Isahluko 5
Qeqesha Umntwana Wakho Eselusana
1, 2. Xa abazali bekhulisa abantwana bafanele balufune kubani uncedo?
“ILIFA likaYehova ngoonyana,” wadanduluka watsho omnye umzali onoxabiso owayephila kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo. (INdumiso 127:3) Ngokwenene, uvuyo lokuba ngumzali ngumvuzo oxabisekileyo ovela kuThixo, onanditshwa yinkoliso yezibini ezitshatileyo. Noko ke, abo banabantwana bakhawuleza baqonde ukuba, ukuba nabantwana kuzisa uvuyo neembopheleleko.
2 Ukukhulisa abantwana kungumsebenzi onzima ngokukodwa namhlanje. Sekunjalo, abaninzi baye baphumelela ukwenjenjalo, ibe umdumisi ophefumlelweyo uhlahl’ indlela ngokuthi: “Ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.” (INdumiso 127:1) Xa uyilandela ngokusondeleyo imiyalelo kaYehova, uya kuba ngumzali olunge ngakumbi. IBhayibhile ithi: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Ngaba ukulungele ukuphulaphula isiluleko sikaYehova njengokuba uqalisa umsebenzi weminyaka engama-20 wokukhulisa umntwana?
UKWAMKELA IMBONO YEBHAYIBHILE
3. Oobawo banayiphi imbopheleleko ekukhuliseni abantwana?
3 Kumakhaya amaninzi ehlabathini lonke, amadoda akujonga njengomsebenzi wabafazi ukuqeqesha abantwana. Liyinyaniso elokuba iLizwi likaThixo lithi umsebenzi kabawo oyintloko kukondla intsapho yakhe. Noko ke, likwathi unazo neembopheleleko zekhaya. IBhayibhile ithi: “Lilungise ishishini lakho phandle, uzisebenzele entsimini yakho; emveni koko wakhe indlu yakho.” (IMizekeliso 24:27) Ngokwembono kaThixo, oobawo noomama bayancedisana ekuqeqesheni abantwana.—IMizekeliso 1:8, 9.
4. Kutheni singamele sicinge ukuba abantwana abangamakhwenkwe babaluleke ngaphezu kwabangamantombazana?
4 Ubajonga njani abantwana bakho? Iingxelo zibonisa ukuba eAsia “akuvuyelwa ukuzalwa komntwana oyintombazana.” Kuthiwa ukungafunwa kwamantombazana kusagquba kuMntla nakuMzantsi Merika, nakwiintsapho “ezikhanyiselweyo.” Phofu ke, inyaniso kukuba, amantombazana asingobantwana bangabalulekanga. UYakobi, ubawo odumileyo wamandulo, wathi xa echaza bonke abantwana bakhe, kuquka naziphi na iintombi awayesele enazo ngoko, ‘ngabantwana, athe uThixo wandibabala ngabo.’ (Genesis 33:1-5; 37:35) Ngokufanayo, noYesu wabasikelela bonke “abantwana” (amakhwenkwe namantombazana) ababeziswe kuye. (Mateyu 19:13-15) Singaqiniseka ukuba wayebonakalisa imbono kaYehova.—Duteronomi 16:14.
5. Ziziphi izinto ezifanele ziqwalaselwe sisibini xa sisenza isigqibo ngobukhulu bentsapho yaso?
5 Kwindawo ohlala kuyo ngaba kulindelwe ukuba umfazi azalis’ indlu ngabantwana? Phofu ke, sisibini esitshatileyo esinelungelo lokwenza isigqibo ngenani labantwana esibafunayo. Kuthekani ukuba abazali abamanga kakuhle ukuba bangondla, banxibe, baze bafundise abantwana abaninzi? Ngokuqinisekileyo, isibini sifanele singakulibali oku xa sigqiba ngobukhulu bentsapho yaso. Ezinye izibini ezingakwaziyo ukuxhasa bonke abantwana bazo ziye ziyiphose kwizalamane imbopheleleko yokukhulisa abanye kubantwana bazo. Ngaba bubulumko ukwenjenjalo? Akunjalo. Yaye oko akubakhululi abazali kwimbopheleleko abanayo kubantwana babo. IBhayibhile ithi: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.” (1 Timoti 5:8) Izibini ezinenkathalo zizama ukubuceba ubukhulu ‘bendlu’ yazo ukuze ‘zibalungiselele.’ Ngaba zingasebenzisa uqingqo-nzala xa zisenza oku? Naleyo isesisigqibo sazo, yaye ukuba izibini ezitshatileyo zigqiba kwelo, ukusebenzisa izinto zokuthintela ukukhawula isekwangumbandela wazo. “Ngamnye uya kuthwala umthwalo wakhe.” (Galati 6:5) Noko ke, uqingqo-nzala olubandakanya ukuqhomfa ngandlel’ ithile luchasene nemigaqo yeBhayibhile. LikuYehova uThixo “ithende lobomi.” (INdumiso 36:9) Ngoko ke, ukuphelisa ubomi bakuba bukhawulwe kuya kubonakalisa ukungamhloneli ngokunzulu uYehova yaye kufana nokubulala.—Eksodus 21:22, 23; INdumiso 139:16; Yeremiya 1:5.
UKWANELISA IINTSWELO ZOMNTWANA WAKHO
6. Ukuqeqeshwa komntwana kufanele kuqale nini?
6 IMizekeliso 22:6 ithi: “Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana.” Ukuqeqesha umntwana ngomnye umsebenzi omkhulu wabazali. Noko ke, ufanele aqale nini ukuqeqeshwa? Eselula kakhulu. Umpostile uPawulos wathi uTimoti wayeqeqeshwe “ukususela ebusaneni.” (2 Timoti 3:15) Igama lesiGrike elisetyenziswe apha libhekisela kwimveku okanye kumntwana ongekazalwa. (Luka 1:41, 44; IZenzo 7:18-20) Ngoko, uTimoti waqeqeshwa eselula kakhulu—ibe oko kwakufanelekile. Elona xesha lifanelekileyo lokuqalisa ukuqeqesha umntwana kuxa eselusana. Nemveku ilunxanelwe ulwazi.
7. (a) Kutheni kubalulekile ukuba abazali bobabini babe nolwalamano olusondeleyo nomntwana? (b) Luluphi ulwalamano olwalukho phakathi kukaYehova nokuphela koNyana wakhe amzeleyo?
7 Omnye umama uthi: “Ndamthanda ndisaqala nje ukumbona umntwana wam.” Banjalo oomama abaninzi. Olo lwalamano luhle phakathi kukamama nomntwana luyomelela njengokuba bechitha ixesha kunye emva kokuba ezelwe. Ukuncancisa kuyaluqinisa olo lwalamano. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7.) Ukuteketisa nokuthetha kukamama nomntwana wakhe kuyazanelisa iintswelo zosana ezingokweemvakalelo. (Thelekisa uIsaya 66:12.) Kodwa kuthekani ngotata? Naye umele akhe ulwalamano olusondeleyo nolunothando nomntwana wakhe osandul’ ukuzalwa. UYehova ungumzekelo koku. Kwincwadi yeMizekeliso, sifunda ngolwalamano lukaYehova noNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ochazwe njengothi: “UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe . . . ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke.” (IMizekeliso 8:22, 30; Yohane 1:14) Ngokufanayo, ubawo olungileyo uhlakulela ulwalamano lobubele nolunothando nomntwana wakhe busaqala nje ubomi bomntwana. Omnye umzali uthi: “Yiba nomsa omkhulu kuye. Akukho mntwana wakha wabulawa kukuwolwa nakukuncanyiswa.”
8. Ziziphi izinto ezimele zifakwe ngokukhawuleza engqondweni yabantwana?
8 Kodwa ayiphelelanga apho into efunwa ngabantwana. Bezalwa nje, ingqondo yabo sele ilungele ukwamkela ize igcine inkcazelo, ibe ubukhulu becala baya kuyifumana kubazali. Masizekelise ngokuthetha. Abaphandi bathi indlela akufunda kakuhle ngayo ukuthetha nokulesa “kucingelwa ukuba ixhomekeke kakhulu kulwalamano umntwana ebenalo kwasekuqaleni nabazali bakhe.” Thetha nomntwana wakho uze umfundele esemncinane. Ngethutyana elingephi uya kufuna ukukulinganisa, ngaloo ndlela uya kufunda ukulesa esemncinane. Mhlawumbi, uya kukwazi ukufunda engekangeni esikolweni. Oko kuya kuba luncedo ngokukhethekileyo ukuba nihlala kwilizwe elinabahlohli abambalwa namagumbi anabafundi abaninzi.
9. Luluphi olona sukelo lubalulekileyo abazali abafanele balukhumbule?
9 Eyona nto iphambili kubazali abangamaKristu kukwanelisa iintswelo zokomoya zomntwana wabo. (Bona iDuteronomi 8:3.) Luluphi usukelo abanalo? Kukunceda umntwana wabo akhe ubuntu obufana nobukaKristu, ngokungathi kunjalo, ambathe “ubuntu obutsha.” (Efese 4:24) Ukuze benze oku kufuneka bafune izinto zokwakha neendlela zokwakha ezifanelekileyo.
TSOLISA INYANISO EMNTWANENI WAKHO
10. Ziziphi iimpawu abantwana abamele bazakhe?
10 Umgangatho wesakhiwo uxhomekeka ubukhulu becala kwizinto esakhiwe ngazo. Umpostile uPawulos wathi ezona zinto zisemgangathweni zokwakha ubuntu bobuKristu ‘yigolide, isilivere, amatye axabisekileyo.’ (1 Korinte 3:10-12) Ezi zinto zimela iimpawu ezifana nokholo, ubulumko, ukuqonda, ukunyaniseka, intlonelo noxabiso olunothando ngoYehova nemithetho yakhe. (INdumiso 19:7-11; IMizekeliso 2:1-6; 3:13, 14) Abazali bangabanceda njani abantwana babo bakhe ezi mpawu besebancinane? Ngokulandela inkqubo eyandlalwa mandulo.
11. Abazali abangamaSirayeli babanceda njani abantwana babo bakhulise ubuntu bobuthixo?
11 Xa uhlanga lwakwaSirayeli lwalusecicini lokungena kwiLizwe Ledinga, uYehova waxelela abazali abangamaSirayeli oku: “La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7) Ewe, abazali kufuneka babe yimizekelo, abahlobo, banxibelelane baze babe ngabafundisi.
12. Kutheni kubalulekile ukuba abazali babe yimizekelo emihle?
12 Yiba ngumzekelo. Okokuqala, uYehova wathi: “La mazwi . . . aze abe sentliziyweni yakho.” Waza wongezelela ngelithi: “Uze uwatsolise koonyana bakho.” Ngoko iimpawu zobuthixo zimele zibe sentliziyweni yomzali kuqala. Umzali umele ayithande inyaniso aze ayiphile. Ngaloo ndlela angakwazi ukufikelela intliziyo yomntwana. (IMizekeliso 20:7) Ngoba? Kuba abantwana balandela oko bakubonaya kunoko bakuvayo.—Luka 6:40; 1 Korinte 11:1.
13. Ekunikeleni ingqalelo kubantwana babo, abazali abangamaKristu bangawuxelisa njani umzekelo kaYesu?
13 Yiba ngumhlobo wakhe. UYehova waxelela abazali bakwaSirayeli oku: ‘Thetha nabantwana bakho ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela.’ Oku kufuna abazali bachithe ixesha nabantwana babo kungakhathaliseki ukuba baxakeke kangakanani na. Kuyabonakala ukuba uYesu wayevakalelwa kukuba kwakufuneka achithe ixesha nabantwana. Ngemihla yokugqibela yobulungiseleli bakhe, abantu “baqalisa ukuzisa kuye abantwana abaselula ukuze abachukumise.” Wenzani uYesu? “Wabawola aba bantwana waza waqalisa ukubasikelela.” (Marko 10:13, 16) Khawucinge nje ngale meko, lalisondele ixesha lokuba uYesu afe. Sekunjalo, wachitha ixesha naba bantwana waza wanikel’ ingqalelo kubo. Esinjani ukuba sihle isifundo!
14. Kutheni kuyingenelo ukuba abazali bachithe ixesha nomntwana wabo?
14 Nxibelelana naye. Ukuchitha ixesha nomntwana wakho kuya kukunceda unxibelelane naye. Xa unxibelelana naye, uya kuyiqonda kakuhle indlela obakheke ngayo ubuntu bakhe. Noko ke, khumbula ukunxibelelana asikokuncokola nje kuphela. Omnye umama waseBrazil wathi: “Kwafuneka ndakhe ubuchule bokuphulaphula, ndiphulaphule ngenyameko.” Umonde wakhe wavuzwa xa unyana wakhe waqalisa ukumchazela indlela avakalelwa ngayo.
15. Kumba wokuzihlaziya yintoni emele ihlale ikhunjulwa?
15 Kuyafuneka ukuba abantwana babe ‘nexesha lokuhleka . . . nelokudloba,’ nelokuzihlaziya. (INtshumayeli 3:1, 4; Zekariya 8:5) Ukuzihlaziya kuyingenelo xa abazali bekunandipha nabantwana babo. Into ebuhlungu kukuba kwamanye amakhaya ukuzihlaziya kuthetha ukubukela umabonwakude. Ngoxa ezinye iinkqubo zikamabonwakude zisenokonwabisa, uninzi lwazo luyinqunqela egoqweni imilinganiselo emihle, yaye ukubukela umabonwakude kudla ngokuluphazamisa unxibelelwano lwentsapho. Ngoko ke, kutheni ungenzi into ehlaziyayo nabantwana bakho? Culani, dlalani, nxulumanani nezihlobo, tyelelani iindawo zokuzonwabisa. Ezo zinto ziyakukhuthaza ukunxibelelana.
16. Abazali banokubafundisa njani abantwana babo ngoYehova, yaye bafanele bakwenze njani oko?
16 Yiba ngumfundisi. UYehova wathi: “Uze uwatsolise koonyana bakho [la mazwi].” Umongo ubonisa oko umele ukufundise nendlela omawukufundise ngayo. Okokuqala, “uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.” (Duteronomi 6:5) Emva koko “la mazwi . . . uwatsolise.” Fundisa izinto eziya kwenza bamthande ngomphefumlo uphela uYehova nemithetho yakhe. (Thelekisa amaHebhere 8:10.) Igama elithi ‘ukutsolisa’ lithetha ukufundisa ngokuphindaphinda. Ngoko uYehova, ngokungathi kunjalo, ukuxelela ukuba eyona ndlela yokunceda abantwana bakho babe neempawu zobuthixo kukuthetha ngaye ngokuphindaphindiweyo. Oku kuquka ukuba nesifundo seBhayibhile esithe rhoqo.
17. Yintoni ekusenokufuneka abazali bayakhe ebantwaneni babo? Ngoba?
17 Inkoliso yabazali iyazi ukuba ukufaka inkcazelo entliziyweni yomntwana akuyondlwan’ iyanetha. Umpostile uPetros wabongoza amanye amaKristu wenjenje: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, yakhani ulangazelelo lobisi olungangxengwanga lwelizwi.” (1 Petros 2:2) Ibinzana elithi “yakhani ulangazelelo” libonisa ukuba abaninzi abakulambeli ngokuzenzekelayo ukutya kokomoya. Abazali kusenokufuneka bazame iindlela zokwakha ulangazelelo kubantwana babo.
18. Ziziphi ezinye iindlela awayefundisa ngazo uYesu abazali abakhuthazwa ukuba bazixelise?
18 UYesu wafikelela iintliziyo ngokusebenzisa imizekeliso. (Marko 13:34; Luka 10:29-37) Le ndlela yokufundisa isebenza ngokukhethekileyo ebantwaneni. Fundisa imigaqo yeBhayibhile ngokusebenzisa amabali anemifanekiso emihle nanik’ umdla, mhlawumbi lawo afumaneka kwimpapasho ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.a Nabantwana mababe nokuthile abakwenzayo. Mabasebenzise ubuchule babo bokuzoba okanye bokwenza imidlalo ngeziganeko eziseBhayibhileni. UYesu wayesebenzisa nemibuzo. (Mateyu 17:24-27) Xelisa iindlela zakhe zokufundisa kwisifundo sentsapho. Kunokuchaza nje umthetho kaThixo, buza imibuzo enjengale, Kwakutheni ukuze uYehova asinike lo mthetho? Kuya kwenzeka ntoni xa siwugcina? Kuya kwenzeka ntoni ukuba asiwugcini? Imibuzo enjalo inceda umntwana aqiqe aze abone ukuba imithetho kaThixo iyasebenza yaye ilungile.—Duteronomi 10:13.
19. Ukuba abazali balandela imigaqo yeBhayibhile xa beqhubana nabantwana babo, ziziphi iingenelo eziya kunanditshwa ngabantwana?
19 Ngokuba ngumzekelo, umhlobo, unxibelelane uze ube ngumfundisi, unokumnceda umntwana wakho esemncinane akhe ulwalamano olusondeleyo noYehova uThixo. Olu lwalamano luya kwenza umntwana wakho abe ngumKristu owonwabileyo. Uya kuzama ukuphila ngokuvisisana nokholo lwakhe naxa ejamelene nengcinezelo yoontanga nezilingo. Mncede ngamaxesha onke aluxabise olu lwalamano luxabisekileyo.—IMizekeliso 27:11.
UKUBALULEKA KOQEQESHO
20. Luyintoni uqeqesho, yaye lunokunikelwa njani?
20 Uqeqesho kukulungiswa kwengqondo nentliziyo. Abantwana kufuneka bahlale belufumana. UPawulos ululeka oobawo ukuba ‘baqhubeke bebakhulisela abantwana babo kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’ (Efese 6:4) Abazali bafanele baqeqeshe ngothando, ngokufanayo noYehova. (Hebhere 12:4-11) Uqeqesho olusekelwe eluthandweni lunokudluliselwa ngokuqiqa. Ngenxa yoko, sixelelwa ukuba ‘siphulaphule uqeqesho.’ (IMizekeliso 8:33) Lumele lunikelwe njani uqeqesho?
21. Yiyiphi imigaqo abazali abafanele bayikhumbule xa beqeqesha abantwana babo?
21 Bambi abazali bacinga ukuba ukuqeqesha abantwana kuthetha ukubagragramela, bebangxolisa, okanye bade babathuke. Noko ke, kwakulo mba, uPawulos ulumkisa esithi: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu.” (Efese 6:4) Onke amaKristu akhuthazwa ukuba ‘athantamise kubo bonke, abayalele ngobulali abo bangenalutyekelo luhle.’ (2 Timoti 2:24, 25) Nangona abazali abangamaKristu beqonda ukuba kufuneka babe ngqongqo, baye bazame ukuwakhumbula la mazwi xa beqeqesha abantwana babo. Noko ke, maxa wambi ukuqiqa kuye kunganeli, kude kufuneke uhlobo oluthile lwesohlwayo.—IMizekeliso 22:15.
22. Ukuba umntwana kufuneka ohlwaywe, yintoni afanele ancedwe ayiqonde?
22 Abantwana kufuneka baqeqeshwe ngeendlela ezahlukeneyo. Bambi ‘abaqeqeshwa ngamazwi’ kuphela. Ukubohlwaya ngamathub’ athile ukuze bathobele kusenokubasindisa. (IMizekeliso 17:10; 23:13, 14; 29:19) Noko ke, umntwana ufanele asiqonde isizathu sokuba ohlwaywe. “Intonga nesohlwayo sinika ubulumko.” (IMizekeliso 29:15, akekeliswe sithi; Yobhi 6:24.) Ngaphezu koko, isohlwayo sinemida. UYehova wathi kubantu bakhe: “Ndiya kukubetha ukusa kumlinganiselo othile.” (Yeremiya 46:28b, NW) IBhayibhile ayikukhuthazi kwaphela ukutywatyushwa komntwana ngomsindo okanye ankulwe ade abe nezivubeko aze enzakale.—IMizekeliso 16:32.
23. Yintoni emele iqondwe ngumntwana xa esohlwaywa ngabazali bakhe?
23 Xa uYehova walumkisa abantu bakhe ukuba wayeya kubaqeqesha, waqala wathi: “Musa ukoyika . . . ngokuba ndinawe.” (Yeremiya 46:28a) Ngokufanayo, uqeqesho lwabazali, lwalo naluphi na uhlobo olufanelekileyo, alufanele lushiye umntwana eziva ethiyiwe. (Kolose 3:21) Kunoko, umntwana ufanele aqonde ukuba uqeqeshwa ngenxa yokuba umzali ‘unaye,’ ungakuye.
KHUSELA UMNTWANA WAKHO KWIINGOZI
24, 25. Sisiphi isihelegu ekufuneka bekhuselwe kuso abantwana namhlanje?
24 Xa abantu abakhulu abaninzi becinga ngobuntwana babo kuthi qatha ulonwabo lodwa. Balukhumbula kakuhle olwaa yolo lokuziva bekhuselekile beqinisekile ukuba abazali babo babakhathalele nokuba sekutheni. Abazali bafuna abantwana babo bavakalelwe ngolo hlobo, kodwa kwihlabathi lanamhlanje eligqwethekileyo, kunzinyana kunakuqala ukukhusela abantwana.
25 Esinye isihelegu esigqugqisileyo kwiminyaka yakutshanje kukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini. EMalaysia, iingxelo zokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini ziye zaphindaphindeka kane kwiminyaka elishumi edluleyo. EJamani abantwana abamalunga nama-300 000 baxhatshazwa ngokwesini nyaka ngamnye, ukanti olunye uhlolisiso luthi, kwelinye ilizwe laseMzantsi Merika, inani laminyaka le labalapho eliqikelelwayo lihamba kwizi-9 000 000! Okona kumasikizi kukuba inkoliso yaba bantwana ixhatshazwa ngokwesini kumakhaya ayo ngabantu ebaziyo nebathembayo. Kodwa abantwana bafanele bakhuselwe ngeyona ndlela ngabazali babo. Abazali bangabakhusela njani?
26. Ziziphi ezinye iindlela abantwana abanokukhuselwa ngazo, ibe ulwazi lungamkhusela njani umntwana?
26 Njengoko amava ebonisa abantwana abangazinto ngesini ngabona basesichengeni kwabo baxhaphaza abantwana ngokwesini, elona nyathelo liphambili lokukhusela umntwana kukumfundisa, nokuba usemncinane kakhulu. Ulwazi lusenokumkhusela “endleleni embi, kubantu abathetha impenduka.” (IMizekeliso 2:10-12) Luluphi olu lwazi? Lulwazi ngemigaqo yeBhayibhile, yokulungileyo nokubi ngokokuziphatha. Nolwazi lokuba abanye abantu abakhulu bayazenza izinto ezimbi kwanokuba umntu oselula akanyanzelekanga ukuba athobele xa kusithiwa makenze into engafanelekanga. (Thelekisa uDaniyeli 1:4, 8; 3:16-18.) Musa ukumfundisa kube kanye ngalo mbandela. Inkoliso yabantwana ithi ukuze iyibambe into iphindaphindwe. Njengokuba abantwana bekhula, ngothando uyise uya kuzihlonela izinto intombi yakhe emele izenze iyodwa, nomama uya kwenjenjalo kwezonyana wakhe—ngaloo ndlela bebethelela ulwazi lwezinto ezifanelekileyo emntwaneni. Kakade ke, eyona nto yokukhusela ukuxhatshazwa kwabantwana liliso lenu njengabazali.
FUNA UKHOKELO LOBUTHIXO
27, 28. Ngubani oyena Mthombo mkhulu wokunceda abazali xa bejamelana nocelomngeni lokukhulisa umntwana?
27 Enyanisweni, ukuqeqesha umntwana eselusana kulucelomngeni, kodwa akuyomfuneko ukuba abazali abakholwayo bajamelane nolo celomngeni bodwa. Ngemihla yaBagwebi, xa indoda egama linguManowa yafumanisa ukuba iza kuba nomntwana yacela uYehova ukuba ayikhokele ekukhuliseni umntwana wayo. UYehova wawuphendula umthandazo wayo.—ABagwebi 13:8, 12, 24.
28 Ngokufanayo namhlanje, xa abazali abakholwayo bekhulisa abantwana babo, nabo banokuthetha noYehova ngomthandazo. Ngumsebenzi onzima ukuba ngumzali, kodwa unemivuzo. Esinye isibini esingamaKristu eHawaii sithi: “Ujongene nomsebenzi weminyaka eli-12 ngaphambi kwelo xesha linzima leshumi elivisayo. Ukuba ubuzibhokoxa ekusebenziseni imigaqo yeBhayibhile, iba lixesha lokuvuna uvuyo noxolo xa bezigqibela ukuba bafuna ukukhonza uYehova ngokuzithandela.” (IMizekeliso 23:15, 16) Xa umntwana wakho esenza eso sigqibo, nawe uya kuba nesizathu sokudanduluka uthi: “Ilifa likaYehova ngoonyana [neentombi].”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGABANCEDA NJANI ABAZALI . . . BAQEQESHE ABANTWANA BABO?
Kholosa ngoYehova.—IMizekeliso 3:5.
Yiba nenkathalo.—1 Timoti 5:8.
UYehova nguBawo onothando.—IMizekeliso 8:22, 30.
Abazali banembopheleleko yokufundisa abantwana babo.—Duteronomi 6:6, 7.
Uqeqesho luyafuneka.—Efese 6:4.
[Ibhokisi ekwiphepha 61]
UQEQESHO OLUPHUMELELAYO
Enye indlela ephumelelayo yokuqeqesha kukwenza abantwana bayazi imiphumo emibi yesenzo esiphosakeleyo. (Galati 6:7; thelekisa iEksodus 34:6, 7.) Ngokomzekelo, ukuba umntwana wakho uchithe into, xa ecoca ngokwakhe apho akasokuze alibale. Ngaba ukhathaze umntu? Ukumcelisa uxolo kungawulungisa loo mkhwa. Enye indlela yokuqeqesha kukumhlutha amalungelo okwexesha elithile ukuze afunde isifundo. Ngale ndlela umntwana ufunda ubulumko bokubambelela kwimigaqo elungileyo.
[Imifanekiso ekwiphepha 57]
Bazali, yibani yimizekelo, abahlobo nabafundisi