UYehova “Ungumvuzi Wabo Bamfuna Ngenyameko”
“Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—HEBHERE 11:6.
1, 2. Yintoni enokwenza abanye abakhonzi bakaYehova bazive bengafaneleki?
UBARBARA uthi: “Phantse ndineminyaka engama-30 ndiliNgqina likaYehova, kodwa andikaze ndizive ndikufanelekela ukubizwa ngelo gama.a Nakuba ndiye ndanguvulindlela, ndaxhamla namalungelo athile, akukho nalinye kuwo eliye landenza ndaziva ndikufanelekele ukubizwa ngokuba liNgqina.” Kukho noKeith ovakalelwa ngolo hlobo. Yena uthi: “Kukho amaxesha okuziva ndingafaneleki kuba zininzi izinto ezivuyisa abakhonzi bakaYehova, ndibe mna kungekho nto ikhe indivuyise. Oku kwenza ndizive ndinetyala, itsho ibe mandundu ngakumbi le meko.”
2 Inkitha yabakhonzi abathembekileyo bakaYehova, abamandulo nabangoku baye bavakalelwa ngendlela efanayo. Ngaba nawe ukhe uvakalelwe ngolo hlobo? Usenokwehlelwa luthotho lweengxaki, ngoxa kubonakala ngathi izinto ziwahambela kuhle amanye amaKristu, yaye onwabile. Ngoko, unokuvakalelwa kukuba uYehova akakholiswa nguwe yaye akufaneleki ukuba angade anikele ingqalelo kuwe. Ungangxami ugqibe kwelo. IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “[UYehova] akadelanga engazothekanga ngenkxwaleko yoxhwalekileyo; ibe ubuso bakhe akabufihlanga kuye, yaye xa ekhalela uncedo kuye umvile.” (INdumiso 22:24) Loo mazwi esiprofeto sikaMesiya abonisa ukuba uYehova akaneli nje ukuva abakhonzi bakhe abathembekileyo kodwa uyabavuza.
3. Kutheni sithwaxa nje nathi ziingxaki zale nkqubo yezinto?
3 Akukho namnye umntu ongenangxaki kule nkqubo yezinto—zithwaxa nabakhonzi bakaYehova. Siphila kwihlabathi elilawulwa lutshaba olukhulu lukaYehova, uSathana uMtyholi. (2 Korinte 4:4; 1 Yohane 5:19) Kunokuba bakhuselwe ngendlela engummangaliso, abakhonzi bakaYehova ngawona maxhoba awalambeleyo uSathana. (Yobhi 1:7-12; ISityhilelo 2:10) Ngoko, de kube lixesha elifanelekileyo likaThixo kufuneka ‘sinyamezele imbandezelo yaye sizingise emthandazweni,’ sinentembelo yokuba uYehova usikhathalele. (Roma 12:12) Imele ingathi qatha kwasengqondweni eyokuba asithandwa nguYehova uThixo wethu.
Imizekelo Yabo Banyamezelayo Mandulo
4. Chaza imizekelo yabakhonzi abathembekileyo bakaYehova abanyamezela iinzingo.
4 Baluthotho abakhonzi bamandulo bakaYehova abanyamezela iinzingo. Ngokomzekelo, uHana “wawukrakra umphefumlo wakhe” ngenxa yokungafumani bantwana—imeko awayifanisa nokulityalwa nguThixo. (1 Samuweli 1:9-11) Xa uEliya wayethiwe mbende ngumbulali, uKumkanikazi uIzebhele, woyika gqitha waza wathandaza kuYehova wathi: “Kwanele! Owu Yehova, wuthabathe umphefumlo wam, kuba andilunganga ngaphezu kookhokho bam.” (1 Kumkani 19:4) Nompostile uPawulos umele ukuba wayeluva uxanduva lokungafezeki xa wavuma esithi: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” Waza wongezelela wathi: “Hayi usizana endilulo!”—Roma 7:21-24.
5. (a) Bavuzwa njani uHana, uEliya noPawulos? (b) ILizwi likaThixo linokusithuthuzela njani xa sidandathekile?
5 Kakade, siyazi ukuba uHana, uEliya noPawulos bonke banyamezela bekhonza uYehova, ibe wabavuza gqitha. (1 Samuweli 1:20; 2:21; 1 Kumkani 19:5-18; 2 Timoti 4:8) Sekunjalo, behlelwa zizo zonke izinto ezikhathaza uluntu, njengokudandatheka, ukuphelelwa lithemba noloyiko. Ngoko asimele simangaliswe xa siziva sicinezelekile ngamaxesha athile. Kodwa, yintoni onokuyenza xa iingxaki zikwenza uthandabuze enoba uthandwa ngokwenene na nguYehova? ILizwi likaThixo lingakutsho uthuthuzeleke. Ngokomzekelo, kwinqaku elandulela eli, siye saxubusha ngamazwi kaYesu athi uYehova uzibalile ‘kwaneenwele ezi zentloko yethu.’ (Mateyu 10:30) Loo mazwi akhuthazayo abonisa ukuba uYehova unomdla ongazenzisiyo kumkhonzi wakhe ngamnye. Kwakhona khumbula umzekeliso kaYesu woongqatyana. Ukuba akukho nanye kwezo ntaka zincinane ewela emhlabeni aze uYehova angakwazi oko, yintoni enokumenza angakukhathaleli wena xa usengxakini?
6. IBhayibhile inokubathuthuzela njani abo balwa nokudandatheka?
6 Ngaba inokwenzeka ngokwenene into yokuthi singafezekanga sinje, sibaluleke kuMdali onamandla onke, uYehova? Ewe, inokwenzeka! Enyanisweni, kukho intaphane yezibhalo zeBhayibhile ezisiqinisekisa ngoku. Xa sicingisisa ngezi zibhalo, singavumelana nomdumisi owathi: “Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.” (INdumiso 94:19) Makhe siqwalasele iLizwi likaThixo ukuze sifumane amazwi entuthuzelo aya kusinceda siyiqonde ngakumbi indlela asixabisa ngayo uThixo naya kusivuza ngayo njengoko siqhubeka sisenza ukuthanda kwakhe.
“Inqobo” KuYehova
7. Sisiphi isiprofeto esikhuthazayo uYehova awasidlulisela ngoMalaki kweso sizwe sasizaliswe lurhwaphilizo?
7 Kwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo kwakugquba imeko engaginyisi mathe phakathi kwamaYuda. Ababingeleli babesamkela izilwanyana ezingafanelekanga baze babingelele ngazo kwisibingelelo sikaYehova. Abagwebi babekhetha ubuso. Ukukhafula, ukuxoka, urhwaphilizo nokukrexeza kwakusaphul’ izikeyi apho. (Malaki 1:8; 2:9; 3:5) Kwesi sizwe sonakeleyo, uMalaki wadlulisela isiprofeto esimangalisayo. Ethubeni, uYehova wayeza kubuyisela abantu bakhe kwimeko efanelekileyo. Sifunda oku: “‘Ngokuqinisekileyo baya kuba ngabam,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘ngemini yokuvelisa kwam inqobo. Kwaye ndiza kubabonisa imfesane, kanye njengomntu obonisa imfesane kunyana wakhe omkhonzayo.’”—Malaki 3:17.
8. Kutheni umgaqo okuMalaki 3:17 unokusetyenziswa nakwisihlwele esikhulu nje?
8 Isiprofeto sikaMalaki siyazaliseka nanamhlanje kumaKristu athanjisiweyo, lawo abumba isizwe sokomoya sabali-144 000. Ngokwenene, kuYehova eso sizwe ‘siyinqobo’ okanye “isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo.” (1 Petros 2:9) Isiprofeto sikaMalaki sinokusikhuthaza ‘nesihlwele esikhulu, esimi phambi kwetrone naphambi kweMvana, sambethe imiwunduzo emhlophe.’ (ISityhilelo 7:4, 9) Ezi ndidi zimbini ziba ngumhlambi omnye ngaphantsi koMalusi omnye uYesu Kristu.—Yohane 10:16.
9. Kutheni ‘beyinqobo’ nje kuYehova abakhonzi bakhe?
9 UYehova ubajonga njani abo bakhetha ukumkhonza? Njengokuba esitsho kuMalaki 3:17, ubajonga ngendlela ubawo onothando ajonga ngayo unyana wakhe. Phawula namazwi othando achaza ngawo abantu bakhe—“inqobo.” Ezinye iinguqulelo ziguqulela eli binzana ngokuthi “abathi mna,” “abaligugu lam,” nangokuthi “izacholo zam.” Yintoni ebangela ukuba uYehova ajonge abakhonzi bakhe njengabakhetheke ngolo hlobo? Kungenxa yokuba unguThixo onoxabiso. (Hebhere 6:10) Uyasondela kubo aze abajonge njengabakhethekileyo abo bamkhonza ngokunyaniseka.
10. UYehova ubakhusela njani abantu bakhe?
10 Ngaba unayo into exabisekileyo eyinqobo kuwe? Umele ukuba wenza konke okusemandleni ukuzama ukuyikhusela. NoYehova uyayikhusela “inqobo” yakhe. Yinyaniso ukuba akabakhuseli kuzo zonke izilingo neentlekele zobomi abakhonzi bakhe. (INtshumayeli 9:11) Kodwa unako ukubakhusela ibe uya kubakhusela ngokomoya abo bathembekileyo. Ubanika amandla afunekayo ukuze banyamezele izilingo. (1 Korinte 10:13) Ngoko, uMoses wathi kubantu bamandulo bakaThixo, amaSirayeli: “Yibani nesibindi, nomelele. . . . NguYehova uThixo wakho ohamba nawe. Akayi kukulahla okanye akushiye ngokupheleleyo.” (Duteronomi 31:6) UYehova uyabavuza abantu bakhe. Kuye ‘bayinqobo.’
UYehova “Umvuzi”
11, 12. Ukwazi ukuba uYehova unguMvuzi wethu kungasinceda njani siyeke ukuthandabuza?
11 Obunye ubungqina bokuba uYehova ubaxabisile abakhonzi bakhe kukuba uyabavuza. KumaSirayeli wathi: “‘Khanincede, nindivavanye, kule nkalo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungasweleki nto.’” (Malaki 3:10) Kakade ke, ekugqibeleni uYehova uya kubavuza ngobomi obungunaphakade abakhonzi bakhe. (Yohane 5:24; ISityhilelo 21:4) Lo mvuzo ungenakuthelekiswa nanto ubonisa ubukhulu bothando nesisa sikaYehova. Ubonisa nendlela abaxabisa ngayo abo bakhetha ukumkhonza. Xa uYehova simgqala njengoMvuzi onesisa singayeka ukuthandabuza indlela asijonga ngayo. Eneneni, uyasibongoza ukuba simjonge njengoMvuzi! UPawulos wathi: “Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—Hebhere 11:6.
12 Kakade ke, uYehova simkhonza kuba simthanda—kungekhona ngenxa yokuba ethembisa ngokusivuza. Sekunjalo, ukuhlala sinethemba lomvuzo akuyonto ingafanelekanga okanye ukuzingca. (Kolose 3:23, 24) Ngenxa yokubathanda nokubaxabisa kwakhe abo bamfuna ngenyameko, uYehova uyabavuza.
13. Kutheni ilungiselelo lentlawulelo lisesona senzo sikubonisa kakuhle ukusithanda kukaYehova nje?
13 Esona senzo siyibonisa kakuhle indlela abaxatyiswe ngayo abantu nguYehova lilungiselelo lentlawulelo. Umpostile uYohane wabhala: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ilungiselelo ledini lentlawulelo likaYesu Kristu liyiphikisa kwaphela ingcamango yokuba asixabisekanga okanye asithandwa nguYehova. Ngoko, ukuba uYehova uye wahlawula ixabiso eliphakame kangako—ubomi boNyana okuphela kwamzeleyo—umele ukuba usithanda gqitha.
14. Yintoni eboniswa yindlela uPawulos awayejonga ngayo intlawulelo?
14 Ngoko, xa uziva ungafanelekanga, umele ucamngce ngentlawulelo. Ewe, umele ujonge esi sipho njengesilungiselelwe wena ngokuthe ngqo nguYehova. Oku koko kanye kwenziwa ngumpostile uPawulos. Kaloku wathi: “Hayi usizana endilulo!” Waza emva koko wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu,” yena “wandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.” (Roma 7:24, 25; Galati 2:20) La mazwi uPawulos wayengawathethiswa kukuzingca. Kuphela nje wayeqinisekile ukuba yena siqu uxabisekile kuYehova. NjengoPawulos, nawe umele uzame ukujonga intlawulelo njengesipho esenzelwe wena ngokuthe ngqo nguThixo. UYehova akangoMhlanguli onamandla nje kuphela kodwa ukwanguMvuzi onothando.
Walumkele ‘Amaqhinga’ KaSathana
15-17. (a) UMtyholi uyisebenzisa njani kakubi imvakalelo yokungafaneleki? (b) Sinokomelezwa njani ngamava kaYobhi?
15 Nalapho kusenokuba nzima ukukholelwa ukuba amazwi athuthuzelayo eLizwi likaThixo eliphefumlelweyo abhekisa nakuwe. Usenokuvakalelwa kukuba umvuzo wokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo unokufunyanwa ngabanye abantu, wena akufanelekanga. Ukuba uvakalelwa ngolo hlobo yintoni onokuyenza?
16 Ngokuqinisekileyo uqhelene nesi sibongozo sikaPawulos kwabase-Efese: “Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.” (Efese 6:11) Xa sicinga ngezabatha zikaSathana, kukhawuleza kuthi qatha izinto ezifana nokuthanda izinto eziphathekayo nokuziphatha okubi ibe uchanile xa ucinga ngolo hlobo. Ezi zilingo ziye zabambisa abakhonzi bakaThixo abaninzi kususela mandulo ukuza kuthi ga namhlanje. Noko ke, kukho elinye iqhinga likaSathana esingamele silibethe ngoyaba—imigudu yakhe yokweyisela abantu ekubeni abathandwa nguYehova uThixo.
17 UMtyholi liqili ekusebenziseni ezo mvakalelo ukuze akreqise abantu kuThixo. Khumbula amazwi awathethwa nguBhiledadi kuYobhi: “Unokuba ngolungileyo njani na umntu ofayo phambi koThixo, okanye unokuba ngohlambulukileyo njani na umntu ozelwe ngumfazi? Khangela! Kukho kwanenyanga, yaye ayiqaqambanga; yaye iinkwenkwezi azingqinekanga zihlambulukile emehlweni akhe. Kubeke phi na ngomntu ofayo, oyimpethu, nonyana womntu, ongumbungu!” (Yobhi 25:4-6; Yohane 8:44) Nawe unokuyicingela indlela amele ukuba ayedimaza ngayo loo mazwi. Ngoko musa ukuvumela uSathana akubulale intliziyo. Kwelinye icala, umele uwazi amaqhinga akhe ukuze ube nesibindi, amandla okulwa nabuphi na ubunzima ukuze wenze okulungileyo. (2 Korinte 2:11) Nakuba uYobhi kwafuneka alungiswe, uYehova wamvuza ngokunyamezela kwakhe waza wambuyisela ngokuphindwe kabini kuko konke okwakumlahlekele.—Yobhi 42:10.
UYehova “Mkhulu Kuneentliziyo Zethu”
18, 19. UThixo ‘mkhulu njani kuneentliziyo zethu,’ ibe yiyiphi indlela ‘azi ngayo izinto zonke’?
18 Yinyaniso ukuba, kunzima ukulwa nokudandathekiswa ziimvakalelo xa sele kwendele. Kodwa umoya kaYehova unokusinceda soyise ‘izinto ezinqatyisiweyo. eziphakanyiswe nxamnye nolwazi lukaThixo.’ (2 Korinte 10:4, 5) Xa usonganyelwa yimvakalelo yokungafaneleki, camngca ngala mazwi ompostile uYohane: “Yiyo ke leyo indlela esiya kwazi ngayo ukuba siphuma kuyo inyaniso, yaye siya kuziqinisekisa iintliziyo zethu phambi kwakhe ngokubhekisele kuko nakuphi na oko iintliziyo zethu ezisenokusigwebela isohlwayo kuko, ngenxa yokuba uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.”—1 Yohane 3:19, 20.
19 Lithetha ukuthini ibinzana elithi “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu”? Maxa wambi, intliziyo yethu inokusigweba, ngakumbi xa sikhathazwa kukungafezeki neentsilelo zethu. Mhlawumbi ngenxa yemvelaphi yethu, sithanda ukuzihlaba amadlala, sicinge ukuba asinanto sinokuyenza emkholisayo uYehova. Amazwi ompostile uYohane asiqinisekisa ukuba uYehova mkhulu kunazo! Ubona ngaphaya kweempazamo zokungafezeki kwethu aze aqonde oko kusemandleni ethu. Uzazi kakuhle iinjongo zethu nentsusa yazo. UDavide wathi: “Yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Ewe, uYehova usazi ngaphezu kokuba thina sizazi!
‘Isithsaba Sobuhle Nonkontsho Lobukumkani’
20. Yintoni etyhilwa sisiprofeto sokubuyiselwa sikaIsaya ngendlela uYehova abajonga ngayo abakhonzi bakhe?
20 Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wanika abantu bakhe bamandulo ithemba lokubuyiselwa. Xa bephelelwe lithemba ekuthinjweni eBhabhiloni, ngamazwi entuthuzelo nesiqinisekiso esinje kanye ababeza kuwafuna! Ekhangele phambili xa sele bebuyiselwe kwilizwe labo, uYehova wathi: “Uya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni kaThixo wakho.” (Isaya 62:3) Ngala mazwi, uYehova wenza abantu bakhe banesidima nesithozela. Wenze okufanayo nakwisizwe sakhe sikaSirayeli wokomoya namhlanje. Kuba ngathi ubaphakamisele phezulu ukuze babonwe ngabo bonke abantu.
21. Unokuqiniseka njani ukuba uYehova uya kukuvuza ukunyamezela kwakho?
21 Ngoxa ubukhulu becala esi siprofeto sizaliseka kwabo bathanjisiweyo, sibonisa isidima uYehova asinika bonke abo bamkhonzayo. Ngoko xa unamathandabuzo, khumbula ukuba nakuba ungafezekanga, uYehova ukuxabisa ‘ngengesithsaba sobuhle nonkontsho lobukumkani.’ Ngoko qhubeka uyivuyisa intliziyo yakhe ngokuzabalazela ukwenza intando yakhe. (IMizekeliso 27:11) Xa usenza oko, umele uqiniseke ukuba uYehova uya kukuvuza ukunyamezela kwakho!
[Umbhalo osemazantsi]
a Abanye asingomagama abo la.
Uyakhumbula Na?
• Siba yiyo njani “inqobo” kuYehova?
• Kutheni kubalulekile nje ukujonga uYehova njengoMvuzi?
• Ngawaphi ‘amaqhinga’ kaSathana esimele siwalumkele?
• UThixo ‘mkhulu njani kuneentliziyo zethu’?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UPawulos
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UEliya
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UHana
[Umfanekiso okwiphepha 28]
ILizwi likaThixo lizaliswe ziingcamango ezithuthuzelayo