Unokuhlangabezana Ngokuphumelelayo Nokungaqiniseki
“NGOKUQINISEKILEYO!” “Nakanjani!” “Ngokungathandabuzekiyo!” Kusenokwenzeka ukuba ukhe waweva la mazwi izihlandlo ezininzi. Noko ke, zimbalwa izinto esinokuqiniseka ngazo kubomi bethu bemihla ngemihla. Indlela ubomi obuguquguquka ngayo isenza sisoloko sizibuza enoba ikho into esinokuqiniseka ngayo ngokupheleleyo. Ukuthandabuza nokungaqiniseki kubonakala kuyinxalenye yobomi.
Ngesizathu esiqondakalayo, abantu abaninzi bazifunela bona neentsapho zabo unqabiseko nolonwabo. Bayazibhokoxa ukuze bafumane izinto abakholelwa ukuba ziya kubenza bonwabe yaye banqabiseke—ngokuqhelekileyo imali nezinto eziphathekayo. Noko ke, inyikima, inkanyamba, okanye ulwaphulo-mthetho zinokutshabalalisa ezo zinto ziphathekayo ngephanyazo. Impilo enkenenkene, uqhawulo-mtshato okanye ukungasebenzi kunokubuguqula ubomi ngesiquphe. Liyinyaniso elokuba, ezo zinto zisenokungenzeki kuwe. Sekunjalo, ukwazi nje ukuba nanini na kusenokwenzeka into ebuhlungu kuyakhathaza yaye kuyadandathekisa. Kodwa oko akuphelelanga apho.
Ukungaqiniseki kuthetha into enye nokuthandabuza, yaye esinye isichazi-magama sichaza igama elithi “ukuthandabuza” “njengokungaqiniseki ngenkolelo okanye imbono edla ngokuba ngumqobo ekwenzeni isigqibo.” Ukongezelela, ngokutsho kwencwadi ethi Managing Your Mind, “ukungaqiniseki ngento ebalulekileyo kuyeyona nto ebangela ixhala nokukhathazeka.” Ukusoloko ungaqinisekanga kunokukhokelela kwixhala, ukucaphuka nomsindo. Ewe, ukuxhalela into esenokwenzeka okanye ingenzeki kunokuphazamisa ingqondo nempilo yethu.
Ngenxa yoku, abanye abantu baye bazibaxe izinto. Bafana noselula waseBrazil owathi: “Kutheni ndizixhalabisa ngento engekenzeki? Ndifanele ndizixhalabise kuphela ngento eyenzekayo, kungekhona ngengekenzeki.” Isimo sengqondo esinjalo nesiyingozi sokuthi “masidle size sisele” sinokukhokelela ekuphoxekeni, ekudandathekeni yaye ekugqibeleni ekufeni. (1 Korinte 15:32) Kubalulekile ukuba sibhenele kuMdali, uYehova uThixo, iBhayibhile ethi ngaye, “akaguquguquki njengesithunzi.” (Yakobi 1:17) Ukuba sihlolisisa iLizwi likaThixo, iBhayibhile, siya kufumana isiluleko nokhokelo lobulumko ngendlela yokuhlangabezana neemeko zokungaqiniseki ebomini. Kwakhona inokusinceda siqonde isizathu sokuba kukho ukungaqiniseki okungaka.
Isizathu Sokungaqiniseki
IZibhalo zisinika imbono esengqiqweni ngobomi yaye zisinceda sihlakulele isimo sengqondo esifanelekileyo ngeemeko ezingaqinisekanga neziguquguqukayo. Nangona ulwalamano lwentsapho, ukuba nesikhundla ekuhlaleni, ubukrelekrele, nokuba sempilweni kunokwenza ubani azive enqabisekile ngomlinganiselo othile, iBhayibhile ibonisa ukuba ezo zinto asinakuzigqala njengezingenakuguquka okanye asinakulindela ukuphila ubomi obungenazingxaki. UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla, nokutya asikokwezilumko, nobutyebi asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi.” Ngoba? “Ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” Ngenxa yoko, uSolomon walumkisa: “Kanye njengeentlanzi ezibanjiswa ngomnatha ombi, neentaka ezibanjiswa ngesibatha, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha lentlekele, xa libawela ngequbuliso.”—INtshumayeli 9:11, 12.
Kwakhona uYesu Kristu wathetha ngexesha apho bonke abantu beya kuxhalaba gqitha ngenxa yokungaqiniseki. Ngokucacileyo, wathi: “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini, nokubandezeleka kweentlanga emhlabeni, zingayazi indlela yokuphuma ngenxa yokugquma kolwandle nokuyaluzela kwalo, ngoxa abantu besifa isiqaqa ngenxa yoloyiko nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo; kuba amandla amazulu aya kugungqiswa.” Sekunjalo, uYesu wathetha amazwi alukhuthazo kubantu abantliziyo zinyanisekileyo namhlanje esithi: “Xa nibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ubukumkani bukaThixo bukufuphi.” (Luka 21:25, 26, 31) Ngokufanayo, kunokuba soyike ukuba nekamva elingaqinisekanga, sinokholo kuThixo olusinceda sibone ngaphaya koko, kwikamva elimangalisayo nelinqabisekileyo.
‘Ukuba Nethemba Eliqiniseke Ngokupheleleyo’
Nangona singenakuqiniseka ngayo yonke into esiyivayo, esiyifundayo okanye esiyibonayo, sinesizathu esifanelekileyo sokuthembela kuMdali. Akanguye Lowo uPhakamileyo nje kuphela, kodwa ukwanguBawo onothando onyamekela abantwana bakhe basemhlabeni. Ebhekisela kwilizwi lakhe, uThixo wathi: “Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isaya 55:11.
UYesu Kristu wafundisa inyaniso evela kuThixo, yaye abaninzi ababemphulaphula bayamkela ngentembelo nangokuqiniseka. Ngokomzekelo, iqela lamaSamariya aneentliziyo ezinyanisekileyo laxelela ibhinqa lokuqala elaphulaphula uYesu lisithi: “Asisakholwa ngenxa yentetho yakho; kuba sizivele ngokwethu yaye siyazi ukuba lo mntu ngokuqinisekileyo ngumsindisi wehlabathi.” (Yohane 4:42) Ngokufanayo namhlanje, nangona siphila kumaxesha okunganqabiseki, asifanele singaqiniseki ngoko sifanele sikukholelwe.
Ngokuphathelele iinkolelo zonqulo, abaninzi banembono yokuba kunokuba sizame ukuziqonda, sifanele nje sikholwe. Noko ke, umbhali weBhayibhile uLuka wayenembono eyahlukileyo. Wenza uphando waza wadlulisela inkcazelo echanileyo ukuze abanye ‘bakwazi ngokupheleleyo ukuqiniseka ngezinto’ azibhalileyo. (Luka 1:4) Ekubeni intsapho nezihlobo ezineenkolelo ezahlukileyo kwezethu zisenokuba noloyiko lokuba ekugqibeleni siza kunxunguphala size siphoxeke, kubalulekile ukuba sikwazi ukulumela ukholo lwethu. (1 Petros 3:15) Sinokunceda abanye bakholose ngoThixo kuphela xa sisazi ngokuchanileyo isizathu soko sikukholelwayo. IBhayibhile ichaza uYehova ngala mazwi: “NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.”—Duteronomi 32:4.
Khawuqwalasele la mazwi okugqibela athi: “Lilungisa yaye uthe tye yena.” Bubuphi ubungqina esinabo obusenza siqiniseke ngoku? Umpostile uPetros wayeqiniseke ngokupheleleyo ngoko. Wathi kwigosa elingumRoma nendlu yalo: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) UPetros wathetha la mazwi kuba wayesandul’ ukubona indlela uThixo aye walathisa izinto ngayo ukuze intsapho yabeeNtlanga, ngaphambili eyayijongwa njengengahlambulukanga nengamkelekanga, yamkeleke kuYe. NjengoPetros, nathi sinokuqiniseka ukuba uThixo akakhethi buso yaye unobulungisa xa sibona “isihlwele esikhulu” sabantu—ngoku abangaphezu kwezigidi ezithandathu—kumazwe angaphezu kwama-230 emhlabeni wonke abaye bashiya indlela yabo yangaphambili yokuphila baza bahamba endleleni yobulungisa.—ISityhilelo 7:9; Isaya 2:2-4.
NjengamaKristu okwenyaniso, asifuni ukuba nenzondelelo yempambano okanye ikratshi, kodwa sifuna ukuthobeka nokuba sengqiqweni. Sekunjalo, siqinisekile ngoko sikukholelwayo nesikulindeleyo kwikamva. Ebhalela amaKristu enkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wathi: “Sinqwenela ukuba ngamnye wenu akhuthale ngokufanayo khon’ ukuze nibe nokuqiniseka ngokupheleleyo ngethemba lenu kude kuse ekupheleni.” (Hebhere 6:11) Ngokufanayo, iindaba ezilungileyo zeBhayibhile ziye zasenza ‘saqiniseka ngokupheleleyo ngethemba.’ Elo themba, elisekelwe ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo, “alidanisi,” njengoko naye uPawulos wachazayo.—Roma 5:5.
Ngaphezu koko, siqiniseke ngokupheleleyo ukuba ukufundisa abanye iindaba ezilungileyo eziseBhayibhileni kunokubazisela unqabiseko nokuqiniseka okungokomoya, kwanangokwemvakelelo nangokwasenyameni. Sinokuvumelana namazwi kaPawulos athi: “Iindaba ezilungileyo esizishumayelayo azibangakho kuni ngantetho yodwa kodwa kwanangamandla nomoya oyingcwele nolweyiseko olunamandla.”—1 Tesalonika 1:5.
Iintsikelelo Ezibangelwa Lunqabiseko Lokomoya
Nangona singenakulindela ukuba sinqabiseke ngokupheleleyo namhlanje, kukho izinto esinokuzenza ezinokusinceda siphile ubomi obuzinzileyo nobunqabisekileyo. Ngokomzekelo, ukunxulumana rhoqo nebandla lamaKristu kwiintlanganiso kunokusenza silungelelane kuba kuzo sifundiswa imigaqo nemilinganiselo elungileyo nebubulumko. UPawulos wabhala: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.” (1 Timoti 6:17) Ngokufunda ukukholosa ngoYehova kungekhona kwizinto eziphathekayo nolonwabo lokomzuzwana, abaninzi baye bayeka ukuba namaxhala nokunxunguphala ababesiba nako ngaphambili.—Mateyu 6:19-21.
Kwakhona, ebandleni sinandipha ukuba kunye nabazalwana bethu abanothando, abasincedayo baze basixhase ngeendlela ezininzi. Ngesinye isihlandlo kubulungiseleli bakhe, uPawulos neqabane lakhe awayehamba nalo baba “kwingcinezelo” yaye ‘babengaqinisekanga kwanangobomi babo.’ UPawulos wayifumana phi inkxaso nesiqabu? Kakade ke, wayesoloko ethembele kuThixo ngokupheleleyo. Sekunjalo, wakhuthazwa waza wathuthuzelwa ngamanye amaKristu, awanikela uncedo. (2 Korinte 1:8, 9; 7:5-7) Namhlanje xa kusehla iintlekele zemvelo okanye ezinye, abazalwana bethu abangamaKristu basoloko befika kuqala ukuze banikele uncedo olufunekayo ngezinto eziphathekayo nangokomoya kumanye amaKristu nakwabanye abasweleyo.
Umthandazo yenye into eluncedo ukuze sihlangabezane neemeko zobomi ezingaqinisekanga. Ngalo lonke ixesha sinokuthetha noBawo wethu wasezulwini oluthando xa sikwingxaki ebesingayilindelanga. “UYehova uya kuba yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo, indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka.” (INdumiso 9:9) Abazali basenokungabakhuseli abantwana babo. Noko ke, uThixo ukulungele ukusinceda sikwazi ukujamelana nezinto ezisixhalabisayo nesingaqinisekanga ngazo. Xa silahlela kuYehova amaxhala ethu ngomthandazo, sinokuqiniseka ukuba ‘unokwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo.’—Efese 3:20.
Ngaba uthandaza kuThixo rhoqo? Ngaba uqinisekile ukuba uThixo uyayiva imithandazo yakho? Intombazana eselula eSão Paulo yathi: “Umama wandixelela ukuba ndifanele ndithandaze kuThixo. Kodwa ndazibuza: ‘Kutheni ndifanele ndithethe nomntu endingamaziyo?’ Noko ke, IMizekeliso 18:10 yandinceda ndaqonda ukuba siyalufuna uncedo lukaThixo yaye sifanele sithethe naye ngomthandazo.” Eso sibhalo sithi: “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” Eneneni, sinokuyakha njani intembelo yethu kuYehova ukuba asithethi naye rhoqo? Ukuze sifumane iintsikelelo zokunqabiseka ngokomoya, sifanele sithandaze rhoqo ngokuphuma entliziyweni. UYesu wathi: “Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.”—Luka 21:36.
Enye into esinokuqiniseka ngayo lithemba lethu loBukumkani bukaThixo. Phawula amazwi akuDaniyeli 2:44 athi: “UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Elo lithemba eliqinileyo nesinokuqiniseka ngalo. Izithembiso zabantu zisoloko zisilela, kodwa ngalo lonke ixesha sinokuthembela kwilizwi likaYehova. Kunokuba angabi nakuthenjwa, uThixo ufana neliwa esinokusithela ngalo. Sinokuvakalelwa ngendlela efanayo nekaDavide, owathi: “UThixo wam liliwa lam. Ndiya kusabela kuye ulikhaka lam nophondo lwam losindiso, indawo yam ephakamileyo nenqabisekileyo, nendawo endisabela kuyo, uMsindisi wam; undisindisa kugonyamelo.”—2 Samuweli 22:3.
Incwadi ekhankanywe ngaphambilana ethi Managing Your Mind ihlabela mgama isithi: “Okukhona ubani ecinga ngezinto ezimbi ezinokwenzeka, kokukhona zibonakala zinokwenzeka ngokwenene, yaye kunzima ukubona indlela yokuhlangabezana nazo.” Ngoko ke, kutheni sizithwalisa uxanduva ngamaxhala nangezinto ezingaqinisekanga zeli hlabathi? Kunoko, kunokuthembela kwizinto ezingaqinisekanga zeli hlabathi, thembela kwizithembiso eziqinisekileyo zikaThixo. Ngokuba nokholo oluqinileyo kwizithembiso zikaYehova ezingasileliyo, sinesi siqinisekiso: “Akukho namnye ukholwayo kuye uya kudaniswa.”—Roma 10:11.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
ILizwi likaThixo liqinisekisa uluntu ngeentsikelelo zexesha elizayo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]
“Akukho namnye ukholwayo kuye uya kudaniswa”
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Iindaba ezilungileyo zoBukumkani zizisela abantu unqabiseko