleka ukuba ‘ahlale ephaphile’ aze athi qwa.—1 Tes. 4:16-18; 5:2, 6.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
4:15-17—Ngoobani ‘abathatyathelwa emafini, ukuze bahlangabeze iNkosi esibhakabhakeni,’ yaye kwenzeka njani oku? NgamaKristu athanjisiweyo aphilayo ebudeni bobukho bukaKristu ekumandla oBukumkani. ‘Ahlangabeza iNkosi’ uYesu kummandla ongabonakaliyo wamazulu. Kodwa, ukuze afikelele apho kufuneka afe kuqala aze avuswe njengezidalwa zomoya. (Roma 6:3-5; 1 Kor. 15:35, 44) Ubukho bukaKristu sele buqalisile, ngoko amaKristu athanjisiweyo afayo ngoku akahlali efile. ‘Ayathatyathwa,’ okanye avuswe ngesiquphe.—1 Kor. 15:51, 52.
5:23—Wayetheth’ ukuthini uPawulos xa wathandazela ukuba ‘umoya nomphefumlo nomzimba wabazalwana ugcinwe’? UPawulos wayebhekisela kumoya, umphefumlo nomzimba wamalungu ebandla lamaKristu, awayequka amaKristu athanjiswe ngomoya aseTesalonika. Kunokuba athandazele nje ukuba ibandla ligcinwe, wathandazela ukuba kugcinwe “umoya,” walo okanye isimo sengqondo samalungu alo. Waphinda wathandazela “umphefumlo,” ubukho balo “nomzimba” walo—umzimba ongamaKristu athanjisiweyo. (1 Kor. 12:12, 13) Ngoko lo mthandazo ubalaselisa inkxalabo enzulu awayenayo uPawulos ngebandla.
Oko Sikufundayo:
1:3, 7; 2:13; 4:1-12; 5:15. Eyona ndlela ifanelekileyo yokululeka umntu, kukumncoma uze umkhuthaze ukuba aphucule.
4:1, 9, 10. Abanquli bakaYehova bafanele baqhubeke besenza inkqubela yokomoya.
5:1-3, 8, 20, 21. Njengoko imini kaYehova isondela, sifanele ‘sithi qwa, sinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.’ Ukongezelela, sifanele sinikele ingqalelo engakumbi kwiLizwi likaThixo lesiprofeto, iBhayibhile.
“YIMANI NIQINILE”
Begqwetha oko kwakuthethwe nguPawulos kwileta yakhe yokuqala, kuyabonakala ukuba abanye kweli bandla babemi ngelithi ‘ubukho beNkosi’ busemnyango. Ukulungisa loo mbono, uPawulos ubalisa oko kumele ‘kufike kuqala.’—2 Tes. 2:1-3.
UPawulos ubabongoza athi: “Yimani niqinile, nizigcine izithethe esanifundisa zona.” Ubayalela ukuba ‘bazikhwebule nakuwuphi na umzalwana ohamba ngokungalungelelananga.’—2 Tes. 2:15; 3:6.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:3, 8—Ngubani “umchasi-mthetho,” yaye uya kubhangiswa njani? Ludidi lwabefundisi beNgqobhoko. Umntu onikwe igunya lokuvakalisa imigwebo kaThixo nxamnye nabangendawo nokukhupha imiyalelo yokutshatyalaliswa kwabo ‘nguLizwi’—iSithethi esiyiNtloko sikaThixo, uYesu Kristu. (Yoh. 1:1) Ngoko, kunokuthiwa uya kumbhangisa umchasi-mthetho ‘ngomoya [amandla asebenzayo] womlomo wakhe.’
2:13, 14—AmaKristu athanjisiweyo ‘anyulwa njani kwasekuqaleni ukuze asindiswe’? Udidi lwabathanjiswa lwamiselwa kwangaphambili xa uYehova wachaza injongo yakhe yokuba imbewu yomfazi ityumze intloko kaSathana. (Gen. 3:15) Kwakhona uYehova wachaza iimfaneleko olwalufanele luzifikelele, umsebenzi olwaluza kuwenza novavanyo olwaluza kujamelana nalo. Ngenxa yoko walunika olu ‘bizo.’
Oko Sikufundayo:
1:6-9. Xa uYehova egweba akatshayeli kwanto nje iphambi kwakhe.
3:8-12. Ukusondela kwemini kaYehova akufanele kube sisingxengxezo sokuba singasebenzi ukuze sizixhase kwiintswelo zethu nakumsebenzi wokushumayela. Ukungenzi nto kunokusenza sonqene size ke sibe ‘ngoogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu.’—1 Pet. 4:15.
“KULONDOLOZE OKO UKUPHATHISIWEYO”
UPawulos uyalela uTimoti ukuba ‘aqhubeke esilwa umlo omhle; enokholo nesazela esilungileyo.’ Lo mpostile uchaza iimfaneleko zamadoda amiselweyo ebandleni. UPawulos ukwayalela uTimoti ukuba ‘awamangale amabali obuxoki ahlambela oko kungcwele.’—1 Tim. 1:18, 19; 3:1-10, 12, 13; 4:7.
UPawulos uthi: “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu.” Ebongoza uTimoti uthi: “Kulondoloze oko ukuphathisiweyo, ukhwebuke kwiintetho ezililize ezihlambela oko kungcwele nakwiimpikiswano zoko kubizwa ngokuba ‘lulwazi’ kuxokwa.”—1 Tim. 5:1; 6:20.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:18; 4:14—Kukuphi ‘okwakuxelwe kwangaphambili’ ngokuphathelele uTimoti? Kusenokwenzeka ukuba kukho iziprofeto ezithile eziphathelele indima awayeza kuyifeza kamva uTimoti kwibandla lamaKristu, ezachazwa ngaphantsi kokuphefumlelwa xa uPawulos wayetyelele eListra kuhambo lwakhe lwesibini njengomthunywa wevangeli. (IZe. 16:1, 2) Ngokusekelwe koku “kwakuxelwe kwangaphambili,” amadoda amakhulu ebandla ‘ambeka izandla’ uTimoti oselula, embekela bucala inkonzo ekhethekileyo.
2:15—Umfazi ‘ugcinwa njani ekhuselekile ngokuzala abantwana’? Ukuzala, ukunyamekela abantwana nokujongana nemicimbi yomzi wakhe kunokugcina umfazi “ekhuselekile” ekubeni ‘ngumhlebi oswel’ into yokwenza, ogxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu.’—1 Tim. 5:11-15.
3:16—Yintoni imfihlelo engcwele yozinikelo lobuthixo? Isibakala sokuba abantu banokukwazi ukumthobela ngokugqibeleleyo uYehova kusini na, besiyimfihlelo kangangexesha elide. UYesu wanikela impendulo ngokugcina ingqibelelo ngokuthembeka kuThixo de wafa.
6:15, 16—Ngaba la mazwi abhekisela kuYehova uThixo okanye kuYesu Kristu? La mazwi abhekisela kulowo achaza ukubonakaliswa kwakhe, uYesu Kristu. (1 Tim. 6:14) Ngokwahlukileyo kubantu abalawula njengookumkani neenkosi, uYesu ‘ungokuphela kOnegunya,’ yaye nguye kuphela onokungafi. (Dan. 7:14; Roma 6:9) Ukususela oko wanyukela kumazulu angabonakaliyo, akukho mntu emhlabeni “onako ukumbona” ngamehlo enyama.
Oko Sikufundayo:
4:15. Enoba sisandul’ ukuba ngamaKristu okanye kudala saba ngawo, sifanele siqhubeke sisenza inkqubela yokomoya.
6:2. Ukuba siqeshwe ngomnye umKristu, kunokuba simxhaphaze nangayiphi na indlela, sifanele simsebenzele ngokuzimisela mhlawumbi nangaphezu kwendlela ebesiya kwenza ngayo ukuba besiqeshwe ngumntu ongekho bandleni.
“LISHUMAYELE ILIZWI NGOKUNGXAMISEKILEYO”
Elungiselela ukuba uTimoti akwazi ukujamelana namaxesha anzima awayeza kufika, uPawulos uthi: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo.” UTimoti unikwa eli cebiso: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, likufanelekele ukufundisa.”—2 Tim. 1:7; 2:24.
UPawulos ubongoza uTimoti ngelithi: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni.” Ngenxa yokunwenwa kweemfundiso zabawexuki, lo mpostile umluleka ngelithi lo mveleli uselula: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo . . . , yohlwaya, khalimela, bongoza.”—2 Tim. 3:14; 4:2.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:13—Ngawaphi ‘amazwi aphilileyo’? ‘Amazwi aphilileyo’ ngalawo “eNkosi yethu uYesu Kristu”—iimfundiso zamaKristu okwenyaniso. (1 Tim. 6:3) Oko uYesu wakufundisayo waza wakwenza kwakuvisisana neLizwi likaThixo, ngenxa yoko ibinzana elithi ‘amazwi aphilileyo’ ngokubanzi linokubhekisela kuzo zonke iimfundiso zeBhayibhile. Ezi mfundiso zinokusinceda sibone oko uYehova akufunayo kuthi. Sibambelela ngokuqhubekayo kula mazwi ngokwenza oko sikufunda eBhayibhileni.
4:13—Ziziphi ezi ‘zikhumba’ kuthethwa ngazo? Ezi ‘zikhumba’ zaziyimibhalo eyenziwe ngofele olusukiweyo. UPawulos usenokuba wayecela imisongo ethile yeZibhalo zesiHebhere ukuze ayifunde ngoxa evalelwe eRoma. Eminye yale misongo isenokuba yayiyeyompapiri kodwa eminye yenziwe ngesikhumba.
Oko Sikufundayo:
1:5; 3:15. Esona sizathu sokuba uTimoti abe nokholo kuKristu Yesu, kholo olo olwaluphembelela yonke into eyayisenziwa nguTimoti, yimfundo yeZibhalo awayifumana kowabo eselusana. Kubaluleke gqitha ukuba amalungu entsapho acinge nzulu ngokufeza le mbopheleleko kuThixo nakubantwana bawo.
1:16-18. Xa abazalwana bethu befumana izilingo, iintshutshiso okanye bevalelwa entolongweni, masibathandazele size senze konke okusemandleni ethu ukubanceda.—IMize. 3:27; 1 Tes. 5:25.
2:22. AmaKristu, ingakumbi lawo aselula, akafanele azixakekise gqitha ngokwakha izihlunu zomzimba, imidlalo, umculo, ukuzihlaziya, ukukhenketha, iincoko ezingenanjongo, nezinto ezinjengezo, de angabi naxesha lezinto zokomoya.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Yiyiphi kwezi ncwadi ziphefumlelweyo awayibhala mva uPawulos?