Kunoyolo Ukulindela KuYehova
NGABA wakha wasitya isiqhamo sisekrwada? Akuthandabuzeki ukuba sasingemnandanga. Isiqhamo sithabatha ixesha ngaphambi kokuba sivuthwe, kwaye ukusilinda side sivuthwe asikokuchith’ ixesha. Zikwakho nezinye iimeko ekububulumko ukulinda kuzo. IBhayibhile ithi: “Kulungile ukuba ubani alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.” (IZililo 3:26; Tito 2:13) Ziziphi iindlela amele alindele kuYehova ngazo amaKristu? Singangenelwa njani ngokulindela kuye?
Kubandakanya Ntoni—Ukulindela KuThixo?
NjengamaKristu, ‘sihleli sibulindele yaye sibukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ Sikhangele phambili xa ‘etshabalalisa abantu abangenabuthixo.’ (2 Petros 3:7, 12) UYehova ukufuna ngokwenene ukuphelisa ubungendawo, kodwa unomonde kuba ufuna ukusindisa amaKristu ngendlela eya kuzukisa igama lakhe. IBhayibhile ithi: “UThixo, nangona ebengathanda ukubonakalisa ingqumbo yakhe aze enze namandla akhe aziwe, wazinyamezela ngokuzeka kade umsindo okukhulu izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo, ukuze baziwe ubutyebi bozuko lwakhe kwizitya zenceba.” (Roma 9:22, 23) Kanye njengokuba wenzayo ngemihla kaNowa, uYehova uyalazi ixesha elililo lokusindisa abantu bakhe. (1 Petros 3:20) Ngoko ke, ukulindela kuThixo kuthetha ukulindela ukuba enze izinto ngexesha lakhe.
Njengoko silindele imini kaYehova, maxa wambi sisenokukhathazeka kukubona imilinganiselo yehlabathi elisingqongileyo iwohloka ngokuwohloka. Ngamaxesha anjalo, kungakuhle ukufunda amazwi omprofeti kaThixo uMika, owathi: “Onyanisekileyo utshabalele emhlabeni, naphakathi koluntu akukho uthe tye.” Waba sele esoleka umsundulo wathi: “Mna ke, ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova. Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam.” (Mika 7:2, 7) Sisiphi “isimo sengqondo sokulinda” esifanele sisihlakulele? Ekubeni ukulinda kudla ngokukruqula, sinokwenza njani ukuze sihlale sivuya ngoxa silindile kuThixo?
Ukonwaba Ngoxa Ulindile
Sinokufunda isimo sengqondo esifanelekileyo kuYehova. Akazange akhe ayeke ukuba ‘nguThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:11) Wonwabile ngoxa elindile kuba uyasebenza ukuze aphumeze injongo yakhe yokuba abantu abamthandayo bafezeke nto leyo awayenenjongo yayo kwantlandlolo xa wayedala abantu. (Roma 5:12; 6:23) Ubona imiphumo encumisayo kwinkonzo yakhe—izigidi zabantu ziye zatsaleleka kunqulo lokwenyaniso. UYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ke ndiyasebenza.” (Yohane 5:17) Ukwenzela abanye izinto ezintle ngundoqo ukuze wonwabe. (IZenzo 20:35) Nawo ke, amaKristu okwenyaniso akalindanga nje esong’ izandla. Kunoko, ayaqhubeka enceda abanye bafunde ngenjongo kaThixo ngabantu.
Abantu abathembekileyo bebesoloko banelisekile kukudumisa uThixo ngoxa belindele ukuba alungise izinto ngexesha lakhe. Ngokomzekelo, cinga nje ngomdumisi uDavide. UDavide wayetshutshiswa ngukumkani wakhe, wangcatshwa ngumhlobo wakhe osenyongweni waze wavukelwa ngunyana wakhe. Ngaba uDavide wayenokonwaba kwezi meko njengoko wayelindele ukuhlangulwa nguYehova ngexesha lakhe? INdumiso 71, ekubonakala ukuba yabhalwa nguDavide ithi: “Ke mna, ndiya kulinda rhoqo, ndize ndongeze kwindumiso yakho yonke. Umlomo wam uya kubalisa ubulungisa bakho.” (INdumiso 71:14, 15) Kunokuba adakumbe uDavide, wayevuya kuba wayedumisa uYehova esomeleza nabanye kunqulo lokwenyaniso.—INdumiso 71:23.
Ukulindela kuYehova akufani nentlungu yokulindela ibhasi eshiywe lixesha. Kunokufaniswa nokulinda kwabazali njengoko bekhulisa umntwana abaya kuzidla ngaye. Loo minyaka bayaxakeka—bemqeqesha, befundisa—konke oko kusenzelwa ukuphumeza loo njongo intle. Ngendlela efanayo, thina balindele kuYehova sifumana ulonwabo ekuncedeni abanye basondele kuThixo. Nathi sifuna ukukholisa uThixo, ukuze sifumane usindiso ekugqibeleni.
Ungalahl’ Ithemba
Ukulindela kuYehova kuthetha ukuhlala umthanda nokumkhonza ngaphandle kokuyekelela. Oku kusenokuba lucelomngeni. Abakhonzi abaninzi bakaThixo namhlanje baphila phakathi kwabantu abagculela naye nabani na onokholo kwizithembiso zikaThixo. Cinga ngomzekelo wamaSirayeli athembekileyo awabambelela ngokuqinileyo kwithemba lawo ngoxa ayesekuthinjweni eBhabhiloni iminyaka engama-70. Yintoni eyanceda abambelela ethembeni lawo. Akuthandabuzeki, ukuba kukufunda iindumiso okwawomelezayo. Enye indumiso ekhuthazayo esenokuba yabhalwa ngeloo xesha ithi: “Umphefumlo wam ubunethemba, yaye ndilindele ilizwi lakhe. Umphefumlo wam ulindele kuYehova ngaphezu kwabalindi bakusasa, belindele intsasa. USirayeli makaqhubeke elindele kuYehova.”—INdumiso 130:5-7.
AmaYuda awagcina ithemba lawo liphila ngokufunda nokuthetha ngalo avuzwa xa ekugqibeleni iBhabhiloni yathinjwa yimikhosi yabahlaseli. Amawaka amaYuda athembekileyo awazange alibazise enjenjeya ukuya eYerusalem. Mayela nelo xesha, kwabhalwa kwathiwa: “Ekubabuyiseni kukaYehova abathinjwa baseZiyon, . . . umlomo wethu wazaliswa kukuhleka.” (INdumiso 126:1, 2) Lo maYuda akazange ayekelele, kunoko aqhubeka esomeleza ukholo lwawo. Kwaye akazange ayeke ukudumisa uYehova.
Ngendlela efanayo, amaKristu okwenyaniso alindele kuThixo ebudeni ‘bokupheliswa kwenkqubo yezinto’ enza konke okusemandleni ukuze luhlale luphilile ukholo lwawo. Afunda iLizwi likaThixo, akhuthazane, aze aqhubeke edumisa uYehova ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mateyu 24:3, 14.
Silindele KuThixo Ukuze Sizuze Ekuqeqeshweni Nguye
Umprofeti kaThixo uYeremiya wathi: “Kulungile ukuba ubani alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.” (IZililo 3:26) UYeremiya wayethetha ukuba kwakuya kuba kuhle ngabantu bakaThixo ukuba bangakhalazi ngendlela abaqeqeshwa ngayo nguYehova xa wavumela ukuba iYerusalem itshatyalaliswe. Kunoko babenokungenelwa kuloo mava ngokucamngca ngokungathobeki kwabo nemfuneko yokutshintsha isimo sengqondo.—IZililo 3:40, 42.
Indlela esincedwa ngayo yingqeqesho kaYehova inokufaniswa nendlela esikhula ngayo isiqhamo ukuze sivuthwe. Mayela nengqeqesho kaThixo, iBhayibhile ithi: “Ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.” (Hebhere 12:11) Kanye njengokuba kufuneka ixesha ngaphambi kokuba isiqhamo sivuthwe, nathi sifuna ixesha elaneleyo ukuze sitshintshe isimo sengqondo senze ngokuvisisana noqeqesho lukaThixo. Ngokomzekelo, ukuba siye senza into engafanelekanga saze saphulukana namalungelo athile ebandleni, ukulindela kwethu kuThixo kuya kusinceda singatyhafi size sinikezele. Kwiimeko ezinjalo, sikhuthazwa ngala mazwi aphefumlelweyo kaDavide: “Ukuba ngaphantsi komsindo wakhe [uThixo] kokomzuzwana, ukuba ngaphantsi kwenkoliseko yakhe kokobomi bonke. Ngokuhlwa kusenokubakho ukulila, kodwa kusasa kukho intswahla yovuyo.” (INdumiso 30:5) Ukuba sihlakulela isimo sengqondo sokulinda size senze ngokuvisisana nesiluleko esisifumana eLizwini likaThixo nentlangano yakhe, liya kuza ixesha “lentswahla yovuyo.”
Kuthatha Ixesha Ukukhula
Ukuba uselula okanye usandula ukubhaptizwa, usenokulangazelela ukuba nembopheleleko ebandleni lamaKristu. Kodwa kuthabatha ixesha ukuqola ngokomoya ukuze unyamekele ezo mbopheleleko. Yisebenzise kakuhle iminyaka yobutsha bakho ukuze ukhule ngokomoya. Ngokomzekelo xa uselula elo lixesha elihle lokufunda yonke iBhayibhile, uhlakulele iimpawu zobuKristu, uze ufunde nobuchule bokwenza abafundi. (INtshumayeli 12:1) Ukuba ngokuthobeka ubonisa isimo sengqondo sokulinda, liya kufika ixesha likaYehova lokuba uthwaliswe iimbopheleleko.
Nawo umsebenzi wokwenza abafundi ufuna umonde. Kanye njengokuba umlimi kufuneka aqhubeke enkcenkceshela de ibe lixesha lokuba uThixo ahlumise imbewu, kunjalo ke naxa kusenziwa abafundi. (1 Korinte 3:7; Yakobi 5:7) Ukuhlakulela ukholo kwabanye nokuba baxabise uYehova ezintliziyweni zabo kuthabatha iinyanga okanye neminyaka yokufunda iBhayibhile ngomonde. Ukulindela kuYehova kufuna ukuzingisa, nokuba ekuqaleni abafundi abazenzi izinto abazifundayo. Ukuba nje babonakala bezixabisa nokuba kukancinane oko kusenokubonisa ukuba umoya kaYehova uyabaphembelela. Xa unomonde, usenokuwelwa ngumqa esandleni ngenye imini ngokuba uYehova enze isifundo sakho sibe ngumfundi kaKristu.—Mateyu 28:20.
Ukubonisa Uthando Ngokulinda
Umzekelo wokuba ukulinda kunokuba kukubonisa uthando nentembelo, cinga ngemeko yomnye udade osele ekhulile ohlala kummandla oyintlango kwiAndes, eMzantsi Merika. Yena nomnye udade ngabo kuphela amaNgqina kaYehova kuloo ngingqi. Ngaba unokuyithelekelela indlela abakulindela ngolangazelelo ngayo ukutyelelwa ngamanye amaKristu? Umveleli ohambahambayo owayebatyelele wakha walahleka kwisihlandlo sokuqala esiya kubo. Kwafuneka abuye umva ukuze afumane indlela, ibe oko kwathabatha iiyure ezininzi. Babusele buhambile ubusuku xa wade wayibona le ngingqi mgama. Ekubeni wawungekho umbane apho, wothuka akubona ilitha lokukhanya. Hayi indlela awavuya ngayo akufika kwisango laloo ndawo wabe sele efumanisa ukuba elo litha yayisisibane separafini esasikhanyiswe emzini waloo dade ukhulileyo! Wayeqinisekile ukuba uza kufika, ngoko wayemlindile.
Ngomonde ofanayo, nathi siyakuvuyela ukulindela kuYehova. Siqinisekile ukuba uza kuzigcina izithembiso zakhe. Njengala mveleli uhambahambayo, siyabaxabisa abo basilindelayo. Akumangalisi ke ukuba, uThixo uyakholiswa ngabo balindela kuye. IBhayibhile ithi: “UYehova uyoliswa ngabo . . . balindela ububele bakhe bothando.”—INdumiso 147:11.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abantu abaxakeke kukudumisa uThixo bahlala bevuya njengoko belindele kuYehova