IZililo
א [Aleph]
3 Ndiyindoda eye yeva intlungu ngenxa yentonga yomsindo wakhe.
2 Undikhuphele ngaphandle yaye undihambisa ebumnyameni kungekhona ekukhanyeni.+
3 Eneneni undihlasela qho ngesandla sakhe imini yonke.+
ב [Beth]
4 Uyiyucule inyama yam nolusu lwam,
Uwaphule amathambo am.
5 Uye wandirhangqa, uye wandijikeleza ngetyhefu ekrakra+ nangobunzima.
6 Uye wandihlalisa kwiindawo ezimnyama njengamadoda awafa kudala.
ג [Gimel]
8 Xa ndikhala ndicela uncedo, uwukhabela kude* umthandazo wam.+
ד [Daleth]
10 Undilalela njengebhere, njengengonyama ezimeleyo.+
12 Usigobile* isaphetha sakhe, yaye undimisa njengento ajolisa kuyo utolo.
ה [He]
13 Uzikrazule izintso zam ngeentolo ezikwisingxobo sakhe.*
14 Ndisuke ndayintlekisa ebantwini bonke, umxholo wengoma yabo imini yonke.
15 Undenze ndagcwala izinto ezikrakra yaye undimanzise tixi ngomhlonyane.+
ו [Waw]
17 Undivimba uxolo, ndilibele ukuba yintoni into elungileyo.
18 Ngoko ndithi: “Ukubalasela kwam kutshabalele, nokulindela kwam kuYehova.”
ז [Zayin]
19 Khumbula intlungu nokungabi nakhaya kwam,+ umhlonyane netyhefu ekrakra.+
20 Nakanjani uza kukhumbula uze ugobe phezu kwam.+
21 Ndiyayikhumbula le nto entliziyweni yam, yiloo nto ndiza kulinda.+
ח [Heth]
22 Kungenxa yothando lukaYehova olungagungqiyo le nto singafikelelanga esiphelweni,+
Kuba iinceba zakhe azipheli.+
23 Zintsha ntsasa nganye,+ usoloko uthembekile.+
24 Ndiye ndathi: “UYehova sisabelo sam,+ yiloo nto ndiza kulindela kuye.”+
ט [Teth]
25 UYehova ulungile kumntu othembele kuye,+ kumntu* oqhubeka emfuna.+
26 Kulungile ukuba umntu alinde* usindiso lukaYehova+ ethe cwaka.+
27 Kulungile ukuba indoda iyithwale idyokhwe ngoxa isengumntu omtsha.+
י [Yod]
28 Mayihlale yodwa ize ithi cwaka xa eyibeka phezu kwayo.+
29 Mayifake umlomo wayo emhlabeni,+ mhlawumbi kusenokubakho ithemba.+
30 Mayinike lowo uyibethayo isidlele sayo, mayizanelise ngokupheleleyo ngezithuko.
כ [Kaph]
31 Kuba uYehova akazukusilahla ngonaphakade.+
32 Nangona ebangele intlungu, uza kuba nenceba ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo.+
33 Kuba akukho sentliziyweni yakhe ukubaxhwalekisa okanye abenze buhlungu oonyana babantu.+
ל [Lamed]
34 Ukutyumza ngaphantsi kweenyawo zomntu onke amabanjwa omhlaba,+
35 Ukuthintela indoda ekufumaneni ubulungisa phambi Koyena Uphakamileyo,+
36 Ukuqhatha umntu etyaleni lakhe,
uYehova akazivumeli izinto ezinjalo.
מ [Mem]
37 Ngubani ke onokuthetha kwenzeke ngaphandle kokuba uYehova ekuyalele oko?
38 Emlonyeni Woyena Uphakamileyo
Okulungileyo nokubi akuphumi kunye.
39 Kutheni emele akhalaze umntu ophilayo ngemiphumo yesono sakhe?+
נ [Nun]
40 Makhe sizikhangele yaye sihlole iindlela zethu,+ size sibuyele kuYehova.+
41 Masiziphakamisele kuThixo ezulwini iintliziyo nezandla zethu:+
42 “Sonile saza savukela,+ yaye awuxolelanga.+
ס [Samekh]
44 Ngelifu uye wavala ukuba kungasondelwa kuwe, ukuze umthandazo ungadluli.+
45 Usenze intshela nenkunkuma phakathi kwezizwana.”
פ [Pe]
46 Zonke iintshaba zethu zithetha kakubi ngathi.+
47 Ukoyika kakhulu nemingxuma kukutya kwethu,+ ukuphanziswa nokuwa.+
48 Iinyembezi ziyazehlela emehlweni am ngenxa yokuwa kwentombi yabantu bam.+
ע [Ayin]
51 Amehlo am andizisele intlungu ngenxa yazo zonke iintombi zesixeko sakowethu.+
צ [Tsade]
52 Iintshaba zam ziye zandizingela kanye njengentaka, ngaphandle kwesizathu.
53 Zibucimile ubomi bam emngxunyeni, ziqhubeka zindigibisela ngamatye.
54 Amanzi aphalele phezu kwentloko yam, ndaza ndathi: “Kuphelile ngam!”
ק [Qoph]
55 Ndibize igama lakho Yehova, ndisenzulwini yomngxuma.+
56 Live ilizwi lam, sukuyivala indlebe yakho ekuceleni kwam uncedo lokufumana isiqabu.
57 Usondele ngemini endikubize ngayo. Uthe: “Sukoyika.”
ר [Resh]
58 Undithethelele etyaleni lam Yehova, uye wabusindisa ubomi bam.+
59 Ububonile Yehova ububi obenziweyo kum, nceda undenzele ubulungisa.+
60 Uyibonile yonke impindezelo yabo, onke amayelenqe abo ngam.
ש [Sin] okanye [Shin]
61 Uzivile izinyeliso zabo Yehova, onke amayelenqe abo ngam,+
62 Imilebe yabo bandichasayo nokusebeza kwabo ngam imini yonke.
63 Bajonge, enoba bayahlala okanye bayema, bayandigculela kwiingoma zabo!
ת [Taw]
64 Uza kubabuyekeza ngokwemisebenzi yabo Yehova.
65 Uza kubenza babe nentliziyo eqinileyo, ibe sisiqalekiso sabo eso.
66 Uza kubaleqa unomsindo uze ubatshabalalise phantsi kwamazulu kaYehova.