Isahluko 12
Unokuzoyisa Iingxaki Ezonakalisa Intsapho
1. Ziziphi iingxaki ezifihlakeleyo ezikhoyo kwezinye iintsapho?
INQWELO-MAFUTHA endala isandul’ ukuhlanjwa yaza yapolishwa. Kubantu abadlulayo ibonakala ibengezela, ngathi intsha. Kodwa ngaphakathi, umhlwa uyasiqhenkqetha esi sithuthi. Zinjalo ke ezinye iintsapho. Nangona ngaphandle zibonakala zingenangxaki, uncumo lwazo lufihla uloyiko nentlungu ezikuyo. Xa zizodwa kukho izinto eziluqhenkqethayo uxolo lwezo ntsapho. Iingxaki ezimbini ezinokubangela oku kukukhotyokiswa butywala nogonyamelo.
UMONAKALO OBANGELWA KUKUKHOTYOKISWA BUTYWALA
2. (a) Yiyiphi imbono yeBhayibhile ngokusetyenziswa kotywala? (b) Kuyintoni ukukhotyokiswa butywala?
2 IBhayibhile ayikugwebi ukusetyenziswa kotywala ngobungcathu, kodwa ubunxila iyabugweba. (IMizekeliso 23:20, 21; 1 Korinte 6:9, 10; 1 Timoti 5:23; Tito 2:2, 3) Noko ke, ukukhotyokiswa butywala asikokunxila nje; kukusoloko ufuna utywala uze ungakwazi ukuyilawula indlela obusela ngayo. Amakhoboka otywala anokuba ngabantu abakhulu. Okulusizi kukuba nolutsha lunokuba ngawo.
3, 4. Chaza imiphumo yokukhotyokiswa butywala kwiqabane lekhoboka lotywala nasebantwaneni.
3 IBhayibhile yabonisa kwangaphambili ukuba ukusebenzisa kakubi utywala kunokuluphazamisa uxolo lwentsapho. (Duteronomi 21:18-21) Yonke intsapho iyachatshazelwa yimiphumo eqhenkqethayo yokukhotyokiswa butywala. Umfazi walo usenokuwa evuka ezama ukunceda eli khoboka lotywala okanye ezama ukuhlangabezana nokuguquguquka kwesimilo salo.a Umfazi uye azame ukufihla utywala balo, abulahle, afihle imali yalo, aze alibonise ukubaluleka kokuthanda intsapho yalo, ubomi balo, kwanoThixo—kodwa ikhoboka lotywala aliyeki ukusela. Njengokuba ezama ukulawula indlela elisela ngayo aze oyisakale, uyakhathazeka aze azive engeloncedo. Usenokuba nengxaki yokoyika, umsindo, ukuziva enetyala, engonwabanga, enexhala, yaye engazihloneli.
4 Nabantwana bayachatshazelwa kukukhotyokiswa butywala komzali. Bambi benzakaliswa emzimbeni. Abanye bayaxhatshazwa ngokwesini. Basenokude bazibek’ ityala ngokukhotyokiswa butywala komzali lowo. Amaxesha amaninzi bayayeka ukuthemba abanye abantu ngenxa yokuguquguquka kwesimilo sekhoboka lotywala. Kuba bengakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ngoko kwenzeka ekhaya, abantwana basenokufunda ukuzigcina ngaphakathi iimvakalelo zabo, nto leyo edla ngokuba yingozi kubo. (IMizekeliso 17:22) Aba bantwana basenokukhula bengathembi mntu yaye bengazithembanga de babe badala.
YINTONI ENOKWENZIWA YINTSAPHO?
5. Kunokuhlangatyezwana njani nokukhotyokiswa butywala, yaye kutheni oku kunzima?
5 Nangona imithombo ethile isithi ukukhotyokiswa butywala akunakunyangeka, inkoliso yayo iyavuma ukuba lingachacha ikhoboka lotywala ukusa kumlinganiselo othile ngokulilumla ngokupheleleyo. (Thelekisa Mateyu 5:29.) Noko ke, kulula ukuthetha ngokuncedwa kwekhoboka lotywala kodwa ukulinceda akuyondlwan’ iyanetha, kuba liyiphika lilale ngomhlana into yokuba linengxaki. Sekunjalo, xa amalungu entsapho esenza amalinge okuhlangabezana neengxaki ezibangelwa kukukhotyokiswa kwalo butywala, ikhoboka lotywala lisenokutsho liqonde ukuba linengxaki. Omnye ugqirha onamava okunceda amakhoboka otywala neentsapho zawo wathi: “Ndicinga ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba amalungu entsapho aqhubeke esenza izinto zawo ngendlela eyingenelo kangangoko enako. Ikhoboka lotywala liya kude liyibone indlela elahluke ngayo kwintsapho iphela.”
6. Sifumaneka phi esona siluleko sibalaseleyo seentsapho ezinelungu elilikhoboka lotywala?
6 Ukuba kukho ikhoboka lotywala kwintsapho yakho, isiluleko seBhayibhile esiphefumlelweyo sinokukunceda uphile ngendlela eyingenelo kangangoko unako. (Isaya 48:17; 2 Timoti 3:16, 17) Qwalasela eminye imigaqo eye yanceda iintsapho zihlangabezane ngokuphumelelayo nengxaki yokukhotyokiswa butywala.
7. Ukuba ilungu lentsapho lilikhoboka lotywala, ngubani obekek’ ityala?
7 Yekani ukuzibeka ityala. IBhayibhile ithi: “Ngamnye uya kuthwala umthwalo wakhe,” yaye, “ngamnye wethu uya kunikela ingxelo kuThixo.” (Galati 6:5; Roma 14:12) Ikhoboka lotywala lisenokuzama ukubek’ ityala amalungu entsapho ngokuthi angunobangela woku. Ngokomzekelo, lisenokuthi: “Ukuba benindiphethe kakuhle, ngendingaseli.” Ukuba kukho ababonakala bevumelana nalo, bayalikhuthaza ukuba liqhubeke lisela. Kodwa enoba siqhutywa ziimeko okanye ngabanye abantu, sonke—kuquka amakhoboka otywala—sibophelelekile ngoko sikwenzayo.—Thelekisa amaFilipi 2:12.
8. Ziziphi ezinye iindlela ikhoboka lotywala elisenokuncedwa ngazo ukuze liyive imiphumo yengxaki?
8 Musani ukucinga ukuba nimele nisoloko nilikhusela ikhoboka lotywala xa lisengxakini ngenxa yokusela. Umzekeliso weBhayibhile othetha ngomntu onomsindo unokusetyenziswa ngokufanayo kwikhoboka lotywala: “Xa uthe wamhlangula, woba mandundu.” (IMizekeliso 19:19) Ikhoboka maliyive imiphumo yokusela kwalo. Malizilungise ngokwalo izinto elizonakalisileyo okanye limtsalele umnxeba ngokwalo umqeshi ngentsasa elandela olo suku belinxile ngalo.
9, 10. Kutheni iintsapho zamakhoboka otywala zimele zilwamkele uncedo, yaye luncedo lukabani ngokukhethekileyo ezifanele zilufune?
9 Lwamkeleni uncedo lwabanye. IMizekeliso 17:17 ithi: “Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; umzalwana uzalelwe imbandezelo.” Xa kukho ikhoboka lotywala kwintsapho yakho, kubakho imbandezelo. Kufuneka uncedwe. Musa ukoyika ukucela uncedo ‘kubahlobo.’ (IMizekeliso 18:24) Ukuthetha nabanye abayiqondayo ingxaki yakho okanye abakhe bakwimeko efanayo basenokukunika amacebiso asebenzisekayo ngoko umele ukwenze nangoko ungamele ukwenze. Kodwa lungelelana. Thetha nabo ubathembayo, abo baya kulugcina “ucweyo.”—IMizekeliso 11:13.
10 Funda ukukholosa ngabadala abangamaKristu. Abadala kwibandla lamaKristu banokuba luncedo gqitha. La madoda aqolileyo afundiswe iLizwi likaThixo nanamava ekusebenziseni imigaqo yalo. Asenokungqineka ‘enjengendawo yokuzimela umoya, nokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.’ (Isaya 32:2) Abadala abangamaKristu abaneli nje ukukhusela ibandla kwiimpembelelo eziyingozi kodwa bayalithuthuzela, balihlaziye baze babe nomdla wobuqu kubantu abaneengxaki. Lusebenzise ngokuzeleyo uncedo lwabo.
11, 12. Ngubani onikela olona ncedo lukhulu kwiintsapho ezinekhoboka lotywala, yaye lunikelwa njani olo ncedo?
11 Ngaphezu kweento zonke, fumana amandla kuYehova. IBhayibhile ngobubele isiqinisekisa oku: “Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, abasindise abamoya utyumkileyo.” (INdumiso 34:18) Ukuba uziva waphuke intliziyo okanye utyumkile emoyeni ngenxa yeengcinezelo zokuphila nelungu lentsapho elilikhoboka lotywala, yazi ukuba “usondele uYehova.” Uyayiqonda indlela enzima ngayo imeko yentsapho yakho.—1 Petros 5:6, 7.
12 Ukukukholelwa oko uYehova akuthethayo eLizwini lakhe kunokukunceda uhlangabezane nexhala. (INdumiso 130:3, 4; Mateyu 6:25-34; 1 Yohane 3:19, 20) Ukufundisisa iLizwi likaThixo nokuphila ngemigaqo yalo kukwenza ukwazi ukufumana uncedo lomoya oyingcwele kaThixo, onokukunika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze uhlangabezane nale ngxaki yonke imihla.—2 Korinte 4:7.b
13. Yiyiphi ingxaki yesibini eyonakalisa ubomi beentsapho ezininzi?
13 Ukusebenzisa kakubi utywala kunokubangela enye ingxaki eyonakalisa iintsapho ezininzi—ugonyamelo lwasekhaya.
UMONAKALO OBANGELWA LUGONYAMELO LWASEKHAYA
14. Ugonyamelo lwasekhaya lwaqala nini, yaye injani imeko namhlanje?
14 Ugonyamelo lokuqala kwimbali yoluntu lwalubandakanya abafana ababini abalekelanayo, uKayin noAbheli. (Genesis 4:8) Ukususela ngoko, uluntu beluthwaxwa lugonyamelo lwasekhaya olwahlukahlukeneyo. Amadoda abetha abafazi, abafazi bahlasela amadoda, abazali babetha abantwana babo ngenkohlakalo nabantwana abadala babaphethe kakubi abazali babo abalupheleyo.
15. Amalungu entsapho achatshazelwa njani ngokweemvakalelo lugonyamelo lwasekhaya?
15 Umonakalo obangelwa lugonyamelo lwasekhaya awupheleli nje kumanxeba asemzimbeni. Omnye umfazi obethwayo wathi: “Uye uzive unetyala ngeyona ndlela yaye unentloni. Amaxesha amaninzi ngentsasa elandelayo, uye ubawele ukulala ungavuki, unethemba lokuba okwenzekileyo ibikukuphupha nje kakubi.” Abantwana ababukela okanye abanengxaki yogonyamelo lwasekhaya basenokuba nogonyamelo xa bekhula yaye beneentsapho zabo.
16, 17. Kukuthini ukuphathwa kakubi ngokweemvakalelo, yaye kwenza ntoni kumalungu entsapho?
16 Ugonyamelo lwasekhaya aluphelelanga ekwenzakalisweni emzimbeni. Idla ngokuba kukusetyenziswa kwamazwi ahlabayo. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele.” Oku ‘kuhlaba’ okudla ngokubakho kugonyamelo lwasekhaya kuquka ukuthukwa nokungxoliswa, kunye nokusoloko ugxekwa, izithuko ezithob’ isidima nokusongelwa ngokubethwa ngogonyamelo. Amanxeba ogonyamelo olungokweemvakalelo akabonakali yaye adla ngokungabonwa ngabanye.
17 Eyona nto ibuhlungu ngakumbi kukuphathwa kakubi komntwana ngokweemvakalelo—ukusoloko egxekwa nokunyemba ubuchule bakhe, ubukrelekrele bakhe okanye ukubaluleka kwakhe njengomntu. Oko kuphathwa kakubi ngamazwi kunokuwutyumza umoya womntwana. Liyinyaniso elokuba, bonke abantwana bayakufuna ukuqeqeshwa. Kodwa iBhayibhile iyalela ootata isithi: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, khon’ ukuze bangafi intliziyo.”—Kolose 3:21.
INDLELA YOKUPHEPHA UGONYAMELO LWASEKHAYA
18. Ugonyamelo lwasekhaya luqala phi, yaye iBhayibhile ithi yiyiphi indlela yokuluphelisa?
18 Ugonyamelo lwasekhaya luqala entliziyweni nasengqondweni; indlela esizenza ngayo izinto iqala kwindlela esicinga ngayo. (Yakobi 1:14, 15) Ukuze ayeke olo gonyamelo, lowo unempatho-mbi umele aguqule indlela acinga ngayo. (Roma 12:2) Ngaba oko kunokwenzeka? Ewe. ILizwi likaThixo linamandla okuguqula abantu. Linokuncothula ‘izinto ezinqatyiswe ngamandla.’ (2 Korinte 10:4; Hebhere 4:12) Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile lunokubaguqula ngokupheleleyo abantu kangangokuba kuthiwe bambethe ubuntu obutsha.—Efese 4:22-24; Kolose 3:8-10.
19. UmKristu ufanele abe nayiphi imbono yaye aliphathe njani iqabane lomtshato?
19 Indlela omele ulijonge ngayo iqabane lomtshato. ILizwi likaThixo lithi: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. Lowo umthandayo umfazi wakhe uyazithanda.” (Efese 5:28) Kwakhona iBhayibhile ithi amadoda afanele anike abafazi bawo “imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi.” (1 Petros 3:7) Abafazi balulekwa ukuba “bawathande amadoda abo” baze bona babe “nentlonelo enzulu” ngawo. (Tito 2:4; Efese 5:33) Ngokuqinisekileyo ayikho indoda eyoyika uThixo enokuzithethelela ngelithi iyambeka ngokwenene umkayo ukuba imphatha kakubi emzimbeni nangamazwi. Yaye akakho umfazi ongxolisa indoda yakhe, ahlekise ngayo, okanye osoloko eyiluthuzelisa onokuthi ngokwenene uyayithanda yaye uyayihlonela.
20. Ngubani abanembopheleleko kuye abazali ngabantwana babo, yaye kutheni abazali bengafanele balindele izinto ezingenakwenzeka kubantwana babo?
20 Imbono efanelekileyo ngabantwana. Ewe, abazali bafanele babathande baze banikele ingqalelo kubantwana babo. ILizwi likaThixo libabiza abantwana ngokuthi ‘lilifa likaYehova’ nangokuthi ‘ngumvuzo.’ (INdumiso 127:3) Abazali banembopheleleko phambi koYehova yokunyamekela elo lifa. IBhayibhile ithetha ‘ngeempawu zosana’ ‘nangokumatha komntwana.’ (1 Korinte 13:11; IMizekeliso 22:15) Abazali abafanele bamangaliswe xa befumanisa ukumatha ebantwaneni babo. Abantwana asingobantu badala. Abazali abafanele bafune izinto ezingabufanelanga ubudala akubo loo mntwana, imvelaphi yaloo ntsapho nobuchule bakhe.—Bona iGenesis 33:12-14.
21. Yiyiphi indlela yobuthixo yokujonga abazali abalupheleyo neyokubaphatha?
21 Imbono ngabazali abalupheleyo. ILevitikus 19:32 ithi: “Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego.” Ngaloo ndlela uMthetho kaThixo wawufuna ukuba abantu abalupheleyo bahlonelwe baze baxatyiswe. Oku kusenokuba lucelomngeni xa umzali owalupheleyo efuna yonk’ into okanye egula yaye mhlawumbi engakwazi kukhawuleza okanye enengqondo ecothayo. Sekunjalo, abantwana bakhunjuzwa ukuba ‘baqhubeke bebahlawula imbuyekezo ebafaneleyo abazali.’ (1 Timoti 5:4) Oku bekuya kuthetha ukubaphatha ngokundileka nangentlonelo, mhlawumbi nangokubaxhasa ngemali. Ukuphatha kakubi abazali ngokwasemzimbeni okanye ngenye indlela kuchasene mpela nendlela iBhayibhile ethi masibaphathe ngayo.
22. Luluphi uphawu olubalaseleyo lokoyisa ugonyamelo lwasekhaya, yaye lunokusetyenziswa njani?
22 Hlakulela ukuzeyisa. IMizekeliso 29:11 ithi: “Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.” Unokuwulawula njani umoya wakho? Kunokuvumela ukukhathazeka kwakheke, zilungise ngokukhawuleza iingxaki xa zivela. (Efese 4:26, 27) Ukuba uyaziva ukuba akunakuzibamba hamba kuloo ndawo. Thandazela umoya oyingcwele kaThixo ukuncede ukwazi ukuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ukuphuma ubethwe ngumoya okanye ukwenza umthambo kusenokukunceda uzilawule iimvakalelo zakho. (IMizekeliso 17:14, 27) Zama ‘ukuzeka kade umsindo.’—IMizekeliso 14:29.
NGABA NIMELE NAHLUKANE OKANYE NIQHUBEKE NIHLALA KUNYE?
23. Yintoni enokwenzeka ukuba ilungu lebandla lamaKristu ngokuphindaphindiweyo yaye lingaguquki liyanikezela kumsindo onogonyamelo, mhlawumbi lide liyiphathe kakubi intsapho yalo?
23 IBhayibhile xa ichaza imisebenzi egwetywayo nguThixo iquka ‘ubutshaba, iimbambano, . . . imisindo’ ize ithi “abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (Galati 5:19-21) Ngoko ke, nabani na othi ungumKristu onikezela ngokuphindaphindiweyo yaye engaguquki kumsindo onogonyamelo, mhlawumbi ade aliphathe kakubi iqabane lakhe okanye abantwana bakhe, unokususwa kubudlelwane kwibandla lamaKristu. (Thelekisa eyesi-2 kaYohane 9, 10.) Ngale ndlela ibandla ligcinwa licocekile lingenabantu abanempatho-mbi.—1 Korinte 5:6, 7; Galati 5:9.
24. (a) Yintoni asenokukhetha ukuyenza amaqabane aphethwe kakubi? (b) Izihlobo ezixhalabileyo nabadala basenokulixhasa njani iqabane eliphethwe kakubi, kodwa yintoni abangafanele bayenze?
24 Kuthekani ngamaKristu abethwa liqabane elinempatho-mbi elingabonisi nguquko? Wambi aye akhetha ukuhlala nelo qabane linempatho-mbi ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Amanye aye akhetha ukulishiya, kuba evakalelwa kukuba impilo yawo yasemzimbeni, yasengqondweni neyokomoya—mhlawumbi kwanobomi bawo—busengozini. Oko ixhoba logonyamelo lwasekhaya likhetha ukukwenza kusisigqibo salo sobuqu phambi kukaYehova. (1 Korinte 7:10, 11) Izihlobo, izalamane, okanye abadala abangamaKristu basenokunqwenela ukunikela uncedo necebiso, kodwa abafanele banyanzele elo xhoba ukuba lenze okuthile. Konke oko kuxhomekeke kulo.—Roma 14:4; Galati 6:5.
UKUPHELA KWEENGXAKI EZONAKALISAYO
25. Yiyiphi injongo uYehova anayo ngentsapho?
25 Xa uYehova watshatisa uAdam noEva, akazange abe nenjongo yokuba iintsapho zikhathazwe ziingxaki ezonakalisayo njengokukhotyokiswa butywala okanye ugonyamelo. (Efese 3:14, 15) Intsapho yayimele ibe yindawo ekwesamele kuyo uthando noxolo yaye nekunyanyekelwa kuyo iintswelo zengqondo, zeemvakalelo nezokomoya. Noko ke, xa kwangena isono ubomi bentsapho badodobala ngokukhawuleza.—Thelekisa INtshumayeli 8:9.
26. Liliphi ikamva elilindele abo bazama ukuphila ngokuvisisana noko kufunwa nguYehova?
26 Okuvuyisayo kukuba, uYehova akazange ayilibale injongo yakhe ngentsapho. Uthembisa ukuzisa ihlabathi elitsha elinoxolo ekuya kuthi kulo abantu “bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.” (Hezekile 34:28) Ngelo xesha, ukukhotyokiswa butywala, ugonyamelo lwasekhaya nazo zonke ezinye iingxaki ezonakalisa iintsapho namhlanje ziya kube zingasekho. Abantu baya kuncuma bengafihli loyiko nantlungu abakuyo, kodwa baya kuncunyiswa ‘kukuziyolisa ngobuninzi boxolo.’—INdumiso 37:11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona sibhekisela kwikhoboka lotywala njengendoda, le migaqo isebenza ngokufanayo nakwikhoboka lotywala elingumfazi.
b Kwamanye amazwe, kukho amaziko onyango, izibhedlele neenkqubo zokunceda amakhoboka otywala neentsapho zawo ngokukhethekileyo. Ukufuna olo ncedo okanye ukungalufuni kusisigqibo sobuqu. IWatch Tower Society ayikhuthazi naluphi na unyango. Noko ke, ubani kufuneka alumke ukuze, xa efuna uncedo, angenzi izinto eziyivukelayo imigaqo yeZibhalo.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGAZINCEDA NJANI . . . IINTSAPHO ZIPHEPHE IINGXAKI EZIYA KUBANGELA UMONAKALO ONZULU?
UYehova uyakugweba ukusetyenziswa kakubi kotywala.—IMizekeliso 23:20, 21.
Mntu ngamnye ubophelelekile ngoko akwenzayo.—Roma 14:12.
Xa singazeyisi asinakumkhonza ngokwamkelekileyo uThixo.—IMizekeliso 29:11.
AmaKristu okwenyaniso ayababeka abazali bawo abakhulileyo.—Levitikus 19:32.
[Umfanekiso okwiphepha 146]
Abadala abangamaKristu banokuba luncedo ekucombululeni iingxaki zentsapho
[Umfanekiso okwiphepha 151]
Amaqabane angamaKristu athandanayo nahlonelanayo aya kuzicombulula ngokukhawuleza iingxaki