Qhubekani Nikhonza Ngaxhatha Linye
“Izizwana ndiya kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova, ukuze zimkhonze ngaxhatha linye.”—ZEFANIYA 3:9.
1. Yintoni eyenzekayo ezalisekisa ekaZefaniya 3:9?
SITHETHANJE zimalunga nama-6 000 iilwimi ezithethwa emhlabeni wonke. Ukongezelela kwezi, kukho neelwimi ezithethwa zizizwana ezahlukahlukeneyo. Noko ke, enoba abantu bathetha iilwimi ezahlukahlukeneyo njengesiArabhu nesiZulu, kukho into emangalisayo uThixo ayenzileyo. Ubangele ukuba abantu abakuzo zonke iindawo bakwazi ukufunda nokuthetha ekuphela kolwimi olusulungekileyo. Oku kuzalisekisa isithembiso awasidlulisela ngomprofeti uZefaniya esithi: “[Mna Yehova uThixo] izizwana ndiya kuzinika ukuba zitshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze zonke zibize egameni likaYehova, ukuze zimkhonze ngaxhatha linye.”—Zefaniya 3:9.
2. Yintoni “ulwimi olusulungekileyo,” yaye yintoni oluye lwayiphumeza?
2 “Ulwimi olusulungekileyo” yinyaniso kaThixo efumaneka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngokukhethekileyo yinyaniso ephathelele uBukumkani bukaThixo, obuya kungcwalisa igama likaYehova, buthethelele ulongamo lwakhe, buze buzise iintsikelelo kuluntu. (Mateyu 6:9, 10) Njengekuphela kolwimi olucocekileyo lokomoya emhlabeni, ulwimi olusulungekileyo luthethwa ngabantu bazo zonke izizwe neentlanga. Lunceda abantu bakwazi ukukhonza uYehova “ngaxhatha linye.” Ngaloo ndlela bamkhonza ngokumanyeneyo, okanye “ngemvisiswano.”—The New English Bible.
Lumele Lungabikho Ucalucalulo
3. Yintoni esenza sikwazi ukukhonza uYehova ngokumanyeneyo?
3 NjengamaKristu, sinombulelo ngentsebenziswano ekhoyo phakathi kwabantu abathetha iilwimi ngeelwimi. Nangona sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngeelwimi ezininzi, sikhonza uThixo ngokumanyeneyo. (INdumiso 133:1) Oku kuyenzeka kuba, enoba siphi na emhlabeni, sithetha ulwimi olunye olusulungekileyo ukuze sidumise uYehova.
4. Kutheni kungamele kubekho ucalucalulo kubantu bakaThixo?
4 Ucalucalulo alumele lubekho phakathi kwabantu bakaThixo. Umpostile uPetros wayenza yacaca loo nto xa washumayela kwikhaya legosa lomkhosi, umntu weeNtlanga, uKorneli ngowama-36 C.E. waza washukunyiselwa ekubeni athi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Ekubeni kunjalo, ibandla lamaKristu aliyondawo yocalucalulo, yamaqela athile, okanye yokuba nomkhethe.
5. Kutheni kuphosakele nje ukufak’ isandla ekwakheni amaqela athile ebandleni?
5 Ethetha ngotyelelo lwakhe kwiHolo yoBukumkani, omnye umfundi wasekholeji wathi: “Iicawa zidla ngokuba namalungu ohlanga okanye esizwe esithile. . . . AmaNgqina kaYehova ayexubene engazikhethanga ngokweentlanga.” Noko ke, amanye amalungu ebandla lamandulo laseKorinte ayenocalucalulo. Ngokubangela iyantlukwano, ayechasene nokusebenza komoya oyingcwele kaThixo, kuba wona ukhuthaza umanyano noxolo. (Galati 5:22) Ukuba sakha amaqela athile ebandleni, siya kuba silwa nokhokelo lomoya. Ngoko ke, masikhumbule amazwi kampostile uPawulos awawathetha kwabaseKorinte athi: “Ndiyanibongoza, bazalwana, ngegama leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.” (1 Korinte 1:10) UPawulos waphinda wabethelela ukubaluleka komanyano kwincwadi yakhe eyayisiya kwabase-Efese.—Efese 4:1-6, 16.
6, 7. Sisiphi isiluleko esanikelwa nguYakobi ngokuba nomkhethe, yaye sinokuwasebenzisa njani amazwi akhe?
6 AmaKristu ayesoloko ekhuthazwa ukuba angakhethi buso. (Roma 2:11) Ngenxa yokuba abanye kwibandla lenkulungwane yokuqala babekhetha izityebi, umfundi uYakobi wabhala: “Bazalwana bam, ukholo lwenu eNkosini yethu uYesu Kristu, eluzuko lwethu, alunamkhethe, andibi kunjalo? Kuba, ukuba apho nihlanganisene khona kungena umntu onemisesane yegolide eminweni yakhe nonesinxibo esimbejembeje, kungene kwanomntu olihlwempu onesinxibo esinyhukunyhuku, nize nikhangele ngobabalo lowo unesinxibo esimbejembeje nithi: ‘Hlala apha kwindawo entle,’ nithi kulowo ulihlwempu: ‘Yima phaya wena,’ okanye: ‘Hlala apha ngasesihlalweni seenyawo zam,’ aniyi kuba niyacalulana na kwanodwa, nizenza abagwebi abenza izigqibo ezingendawo?”—Yakobi 2:1-4.
7 Kwakusithi kwakufika abangakholwayo abazizityebi benxibe imisesane yegolide kunye nezinxibo zodidi kunye nabangakholwayo abangamahlwempu benxibe iimpahla ezimdaka kwiintlanganiso zamaKristu, abo bazizityebi baphathwe ngendlela ekhethekileyo. Babehlaliswa ‘kwindawo entle,’ ngoxa abangamahlwempu babemiswa ngeenyawo okanye behlaliswa bhaxa phantsi ezinyaweni zomntu othile. Kodwa engakhethi buso bamntu, uThixo walungiselela idini lentlawulelo likaYesu esenzela izityebi namahlwempu ngokulinganayo. (Yobhi 34:19; 2 Korinte 5:14) Ngoko ke ukuba sifuna ukumkholisa uYehova size simkhonze ngaxhatha linye, asimele sibe nomkhethe okanye ‘sincome abantu ukuze sifumane inzuzo.’—Yude 4, 16.
Musani Ukumbombozela
8. Yintoni eyenzekayo ngenxa yokumbombozela kwamaSirayeli?
8 Ukuze sihlale simanyene size siqhubeke simkholisa uThixo, simele sithobele esi siluleko sikaPawulos: “Hlalani nisenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela.” (Filipi 2:14, 15) AmaSirayeli awayengenalukholo awayekhululwe kubukhoboka baseYiputa ambombozelela uMoses noAron, aza ngaloo ndlela ambombozelela noYehova uThixo. Ngenxa yoku, onke amadoda awayeneminyaka engama-20 nangaphezulu, ngaphandle koYoshuwa noKalebhi nabaLevi, akazange angene kwiLizwe Lesithembiso, kunoko afela kolo hambo lweminyaka engama-40 entlango. (Numeri 14:2, 3, 26-30; 1 Korinte 10:10) Esinjani sona isohlwayo abasifumanayo ngenxa yokumbombozela!
9. Yintoni eyenzeka kuMiriyam ngenxa yokumbombozela?
9 Oku kubonisa into enokwenzeka kuhlanga luphela xa lumbombozela. Kuthekani xa ingabantu nje abathile abambombozelayo? Kaloku, udadeboMoses, uMiriyam, kunye nomnakwabo uAron, bambombozela besithi: “UYehova uthethe ngoMoses yedwa na? Akathethanga nangathi na?” Le ngxelo yongezelela isithi: “Yaye wayephulaphule uYehova.” (Numeri 12:1, 2) Waba yintoni umphumo? UMiriyam, ekubonakala ukuba wayephambili ekukhalazeni, wahlaziswa nguThixo. Njani? Wabethwa ngeqhenqa waza wanyanzeleka ukuba aye kuhlala ngaphandle kwentente iintsuku ezisixhenxe de wabe uhlambulukile.—Numeri 12:9-15.
10, 11. Xa kungekho nto yenziwayo ngokumbombozela, unokuba yintoni umphumo? Zekelisa.
10 Ukumbombozela asikokukhalazela nje into ephosakeleyo eyenziweyo. Abantu abathanda ukumbombozela badla ngokubeka kuqala iimvakalelo okanye izikhundla zabo, betsalela ingqalelo kwiziqu zabo kunakuThixo. Ukuba akukho nto yenziwayo ngale nto, inokubangela ukungavisisani phakathi kwabazalwana bokomoya ize ithintele imigudu abayenzayo yokukhonza uYehova ngaxhatha linye. Oku kubangelwa kukuba abo bathanda ukumbombozela basoloko bekhalaza, ngokuqinisekileyo benethemba lokuba abanye baya kuvelana nabo.
11 Ngokomzekelo, abanye basenokugxeka indlela umdala othile azinikela ngayo iintetho ebandleni okanye indlela azisingatha ngayo iimbopheleleko zakhe. Ukuba siyamphulaphula lowo ukhalazayo, nathi sinokuqalisa ukuvakalelwa njengaye. Ngaphambi kokuba le mbewu yokunganeliseki ihlwayelwe ezingqondweni zethu, kusenokwenzeka ukuba besingakhathazeki zizinto ezenziwa nguloo mdala, kodwa ngoku siyakhathazeka. Ekugqibeleni, yonke into ayenzayo loo mdala ibonakala ingalunganga kuthi, ibe nathi sisenokuqalisa ukumkhalazela. Into elolu hlobo ayamkelekanga kwibandla labantu bakaYehova.
12. Ukumbombozela kunokuluchaphazela njani ulwalamano lwethu noThixo?
12 Ukumbombozelela amadoda anembopheleleko yokwalusa umhlambi kaThixo kusenokukhokelela ekunyeliseni. Ukumbombozela okanye ukuqalekisa okunjalo kunokulonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. (Eksodus 22:28) Abatshabhisi abangaguqukiyo abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 5:11; 6:10) Umfundi uYude wabhala ngabo bambombozelayo ‘ababegatya ubukhosi bekwatshabhisa abo bazukileyo,’ okanye amadoda awayeneembopheleleko ebandleni. (Yude 8) Abo babembombozela babengamkholisi uThixo, yaye kububulumko ukuliphepha ikhondo labo elingendawo.
13. Kutheni ingezizo zonke izikhalazo ezingafanelekanga?
13 Noko ke, asizizo zonke izikhalazo ezingamkholisiyo uThixo. Akazange asibethe ngoyaba “isikhalo sokumangalelwa” kweSodom neGomora, kodwa wazitshabalalisa ezi zixeko zingendawo. (Genesis 18:20, 21; 19:24, 25) EYerusalem, emva nje kwePentekoste yowama-33 C.E., “kwavela ukumbombozela kuwo amaYuda athetha isiGrike nxamnye namaYuda athetha isiHebhere, ngenxa yokuba abahlolokazi bawo babengananzwa kulwabiwo lwamihla le.” Ngenxa yoko, “abalishumi elinesibini” bayilungisa le ngxaki ngokumisela “amadoda avunyiweyo asixhenxe” ukuba anyamekele ‘umcimbi oyimfuneko’ wokwaba ukutya. (IZenzo 6:1-6) Abadala bale mihla abamele ‘bavingce iindlebe zabo’ kwizikhalazo ezibambekayo. (IMizekeliso 21:13) Yaye kunokuba bawagxeke amanye amakholwa, abadala bafanele bawakhuthaze baze bawomeleze.—1 Korinte 8:1.
14. Luluphi uphawu olufuneka ngokukhethekileyo ukuba sifuna ukuzikhwebula ekumbombozeleni?
14 Sonke sifanele sikuyeke ukumbombozela kuba isimo sengqondo sokukhalaza asakhi ngokomoya. Isimo sengqondo esinjalo sinokulugxobha umanyano lwethu. Kunoko, masivumele umoya oyingcwele ukuba usenze sibe nothando. (Galati 5:22) Ukuthobela ‘umthetho wakomkhulu wothando’ kuya kusinceda siqhubeke sikhonza uYehova ngaxhatha linye.—Yakobi 2:8; 1 Korinte 13:4-8; 1 Petros 4:8.
Kulumkeleni Ukunyelisa
15. Ubunokuwuchaza njani umahluko phakathi kokuhleba nokunyelisa?
15 Ekubeni ukumbombozela kunokukhokelela kwintlebendwane eyenzakalisayo, simele sikulumkele oko sikuthethayo. Ukuhleba kukuncokola nje ngabantu nangezinto zabo. Noko ke, ukunyelisa kukuxoka ngenjongo yokungcolisa igama lomntu. Intetho enjalo ikhohlakele yaye ayinabuthixo. Ngenxa yoko, uThixo wathi kumaSirayeli: “Uze ungahambi unyelisa phakathi kwabantu bakowenu.”—Levitikus 19:16.
16. UPawulos wathini ngabathile ababehleba, yaye sifanele sisichaphazele njani isiluleko sakhe?
16 Ekubeni incoko nje engenanto inokukhokelela ekunyeliseni, uPawulos wabagxeka abahlebi abathile. Emva kokukhankanya abahlolokazi ababefanelekela ukuncedwa libandla, wathetha ngabahlolokazi abafunda ‘ukungenzi nto, behamba bebutha emizini; ewe, bengapheleli nje ekungenzini nto, kodwa bahamba behleba, begxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu, bethetha izinto abangafanele bazithethe.’ (1 Timoti 5:11-15) Xa umfazi ongumKristu efumanisa ukuba unengxaki yokuthetha izinto ezinokukhokelela ekunyeliseni, ufanele athobele isiluleko sikaPawulos esithi ‘makandileke, anganyelisi.’ (1 Timoti 3:11) Kakade ke, namadoda angamaKristu afanele akulumkele ukuhleba okwenzakalisayo.—IMizekeliso 10:19.
Yekani Ukugweba!
17, 18. (a) UYesu wathini ngokugweba umzalwana wethu? (b) Sinokuwasebenzisa njani amazwi kaYesu ngokuphathelele ukugweba?
17 Kwanokuba asibanyelisi abanye, simele sizame ngandlela zonke ukuba singabagwebi. UYesu wasigxeka isimo sengqondo esinjalo xa wathi: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa; kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani. Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso? Okanye ungatsho njani na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Ndivumele ndikhuphe udiza elisweni lakho’; ngoxa, khangela! umqadi uselisweni lakho? Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza elisweni lomzalwana wakho.”—Mateyu 7:1-5.
18 Asifanele sizame ukukhupha “udiza” olukwiliso lomzalwana wethu ngoxa kwathina singakwazi ukugweba ngokufanelekileyo ngenxa yokuphandlwa ‘ngumqadi’ wokomfuziselo. Enyanisweni, ukuba siyiqonda ngokwenene indlela uThixo anenceba ngayo, asiyi kutyekela ekubagwebeni abazalwana bethu noodade. Ngaba sibazi ngendlela abazi ngayo uBawo wethu osezulwini? Akumangalisi ke ngoko ukuba uYesu asilumkise esithi ‘siyeke ukugweba ukuze singagwetywa’! Ukuqonda ukuba asifezekanga kufanele kusenze singabagwebi abanye ngendlela uThixo aya kuyigqala ingebobulungisa.
Babuthathaka Kodwa Babekekile
19. Sifanele siwajonge njani amanye amakholwa?
19 Ukuba sizimisele ukukhonza uThixo ngaxhatha linye namanye amakholwa, asiyi kuphepha nje ukubagweba abanye. Siya kuba ngabokuqala ukubonakalisa imbeko kwabanye. (Roma 12:10) Enyanisweni, siya kwenza izinto eziya kuba luncedo kubo, hayi kuthi, yaye ngokuthobeka siya kukuvuyela ukubenzela izinto. (Yohane 13:12-17; 1 Korinte 10:24) Sinokusilondoloza njani isimo sengqondo esihle ngolo hlobo? Ngokukhumbula ukuba onke amakholwa abalulekile kuYehova nokuba ngamnye wethu uxhomekeke komnye, kanye njengokuba onke amalungu omzimba exhomekeke elinye kwelinye.—1 Korinte 12:14-27.
20, 21. Amazwi akweyesi-2 kuTimoti 2:20, 21 anayiphi intsingiselo kuthi?
20 Kuyavunywa ukuba amaKristu azizitya zodongwe eziethe-ethe eziphathiswe ubuncwane obuzukileyo. (2 Korinte 4:7) Ukuba sifuna ukuqhubeka nale nkonzo engcwele size sidumise uYehova, sifanele siqhubeke singabantu ababekekileyo phambi kwakhe noNyana wakhe. Kukuzigcina sinyulu ngokuziphatha nangokomoya kuphela okunokusinceda sihlale sizizitya ezibekekileyo ezisetyenziswa nguThixo. Ngokuphathelele oku, uPawulos wabhala: “Endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nezesilivere kuphela, kodwa kubakho nezomthi nezodongwe, yaye ezinye zazo zezenjongo ebekekileyo, kanti ezinye zezenjongo engabekekanga. Ukuba, ke ngoko, ubani uzigcina ekude nezi zamva, uya kuba sisitya senjongo ebekekileyo, esingcwalisiweyo, nesilungele ukusetyenziselwa wonke umsebenzi olungileyo ngumnini waso.”—2 Timoti 2:20, 21.
21 Abantu abangaziphathi ngokuvisisana noko kufunwa nguThixo ‘bazizitya zenjongo engabekekanga.’ Noko ke, xa silandela ikhondo lobuthixo, siya kuba ‘zizitya zenjongo ebekekileyo, ezingcwalisiweyo, nezilungele inkonzo kaYehova okanye ukusetyenziselwa wonke umsebenzi olungileyo.’ Ngoko ke sinokuzibuza: ‘Ngaba “ndisisitya senjongo ebekekileyo”? Ngaba ndinempembelelo entle kwamanye amakholwa? Ngaba njengelungu lebandla ndisebenza ngaxhatha linye namanye amakholwa?’
Qhubekani Nikhonza Ngaxhatha Linye
22. Ibandla lamaKristu linokufaniswa nantoni?
22 Ibandla lamaKristu lilungiselelo elifana nelentsapho. Xa onke amalungu entsapho enqula uYehova, kubakho uthando, ulwazelelelo, nobubele entsatsheni. Intsapho inokuyilwa ngabantu abaliqela abanobuntu obungafaniyo, kodwa wonke umntu unendawo yakhe ebekekileyo. Kunjalo ke nasebandleni. Nangona sonke singafani—yaye singafezekanga—uThixo usitsalele kuye esebenzisa uKristu. (Yohane 6:44; 14:6) UYehova noYesu bayasithanda, yaye ekubeni siyintsapho emanyeneyo, ngokuqinisekileyo kufuneka sithandane.—1 Yohane 4:7-11.
23. Yintoni esifanele siyikhumbule size sizimisele ukuyenza?
23 Ibandla lamaKristu elinjengentsapho likwayindawo apho silindele ukuba kubekho ukunyaniseka. Umpostile uPawulos wabhala: “Ndinqwenela ukuba kuyo yonke indawo amadoda aqhubeke ethandaza, ephakamisa izandla ezinyanisekileyo, ngaphandle kwengqumbo nokuxambulisana.” (1 Timoti 2:8) Ngaloo ndlela uPawulos wanxulumanisa ukunyaniseka nomthandazo wasesidlangalaleni “kuyo yonke indawo” ahlanganisana kuyo amaKristu. Ngamadoda anyanisekileyo kuphela afanele amele ibandla ngomthandazo esidlangalaleni. Kakade ke, uThixo ulindele ukuba sonke sinyaniseke kuye yaye ngamnye wethu anyaniseke komnye. (INtshumayeli 12:13, 14) Ngoko ke masizimisele ukusebenzisana ngemvisiswano, njengamalungu omzimba. Ngamana singakhonza ngokumanyeneyo njengentsapho yabanquli bakaYehova. Ngaphezu kwako konke, masikhumbule ukuba ngamnye wethu uxhomekeke komnye nokuba uThixo uya kukholiswa sithi aze asisikelele ukuba siqhubeka sikhonza uYehova ngaxhatha linye.
Ubunokuphendula Uthini?
• Yintoni eyenza abantu bakaYehova bamkhonze ngaxhatha linye?
• Kutheni amaKristu engakhethi buso?
• Ucinga ukuba yintoni ephosakeleyo ngokumbombozela?
• Kutheni sifanele sibonakalise imbeko kwamanye amakholwa?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UPetros waqonda ukuba “uThixo akakhethi buso”
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngaba uyasazi isizathu sokuba uThixo ahlazise uMiriyam?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
AmaKristu anyanisekileyo navuyayo akhonza uYehova ngaxhatha linye