Ukunceda Abahlolokazi Kwizilingo Zabo
ELINYE lamabali awaziwa kakhulu athetha ngabahlolokazi yingxelo yeBhayibhile kaRute noninazala, uNahomi. Omabini la mabhinqa ayengabahlolokazi. Noko ke, uNahomi akazange afelwe ngumyeni wakhe kuphela kodwa nangoonyana bakhe ababini, omnye wabo owayengumyeni kaRute. Ngenxa yokuba babehlala phakathi kwebutho labantu ababelima, msebenzi lowo wawuxhomekeke kakhulu emadodeni, ngokwenene imeko yabo yayilusizi.—Rute 1:1-5, 20, 21.
Noko ke, uNahomi wayenomhlobo nomthuthuzeli obalaseleyo owayengumolokazana wakhe uRute, owayengafuni ukumshiya. Ekuhambeni kwexesha, uRute ‘wayelunge ngakumbi [kuNahomi] kunoonyana abasixhenxe’—kungekuphela nje ngenxa yokumthanda kakhulu uNahomi kodwa nangenxa yokuba wayemthanda kakhulu uThixo. (Rute 4:15) Xa uNahomi wacebisa uRute ukuba abuyele kwintsapho nabahlobo bakhe abangamaMowabhi, uRute waphendula ngamazwi achukumisayo abonisa ukunyaniseka awakhe abhalwa phantsi: “Kuba apho uya khona ndiya kuya, nalapho uchitha ubusuku khona ndiya kuchitha ubusuku. Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam. Apho ufela khona ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Wanga uYehova angenjenjalo kum aze ongeze kuko ukuba kungabikho nantoni na enokusahlula ngaphandle kokufa.”—Rute 1:16, 17.
UYehova uThixo wasiphawula isimo sengqondo sikaRute. Wayisikelela intsapho encinane kaNahomi noRute, yaye ekugqibeleni uRute watshata noBhowazi owayengumSirayeli. Umntwana wabo, owaba ngukhokho kaYesu Kristu, wanyanyekelwa nguNahomi ngokungathi ngowakhe. Le mbali ingumzekelo wendlela uYehova abaxabisa ngayo abahlolokazi abasondela kuye nabamthembayo. Ngokubhekele phaya, iBhayibhile isixelela ukuba uyabaxabisa abo bathi ngothando bancede abahlolokazi kwizilingo zabo. Ngoko thina sinokubaxhasa njani abahlolokazi abaphakathi kwethu namhlanje?—Rute 4:13, 16-22; INdumiso 68:5.
Nikela Uncedo Ngokungqalileyo Kodwa Ungalawuli
Xa unceda umhlolokazi, kubalulekile ukuba uzenze izinto zicace yaye ungqale kodwa ungamlawuli. Ziphephe iintetho ezingacacanga ezinjengezithi, “Uze undixelele xa kukho okuthile okufunayo.” Oko kunokufana nokuthi, ‘Ufudumale, uhluthe’ kumntu ogodolayo nolambileyo uze ungenzi nto ukuze umncede. (Yakobi 2:16) Abantu abaninzi abasoze bacele uncedo xa befuna okuthile; kunoko, bafela ngaphakathi. Ukuze ubancede abanjalo, kufuneka ukuqonda, uze uziphaphele iintswelo zabo. Kwelinye icala, ukulawula ubomi bomhlolokazi kunokumenza akhathazeke okanye kubangele ungquzulwano. Ngenxa yoko, iBhayibhile igxininisa ukubaluleka kokulungelelana xa siqhubana nabanye. Ngoxa isikhuthaza ukuba sibe nomdla wokungazingci kubantu, iyasikhumbuza ukuba singabi ngoogqada-mbekweni.—Filipi 2:4; 1 Petros 4:15.
URute wabonisa isimo sengqondo esilungeleleneyo ngolo hlobo kuNahomi. Nangona wayenamathele ngokunyanisekileyo kuninazala, uRute akazange amcinezele okanye amlawule. Wathabatha amanyathelo asengqiqweni, njengokufunela uNahomi naye ukutya, kodwa wayekwalandela imiyalelo kaNahomi.—Rute 2:2, 22, 23; 3:1-6.
Kakade ke, iintswelo zinokwahluka kakhulu kubantu ngabanye. USandra, okhankanywe ngaphambilana, uthi: “Ndakufumana oko ndandikufuna xa ndandikhathazekile—abahlobo abathandekayo nabandithandayo ababendingqongile.” Kwelinye icala, uElaine, okhankanywe ngaphambilana, wayefuna ukuba yedwa. Ngoko ke, ukuze ube luncedo kufuneka uqonde yaye ube ngolungeleleneyo ekuhloneleni imicimbi yangasese kabani nokwenza ufumaneke ukuze uncede xa kuyimfuneko.
Inkxaso Evela Kwintsapho
Intsapho efudumeleyo nenothando, ukuba ikho, inokwenza okukhulu ekuqinisekiseni umhlolokazi ukuba uya kukwazi ukuhlangabezana nemeko yokuba ngumhlolokazi. Nangona amanye amalungu entsapho anokukwazi ukunikela uncedo olungakumbi kunabanye, onke anokuba negalelo. “Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, mabafunde ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo ekhaya kuqala, babuyekeze abazali noomawokhulu babo, kuba oko kwamkelekile emehlweni kaThixo.”—1 Timoti 5:4.
Kwiimeko ezininzi, isenokungabi yomfuneko inkxaso yemali okanye ‘imbuyiselo.’ Abanye abahlolokazi banemali eyaneleyo yokunyamekela iimfuno zabo, yaye abanye bayafaneleka ukuba bafumane imali evela kurhulumente, efumanekayo kumazwe athile. Kodwa xa abahlolokazi beswele, amalungu entsapho afanele ancede. Ukuba umhlolokazi akanazalamane zisondeleyo ezinokumxhasa okanye ezo zalamane azikwazi ukumnceda, iZibhalo zikhuthaza amanye amakholwa ukuba amncede: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.”—Yakobi 1:27.
Abo basebenzisa le migaqo yeBhayibhile ngokwenene ‘bayababeka abahlolokazi.’ (1 Timoti 5:3) Ukunika umntu imbeko kuthetha, ngokungathi kunjalo, ukumbonisa intlonelo. Abantu abanikwa imbeko baziva bexabisekile, bethandwa, behlonelwa. Abavakalelwa kukuba abanye banceda ngenxa yokuba benyanzelekile. URute, nangona naye wayengumhlolokazi kangangethuba, wambeka ngokwenene uNahomi ngokuba akulungele yaye ngothando aqiniseke ukuba uyazinyamekela iimfuno zikaNahomi zokwenyama nezingokweemvakalelo. Enyanisweni, isimo sengqondo sikaRute ngokukhawuleza samenza waduma kakuhle, kangangokuba owayeza kuba ngumyeni wakhe wathi kuye: “Wonk’ ubani osemasangweni abantu bam uyakuqonda ukuba ungumfazi obalaseleyo.” (Rute 3:11, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Kwangaxeshanye, ukuthanda kukaNahomi uThixo, nokunganyanzelisi kwakhe izinto, nokuyixabisa kakhulu imigudu kaRute, akuthandabuzeki ukuba kwabangela uRute akuvuyele ukumnceda. Hayi indlela angumzekelo omhle ngayo uNahomi kubahlolokazi banamhlanje!
Sondela KuThixo
Kakade ke, amalungu entsapho nabahlobo abanako ukuthabath’ indawo yeqabane elifileyo. Ngenxa yoku kubalulekile ukuba umntu ofelweyo asondele ingakumbi ‘kuYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Cinga ngomzekelo ka-Ana, umhlolokazi onenzondelelo owayeneminyaka engama-84 ubudala ngexesha lokuzalwa kukaYesu.
Xa umyeni ka-Ana wafayo emva kweminyaka esixhenxe kuphela betshatile, wasondela kuYehova ukuze afumane intuthuzelo. “Wayengazange aphoswe kukuba setempileni, enikela inkonzo engcwele ubusuku nemini ngokuzila ukutya nezikhungo.” (Luka 2:36, 37) Ngaba uYehova wasabela kuzinikelo lobuthixo luka-Ana? Ewe! Wambonisa uthando ngendlela ekhethekileyo ngokumvumela alubone usana olwaluza kukhula lube nguMsindisi wehlabathi. Hayi indlela okwamchukumisa nokwamthuthuzela ngayo uAna oku! Ngokucacileyo, wakubona ukunyanisa kweNdumiso 37:4 ethi: “Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.”
UThixo Usebenzisa Amanye AmaKristu
UElaine uthi: “Kangangexesha elide emva kokufa kukaDavid, umzimba wam wawuqaqamba, ngokungathi ndihlatywa ngemela ezimbanjeni. Ndandicinga ukuba ndiqunjelwe. Ngenye imini ndaqaqanjelwa kangangokuba ndandicinga ukuba ndimele ndibone ugqirha. Udade wokomoya oqondayo nongumhlobo wacebisa ukuba kusenokwenzeka ukuba oko kubangelwa yintlungu endikuyo waza wandikhuthaza ukuba ndicele uncedo nentuthuzelo kuYehova. Ngoko nangoko ndalisebenzisa icebiso lakhe ndaza ndathandaza ngaphakathi ngokusuka entliziyweni, ndicela uYehova andomeleze kwintlungu endinayo. Yaye wandomeleza!” UElaine waqalisa ukuziva bhetele, yaye kungekudala emva koko noko kuqaqanjelwa kwakhe kwaphela.
Abadala bebandla ngokukhethekileyo banokuba ngabahlobo abanobubele kubahlolokazi abasentlungwini. Ngokubaxhasa ngokomoya nokubathuthuzela ngendlela enobuchule nesengqiqweni, abadala banokubanceda bahlale besondele kuYehova phezu kwazo nje izilingo. Xa kuyimfuneko, abadala banokunceda ekulungiseleleni inkxaso yemali. Abadala abanovelwano ngolo hlobo nabaqondayo, ngokwenene baye baba “njengendawo yokuzimela umoya.”—Isaya 32:2; IZenzo 6:1-3.
Intuthuzelo Ehlal’ Ihleli Evela KwiKumkani Entsha Yehlabathi
Lowo wavuyelwa nguAna akumbona kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo ngoku uye waba nguKumkani onguMesiya woBukumkani bukaThixo basezulwini. Kungekudala lo rhulumente uya kususa wonke unobangela wentsizi, kuquka ukufa. Ngokuphathelele oku, ISityhilelo 21:3, 4 sithi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” Ngaba uye waphawula ukuba le ngxelo ibhekisela ‘kuluntu’? Ewe, uluntu luya kukhululwa ekufeni nako konke ukuzila nokukhala okukubangelayo.
Kodwa kukho iindaba ezilungileyo ezingakumbi! IBhayibhile ikwathembisa ngovuko lwabafileyo. “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) NjengoLazaro, uYesu awamvusayo ekufeni, baya kuphuma bengabantu, kungekhona izidalwa zokomoya. (Yohane 11:43, 44) Abo benza ‘izinto ezilungileyo’ baya kwenziwa bafezeke baze babone inyameko kaYehova njengoko ‘esivula isandla sakhe aze anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.’—INdumiso 145:16.
Abo baye bafelwa ngabathandekayo nabanokholo kweli themba liqinisekileyo balifumanisa lingumthombo wentuthuzelo enkulu. (1 Tesalonika 4:13) Ngoko ukuba ungumhlolokazi, qiniseka ukuba ‘uthandaza ngokungapheziyo’ ukuze ufumane intuthuzelo noncedo olufunayo imihla ngemihla ukuze uthwale imithwalo yakho eyahlukahlukeneyo. (1 Tesalonika 5:17; 1 Petros 5:7) Yaye zinike ixesha suku ngalunye ufunde iLizwi likaThixo ukuze iingcamango zikaThixo zikuthuthuzele. Ukuba uyazenza ezi zinto, uya kuzibonela ngokwakho ukuba, phezu kwazo nje izilingo nocelomngeni ojamelene nalo njengomhlolokazi, ngokwenene uYehova unokukunceda ufumane uxolo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Ukuze ube luncedo kufuneka ube ngolungeleleneyo ekuhloneleni imicimbi yangasese kabani nokwenza ufumaneke ukuze uncede xa kuyimfuneko.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Umhlolokazi okhulileyo uAna wasikelelwa nguThixo