Isahluko 4
Ungayinyamekela Njani Imicimbi Yentsapho Yakho?
1. Kutheni ukunyamekela imicimbi yentsapho kusenokuba nzima kangaka namhlanje?
“IMEKO yeli hlabathi iyatshintsha.” (1 Korinte 7:31) La mazwi abhalwa kwiminyaka engaphezu kwe-1 900 eyadlulayo, yaye hayi indlela ahlab’ emxholweni ngayo namhlanje! Izinto ziyatshintsha, ngokukodwa kubomi bentsapho. Into eyayisakujongwa njengeqhelekileyo nesisithethe kwiminyaka engama-40 okanye engama-50 eyadlulayo ayisamkelwa namhlanje. Ngenxa yoku, ukunyamekela imicimbi yentsapho ngokuphumelelayo kunokuba lucelomngeni olukhulu. Sekunjalo, ukuba uthobela isiluleko seZibhalo, usenokumelana nolo celomngeni.
YANELISEKA KOKO UNAKO
2. Ziziphi iimeko zoqoqosho ezisenokucinezela intsapho?
2 Namhlanje abantu abaninzi abasanelisekanga bubomi obulula nobulungele intsapho. Njengokuba ezorhwebo zithe gqolo zivelisa izinto zize zisebenzise bonke ubuchule bazo bokuzibhengeza ukuze zirhintyele abantu, izigidi zootata noomama zichitha iiyure ezininzi emsebenzini ukuze zikwazi ukuthenga ezi zinto. Ezinye izigidi ziboph’ amabande oku kokuba zilale zityile. Kuye kufuneke zichithe ixesha elingaphaya kwengqondo emsebenzini kunakuqala, mhlawumbi zisebenza kwiindawo ezimbini, ukuze zihlawulele iintswelo zazo. Ukanti ezinye zingakuvuyela gqitha ukufumana umsebenzi, ekubeni ukunqaba komsebenzi kugquba kulo lonke. Ewe, ubomi bungumzamo kwintsapho yanamhlanje, kodwa imigaqo yeBhayibhile inokuzinceda iintsapho zenze unakonako wokumelana nezi meko.
3. Nguwuphi umgaqo owachazwa ngumpostile uPawulos, yaye ukuwusebenzisa kungamnceda njani umntu aphumelele ekunyamekeleni imicimbi yentsapho yakhe?
3 Umpostile uPawulos zakha zamfikela iingxaki zoqoqosho. Ngoxa wayejongene nazo, wafunda izifundo ezibalulekileyo, awathi wazichazela umhlobo wakhe uTimoti. UPawulos ubhala athi: “Asingenisanga nto ehlabathini, kwaye asinakuba nako ukuthwalela ngaphandle nantoni na. Ngoko, sinesixhaso nesambatho, siya kwaneliswa zezi zinto.” (1 Timoti 6:7, 8) Liyinyaniso elokuba asikokutya nempahla kuphela ezifunekayo entsatsheni. Kufuneka ibe nendawo yokuhlala. Abantwana kufuneka bafunde. Ibe kusafuneka kuhlawulwe namatyala amayeza nezinye iindleko. Sekunjalo, umgaqo wamazwi kaPawulos usasebenza. Ukuba siyanela kukwanelisa iintswelo zethu kunokuzixakekisa ngeemfuno zethu, ubomi buya kuba lula.
4, 5. Ukucinga nokuceba kusengaphambili kungaluncedo njani ekunyamekeleni imicimbi yentsapho?
4 Omnye umgaqo oluncedo ufumaneka komnye wemizekeliso kaYesu. Wathi: “Ngubani na kuni othi efuna ukwakha inqaba angahlali phantsi kuqala aze abale indleko, ukuze abone ukuba unokwaneleyo kusini na kokuyigqiba?” (Luka 14:28) Apha uYesu uthetha ngokucinga, ukuceba kusengaphambili. Sikubonile indlela okuluncedo ngayo oku kwisahluko esingaphambili xa isibini esiselula sicinga ngokutshata. Ibe emva komtshato, kuphinda kube luncedo oku ekunyamekeleni imicimbi yentsapho. Ukucinga kusengaphambili kulo mba kuquka ukuqingqa imali, ukuceba kusengaphambili indlela yokusebenzisa ngobulumko izinto ezifumanekayo. Ngale ndlela intsapho inokukwazi ukumelana neendleko, ibekele ecaleni imali eza kuyisebenzisa kwizinto ezibalulekileyo zosuku ngalunye okanye zeveki nganye, ize yenze izinto ezilingene loo mali.
5 Kwamanye amazwe, oko kuqingqa imali kusenokuthetha ukulwa nomnqweno wokufuna ukuboleka imali ezalayo ukuze uthenge izinto ezingabalulekanga. Kwamanye, isenokuthetha ukuzibamba ekusebenziseni amakhadi okuthenga ngetyala. (IMizekeliso 22:7) Kwakhona isenokuthetha ukulwa nomnqweno wokufuna ukuthenga—ukuthenga into ngokungxama ungakhange ucinge enoba iyimfuneko kusini na nangeengxaki eza kuzibangela. Ngapha koko, ukuqingqa imali kuya kwenza kucace ukuba ukusafaza imali ekungcakazeni, ekutshayeni icuba nasekuzinkcinkceni ngotywala kuyonakalisa kanobom imeko yezoqoqosho yentsapho, yaye kuchasene nemigaqo yeBhayibhile.—IMizekeliso 23:20, 21, 29-35; Roma 6:19; Efese 5:3-5.
6. Ziziphi iinyaniso ezingokweZibhalo ezinceda abo baphila kubuhlwempu bengenakuzinceda?
6 Noko ke, kuthekani ngabo babhuqwa bubuhlwempu bengenakuzinceda? Nabo, bangathuthuzelwa kukwazi ukuba le ngxaki igquba ehlabathini lonke yeyokwexeshana. Kwihlabathi elitsha eliya lisondela, uYehova uza kuphelisa ubuhlwempu nabo bonke obunye ububi obunxunguphalisa uluntu. (INdumiso 72:1, 12-16) Okwangoku, amaKristu okwenyaniso, enoba angamahlwempu, akaziva eyimipha echutywe yalahlwa, kuba akholelwa kwidinga likaYehova elithi: “Andiyi kuze nangayiphi na indlela ndikushiye, ndingayi kuze nangayiphi na indlela ndikutyeshele.” Ngenxa yoko, ikholwa linokutsho ngentembelo lithi: “UYehova ungumncedi wam, andiyi koyika.” (Hebhere 13:5, 6) Kule mihla yethu yobunzima, uYehova uye wabaxhasa abanquli bakhe ngeendlela ezininzi xa bephila ngokwemigaqo yakhe baze babeke uBukumkani bakhe kuqala kubomi babo. (Mateyu 6:33) Uninzi lwabo lungakungqina oku, lusithi, ngokwamazwi ompostile uPawulos: “Ndiyazi eneneni ukuba kunjani ukuba nesixhaso esincinane, ndiyazi eneneni ukuba kunjani ukuba nentabalala. Kuyo yonk’ into nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo kokubini yokuba kunjani ukuhlutha nokuba kunjani ukulamba, kokubini yokuba kunjani ukuba nentabalala nokuba kunjani ukuba nentswelo. Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:12, 13.
UKWABELANA NGOMTHWALO
7. Ngawaphi amazwi kaYesu aya kuba luncedo, ukuba ayasetyenziswa, ekunyamekeleni imicimbi yentsapho ngokuphumelelayo?
7 Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wathi: “Umele umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) Ukusebenzisa esi siluleko entsatsheni kuluncedo gqitha ekunyamekeleni imicimbi yentsapho. Ngapha koko, ngaba bakho abona bamelwane bethu basondeleyo nabathandekayo ngaphezu kweentsapho zethu—amadoda nabafazi, abazali nabatwana? Amalungu entsapho anokukubonisa njani ukuthandana?
8. Uthando lunokubonakaliswa njani entsatsheni?
8 Enye indlela kukuba lungu ngalinye lentsapho lenze indima yalo kumsebenzi wasekhaya. Ngaloo ndlela, abantwana kufuneka bafundiswe ukuzisusa izinto bakugqiba ukuzisebenzisa, enoba ziimpahla okanye izinto zokudlala. Ukondlula ibhedi ntsasa nganye kusenokufuna ixesha nomgudu, kodwa kuluncedo gqitha ekunyamekeleni imicimbi yentsapho. Kakade ke, akho amanye amakhwiniba angephi asenokungaphepheki, kodwa bonke kufuneka basebenzisane ukuze ikhaya lihlale licocekile, nasekuqoqosheni emva kwezidlo. Ubuvila, ukuzingca, nokubonakalisa umoya wokonqena nowokuthembiselana akuncedi mntu. (IMizekeliso 26:14-16) Kwelinye icala, ukuchwayita nomoya ovumayo kufak’ isandla kubomi bentsapho obonwabisayo. “UThixo uthanda umphi ochwayithileyo.”—2 Korinte 9:7.
9, 10. (a) Nguwuphi umthwalo odla ngokuthi zinzi emagxeni omfazi ekhaya, yaye unokuncitshiswa njani? (b) Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngomsebenzi wekhaya ecetyisiweyo?
9 Ukucingelana nothando ziya kuthintela imeko eyingxaki kakhulu kwamanye amakhaya. Ngokwesithethe oomama bebekade beziintsika zamakhaya. Bebenyamekela abantwana, becoca ikhaya, behlamba impahla yentsapho, yaye bethenga ukutya baze bakupheke. Kwamanye amazwe, ngokwesiko abafazi basebenza emasimini, bethengisa isivuno emarikeni, okanye befak’ isandla ngandlel’ ithile ekongezeni imali yentsapho. Nakwiindawo ebekukade kungelosiko oku, iimeko ziye zaqhuba izigidi zabafazi abatshatileyo zibakhupha ekhaya besiya kusebenza. Umfazi nomama ozibhokoxayo kwezi zinto zombini ufanele anconywe. Ngokufanayo ‘nomfazi onesidima’ ochazwe eBhayibhileni, usoloko exakekile. ‘Akasidli isonka sobuvila.’ (IMizekeliso 31:10, 27) Noko ke, oku akuthethi ukuba ngumama kuphela omele asebenze ekhaya. Xa indoda nomfazi bebesemsebenzini imini yonke, ngaba yimhemhe yomfazi kuphela ukusebenza endlwini ngoxa indoda nentsapho iphela bengqendevile bengenzi nto? Hayi khona. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 8:13, 14.) Ngokomzekelo, ukuba umama uza kulungiselela ukudla, usenokuyivuyela into yokuba amanye amalungu entsapho amncedise ekulungiseleleni ngokulungisa itafile, aye kuthenga izinto ezithile, okanye abe ecoca indlu. Ewe, kumele kubanjiswane.—Thelekisa amaGalati 6:2.
10 Abanye basenokuthi: “Kwindawo endihlala kuyo asingomsebenzi wamadoda lowo.” Basenokuba banyanisile, kodwa ngaba bekungayi kuba luncedo ukuwucingisisa lo mbandela? Xa uYehova uThixo wayesungula intsapho, akazange athi umsebenzi othile uza kwenziwa ngabafazi kuphela. Ngesinye isihlandlo, xa uAbraham othembekileyo wayetyelelwe zizithunywa ezikhethekileyo ezivela kuYehova, wafak’ isandla ekulungiseleleni nasekutyiseni ezi ndwendwe. (Genesis 18:1-8) Isiluleko seBhayibhile sithi: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo.” (Efese 5:28) Xa, ekupheleni kosuku, indoda idinwe iyimfe ifuna ukukhe ithi khebevu, akungebi nomfazi naye uvakelelwa ngolo hlobo, mhlawumbi nangaphezulu? (1 Petros 3:7) Ngoko ke, ngaba akuyi kuba kokufanelekileyo nokuba nothando ngendoda ukuba incede ekhaya?—Filipi 2:3, 4.
11. UYesu wawumisela njani umzekelo omhle kwilungu ngalinye lentsapho?
11 UYesu ngowona mzekelo ubalaseleyo womntu owayekholisa uThixo nowayezonwabisa izinxulumani zakhe. Nangona engazange atshate, uYesu ungumzekelo omhle kumadoda, ukwanguwo kubafazi nakubantwana. Wathi ngaye: “Kanye njengokuba uNyana womntu weza, kungekhona ukuba alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi,” oko kukuthi, weza kukhonza abanye. (Mateyu 20:28) Hayi indlela ezonwabe ngayo iintsapho ekuthi kuzo onke amalungu ahlakulele eso simo sengqondo!
UKUCOCEKA—KUTHENI KUBALULEKE KANGAKA?
12. UYehova ufuna ntoni kwabo bamkhonzayo?
12 Omnye umgaqo weBhayibhile onokunceda ekunyamekeleni imicimbi yentsapho ufumaneka kweyesi-2 kwabaseKorinte 7:1. Apho sifunda oku: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nomoya.” UYehova uyabamkela abo bathobela la mazwi aphefumlelweyo, kuba ufuna ‘unqulo oluhlambulukileyo, olungadyobhekanga.’ (Yakobi 1:27) Yaye iintsapho zabo ziyangenelwa.
13. Kutheni ukucoceka kuluncedo ekunyamekeleni imicimbi yentsapho?
13 Ngokomzekelo, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba ngenye imini izifo nokugula ziya kuphela. Ngelo xesha, “akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” (Isaya 33:24; ISityhilelo 21:4, 5) Noko ke, de kufike elo xesha, zonke iintsapho ziya kujamelana nokugula ngamathub’ athile. Nkqu uPawulos noTimoti nabo bagula. (Galati 4:13; 1 Timoti 5:23) Sekunjalo, iingcali zonyango zithi izigulo ezininzi zinokuthintelwa. Iintsapho ezilumkileyo ziyasinda kwizigulo ezinokuthintelwa ngokuphepha ukungacoceki kokomoya nokwenyama. Makhe siqwalasele indlela okwenzeka ngayo oko.—Thelekisa IMizekeliso 22:3.
14. Ukucoceka ngokuziphatha kunokuyikhusela njani intsapho ekuguleni?
14 Ukucoceka kokomoya kuquka ukucoceka ngokuziphatha. Sazi kakuhle ukuba iBhayibhile ikhuthaza imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha ibe iyazigweba iintlobano zesini ngaphandle komtshato. “Abahenyuzi, . . . nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Ukuthobela le milinganiselo ingqongqo kubaluleke gqitha kumaKristu aphila kweli hlabathi lanamhlanje ligqwethekileyo. Ukwenjenjalo kuyamkholisa uThixo, yaye kukwakhusela intsapho kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini njengoGawulayo, igcushuwa, igonorrhea nechlamydia.—IMizekeliso 7:10-23.
15. Nika umzekelo wokungacoceki onokubangela ukugula okungeyomfuneko.
15 ‘Ukuzihlambulula kuko konke ukudyobheka kwenyama’ kukhusela intsapho kwezinye izigulo. Izifo ezininzi zibangelwa kukungacoceki. Umzekelo ophambili kukutshaya. Ukutshaya akwaneli nje ukungcolisa imiphunga, iimpahla nomoya kodwa kuyabagulisa abantu. Izigidi zabantu ziyafa ngenxa yokutshaya icuba. Khawufan’ ucinge; nyaka ngamnye, izigidi zabantu ngezingagulanga yaye ngezingafanga ngaphambi kwexesha ukuba bezikuphephile oko ‘kudyobheka kwenyama’!
16, 17. (a) Nguwuphi umthetho owanikelwa nguYehova owakhusela amaSirayeli kwizigulo ezithile? (b) Umgaqo okwiDuteronomi 23:12, 13 unokusetyenziswa njani kuzo zonke iintsapho?
16 Qwalasela omnye umzekelo. Malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo, uThixo wanika uhlanga lakwaSirayeli uMthetho ukuze alungelelanise unqulo lwawo yaye, ukusa kumlinganiselo othile, wawanika nowokulungelelanisa ubomi bawo bemihla ngemihla. Loo Mthetho wakhusela olo hlanga kwizifo ngokumisela imigaqo ethile yezempilo. Omnye waloo mithetho wawunento yokwenza nokushenxiswa kwelindle lomntu, ekwakufuneka ligqunyelelwe kude nenkampu ukuze lingangcolisi ummandla ohlala abantu. (Duteronomi 23:12, 13) Loo mthetho wamandulo usesisiluleko esihle. Nanamhlanje abantu basagula baze bafe kuba bengawulandeli.a
17 Ngokuvisisana nomgaqo womthetho wamaSirayeli, indlu yangasese yentsapho—enoba isendlwini okanye ngaphandle—ifanele igcinwe icocekile ingenazintsholongwane. Ukuba indlu yangasese ayigcinwa icocekile yaye ayigqunywa, iimpukane ziya kudakasa apho zize zisasaze iintsholongwane kwezinye iindawo apha ekhayeni—nasekutyeni esikutyayo! Ngaphezu koko, abantwana nabantu abakhulu bafanele bahlambe izandla emva kokuya kwindlu yangasese. Kungenjalo, baya kuthwala iintsholongwane ngesikhumba sabo. Ngokutsho komnye ugqirha waseFransi, ukuhlamba izandla “kuseyenye yeendlela eziqinisekileyo eziphambili zokuthintela izigulo zesisu, zamalungu okuphefumla, okanye zesikhumba.”
18, 19. Ngawaphi amacebiso anikelwayo okugcina indlu icocekile nakwindawo ehlwempuzekileyo?
18 Liyinyaniso elokuba ukucoceka kulucelomngeni kwiindawo ezihlwempuzekileyo. Omnye ozazi kakuhle iindawo ezinjalo wathi: “Ilanga eligqats’ ubhobhoyi lenza ukucoca kube ngumsebenzi oqobayo. Indlu le iba luthuli yonke. . . . Ukwanda kwabemi ezidolophini nakwimimandla ethile yasemaphandleni, nako kuneengozi zako empilweni. Ukugqabhuka kwemibhobho yamanzi amdaka, inkunkuma efumbileyo, izindlu zangasese zikawonke wonke ezinyhukunyhuku, iimpuku ezithwele izifo, amaphela neempukane zinyakazela apho.”
19 Kunzima ukuhlala ucocekile kwiimeko ezinjengezi. Sekunjalo, kufuneka wenze umgudu. Isepha namanzi nomsetyenzana nje ongephi akufuni mali ininzi njengamayeza neemali zasesibhedlele. Ukuba uhlala kwindawo enjalo, yenza konke okusemandleni akho, ugcine indlu yakho nebala licocekile yaye lingangcoliswa lilindle lezilwanyana. Ukuba indlela eya endlwini yakho iba nodaka xa kusina, kutheni ungagaleli uhlalutye okanye amatye ukuze kungangenwa nodaka endlwini? Ukuba umntu unxibe izihlangu okanye iimbadada, ngaba unozikhulula ngaphambi kokuba angene endlwini? Kwakhona, umele ukhusele amanzi akho angangcoli. Kuqikelelwa ukuba ubuncinane abantu abazizigidi ezibini ngonyaka babulawa zizifo ezibangelwe ngamanzi amdaka nakukungabikho kogutyulo.
20. Ukuze ikhaya licoceke, ngoobani abamele bathwale loo mbopheleleko?
20 Ikhaya lixhomekeke kumntu wonke ukuze licoceke—kumama, ubawo, abantwana neendwendwe. Omnye umama waseKenya onabantwana abasibhozo wathi: “Bonke bafunde ukuphumeza indima yabo.” Ikhaya elicocekileyo lishiya igama elihle kwintsapho iphela. Iqhalo laseSpeyin lithi: “Ubuhlwempu abukunyanzeli ukuba ube lixelegu.” Enoba umntu uhlala kwipomakazi lendlu, kwigumbi eliqeshisayo, kwikhaya eliqhelekileyo, okanye etyotyombeni, ukucoceka kungundoqo kwintsapho esempilweni.
UKHUTHAZO LUYASAKHA
21. Ngokuvisisana neMizekeliso 31:28, yintoni eya kunceda intsapho yonwabe?
21 Xa ixubusha ngomfazi onesidima, IMizekeliso ithi: “Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; iyasuka indoda yakhe imdumise.” (IMizekeliso 31:28) Wagqibela nini ukuncoma ilungu lentsapho yakho? Eneneni, sifana nezityalo entlakohlaza xa zilungele ukudubula ngenxa yokufumana ukufudumala nokufuma. Nathi, siyalufuna uvuyo olubangelwa kukunconywa. Kunceda umfazi azi ukuba indoda iyakuxabisa ukuzibhokoxa nothando lwakhe yaye imxabisile. (IMizekeliso 15:23; 25:11) Yaye kuba mnandi xa umfazi encoma indoda ngomsebenzi ewenza ngaphandle kwekhaya nasekhaya. Kuba luvuyo lodwa nasebantwaneni xa abazali babo bebancoma ngemigudu yabo ekhaya, esikolweni, okanye kwibandla lamaKristu. Yaye umbulelo nje uwodwa awuyontwana! Yintoni esukayo kuwe xa uthe: “Enkosi”? Akukho nento le, ukanti oko kusenokwenza lukhulu entsatsheni.
22. Yintoni efunekayo ukuze ‘kuzinziswe’ intsapho, yaye inokufunyanwa njani?
22 Ngenxa yezizathu ezininzi, ukunyamekela imicimbi yentsapho akuyondlwan’ iyanetha. Sekunjalo, kunokwenziwa ngempumelelo. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Indlu yona yakhiwa ngobulumko; izinziswe ngengqondo.” (IMizekeliso 24:3) Ubulumko nengqondo zinokufumaneka ukuba bonke entsatsheni bazabalazela ukufunda ukuthanda kukaThixo baze bakusebenzise ebomini babo. Ngokuqinisekileyo kumele kwenziwe umgudu ukuze ubomi bentsapho bonwabise!
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwincwadi ecebisa ngendlela yokuphepha ukuhambisa kwesisu—sifo eso esixhaphakileyo nesibulala iintsana—iWorld Health Organization ithi: “Xa ungenayo indlu yangasese: zithume kude nezindlu nakwiindawo ezidlala abantwana, ubuncinane kangangeemitha ezili-10 kude namanzi; ligqumelele ngomhlaba ilindle.”
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGAYINCEDA NJANI . . . INTSAPHO INYAMEKELE IMICIMBI YAYO?
Kububulumko ukwaneliseka zizinto ezisisiseko ebomini.—1 Timoti 6:7, 8.
UYehova akayi kubashiya abo bamkhonzayo.—Hebhere 13:5, 6.
Ukuthanda abanye kuluphawu lwamaKristu olubalaseleyo.—Mateyu 22:39.
AmaKristu ahlala ecocekile emzimbeni nangokomoya.—2 Korinte 7:1.
[Ibhokisi ekwiphepha 45]
AMANZI ACOCEKILEYO, IMPILO ENTLE
IWorld Health Organization inikela amacebiso athile aluncedo kubantu abakumazwe ekunzima kuwo ukufumana amanzi acocekileyo naneendlela zakudala zogutyulo.
“Yikha uze ugcine amanzi kwizinto ezicocekileyo. Into yokukha amanzi mayihlale igqunyiwe uze ungavumeli abantwana okanye izilwanyana ziselele kuyo. . . . Yikha amanzi ngento enomqheba omde eyenzelwe loo njongo kuphela. Yonke imihla wachithe amanzi uze uhlambe loo nto akuyo.
“Wabilise amanzi okuphekela abantwana abancinane okanye abaza kuwasela. . . . Amanzi kufuneka abile imizuzwana embalwa.”
[Umfanekiso okwiphepha 42]
Ukunyamekela imicimbi yentsapho ngumsebenzi wentsapho
[Umfanekiso okwiphepha 47]
Ukugcina izinto zicocekile kubiza kancinane kunokuthenga amayeza