Isahluko 11
Londoloza Uxolo Kwintsapho Yakho
1. Ziziphi ezinye zezinto ezinokwahlula iintsapho?
BANOYOLO abakwiintsapho ezinothando, ezinolwazelelelo nezinoxolo. Sithemba ukuba neyakho intsapho injalo. Okulusizi kukuba, iintsapho ezininzi azinjalo yaye zahlukene ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo. Yintoni eyahlula iintsapho? Kwesi sahluko siza kuxubusha izizathu ezithathu. Kwezinye iintsapho, amalungu entsapho akananqulo lufanayo. Kwezinye, abantwana basenokuba abangobantwana babazali balapho. Ukanti kwezinye, ukutsala nzima okanye ukunqwenela izinto eziphathekayo ezingakumbi kubonakala kuwachithachitha amalungu entsapho. Ukanti, iimeko ezahlula intsapho ethile zisenokungayichaphazeli enye. Yintoni eyenza loo mahluko?
2. Bambi balufuna phi ukhokelo kubomi bentsapho, kodwa nguwuphi owona mthombo wokhokelo olunjalo?
2 Enye yazo yimbono eninayo. Ukuba uzama ngokwenene ukuqonda imbono yomnye umntu, maninzi amathuba okuba uyiqonde indlela yokugcina intsapho yakho imanyene. Eyesibini ngumthombo wokhokelo owusebenzisayo. Abantu abaninzi balandela amacebiso abo basebenza nabo, abamelwane, ababhali bemihlathi yamaphephandaba, okanye olunye ukhokelo lwabantu. Noko ke, abanye baye bafumanisa oko kuthethwa liLizwi likaThixo ngemeko yabo, baza basebenzisa oko bakufunda kulo. Ukwenza oku kungayinceda njani intsapho ilondoloze uxolo?—2 Timoti 3:16, 17.
UKUBA INDODA YAKHO INONQULO OLWAHLUKILEYO KOLWAKHO
3. (a) Sithini isiluleko seBhayibhile ngokutshata nomntu ononqulo olwahlukileyo kolwakho? (b) Yiyiphi eminye imigaqo esisiseko esebenzayo ukuba elinye iqabane liyakholwa yaye elinye alikholwa?
3 IBhayibhile isiluleka kabukhali ukuba singatshati nomntu ononqulo olwahlukileyo kolwethu. (Duteronomi 7:3, 4; 1 Korinte 7:39) Noko ke, usenokuba ufunde inyaniso yeBhayibhile sele utshatile kodwa indoda yakho ayayifunda. Yintoni omele uyenze? Kakade ke, isibhambathiso somtshato sisemi. (1 Korinte 7:10) IBhayibhile ibethelela ukuba iqhina lomtshato limele libe sisigxina yaye ikhuthaza abantu abatshatileyo ukuba bazilungise iingxaki zabo kunokuba bazibaleke. (Efese 5:28-31; Tito 2:4, 5) Noko ke, kuthekani ukuba indoda ikuchasa ngokukrakra ukuqhelisela kwakho unqulo olukhuthazwa yiBhayibhile? Isenokuzama ukukuthintela ungayi kwiintlanganiso, okanye isenokuthi ayifuni umfazi wayo ahambe engena ezindlwini, ethetha ngonqulo. Uya kwenza ntoni?
4. Umfazi angalubonisa njani uvelwano ukuba indoda yakhe inonqulo olwahlukileyo kolwakhe?
4 Zibuze, ‘Kutheni indoda yam ivakalelwa ngaloo ndlela?’ (IMizekeliso 16:20, 23) Ukuba ayiyiqondi kakuhle le nto uyenzayo, isenokukhathazeka. Okanye isenokuba ayonwatyiswanga zizalamane kuba ungasawenzi amasiko athile abalulekileyo kuzo. Enye indoda yathi: “Xa ndindedwa endlwini, ndandiziva ndishiyiwe.” Le ndoda yayicinga ukuba unqulo luyihluthe umfazi. Ukanti ngenxa yekratshi yayingayithethi into yokuba ibhuqwa sisithukuthezi. Indoda yakho isenokuba ifuna uyiqinisekise ukuba ukuthanda kwakho uYehova akuthethi kuthi ngoku akusayithandi njengakuqala. Qiniseka ukuba uchitha ixesha nayo.
5. Yiyiphi indlela amele alungelelane ngayo umfazi xa indoda yakhe ikunqulo olwahlukileyo kolwakhe?
5 Noko ke, kukho enye into ebalulekileyo omele uyiqwalasele ukuze uyisingathe ngobulumko le meko. ILizwi likaThixo likhuthaza abafazi lisithi: “Wathobeleni amadoda enu, njengoko kufanelekile eNkosini.” (Kolose 3:18) Ngaloo ndlela, lisilumkisa nxamnye nomoya wokuzimela geqe. Ukongezelela, xa le ndinyana isithi “njengoko kufanelekile eNkosini,” ibonisa ukuba ukuthobela umyeni wakho kufanele kuquke ukuthobela iNkosi. Kufuneka ukulungelelana.
6. Yiyiphi imigaqo efanele ikhunjulwe ngumfazi ongumKristu?
6 KumKristu, ukuya kwiintlanganiso zebandla nokunikela ubungqina kwabanye ngokholo olusekelwe eBhayibhileni zizinto ezibalulekileyo zonqulo oluyinyaniso angamele azityeshele. (Roma 10:9, 10, 14; Hebhere 10:24, 25) Ngoko ke, ubuya kwenza ntoni ukuba umntu ubekuxelela ngokungqalileyo ukuba ungayenzi into ethile efunwa nguThixo? Abapostile bakaYesu Kristu bathi: “Simele sithobele uThixo njengomphathi kunabantu.” (IZenzo 5:29) Umzekelo wabo usibonisa indlela esimele siyilandele kwiimeko ezininzi ebomini. Ngaba ukuthanda kwakho uYehova kuya kukushukumisela ekubeni uzinikele kuye ngendlela emfaneleyo? Kwangaxeshanye, ngaba ukuthanda nokuhlonela indoda yakho kuya kukwenza uzame ukukwenza oku ngendlela eyamkelekileyo kuyo?—Mateyu 4:10; 1 Yohane 5:3.
7. Yiyiphi into amele azimisele kuyo umfazi ongumKristu?
7 UYesu wabonisa ukuba oku akuyi kusoloko kusenzeka. Walumkisa ngelokuba ngenxa yokuchaswa konqulo oluyinyaniso, amalungu akholwayo eentsapho ezithile aya kuziva ahlukanisiwe, ngokungathi kufakwe ikrele phakathi kwawo neentsapho zawo. (Mateyu 10:34-36) Omnye umfazi waseJapan wayenale ngxaki. Wachaswa yindoda yakhe kangangeminyaka eli-11. Yayimphethe kakubi yaye yayimtshixela ngaphandle amaxesha amaninzi. Kodwa wazingisa. Abahlobo bakhe kwibandla lamaKristu bamnceda. Wathandaza ngokuzingisileyo yaye wafumana ukhuthazo olungathethekiyo kweyoku-1 kaPetros 2:20. Lo mfazi ungumKristu wayeyisekile kwelokuba ukuba wayenokuhlala eqinile, ngaminazan’ ithile umyeni wakhe wayeya kumthelela ekukhonzeni uYehova. Yaye kwaba njalo.
8, 9. Ziziphi izinto amele azenze umfazi ukuze aphephe ukubeka imiqobo engeyomfuneko phambi kwendoda yakhe?
8 Zininzi izinto onokuzenza ukuguqula isimo sengqondo seqabane lakho. Ngokomzekelo, ukuba indoda yakho iyaluchasa unqulo lwakho, musa ukuyenza ibe nezizathu zokukukhalazela kweminye imibandela. Ikhaya malihlale libeth’ umoya. Nyamekela inkangeleko yakho. Yibonise ukuba uyithanda ngokwenene yaye uyayixabisa. Kunokuyigxeka, yixhase. Yibonise ukuba uyithembile njengentloko. Xa uvakalelwa kukuba ikonile musa ukuziphindezela. (1 Petros 2:21, 23) Kuxolele ukungafezeki kwayo, yaye xa nixabana, ngokuzithoba yiba ngowokuqala ukucela uxolo.—Efese 4:26.
9 Mayingakufumani kade ukutya ngenxa yokuba uye kwiintlanganiso. Kwakhona usenokukhetha ukuya kubulungiseleli bamaKristu ngamaxesha engekhoyo indoda yakho. Kububulumko ukuba umfazi ongumKristu angayishumayezi indoda yakhe xa ingafuni. Kunoko, makalandele isiluleko sompostile uPetros esithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, ukuze, ukuba nawaphi na akalithobeli ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngehambo yabafazi bawo, ngenxa yokuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:1, 2) Abafazi abangamaKristu bakuzabalazela ngakumbi ukubonakalisa iziqhamo zomoya kaThixo.—Galati 5:22, 23.
XA UMFAZI ENGENGOMKRISTU
10. Indoda ekholwayo ifanele yenze ntoni kumfazi wayo ukuba akanankolelo zifanayo nezayo?
10 Kuthekani ukuba indoda ingumKristu yaye umfazi akanguye? IBhayibhile inalo ulwalathiso kuloo meko. Ithi: “Ukuba nawuphi na umzalwana unomfazi ongakholwayo, ukanti yena evumelana nokuhlala naye, makangamshiyi.” (1 Korinte 7:12) Kwakhona ikhuthaza amadoda isithi: “Hlalani nibathanda abafazi benu.”—Kolose 3:19.
11. Indoda inokukubonisa njani ukuqonda ize ngobuchule iqhelisele ubuntloko kumfazi wayo ukuba akangomKristu?
11 Ukuba umfazi wakho ukunqulo olwahlukileyo kolwakho, kuphaphele ngokukhethekileyo ukumhlonela umkakho yaye ube nolwazelelelo ngeemvakalelo zakhe. Njengomntu omkhulu, kuyafuneka afumane inkululeko ethile yokuqhelisela iinkolelo zonqulo lwakhe, enoba wena akuvumelani nazo. Xa uqala ukuthetha naye ngokholo lwakho, musa ukulindela ukuba alahle ezakhe ngenxa yezi zifika ngoku. Kunokusuka umhle entloko umxelela ukuba izinto ebebezenza kangangeminyaka nentsapho yakowabo zibubuvuvu, ngomonde zama ukuqiqa naye ngeZibhalo. Kusenokwenzeka ukuba uziva elahliwe ekubeni wena uchitha ixesha elininzi kwizinto zebandla. Usenokuyichasa imigudu yakho yokukhonza uYehova, ukanti ngokwenza oko usenokuba uthi: “Ndifuna ixesha elingakumbi nawe!” Yiba nomonde. Ngenxa yolwazelelelo nothando onalo, ekuhambeni kwexesha usenokuncedwa amkele unqulo oluyinyaniso.—Kolose 3:12-14; 1 Petros 3:8, 9.
UKUQEQESHA ABANTWANA
12. Kwanaxa indoda nomfazi benonqulo olungafaniyo, imigaqo yeZibhalo ifanele isetyenziswe njani ekuqeqesheni abantwana babo?
12 Kwintsapho engekho kunqulo olunye, ukufundiswa kwabantwana ngonqulo kudla ngokuba yingxaki. Inokusetyenziswa njani imigaqo yeZibhalo? IBhayibhile inika utata imbopheleleko eyintloko yokufundisa abantwana, kodwa nomama unendima yakhe ebalulekileyo. (IMizekeliso 1:8; thelekisa iGenesis 18:19; Duteronomi 11:18, 19.) Enoba akabamkeli ubuntloko bukaKristu, utata useyintloko yentsapho.
13, 14. Ukuba indoda iyamalela umfazi wayo ukuba aye kwiintlanganiso zamaKristu nabantwana okanye afundisise nabo, yintoni anokuyenza?
13 Bambi ootata abangakholwayo abachasi xa oomama befundisa abantwana imibandela yonqulo. Abanye bayakuchasa oko. Kuthekani ukuba indoda yakho ayikuvumeli uye kwiintlanganiso nabantwana okanye ayifuni nokuba ubafundele iBhayibhile ekhaya? Zininzi iimbopheleleko ekufuneka uzilungelelanisile—imbopheleleko onayo kuYehova uThixo, kwindoda yakho eyintloko nakubantwana bakho obathandayo. Unokuzilungelelanisa njani ezi zinto?
14 Ngokuqinisekileyo uya kuwuthandazela lo mbandela. (Filipi 4:6, 7; 1 Yohane 5:14) Kodwa ekugqibeleni, nguwe omele wenze isigqibo soko uza kukwenza. Ukuba uyaqhubeka ngobuchule, uyicacisela indoda yakho ukuba akubuceli umngeni ubuntloko bayo, mhlawumbi ekugqibeleni isenokungachasi kangako. Kwanaxa indoda yakho ikwalela ukuba uye kwiintlanganiso nabantwana okanye ube nesifundo seBhayibhile esicwangcisiweyo nabantwana, usenokubafundisa. Ngencoko yakho yemihla ngemihla nangomzekelo wakho omhle, zama ukubethelela kubo ukuba nothando ngoYehova, ukuba nokholo kwiLizwi lakhe, ukuhlonela abazali—kuquka uyise—ukuthanda abantu nokubaxhalabela, kunye nokuxabisa ukusebenza ngenkuthalo. Ekuhambeni kwexesha, utata usenokubona imiphumo emihle aze akuqonde ukubaluleka kwemigudu yakho.—IMizekeliso 23:24.
15. Yiyiphi imbopheleleko anayo utata okholwayo ekufundiseni abantwana?
15 Ukuba uyindoda ekholwayo yaye umkakho akakholwa, ngoko umele uyithwale imbopheleleko yokukhulisela abantwana bakho “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Kakade ke, xa usenza oko ufanele ube nobubele, ube nothando nolwazelelelo kwindlela oqhubana ngayo nomkakho.
UKUBA AKUKHO KUNQULO OLUNYE NABAZALI BAKHO
16, 17. Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile abantwana abamele bayikhumbule ukuba bamkela ukholo olwahlukileyo kolwabazali babo?
16 Ixhaphakile into yokuba abantwana abancinane bamkele iimbono zonqulo ezahlukileyo kwezabazali. Ngaba nawe wenze oko? Ukuba kunjalo, iBhayibhile inesiluleko esikufaneleyo.
17 ILizwi likaThixo lithi: “Bathobeleni abazali benu ngokumanyene neNkosi, kuba oku kububulungisa: ‘Beka uyihlo nonyoko.’” (Efese 6:1, 2) Oko kuquka ukubahlonela ngokufanelekileyo abazali. Noko ke, nangona kubalulekile ukuhlonela abazali, akamele alityalwe uThixo oyinyaniso. Xa umntwana ekhule ngokwaneleyo ukuba angazenzela izigqibo, unembopheleleko ethe chatha ngezinto azenzayo. Oku akusebenzi kumthetho wehlabathi kuphela kodwa kusebenza ngokukhethekileyo kumthetho wobuthixo. IBhayibhile ithi: “Ngamnye wethu uya kunikela ingxelo kuThixo.”—Roma 14:12.
18, 19. Ukuba abantwana banonqulo olwahlukileyo kolwabazali babo, yiyiphi indlela abanokubanceda ngayo baziqonde bhetele iinkolelo zabo?
18 Ukuba iinkolelo zakho zikubangela wenze iinguqulelo ezithile ebomini bakho, zama ukuziqonda iimbono zabazali bakho. Basenokuvuya gqitha xa, ukufundisisa kwakho iBhayibhile nokusebenzisa iimfundiso zayo, kukubangela ube nentlonelo ngakumbi, uthobele ngakumbi, ukhuthale ngakumbi koko bafuna ukwenze. Noko ke, ukuba ukholo lwakho olutsha lukubangela uchase iinkolelo namasiko abawaxabisileyo, basenokuvakalelwa kukuba udlala ngelifa abafuna ukukushiyela lona. Kwakhona basenokukusizela ukuba oko ukwenzayo akuthandwa ekuhlaleni okanye kukwenza uziyeke izinto obunosukelo lwazo abebecinga ukuba zinokukunceda uphumelele ngokwezinto eziphathekayo. Kwakhona ikratshi lisenokuba ngumqobo. Basenokuvakalelwa kukuba, ngokungathi kunjalo, uthi nguwe ochanileyo bona bayaphazama.
19 Ngoko ke, ngokukhawuleza zama ukuba abazali bakho badibane nabadala abathile okanye amaNgqina aqolileyo akwibandla lasekuhlaleni. Khuthaza abazali bakho batyelele iHolo yoBukumkani ukuze bazivele oko kuxutyushwayo baze bazibonele uhlobo lwabantu alulo amaNgqina kaYehova. Ekuhambeni kwexesha, kusenokwenzeka abazali bakho bathambe. Kwanaxa abazali bengafuni nokuva, belukrazula uncwadi lweBhayibhile, baze babalele abantwana babo ukuba baye kwiintlanganiso zamaKristu, adla ngokubakho amathuba okufundela kwenye indawo, okuthetha namanye amaKristu, nawokunikela ubungqina nokunceda abanye ngokungacwangciswanga. Kwakhona unokuthandaza kuYehova. Lumbi ulutsha kuye kufuneke lulinde de lukhule ukuze luphume ekhaya ngaphambi kokuba lwenze inkqubela. Noko ke, enoba imeko yekhaya lakho injani, musa ukulibala ‘ukubeka uyihlo nonyoko.’ Phumeza indima yakho ukuze ufak’ isandla kuxolo ekhaya. (Roma 12:17, 18) Ngaphezu koko, sukela uxolo noThixo.
UCELOMNGENI LOKUBA NGUMZALI WESIBINI
20. Ziziphi iimvakalelo abasenokuba nazo abantwana ukuba utata okanye umama wabo ngumzali wesibini?
20 Kumakhaya amaninzi imeko ezisa olona celomngeni asilonqulo kodwa kukuba ngumzali. Iintsapho ezininzi zinabantwana bomtshato wangaphambili womzali omnye okanye wabazali bobabini. Kwiintsapho ezinjalo, abantwana basenokuba nengxaki yomona nengqumbo okanye mhlawumbi babe nengxaki yokunyaniseka kumzali wabo. Ngenxa yoko, basenokungayijongeli ntweni imigudu yomzali wesibini yokuba ngutata okanye umama olungileyo. Yintoni enokunceda intsapho enomzali wesibini iphumelele?
21. Nangona beneemeko ezikhethekileyo, kutheni abazali besibini bemele bathembele kuncedo lwemigaqo eseBhayibhileni?
21 Qonda ukuba nangona iimeko zahlukile, imigaqo yeBhayibhile eyenza ezinye iintsapho ziphumelele iyasebenza nakule. Ukutyeshela loo migaqo kusenokubonakala kuluncedo, okwexesha elithile, kodwa kusenokuzisa iingxaki ezinkulu kamva. (INdumiso 127:1; IMizekeliso 29:15) Hlakulela ubulumko nokuqonda—ubulumko bokusebenzisa imigaqo yobuthixo eneengenelo ezihlala zihleli engqondweni yakho, yaye ukuqonda kukwenza uphawule isizathu sokuba amalungu entsapho athethe aze enze izinto ezithile. Kwakhona uvelwano luyafuneka.—IMizekeliso 16:21; 24:3; 1 Petros 3:8.
22. Kutheni abantwana besenokukufumanisa kunzima ukwamkela umzali wesibini?
22 Ukuba ungumzali wesibini, usenokukhumbula ukuba xa wawungumhlobo wentsapho, babekwamkela abantwana. Kodwa wathi wakuba ngumzali wabo wesibini, satshintsha isimo sabo sengqondo. Ekubeni bekhumbula umzali wabo wokwenene ongasahlali nabo, abantwana basenokuba bazama ukunyaniseka kuye, mhlawumbi bevakalelwa kukuba ufuna ukuhlutha umsa abanawo ngomzali wabo ongekhoyo. Maxa wambi, basenokukuxelela phandle ukuba akungoyise okanye unina. Loo mazwi angena kabuhlungu. Sekunjalo, “musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho.” (INtshumayeli 7:9) Ukuqonda novelwano ziyafuneka ukuze uziqonde iimvakalelo zabantwana.
23. Uqeqesho lunokusingathwa njani kwintsapho enomzali wesibini?
23 Ezo mpawu zibaluleke gqitha xa udlulisela uqeqesho. Kubalulekile ukuba ungatshintshatshintshi kuqeqesho oludluliselayo. (IMizekeliso 6:20; 13:1) Yaye ekubeni abantwana bengafani, uqeqesho lwakho lusenokwahluka ngenxa yeemeko zabo. Abanye abazali besibini bafumanisa ukuba ekuqaleni, kusenokuba kuhle ukuba ibe ngumzali wabo wokwenene owenza lo msebenzi wobuzali. Noko ke, kubalulekile ukuba abazali bobabini bavumelane ngoqeqesho baze babambelele kulo, bangabi ngakwicala lomntwana wabo wokwenene kunalo wesibini. (IMizekeliso 24:23) Ukuthobela kubalulekile, kodwa kuyafuneka ukungafezeki kuxolelwe. Musa ukuzibaxa izinto. Qeqesha ngothando.—Kolose 3:21.
24. Yintoni enokunceda ekuthinteleni iingxaki zokuziphatha phakathi kwamalungu esini esahlukileyo kwintsapho enomzali wesibini?
24 Ukuxubusha njengentsapho kungaluncedo gqitha ekuphepheni inkathazo. Oku kunokuyinceda intsapho inikele ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo ebomini. (Thelekisa amaFilipi 1:9-11.) Kwakhona kunokunceda ngamnye abone indlela anokufak’ isandla ngayo ekufikeleleni usukelo lwentsapho. Ukongezelela, ukungafihli nto xa nixubusha njengentsapho kunokuthintela iingxaki zokuziphatha. Amantombazana afanele ayazi indlela amakanxibe ngayo namakaziphathe ngayo xa ekunye notata wesibini nakoonyana bomzali wesibini, yaye amakhwenkwe kufuneka abonise ihambo efanelekileyo xa ekunye nomama wawo wesibini nakwiintombi zomzali wesibini.—1 Tesalonika 4:3-8.
25. Ziziphi iimpawu ezinokunceda intsapho enomzali wesibini ihlale inoxolo?
25 Xa uhlangabezana nocelomngeni lokuba ngumzali wesibini, yiba nomonde. Kufuna ixesha ukwakha ulwalamano olutsha. Ukwakha uthando nentlonelo yabantwana abangengobakho kusenokuba ngumsebenzi omkhulu. Kodwa unako ukulwakha. Eyona nto ibalulekileyo ukuze ufumane uxolo kwintsapho enomzali wesibini kukuba nentliziyo elumkileyo neqondayo, kunye nomnqweno onamandla wokukholisa uYehova. (IMizekeliso 16:20) Ezo mpawu zingakunceda uhlangabezane nale meko.
NGABA UKUSUKELA IZINTO EZIPHATHEKAYO KUYALAHLULA IKHAYA LAKHO?
26. Iingxaki nesimo sengqondo ngezinto eziphathekayo zinokuyahlula njani intsapho?
26 Iingxaki nesimo sengqondo ngezinto eziphathekayo zinokuzahlula iintsapho ngeendlela ezininzi. Okulusizi kukuba zimbi iintsapho ziphazanyiswa ziingxabano zemali nakukunqwenela ukuba zizityebi—okanye ubuncinane ukuma kakuhle. Ukwahlukana kusenokuqala xa amaqabane omabini esebenza yaye eqalisa ukuba nesimo sengqondo sokuba “le imali yeyam, leyo yeyakho.” Kwanokuba akaxabani, xa amaqabane omabini esebenza asenokuzifumanisa exakeke gqitha de angabi nalo nexesha lokuba kunye. Omnye umkhwa okhulayo ehlabathini kukuba ootata baye kusebenza kude neentsapho zabo ixesha elide—iinyanga okanye iminyaka—ukuze bafumane imali engaphezu kunaleyo banokuyifumana ekhaya. Oku kusenokubangela iingxaki ezinzulu.
27. Yiyiphi eminye imigaqo enokunceda intsapho iphumelele xa ineengxaki zemali?
27 Akukho migaqo inokumiselwa ekusingatheni ezi meko, ekubeni iintsapho ngeentsapho kufuneka zihlangabezane neengxaki ngeengxaki. Sekunjalo, isiluleko seBhayibhile sinokuba luncedo. Ngokomzekelo, IMizekeliso 13:10 ibonisa ukuba ukutsala nzima ngokungeyomfuneko maxa wambi kunokuphetshwa ‘ngokucebisana.’ Oku akuphelelanga nje ekuphalazeni ezakho izimvo kodwa kuquka ukufuna icebiso nokufumanisa indlela omnye umntu awujonga ngayo lo mbandela. Ngokubhekele phaya, ukuqingqa imali ngendlela efanele intsapho kunokuyimanyanisa imigudu yayo. Maxa wambi kubalulekile ukuba—mhlawumbi okwexeshana—amaqabane omabini asebenze ngaphandle kwekhaya ngenxa yeendleko ezongezelelekileyo, ngokukodwa xa kukho abantwana okanye xa kukho abanye abaxhomekeke kuwo. Xa kunjalo, indoda inokumqinisekisa umkayo ukuba inalo ixesha elichitha naye. Yona nabantwana bayo basenokumncedisa kweminye imisebenzi asenokuba ngokuqhelekileyo ebeyenza yedwa.—Filipi 2:1-4.
28. Ziziphi izinto eya kuthi intsapho xa izikhumbula ziyincede imanyane?
28 Noko ke, khumbula ukuba ngoxa imali ifuneka kule nkqubo yezinto, ayizisi lonwabo. Ngokuqinisekileyo ayizisi bomi. (INtshumayeli 7:12) Eneneni, ukugxininisa kwizinto eziphathekayo kunokubangela ingozi ngokomoya nangokuziphatha. (1 Timoti 6:9-12) Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukufuna uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe kuqala, uqinisekile ukuba uya kuyisikelela imigudu yakho yokufumana izinto eziyimfuneko ebomini! (Mateyu 6:25-33; Hebhere 13:5) Ngokubeka izilangazelelo zokomoya kuqala nokusukela ukuba noxolo noThixo ngaphezu kweento zonke, usenokufumanisa ukuba intsapho yakho, nangona mhlawumbi yahlulwe ziimeko ezithile, iya kuba yemanyene ngokwenene ngeendlela ezibaluleke gqitha.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGAWANCEDA NJANI . . . AMALUNGU ENTSAPHO ALONDOLOZE UXOLO KWIKHAYA LAWO?
AmaKristu ahlakulela ukuqonda.—IMizekeliso 16:21; 24:3.
Isibini simele sibonise uthando nentlonelo nokuba asikho kunqulo olunye.—Efese 5:23, 25.
UmKristu akanakuze awaphule ngabom umthetho kaThixo.—IZenzo 5:29.
AmaKristu angabadali boxolo.—Roma 12:18.
Musa ukukhubeka ngokukhawuleza.—INtshumayeli 7:9.
[Ibhokisi ekwiphepha 139]
IMITSHATO EFANELEKILEYO IZISA UKUNDILEKA NOXOLO
Kwimihla yethu amadoda namabhinqa amaninzi ahlalisana njengendoda nomfazi engazibophelelanga ngokwasemthethweni. Le yimeko asenokuba kuyo umntu osandul’ ukukholwa. Kwezinye iimeko olu manyano lusenokwamkelwa ekuhlaleni okanye lisiko lalapho, kodwa alukho mthethweni. Noko ke, umgaqo weBhayibhile ufuna ukuba umtshato ubhaliswe ngokufanelekileyo. (Tito 3:1; Hebhere 13:4) Kubantu abakwibandla lamaKristu, iBhayibhile ikwachaza ukuba kumanyano lomtshato indoda ifanele ibe nomfazi omnye nomfazi abe nendoda enye. (1 Korinte 7:2; 1 Timoti 3:2, 12) Ukuthobela lo mgaqo linyathelo lokuqala lokuba noxolo kwikhaya lakho. (INdumiso 119:165) Okufunwa nguYehova kusengqiqweni yaye akuloxanduva. Asifundisa kona kunceda thina.—Isaya 48:17, 18.
[Umfanekiso okwiphepha 130]
Zama ukuziqonda iimbono zomnye umntu
[Umfanekiso okwiphepha 138]
Enoba ungumzali wokwenene okanye wesibini, yayama ngokhokelo lweBhayibhile