Ukungazithathi Lula Izinto Xa Sikhonza UYehova
“Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—FIL. 1:10.
1, 2. Yintoni ebangele ukuba uninzi lwabantu kweli hlabathi lubuthathe lula ubomi, ibe loo nto iphakamisa yiphi imibuzo?
SIPHILA kwihlabathi elijongene nezona meko zakha zanzima nezakha zabuhlungu embalini yabantu. Kubantu abangamaziyo uYehova, kunokuba ngumnqantsa ukumelana nala “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Tim. 3:1-5) Kukuba nesibindi nje kuphela okubenza banyamezele—kodwa abaphumeleli nakangako. Ngelizama ukuphepha ukuzithathela phezulu izinto, uninzi luye luzame ukucim’ iintsizi ngokubalekela kwezolonwabo.
2 Abantu badla ngokubeka iminqweno yeziyolo kwindawo yokuqala ukuze banyamezele iinzingo zobomi. Ukuba akalumkanga, amaKristu anokuzibona sele ethe bhakada kuloo ndlela yokuphila. Sinokuyiphepha njani loo nto? Ngaba loo nto ithetha ukuba asinakuze sonwabe yaye sikhululeke? Sinokulungelelana njani xa kusiziwa kwiziyolo neembopheleleko? Yiyiphi imigaqo yeZibhalo efanele isikhokele, ukuze ngoxa sixhalabele izinto ezibalulekileyo, singazicingeli ngokugqithiseleyo?
Ukungazithathi Lula Izinto Kwihlabathi Elithe Phithi Ziziyolo
3, 4. IZibhalo zisinceda njani siqonde ukubaluleka kokungazithathi lula izinto?
3 Alithandabuzeki elokuba eli hlabathi lithe swi ‘kukuthanda iziyolo.’ (2 Tim. 3:4) Ukukhuthaza kwalo iziyolo kunokusisongela ngokomoya. (IMize. 21:17) Ngenxa yoko, iincwadi zikampostile uPawulos awazibhalela uTito zaziquka isiluleko esiphathelele ukungazithathi lula izinto. Ukusebenzisa eso siluleko kuya kusinceda sicezele kude kwindlela eli hlabathi elibuthatha lula ngayo ubomi.—Funda eyoku-1 kuTimoti 2:1, 2; noTito 2:2-8.
4 Kwiinkulungwane ezingaphambili, uSolomon wabhala ngokubaluleka kokuthi xhaa kwiziyolo ngamanye amaxesha ukuze ucinge ngezinto ezibalulekileyo zobomi. (INtshu. 3:4; 7:2-4) Eneneni, ngenxa yokuba ubomi bubufutshane, simele ‘sizibhokoxe ngamandla’ ukuze sisindiswe. (Luka 13:24) Ukuze senze oko, sifanele sihlale sicinga ngazo zonke izinto “ezibaluleke ngakumbi.” (Fil. 1:10) Oko kuthetha ukunikela ingqalelo kwinto yonke ebandakanyekileyo kubomi bomKristu.
5. Yiyiphi enye inkalo yobomi esifanele singayithathi lula?
5 Ngokomzekelo, exelisa uYehova noYesu, amaKristu akayithathi lula imbopheleleko yawo yokusebenza nzima. (Yoh. 5:17) Ngenxa yoko, asoloko enconywa ngokusebenza kwawo nzima nangokuthembeka. Iintloko-ntsapho zikuxhalabela ngokukhethekileyo ukusebenza nzima ukuze zixhase iintsapho zazo. Ngapha koko, umntu ongayondliyo intsapho yakhe ufana nqwa ‘nokhanyela’ uYehova!—1 Tim. 5:8.
Ukungazithathi Lula Izinto Ngoxa Sikhonza Ngovuyo
6. Sazi njani ukuba sifanele singaluthathi lula unqulo lwethu kuYehova?
6 UYehova akazange khe aluthathe lula unqulo lwenene. Ngokomzekelo, phantsi koMthetho kaMoses, amaSirayeli ajongana nemiphumo ebuhlungu xa ayeka ukunqula uYehova. (Yosh. 23:12, 13) Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, abalandeli bakaKristu kwafuneka ukuba balwe ngamandla ukuze bagcine unqulo lwenene lucocekile kwiimfundiso nezimo zengqondo ezonakeleyo. (2 Yoh. 7-11; ISityhi. 2:14-16) Namhlanje, amaKristu enene akaluthathi lula unqulo lwawo.—1 Tim. 6:20.
7. UPawulos wayeyilungiselela njani intsimi?
7 Ubulungiseleli bethu basentsimini busenza sivuye. Kodwa ke, ukuze sihlale sivuya entsimini, kufuneka sicinge nzulu ngayo size silungiselele kusengaphambili. UPawulos wacacisa indlela awayebaxabisa ngayo abantu awayebafundisa. Wathi: “Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile. Kodwa ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.” (1 Kor. 9:22, 23) UPawulos wayekuvuyela ukunceda abantu ngokomoya, yaye wayeyixhalabele indlela awayenokubanceda ngayo abaphulaphuli bakhe. Ngenxa yoko, wakwazi ukubakhuthaza ukuba banqule uYehova.
8. (a) Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngabantu esibafundisayo kubulungiseleli bethu? (b) Ukuqhuba isifundo seBhayibhile kunokusenza njani sivuye kubulungiseleli?
8 Babubaluleke kangakanani ubulungiseleli kuPawulos? Wayekulungele ukuba ‘likhoboka’ likaYehova nelabo babeya kuphulaphula isigidimi senyaniso. (Roma 12:11; 1 Kor. 9:19) Xa sifundisa abantu iLizwi likaThixo—enoba sisifundo seBhayibhile sasekhaya, intlanganiso yamaKristu okanye uNqulo Lwentsapho—ngaba siyayiqonda imbopheleleko esinayo kwabo sibafundisayo? Mhlawumbi sivakalelwa kukuba ukuqhuba isifundo seBhayibhile rhoqo kuluxanduva. Liyinyaniso elokuba kufuneka sincame ixesha ebesiza kulichithela kwizinto zethu size silisebenzisele ukunceda abanye abantu. Kodwa ngaba loo nto ayivisisani namazwi kaYesu athi “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela”? (IZe. 20:35) Ukufundisa abanye abantu indlela yokusindiswa kuya kusizisela ulonwabo olungenakuthelekiswa nanto.
9, 10. (a) Ngaba ukungazithathi lula izinto kuthetha ukuba asinakuphumla size sonwabe kunye nabanye abantu? Cacisa. (b) Yintoni enokunceda umdala abe lukhuthazo aze angeneke?
9 Ukungazithathi lula izinto akuthethi kuthi asinakuba nexesha lokuphumla nelokonwaba nabanye abantu. UYesu wasimisela umzekelo omhle wokuba singaneli nje ukuba nexesha lokufundisa kodwa nelokuphumla nokwakha ubuhlobo nabanye abantu. (Luka 5:27-29; Yoh. 12:1, 2) Ukungazithathi lula izinto akuthethi kuthi masisoloko sithinzile. Ukuba uYesu wayengumntu ohlala engatyhilekanga nongqongqo ngokugqithiseleyo, abantu ngebabengazange batsaleleke kuye. Nkqu nabantwana babengamoyiki. (Marko 10:13-16) Sinokusixelisa njani isimo sengqondo sikaYesu sokulungelelana?
10 Ethetha ngomdala othile, omnye umzalwana wathi, “Uphila ngemilinganiselo ephakamileyo kodwa akalindelanga ukuba abanye bafezeke.” Ngaba kunokuthethwa okufanayo ngawe? Kufanelekile ukulindela okusengqiqweni kwabanye. Ngokomzekelo, abantwana basabela kakuhle xa abazali bebabekela usukelo olusengqiqweni baze babancede balufikelele. Ngokufanayo, abadala basenokukhuthaza abantu ebandleni ukuba bakhule ngokomoya baze babacebise ngendlela abanokukwenza ngayo oko. Ngaphezulu, xa umdala engazicingeli ngokugqith’ emgceni, uya kuba lukhuthazo kwabanye baze bangamoyiki. (Roma 12:3) Omnye udade wathi: “Andithi umdala makasoloko edlala. Kodwa ukuba akahleki nanye kwezihlekisayo, kuba nzima ukuba angeneke.” Omnye wathi uvakalelwa kukuba abanye abadala “bayoyikeka kuba bahlala bethinzile.” Abadala abamele balugxobhe uvuyo abafanele babe nalo bonke abanquli bakaYehova, ‘uThixo onoyolo.’—1 Tim. 1:11.
Ukusingatha Iimbopheleleko Ebandleni
11. Kuthetha ntoni ‘ukuzabalazela’ iimbopheleleko ebandleni?
11 Xa uPawulos wakhuthaza amadoda ebandleni ukuba azabalazele ukufanelekela iimbopheleleko ezingakumbi, injongo yakhe yayingekokukhuthaza nabani na ukuba anelise umnqweno wokuthanda izikhundla. Kunoko, wathi: “Ukuba ubani uzabalazela isigxina sobuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.” (1 Tim. 3:1, 4) ‘Ukuzabalazela’ iimbopheleleko kufuna ukuba amadoda angamaKristu abe nomnqweno onamandla wokusebenza nzima ukuze abe neempawu zokomoya eziya kuwanceda akhonze abazalwana bawo. Ukuba ubuncinane umzalwana unonyaka ebhaptiziwe yaye unazo iimpawu ezingokweZibhalo ezifuneka kwizicaka zolungiselelo ezikweyoku-1 kuTimoti 3:8-13, usenokunconyelwa. Phawula ukuba indinyana 8 ithi: “Izicaka zolungiselelo zifanele ngokunjalo zindileke [zingazithathi lula izinto].”
12, 13. Chaza iindlela abazalwana abaselula abanokuzabalazela ngazo iimbopheleleko.
12 Ngaba ungumzalwana obhaptiziweyo osele eyigqiba iminyaka yeshumi elivisayo nongazithathi lula izinto? Ziliqela iindlela onokuzabalazela ngazo iimbopheleleko. Enye yazo kukuphucula igalelo oba nalo entsimini. Ngaba uthanda ukusebenza nabazalwana bonke entsimini kungakhathaliseki ukuba badala kangakanani na? Ngaba uzama ukufumana umntu onokufunda naye iBhayibhile? Xa uqhuba isifundo seBhayibhile usebenzisa amacebiso esiwanikwa kwiintlanganiso zamaKristu, uya kuphucula ubuchule bakho bokufundisa. Ngaphezulu, uya kufunda ukuba novelwano kumntu ofunda iindlela zikaYehova. Njengoko isifundo sakho siqalisa ukubona imfuneko yokwenza utshintsho, uya kufunda ukusinceda ngomonde nangobuchule ukuba siphile ngemigaqo yeBhayibhile.
13 Nina bazalwana abaselula ninako ukunceda abantu abakhulileyo ebandleni nangayiphi na indlela. Ninokuba nomdla kwinkangeleko yeHolo yoBukumkani, nincedise ekuyicoceni. Xa ninceda nangayiphi na indlela enikwazi ngayo, umoya omhle eninawo ubonisa ukuba anibuthathi lula ubulungiseleli. NjengoTimoti, niya kufunda ukunyamekela iimfuno zebandla ngokunyaniseka.—Funda eyabaseFilipi 2:19-22.
14. Abazalwana abaselula ‘banokuvavanywa njani ukuba bayakufanelekela’ ukukhonza ibandla?
14 Badala, kuphapheleni ukusebenzisa abazalwana abaselula abazabalazela ‘ukusaba iinkanuko zobutsha’ nabaphuthuma ‘ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo,’ nezinye iimpawu ezibalulekileyo. (2 Tim. 2:22) Xa nibanika izabelo ebandleni, ‘banokuvavanywa ukuba bayafaneleka’ kusini na ukusingatha iimbopheleleko, ukuze ‘ukuhambela kwabo phambili kubonakale ebantwini bonke.’—1 Tim. 3:10; 4:15.
Ukungazithathi Lula Izinto Ebandleni Nasentsatsheni
15. Ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 5:1, 2, sinokubonisa njani ukuba asiyithathi lula indlela esibajonga ngayo abanye abantu?
15 Ukungazithathi lula izinto kuquka ukuphatha abazalwana noodadewethu ngesidima. Kwisiluleko esiya kuTimoti, uPawulos wachaza imfuneko yokuphatha abanye ngembeko. (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:1, 2.) Kubaluleke ngokukhethekileyo oku xa siqhubana nabantu besini esahlukileyo. Umzekelo kaYobhi wokuphatha amabhinqa ngesidima, ingakumbi iqabane lakhe lomtshato, ufanelwe kukuxeliswa. Wenza umgudu wokuphepha ukujonga elinye ibhinqa ngenkanuko. (Yobhi 31:1) Ukuphatha abazalwana noodadewethu ngesidima kuya kusenza sikuphephe ukubancwasa okanye ukwenza nantoni na enokwenza umzalwana okanye udade angakhululeki xa ekunye nathi. Ukuphatha abanye ngesidima kubaluleke nangakumbi xa abantu ababini bethandana ngenjongo yokutshata. UmKristu ongazithathi lula izinto akayi kuze adlale ngeemvakalelo zomnye umntu wesini esahlukileyo.—IMize. 12:22.
16. Thelekisa indlela abanye abantu ehlabathini abayijonga ngayo indima yomyeni notata nendlela iBhayibhile eyichaza ngayo indima yakhe.
16 Sikwamele singazithathi lula izinto naxa kusiziwa kwiimbopheleleko zethu entsatsheni. Ihlabathi likaSathana lihlekisa ngendima yomyeni notata. Amajelo okuzonwabisa ayakuvuyela ukwenza abayeni nootata babonakale bezizinto zokugculelwa nokudelelwa. Kodwa ke, iZibhalo zibeka imbopheleleko enkulu endodeni, ziyimisela ‘njengentloko yomfazi wayo.’—Efe. 5:23; 1 Kor. 11:3.
17. Chaza indlela igalelo esiba nalo kunqulo lwentsapho elinokubonisa ngayo ukuba asizithathi lula iimbopheleleko zethu.
17 Indoda isenokuyondla yona intsapho yayo. Kodwa ukuba ayiyinyamekeli ngezinto zokomoya, iya kuba iswele ukuqonda nobulumko. (Dut. 6:6, 7) Ngenxa yoko, eyoku-1 kuTimoti 3:4 ithi ukuba uyintloko-ntsapho yaye uzabalazela amalungelo angakumbi ebandleni, umele ube yindoda ‘eyongamela kakuhle indlu yayo, enabantwana abathobelayo ngako konke ukundileka [ukungazithathi lula izinto].’ Kule nkalo, zibuze, ‘Ngaba rhoqo ndilibekela bucala ixesha lonqulo lwentsapho?’ Amanye amakhosikazi angamaKristu ade abacenge abayeni bawo ukuba bathathe ukhokelo kwizinto zokomoya. Myeni ngamnye umele azihlole enoba akayithathi lula kusini na le mbopheleleko. Kakade ke, nenkosikazi engumKristu imele ilixhase ilungiselelo loNqulo Lwentsapho ize isebenzisane nomyeni wayo ukuze liphumelele.
18. Abantwana banokufunda njani ukungazithathi lula izinto?
18 Abantwana nabo bakhuthazwa ukuba bangabuthathi lula ubomi. (INtshu. 12:1) Akukho nto imbi ngokufundisa umntwana ukusebenza nzima, ukwenza imisetyenzana yasekhaya emlungeleyo ngokweminyaka namandla akhe. (IZili. 3:27) Xa uKumkani uDavide wayeseyinkwenkwana, wafunda ukuba ngumalusi olungileyo. Wafunda kwanokuba yimvumi nomqambi weengoma—buchule obo obamenza wakhonza phambi komlawuli wakwaSirayeli. (1 Sam. 16:11, 12, 18-21) Ngokuqinisekileyo, njengenkwenkwana uDavide wayekhe adlale, kodwa wafunda ubuchule obukhulu awabusebenzisa kamva ukudumisa uYehova. Ubuchule bakhe bokwalusa bamnceda wakhokela uhlanga lwakwaSirayeli ngomonde. Nina lutsha, bubuphi ubuchule enibufundayo ngoku—obuya kuninceda ninqule uMdali wenu buze buniqeqeshele iimbopheleleko ezizayo?
Hlala Ulungelelene
19, 20. Sisiphi isimo sengqondo esilungeleleneyo ozimisele ukuba naso ebomini naxa ukhonza uYehova?
19 Sonke sinako ukuzabalazela ukulungelelana—singazicingeli ngokugqith’ emgceni. Asiyi kufuna ukuba ‘ngamalungisa kakhulu.’ (INtshu. 7:16) Ukuba noburharha ngamathuba athile kunokwenza abantu bakhululeke, enoba kusekhaya, emsebenzini, okanye xa sisebenzisana nabazalwana noodadewethu ebandleni. Amalungu eentsapho aya kukulumkela ukuthi ehleli nje abe ehlab’ amadlala kwabanye ukuze ikhaya lihlale liyindawo yoxolo. Ebandleni, sonke sinokuhleka kunye size sonwabele ukuba kunye, sigcine iincoko neemfundiso zethu zisakha yaye zikhuthaza.—2 Kor. 13:10; Efe. 4:29.
20 Siphila kwihlabathi elingamgqaliyo uYehova neliyithatha lula imithetho yakhe. Ngokwahlukileyo, abantu bakaYehova bakuxhalabele kakhulu ukuthobela nokunyaniseka kuThixo wabo. Kumnandi ngokwenene ukuba yinxalenye yenkitha yabantu abanqula uYehova “ngako konke ukundileka” [abangazithathi lula izinto]! Ngamana singazimisela ukungazithathi lula izinto ebomini naxa sikhonza uYehova.
Unokuphendula Uthini?
• Kutheni sifanele siyiphephe indlela ihlabathi elibujonga ngayo ubomi?
• Sinokuba novuyo njani entsimini kwangaxeshanye singazithathi lula izinto?
• Indlela esiyijonga ngayo imbopheleleko ibonisa njani ukuba izinto asizithathi lula?
• Chaza isizathu sokuba kubalulekile ukuphatha abazalwana bethu neentsapho zethu ngesidima.
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Umyeni umele ondle intsapho yakhe aze ayinyamekele nangokomoya