Musani Ukukhangela “Kwizinto Ezisemva”
“Akukho mntu ubeke isandla sakhe ekhubeni aze akhangele kwizinto ezisemva ubufanelekele kakuhle ubukumkani bukaThixo.”—LUKA 9:62.
UNOKUPHENDULA UTHINI?
Kutheni sifanele ‘sikhumbule umkaLote’?
Ziziphi izinto ezintathu esifanele sikuphephe ukusoloko sicinga ngazo?
Sinokuhambisana njani nentlangano kaYehova?
1. Sisiphi isilumkiso uYesu awasidluliselayo, yaye nguwuphi umbuzo ophakamayo?
“KHUMBULANI umkaLote.” (Luka 17:32) Eso sisilumkiso esadluliselwa nguYesu Kristu malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, yaye sibaluleke ngakumbi ngoku kunokuba sasinjalo ngaphambili. Kodwa uYesu wayethetha ukuthini ngesi silumkiso sibalulekileyo? AmaYuda awayebhekisa kuwo akuqonda oko wayekuthetha. Ayekwazi oko kwenzeka kumkaLote. Ngoxa wayeshiya iSodom nentsapho yakhe, engathobeli, wajonga ngasemva waza wajika waba yintsika yetyuwa.—Funda iGenesis 19:17, 26.
2. Yintoni ekusenokwenzeka yabangela ukuba umkaLote akhangele ngasemva, yaye ukungathobeli kwakhe kwaphumela entwenini?
2 Kodwa kwakutheni ukuze umkaLote ajonge ngasemva? Ngaba wayefun’ ukubona ukuba kwenzeka ntoni? Ngaba wakhangela ngasemva ngenxa yokungakholelwa okanye wakwenza oko ngenxa yokungabi nalukholo? Okanye, ngaba wayefuna ukubuyela kwizinto awayezishiye ngasemva eSodom? (Luka 17:31) Enoba sasiyintoni na isizathu sokukhangela ngasemva, waphulukana nobomi bakhe ngenxa yokungathobeli. Khawufan’ ucinge! Wafa ngosuku olunye nabantu abangendawo baseSodom naseGomora. Yiloo nto uYesu wathi: “Khumbulani umkaLote”!
3. UYesu wayigxininisa njani into yokuba singakhangeli ngasemva ngendlela efuziselayo?
3 Nakweli xesha siphila kulo, kubalulekile ukuba ngendlela efuziselayo singakhangeli ngasemva. UYesu wakugxininisa oku xa wayephendula indoda eyayifun’ ukwazi enoba ingabuyela kusini na kwintsapho yayo iye kuthi salani kakuhle ngaphambi kokuba ibe ngumfundi. UYesu wathi: “Akukho mntu ubeke isandla sakhe ekhubeni aze akhangele kwizinto ezisemva ubufanelekele kakuhle ubukumkani bukaThixo.” (Luka 9:62) Ngaba indlela uYesu awaphendula ngayo yayingqwabalala okanye ibonisa ukungabi nangqiqo? Akunjalo, kodwa wayesazi ukuba esi sicelo sale ndoda sasikukubaleka nje imbopheleleko. UYesu wakuchaza oku kuzibekela amangomso izinto njengokukhangela ‘kwizinto ezisemva.’ Ngaba ikho into eyonakalayo xa umntu olimayo enokuthi okomzuzwana ajonge into engasemva okanye alibeke phantsi ikhuba aze ajike? Enoba wenza yiphi kwezi, uphazamiseka kakhulu emsebenzini wakhe.
4. Amehlo ethu afanele ahlale ekhangele entwenini?
4 Kunokuba sinikele ingqalelo kwizinto ezidluleyo, amehlo ethu afanele ahlale ekhangele kwizinto eziseza kwenzeka. Phawula indlela okuchazwa ngokucace ngayo oku kwiMizekeliso 4:25: “Wona ke amehlo akho, afanele akhangele ngqo phambili, ewe, amehlo akho aqaqambileyo afanele athi ntsho phambi kwakho.”
5. Sisiphi isizathu esinaso sokungakhangeli kwizinto ezingasemva?
5 Sinesizathu esivakalayo sokungakhangeli kwizinto ezisemva. Siyintoni eso sizathu? Le ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1) Ngoku akuzi kutshatyalaliswa izixeko ezibini ezingendawo nje kuphela, kodwa kuza kutshatyalaliswa yonke inkqubo yezinto yehlabathi. Yintoni eya kusinceda singehlelwa koko kwehlela umkaLote? Okokuqala, kufuneka sazi ezinye zezinto ezingasemva esinokulingelwa ukuba sizijonge. (2 Kor. 2:11) Ngoko, makhe sihlole ukuba ziintoni ezinye zezo zinto nendlela esinokukuphepha ngayo ukunikela ingqalelo kuzo.
IMIHLA YANGAPHAMBILI EMNANDI
6. Kutheni singenakusoloko sithembela kwinkumbulo yethu?
6 Enye ingozi ecacileyo esinokuba kuyo kukucinga ukuba imihla yangaphambili yayimnandi. Asinakusoloko siyithemba inkumbulo yethu. Singaqondanga, sinokuzenza zibonakale zingenamsebenzi iingxaki esasinazo ngaphambili size kwangaxeshanye siyibaxe indlela ekwakumnandi ngayo, sisenza kubonakale ngathi izinto zazibhetele gqitha kunokuba kwakunjalo eneneni. Ezo nkumbulo zingeyonyaniso zinokusenza siyilangazelele imihla emnandi yangaphambili. Kodwa iBhayibhile isilumkisa isithi: “Musa ukuthi: ‘Kutheni le nto imihla yangaphambili ibilunge ngakumbi kunale?’ kuba asibobulumko ukukubuza oku.” (INtshu. 7:10) Kutheni iyingozi le ndlela yokucinga?
7-9. (a) Kwenzeka ntoni kumaSirayeli eYiputa? (b) AmaSirayeli ayenaziphi izizathu zokuvuya? (c) AmaSirayeli akhalazela aza ambombozelela ntoni?
7 Cinga ngoko kwenzeka kumaSirayeli ngomhla kaMoses. Nangona ekuqaleni amaSirayeli ayegqalwa njengeendwendwe kwilizwe laseYiputa, emva kwemihla kaYosefu amaYiputa ‘amisa phezu [kwamaSirayeli] amadoda aziintloko okuwasebenzisa ngokuwaqhuba ngebhaxa ngenjongo yokuwacinezela ngemithwalo yawo.’ (Eks. 1:11) Ekugqibeleni uFaro wabatshayela ngandlel’ ithile abantu bakaThixo njengoko wayezama ukunciphisa inani labo. (Eks. 1:15, 16, 22) Ngenxa yoko uYehova wathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.”—Eks. 3:7.
8 Ayevuya gqitha amaSirayeli njengoko ayekhululwa ebukhobokeni. Awabona ngendlela emangalisayo amandla kaYehova xa wabetha uFaro onekratshi nabantu bakhe ngeZibetho Ezilishumi. (Funda iEksodus 6:1, 6, 7.) Enyanisweni, ekugqibeleni amaYiputa akazange aphelele nje ekuwakhululeni amaSirayeli kodwa awabongoza ukuba ahambe, ewanika igolide nesilivere eninzi ngokokude kuthiwe abantu bakaThixo “bawaphanga amaYiputa.” (Eks. 12:33-36) AmaSirayeli aba nemincili akubona ukutshatyalaliswa kukaFaro nemikhosi yakhe kuLwandle Olubomvu. (Eks. 14:30, 31) Kufanele ukuba kwakusomeleza ukholo ukubona ezo ziganeko zichulumancisayo!
9 Ngoko, ngexesha nje elingephi luhlangulwe ngokungummangaliso, olo hlanga lwaqalisa ukukhalaza nokumbombozela. Lwalukhalazela ntoni? Ukutya! Lwalunganelisekanga koko uYehova wayelulungiselele kona yaye lwakhalaza lusithi: “Hayi indlela esizikhumbula ngayo iintlanzi esasizidla eYiputa ngesisa, iikomkomere neevatala neelike namatswele neekinofile! Kungokunje umphefumlo wethu womile. Amehlo ethu awaboni nto yimbi ngaphandle kwale mana.” (Num. 11:5, 6) Eneneni, imbono yalo yayigqwethekile kangangokuba lwada lwafuna ukubuyela kwilizwe lobukhoboka! (Num. 14:2-4) AmaSirayeli akhangela kwizinto ezingasemva aza aphulukana nenkoliseko kaYehova.—Num. 11:10.
10. Umzekelo wamaSirayeli usifundisa ntoni?
10 Sifunda ntoni koku thina namhlanje? Xa sijamelene nobunzima neengxaki, masingabe sicinga ngezinto ezazibonakala zihamba kakuhle ngaphambili—mhlawumbi nezangaphambi kokuba sazi inyaniso. Nangona kungaphosakalanga ukucamngca ngezinto esiye sazifunda ngaphambili okanye ukukhumbula amaxesha adluleyo amyoli, kufuneka sihlale sinembono efanelekileyo ngezinto zangaphambili. Kungenjalo, sinokunganeliseki yindlela esiphila ngayo ngoku size silingelwe ekubeni sibuyele kwiindlela zethu zangaphambili.—Funda eyesi-2 kaPetros 2:20-22.
IZINTO OWAZINCAMA KWIXESHA ELIDLULEYO
11. Abanye abantu bazijonga njani izinto abazincama kwixesha elidluleyo?
11 Ngelishwa, xa bejonga izinto abazincama kwixesha elidluleyo, abanye abantu bavakalelwa kukuba badlala ngamathuba. Mhlawumbi wawunethuba lokufumana imfundo esemgangathweni, ube ngumntu odumileyo, okanye ube nemali eninzi, kodwa wagqiba kwelokuba ungazisukeli ezo zinto. Abazalwana noodade abaninzi baye bashiya izikhundla ezihlawula imali eninzi kwezoshishino, kwezokuzonwabisa, kwimfundo okanye kwezemidlalo. Ngoku ixesha lihambile, yaye isiphelo asikafiki. Ngaba ukhe ucingisise ngoko ngekwenzekile ukuba ubungancamanga ezo zinto?
12. UPawulos wayevakalelwa njani ngezinto awazishiya ngasemva?
12 Umpostile uPawulos wancama izinto ezininzi ukuze abe ngumlandeli kaKristu. (Fil. 3:4-6) Wayevakalelwa njani ngezinto awazishiya ngasemva? Uyasibalisela: “Izinto ebeziyinzuzo kum, ndazigqala ziyilahleko ngenxa kaKristu.” Yaye kutheni kunjalo nje? Walek’ umsundulo athi: “Ndikwazigqala zonke izinto ziyilahleko ngenxa yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu iNkosi yam. Ngenxa yakhe ndiye ndalahlekelwa zizinto zonke yaye ndizigqala njengenkunkuma eninzi, ukuze ndimzuze uKristu.”a (Fil. 3:7, 8) Kanye njengokuba umntu olahle inkunkuma engazisoli kamva ngokulahlekelwa yiyo, uPawulos wayengazisoli ngamathuba omsebenzi awawashiya ngasemva. Wayengasavakalelwa kukuba axabisekile.
13, 14. Sinokuwulandela njani umzekelo kaPawulos?
13 Yintoni eya kusinceda ukuba siqalisa ukucamngca ngamathuba esicinga ukuba sawancama? Landela umzekelo kaPawulos. Sinokukwenza njani oko? Hlola ixabiso loko unako ngoku. Unolwalamano oluxabisekileyo noYehova yaye umkhonza ngokuthembeka. (Heb. 6:10) Ngaba zikho izinto eziphathekayo esinokuzifumana ehlabathini ezinokusondela kwiintsikelelo zokomoya esizinandipha ngoku nesiza kuzinandipha kwixa elizayo?—Funda uMarko 10:28-30.
14 Kwakhona uPawulos ukhankanya enye into eza kusinceda siqhubeke sithembekile. Uthi, ‘wayezilibala izinto ezingasemva aze olulele kwizinto ezingaphambili.’ (Fil. 3:13) Phawula ukuba uPawulos ubalaselisa amanyathelo amabini ayimfuneko. Okokuqala, kufuneka sizilibale izinto esizishiye ngasemva, singachithi amandla nexesha lethu elibalulekileyo sizixhalabisa ngokugqithiseleyo ngazo. Okwesibini, njengembaleki ejonge entanjeni, kufuneka solulele phambili, sihlale sinikela ingqalelo kwizinto ezingaphambili.
15. Singenelwa njani ngokucamngca ngemizekelo yabakhonzi bakaThixo abathembekileyo?
15 Xa sicamngca ngemizekelo yabakhonzi bakaThixo abathembekileyo—enoba yeyexesha elidluleyo okanye yeyangoku—sinokufumana ukhuthazo olungakumbi lokuqhubeka sityhalela phambili kunokuba sikhangele kwizinto ezisemva. Ngokomzekelo, ukuba uAbraham noSara babeqhubeke beyikhumbula iUre, “ngebaba nethuba lokubuyela kuyo.” (Heb. 11:13-15) Kodwa abazange babuyele apho. UMoses washiya ngasemva izinto ezininzi eYiputa kunokuba kwakunjalo ngamanye amaSirayeli. Sekunjalo, akukho ngxelo ibonisa ukuba wayezifuna ezo zinto. Kunoko, ingxelo yeBhayibhile isixelela ukuba, “walubalela ungcikivo lukaKristu ekuthini lububutyebi obukhulu ngakumbi kunobuncwane baseYiputa; kuba wayekhangele ngenyameko emvuzweni.”—Heb. 11:26.
IZINTO EZIMBI EZAKHA ZASEHLELA
16. Zinokusichaphazela njani izinto ezakha zenzeka kuthi?
16 Noko ke, azikho ntle zonke izinto ezakha zenzeka kuthi. Mhlawumbi sinokukhathazwa kukucinga ngezono okanye iimpazamo esakha sazenza. (INdu. 51:3) Kusenokwenzeka ukuba sisakhathazwa sisiluleko esiqatha esakha sasinikwa. (Heb. 12:11) Sinokuhlala sicinga ngokungabikho kokusesikweni okwakha kwenzeka kuthi, enoba kwenzeka ngokoqobo okanye siyakucingela. (INdu. 55:2) Sinokwenza ntoni ukuze siqiniseke ukuba asivumeli izinto ezinjalo zisenze sinikele ingqalelo kwizinto ezisemva? Nantsi imizekelo emithathu.
17. (a) Kwakutheni ukuze uPawulos athi ‘ungumntu ongaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele?’ (b) Yintoni eyanceda uPawulos ukuba angazikhathazi ngeengcinga eziphosakeleyo?
17 Iimpazamo esakha sazenza. Umpostile uPawulos wathi ‘ungumntu ongaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele.’ (Efe. 3:8) Kwakutheni ukuze avakalelwe ngaloo ndlela? Uthi: “Ngenxa yokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.” (1 Kor. 15:9) Ngaba unokuyicinga indlela uPawulos awayevakalelwa ngayo xa edibana nabantu awayebatshutshisa? Noko ke, kunokuba asoloko ezikhathaza ngaloo nto, uPawulos wanikela ingqalelo kububele obungasifanelanga obaboniswa kuye. (1 Tim. 1:12-16) Umbulelo awayenawo wamkhuthaza kubulungiseleli bakhe. Izono awayezenza ngaphambili ziqukiwe kwizinto uPawulos awayezimisele ukuzilibala. Ukuba nathi sinikela ingqalelo kwinceba uYehova ayibonisileyo kuthi, siya kukuphepha ukuzixhalabisa ngokungeyomfuneko ngeziganeko ezadlulayo esingenakuzitshintsha. Eyona nto sinokuzixhalabisa ngayo kukukhonza uYehova ngoku.
18. (a) Kunokwenzeka ntoni ukuba siyacaphuka xa sicinga ngesiluleko esasifumanayo? (b) Sinokuwathobela njani amazwi kaSolomon aphathelele ukwamkela isiluleko?
18 Isiluleko esisenza sizive sibuhlungu. Kuthekani ukuba silingelwa ekubeni sicaphuke xa sicinga ngesiluleko esakha sasifumana? Oku kusenokungabi buhlungu nje kuphela kodwa kunokusenza buthathaka—kusibangele ukuba ‘sityhafe.’ (Heb. 12:5) Enoba ‘siyasidelela’ isiluleko ngenxa yokuba singasamkeli okanye ‘siyatyhafa’ kuba sisamkele, umphumo uba mnye—asisivumeli esi siluleko ukuba sisincede size siphucule ubuntu bethu. Kubhetele sithobele amazwi kaSolomon athi: “Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.” (IMize. 4:13) Njengomqhubi wemoto othobela imithetho yendlela, masisamkele isiluleko, sisisebenzise size siqhubeke siphila.—IMize. 4:26, 27; funda amaHebhere 12:12, 13.
19. Sinokuluxelisa njani ukholo lukaHabhakuki nolukaYeremiya?
19 Ukungabikho kokusesikweni—okwenzeka ngokoqobo okanye esikucingelayo. Maxa wambi sinokuvakalelwa njengomprofeti uHabhakuki, owakhala kuYehova ecela ukuba kubekho okusesikweni, engasiqondi isizathu sokuba uYehova avumele ezinye izinto zenzeke. (Hab. 1:2, 3) Kubaluleke gqitha ukuba sixelise ukholo lwaloo mprofeti owathi: “Mna ke, ndiya kugcoba ngoYehova; ndiya kuvuya kuThixo wosindiso lwam.” (Hab. 3:18) NjengoYeremiya wamandulo, ukuba sihlala ‘silindile’ sinokholo ngokupheleleyo kuYehova, uThixo wokusesikweni, sinokuqiniseka ukuba zonke izinto ziya kulungiswa ngexesha elifanelekileyo.—IZili. 3:19-24.
20. Sinokubonisa njani ukuba ‘siyamkhumbula umkaLote’?
20 Siphila kumaxesha abangel’ imincili. Ngoku kwenzeka iziganeko ezimangalisayo yaye ezinye ziseza kwenzeka. Ngamana ngamnye kuthi angahambisana nentlangano kaYehova. Masithobele isiluleko seZibhalo sokujonga phambili size singakhangeli kwizinto ezisemva. Ngaloo ndlela siya kubonisa ukuba ‘siyamkhumbula umkaLote’!
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lolwimi lwantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi “inkunkuma” likwathetha “oko kuphoselwa izinja,” “ubulongwe,” “ilindle.” Omnye umphengululi weBhayibhile uthi, ukusebenzisa kukaPawulos eli gama kuthetha “ukuzimisela ukuyishiya into engaxabisekanga neyenyanyekayo uze ungabi nanto yakwenza nayo.”