Hlala Uvuya Kumaxesha Obunzima
“Bonke abo basabela [kuYehova] baya kuba nemihlali; baya kumemelela ngovuyo.”—INDU. 5:11.
1, 2. (a) Ziziphi izinto ezibangela intlungu engathethekiyo namhlanje? (b) Ngaphandle kweengxaki ezehlela bonke abantu, yintoni amaKristu okwenyaniso afanele ayinyamezele?
AMANGQINA KAYEHOVA nawo aba nazo iingxaki ezithwaxa uluntu. Abantu abaninzi bakaThixo baye bachaphazeleka lulwaphulo-mthetho, iimfazwe yaye baye baphathwa ngokungekho sikweni. Iintlekele zemvelo, ubuhlwempu, ukugula nokufa kubangela intlungu engathethekiyo. Umpostile uPawulos wathi: “Siyazi ukuba yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” (Roma 8:22) Ezinye iingxaki zibangelwa kukungafezeki. NjengoKumkani uDavide wamandulo, sisenokuthi: “Iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam; njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.”—INdu. 38:4.
2 Ngaphandle kweengxaki ezehlela bonke abantu, amaKristu okwenyaniso athwala isibonda sentuthumbo sokomfuziselo. (Luka 14:27) Ewe, njengoYesu abafundi bakhe bathiyiwe yaye bayatshutshiswa. (Mat. 10:22, 23; Yoh. 15:20; 16:2) Ngoko, ukuze silandele uKristu kufuneka sizibhokoxe yaye sinyamezele ngoxa silindele iintsikelelo zehlabathi elitsha.—Mat. 7:13, 14; Luka 13:24.
3. Kutheni sinokuthi ukukholisa uThixo akuthethi kuthi amaKristu afanele ahlale enxunguphele?
3 Ngaba oku kuthetha ukuba amaKristu okwenyaniso akonwabanga? Ngaba sifanele sihlale sinxunguphele yaye sibuhlungu de kufike isiphelo? Kucacile ukuba uYehova ufuna sonwabe ngoxa silindele ukuzaliseka kwezithembiso zakhe. IBhayibhile isoloko ithetha ngabanquli bokwenyaniso njengabantu abonwabileyo. (Funda uIsaya 65:13, 14.) INdumiso 5:11 ithi: “Bonke abo basabela [kuYehova] baya kuba nemihlali; baya kumemelela ngovuyo.” Sinokonwaba size sibe noxolo lwengqondo nolwaneliseko nangona sineengxaki. Masihlole indlela iBhayibhile enokusinceda ngayo sikwazi ukujamelana nezilingo size sihlale sivuya.
UYehova—“UThixo Onoyolo”
4. UThixo uvakalelwa njani xa ukuthanda kwakhe kungenziwa?
4 Cinga ngomzekelo kaYehova. NjengoThixo onguSomandla, unegunya phezu kwendalo iphela. Akukho nto ayisweleyo yaye akafuni ncedo mntwini. Nangona enamandla angenakulinganiswa nanto, uYehova umele ukuba wadana xa omnye woonyana bakhe bomoya evukela waza wajika waba nguSathana. Kunokwenzeka ukuba uThixo wakhathazeka xa nezinye iingelosi zivukela. Cinga nangendlela amele ukuba uThixo waba buhlungu ngayo xa eshiywa nguAdam noEva, ababeyinxalenye yendalo yakhe yasemhlabeni egqwesileyo. Ukususela ngoko, izigidi ngezigidi zenzala yabo ziye zalichasa igunya likaYehova.—Roma 3:23.
5. Yintoni eye yamenza buhlungu uYehova?
5 USathana usaqhubeka evukela. Malunga neminyaka engama-6 000, uYehova ubebukele abantu abanqula izithixo, abanogonyamelo, ababulala abanye nabaziphatha kakubi ngokwesini. (Gen. 6:5, 6, 11, 12) Ukongezelela, abanye bayaxoka yaye bayanyelisa. Kwanabanquli bakaThixo bokwenyaniso bamenza buhlungu ngamanye amaxesha. Xa ichaza esinye sezo zihlandlo, iBhayibhile ithi: “Babemvukela ngokufuthi kangakanani entlango, babemenza azive ebuhlungu entlango! Izihlandlo ngezihlandlo babemvavanya uThixo, bemenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.” (INdu. 78:40, 41) UYehova uba buhlungu kakhulu xa abantu bakhe bemvukela. (Yer. 3:1-10) Kucacile ukuba, izinto ezimbi ziyenzeka yaye ziyamkhathaza uYehova.—Funda uIsaya 63:9, 10.
6. UThixo uhlangabezana njani neemeko ezibuhlungu?
6 Sekunjalo, uYehova akathi akuphoxeka okanye xa eve intlungu abhideke. Xa izinto zisonakala, uYehova uthabatha amanyathelo okulungisa loo monakalo. Uye waqinisekisa nokuba ekugqibeleni injongo yakhe iza kwenziwa. Ngenxa yoku, uYehova ukhangele phambili ngovuyo ekuthethelelweni kolongamo lwakhe nto leyo iya kubangela ukuba abanquli bakhe abanyanisekileyo bafumane iintsikelelo. (INdu. 104:31) Nangona eye wagculelwa ngaloo ndlela, uYehova ‘usenguThixo onoyolo.’—1 Tim. 1:11; INdu. 16:11.
7, 8. Sinokumxelisa njani uYehova xa izinto zingahambi kakuhle?
7 Liyinyaniso elokuba, asinakukwazi ukucombulula iingxaki njengoYehova. Sekunjalo, sinokumxelisa uYehova xa sijamelene neengxaki. Iqhelekile into yokuba umntu adakumbe xa izinto zingahambi kakuhle kodwa loo nto ayithethi ukuba sifanele sihlale sidakumbile. Kuba sidalwe ngokomfanekiso kaYehova, siyakwazi ukucinga nokusebenzisa ubulumko, yaye oko kubangela ukuba sibe nesimo sengqondo esilungeleleneyo size sikwazi ukujamelana neengxaki zethu.
8 Enye into ebalulekileyo enokusinceda sikwazi ukujamelana neengxaki esinazo kukwazi ukuba ezinye izinto zingaphezu kwamandla ethu. Xa sinokuhlala sicinga ngezo ngxaki, sinokunxunguphala size singonwabi njengabanquli bokwenyaniso. Xa siye senza konke esinako ukucombulula ingxaki esinayo, simele silibale ngayo size sizame ukucinga ngezinto ezakhayo. Oku siza kukubona kwezi ngxelo zeBhayibhile zilandelayo.
Kubalulekile Ukuba Nengqiqo
9. UHana wabonisa njani ukuba unembono elungeleleneyo?
9 Ngokomzekelo cinga ngoHana, owazala umprofeti uSamuweli. Yayimkhathaza into yokungafumani bantwana. Wayegculelwa ngenxa yokuba lidlolo. Maxa wambi, uHana wayedimazeka kangangokuba wayedla ngokukhala angatyi nokutya. (1 Sam. 1:2-7) Ngesinye isihlandlo xa uHana wayeye engcweleni kaYehova, “wawukrakra umphefumlo wakhe, waza wathandaza kuYehova walila kakhulu.” (1 Sam. 1:10) Emva kokuba uHana ephalaze imbilini yakhe kuYehova, umbingeleli omkhulu uEli weza kuye waza wathi: “Hamba ngoxolo, yaye ngamana uThixo kaSirayeli angenza ngokwesibongozo sakho osicelileyo kuye.” (1 Sam. 1:17) Kumele ukuba ngesi sihlandlo, uHana waqonda ukuba wenze konke okusemandleni akhe. Akukho nto wayenokuyenza ngokuba lidlolo kwakhe. UHana wayenembono elungeleleneyo. Emva koko “wahamba ke umfazi lowo, wadla, nobuso bakhe ababi saba bobuxhalabileyo.”—1 Sam. 1:18.
10. UPawulos wabonisa njani ukuba unembono elungeleleneyo xa wayejamelene nengxaki engacombululekiyo?
10 Nompostile uPawulos waba nembono efanayo xa wayejamelene nengxaki. Le ngxaki yayimenza angonwabi. Wayeyibiza ngokuba ‘liliva enyameni.’ (2 Kor. 12:7) Enokuba yayiyintoni loo ngxaki, uPawulos wenza konke okusemandleni akhe ukuba isuke, ethandaza kuYehova ukuba afumane umtyhi. UPawulos wambongoza izihlandlo ezingaphi uYehova ngale ngxaki? Izihlandlo ezithathu. Emva kwesihlandlo sesithathu, uThixo wabonisa uPawulos ukuba eli ‘liva lisenyameni’ lalingazukususwa ngokungummangaliso. UPawulos wakwamkela oku waza waqhubeka ekhonza uYehova.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 12:8-10.
11. Unokusinceda njani umthandazo nesikhungo xa sijamelene nengxaki?
11 Le mizekelo ayithethi kuthi sifanele siyeke ukuthandaza kuYehova xa sineengxaki ezisikhathazayo. (INdu. 86:7) Ngokwahlukileyo koko, iLizwi likaThixo liyasibongoza: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” UYehova uya kuziphendula njani izibongozo nezikhungo zethu? IBhayibhile yongezelela isithi: “Yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:6, 7) UYehova usenokungayiphelisi ingxaki esinayo, kodwa unokuyiphendula imithandazo yethu ngokulondoloza iingqondo zethu. Umthandazo unokusinceda sibone ubungozi bokuhlala sinxunguphele.
Vuyiswa Kukwenza Ukuthanda KukaThixo
12. Kutheni kunokuba yingozi ukuhlala sidakumbile?
12 IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” Omnye umzekeliso uthi: “Ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka.” (IMize. 15:13) Amanye amaKristu aye adandatheka kangangokuba ade ayeka ukufunda iBhayibhile nokucamngca ngeLizwi likaThixo. Xa ethandaza, adlulisa nje usana kunina yaye akahlanganisani namanye amaKristu. Ngoko ke, ukuhlala sidakumbile kunokuba yingozi.—IMize. 18:1, 14.
13. Ziziphi izinto ezinokusinceda siyeke ukunxunguphala size sihlale sivuya?
13 Kwelinye icala, xa sinesimo sengqondo esilungeleleneyo sinokucinga ngezinye izinto ezisonwabisayo ebomini. UDavide wathi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile.” (INdu. 40:8) Xa izinto zingasihambeli kakuhle ebomini, asimele sicinge nokucinga ngokuyeka ukwenza izinto ezibalulekileyo kunqulo lwethu. Eyona ndlela yokuphelisa ukunxunguphala, kukwenza izinto ezisonwabisayo. UYehova uthi sinokuyoliswa kukufunda iLizwi lakhe rhoqo. (INdu. 1:1, 2; Yak. 1:25) KwiZibhalo eZingcwele nakwiintlanganiso zamaKristu, sifumana “amazwi athandekayo” anokusikhuthaza aze asenze sibe nemihlali.—IMize. 12:25; 16:24.
14. Sisiphi isithembiso sikaYehova esisivuyisayo?
14 Zininzi izinto uThixo asithembisa zona ezisenza sonwabe. Eyona nto esonwabisayo sisithembiso sokuba uza kusisindisa. (INdu. 13:5) Enoba kwenzeka ntoni na ngoku, siyazi ukuba ekugqibeleni uThixo uya kubavuza abo banyanisekileyo. (Funda iNtshumayeli 8:12.) Umprofeti uHabhakuki wayichaza kakuhle le nto, wathi: “Nangona umkhiwane usenokungatyatyambi, ize nemidiliya ingavelisi; umsebenzi womthi womnquma usenokusilela, namasimi asenokungakuvelisi ukutya; imihlambi yezimvu isenokwahlukaniswa nobuhlanti, kuze kungabikho mhlambi wankomo esibayeni; Mna ke, ndiya kugcoba ngoYehova; ndiya kuvuya kuThixo wosindiso lwam.”—Hab. 3:17, 18.
“Banoyolo Abantu AbaThixo Wabo UnguYehova!”
15, 16. Chaza ezinye zezinto esiziphiwe nguThixo nesizinandiphayo ngoxa silindele iintsikelelo.
15 Ngoxa sisalindele ikamva eliqaqambileyo esilithenjisiweyo, uYehova ufuna sinandiphe izinto ezintle asinike zona. IBhayibhile ithi: “Ndiyazi ukuba akukho nto ilunge ngakumbi [eluntwini] kunokuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwalo ubomi; kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.” (INtshu. 3:12, 13) ‘Ukwenza okulungileyo’ kuquka ukwenzela abanye izinto ezintle. UYesu wathi kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela. Xa sisenzela amaqabane ethu, abantwana bethu, abazali bethu nezinye izalamane izinto ezintle, sifumana ulwaneliseko. (IMize. 3:27) Enye into ebangela uvuyo, kukuba nobubele, ukubuk’ iindwendwe, ukuxolela abazalwana noodadewethu yaye oko kuyamkholisa uYehova. (Gal. 6:10; Kol. 3:12-14; 1 Pet. 4:8, 9) Xa sifeza ubulungiseleli bethu sinomoya wokuzincama, siya kwaneliseka.
16 Kula mazwi eNtshumayeli acatshulwe ngasentla kuthethwa ngezinto ezisivuyisayo, njengokutya nokusela. Enoba sijamelene neengxaki, sinokuvuya ngenxa yezinto ezintle esiziphiwe nguYehova. Ngaphezu koko, akuyomfuneko ukuba uhlawule nepeni emdaka ukuze ubukele ilanga xa litshona, imihlaba emihle, ukudloba kwamatakane nobunye ubuhle bendalo, kodwa zonke ezi zinto zisenza sivuye. Ngenxa yako konke oku, simthanda ngakumbi uYehova kuba nguye uMniki wazo zonke izinto ezintle.
17. Yintoni eya kusenza sikhululeke ngokupheleleyo ezingxakini yaye yintoni esithuthuzelayo?
17 Ekugqibeleni, ukuthanda kwethu uThixo, ukuthobela imiyalelo yakhe nokuba nokholo kwidini lentlawulelo, kuya kubangela ukuba sikhululeke ngokupheleleyo kwiingxaki ezibangelwa kukungafezeki yaye siya kuvuya ngonaphakade. (1 Yoh. 5:3) Okwangoku, kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uYehova uyazazi zonke iingxaki ezisithwaxayo. UDavide wathi: “Ndiya kuvuya ndibe nemihlali ngobubele bakho obunothando, ngenxa yokuba uyibonile inkxwaleko yam; ukwazile ukubandezeleka komphefumlo wam.” (INdu. 31:7) Kuba esithanda, uYehova uya kusihlangula kuzo zonke iintlekele.—INdu. 34:19.
18. Kutheni abantu bakaThixo bemele bahlale bevuya?
18 Ngoxa silindele ukuzaliseka kwezithembiso zikaYehova, masixelise uThixo onoyolo. Masingavumeli izilingo zisenze sityhafe ngokomoya. Xa kuvela iingxaki, masikhokelwe ngamandla okucinga nabubulumko. UYehova uya kusinceda silawule iimvakalelo zethu size senze konke okusemandleni ethu ukuze sikwazi ukuhlangabezana neengxaki. Masiyoliswe zizinto ezintle esizifumana kuye, ezibonakalayo nezo zingabonakaliyo. Xa sisondele kuThixo, siya kuvuya kuba “banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!”—INdu. 144:15.
Ufunde Ntoni?
• Xa sijamelene neengxaki, sinokumxelisa njani uYehova?
• Ukuba nesimo sengqondo esilungeleleneyo kunokusinceda njani sikwazi ukuhlangabezana neengxaki?
• Kula maxesha obunzima, ukwenza ukuthanda kukaThixo kunokusenza njani sihlale sivuya?
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Izinto ezimbi ezenzekayo ziyamkhathaza uYehova
[Inkcazelo]
© G.M.B. Akash/Panos Pictures
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
UYehova usinike izipho ezisenza sonwabe