Malaki
2 “Ngoku ke babingeleli, lo myalelo ngowenu.+ 2 Ukuba anifuni kumamela nize nizimisele ezintliziyweni zenu ukulizukisa igama lam,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiza kuniqalekisa,+ ibe ndiza kuzijika iintsikelelo zenu zibe ziziqalekiso.+ Nangoku, ndizijikile iintsikelelo zaba ziziqalekiso, ngenxa yokuba anizimiselanga ezintliziyweni zenu ngale nto.”
3 “Jongani! Ndiza kuyonakalisa* imbewu yenu etyaliweyo,+ kwaye ndiza kubuchitha-chitha ebusweni benu ubulongwe, ubulongwe bamatheko enu; yaye nina niza kuthwalelwa kubo.* 4 Niza kutsho nazi ukuba ndithumele lo myalelo kuni, ukuze isivumelwano sam noLevi siqhubeke,”+ utsho uYehova wemikhosi.
5 “Isivumelwano sam naye yayisesobomi noxolo, nto ezo ndamnika zona, kunye noloyiko.* Wandoyika, waza walihlonipha igama lam. 6 Umthetho wenyaniso wawusemlonyeni wakhe,+ yaye akuzange kufunyanwe nto ingalunganga emilebeni yakhe. Wahamba nam ngoxolo nangobulungisa,+ wenza nabaninzi bajika kwisiphoso sabo. 7 Kuba imilebe yombingeleli ifanele igcine ulwazi, yaye abantu bafanele bawufune emlonyeni wakhe umthetho,*+ kuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
8 “Kodwa nina niphumile endleleni. Nenze abaninzi bakhutyekiswa ngumthetho.*+ Nisonakalisile isivumelwano sikaLevi,”+ utsho uYehova wemikhosi. 9 “Ngoko ndiza kunenza nenyanyeke nize nideleke ebantwini bonke, ngenxa yokuba anizigcinanga iindlela zam, kodwa niye nakhetha ubuso ekuthobeleni umthetho.”+
10 “Akakho mnye na utata wethu?+ Asidalwanga nguThixo omnye na? Kutheni ke ngoku sisenzelana amaqhinga,+ singcolisa isivumelwano sookhokho bethu? 11 UYuda wenze ngamaqhinga, kwaza kwenziwa into eyenyanyekayo kwaSirayeli naseYerusalem; kuba uYuda ubungcolisile ubungcwele bukaYehova*+ ozithandayo izinto ezingcwele, kwaye utshate intombi yothixo wasemzini.+ 12 UYehova uza kumnqumla ezintenteni zikaYakobi nabani na oyenzayo le nto, nokuba ungubani na,* nangona esizisa umnikelo osisipho kuYehova wemikhosi.”+
13 “Kukho nenye* into eniyenzayo, eyenza isibingelelo sikaYehova sigcwale iinyembezi, ukulila nokuncwina, ade angawuhoyi umnikelo wenu osisipho, angavuyiswa yiyo nantoni na esuka esandleni senu.+ 14 Nithi, ‘Ngoba?’ Ngenxa yokuba uYehova uye waba lingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo wena omenzele amaqhinga, nangona engumlingane wakho nomfazi wakho ngokwesivumelwano.*+ 15 Kodwa ukho ongazange ayenze loo nto, kuba wayesenawo umoya kaThixo. Wayefuna ntoni? Inzala* kaThixo. Ngoko wugadeni umoya wenu, ungamenzeli amaqhinga umfazi wobutsha bakho. 16 Kuba ndiyakucaphukela* ukuqhawulwa komtshato,”+ utsho uYehova uThixo kaSirayeli, “nalowo ugcwalisa isambatho sakhe ngobundlobongela,”* utsho uYehova wemikhosi. “Wugadeni umoya wenu, ningenzi maqhinga.+
17 “Nimtyhafisile uYehova ngamazwi enu.+ Kodwa nithi, ‘Simtyhafise njani?’ Ngokuthi, ‘Wonke umntu owenza okubi ulungile emehlweni kaYehova, yaye uyavuyiswa nguye,’+ okanye ngokuthi, ‘Uphi na uThixo wobulungisa?’”