Xhinela Ekuqoleni—“Imini Enkulu KaYehova Ikufuphi”
“Masixhinele ekuqoleni.”—HEB. 6:1.
1, 2. Liliphi ithuba ‘lokusabela ezintabeni’ elavulekela amaKristu enkulungwane yokuqala eYerusalem nakwelakwaYuda?
XA UYESU wayesemhlabeni, abafundi bakhe beza kuye baza bambuza oku: “Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” Ukuzaliseka kokuqala kwesiprofeto uYesu awabaxelela ngaso xa wayebaphendula kwenzeka ngenkulungwane yokuqala. UYesu wathetha ngeziganeko ezingaqhelekanga ezaziza kubonisa ukuba isiphelo sikufuphi. Xa bebona ezo zinto zisenzeka, ‘abo bakwelakwaYuda babefanele basabele ezintabeni.’ (Mat. 24:1-3, 15-22) Ngaba abafundi bakaYesu babeza kuwubona lo mqondiso baze benze oko wabayalela kona?
2 Malunga neminyaka engamashumi amathathu emva koko, ngowama-61 C.E., umpostile uPawulos wabhala isigidimi esinamandla nesicacileyo esiya kumaKristu angamaHebhere ahlala eYerusalem nakwimimandla ekufutshane apho. UPawulos namanye amaKristu babengazi ukuba umqondiso ophawula ukuqala ‘kwembandezelo enkulu’ wawuza kulandela kwisithuba seminyaka emihlanu emva koko. (Mat. 24:21) Ngowama-66 C.E., uCestius Gallus wakhokela amajoni angamaRoma ukuya kuhlasela eYerusalem, ibe olo hlaselo lwaphantsa lwaphumelela. Kodwa warhoxa ngequbuliso, evulela ithuba abo basengozini ukuba babalekele kwindawo ekhuselekileyo.
3. Sisiphi isibongozo uPawulos awasinika amaKristu angamaHebhere, yaye ngoba?
3 Loo maKristu kwakufuneka aphaphe aze ajonge izinto ngeliso lokomoya ukuze aphawule ukutshintsha kwezinto aze asabe. Noko ke, amanye ayesele ‘ebuthuntu ekuveni kwawo.’ Ayefana neentsana zokomoya ezifanelwe “lubisi.” (Funda amaHebhere 5:11-13.) Nalawo ayesele ehambe enyanisweni kangangeminyaka emininzi abonakalisa iimpawu ‘zokumka kuThixo ophilayo.’ (Heb. 3:12) Amanye ‘ayenesiko’ lokungayi kwiintlanganiso zamaKristu kanye xa ‘le mini iyingozi yayisondela.’ (Heb. 10:24, 25) UPawulos wawanika isibongozo esifike ngexesha elililo, esithi: “Ekubeni ngoku sidlulile kwimfundiso esisiqalelo engoKristu, masixhinele ekuqoleni.”—Heb. 6:1.
4. Kutheni kubalulekile ukuba sihlale siphaphile ngokomoya, yaye yintoni eya kusinceda senjenjalo?
4 Siphila kwixesha lokuzaliseka kokugqibela kwesiprofeto sikaYesu. “Imini enkulu kaYehova”—imini eya kuzisa isiphelo sayo yonke inkqubo kaSathana—“ikufuphi.” (Zef. 1:14) Ngaphezulu kunanini na ngaphambili, simele siphaphe ngokomoya. (1 Pet. 5:8) Ngaba ngokwenene siyakwenza oko? Ukuqola ngokomoya kuya kusinceda sisoloko sinikel’ ingqalelo kwixesha esiphila kulo.
Oko Kuthethwa Kukuqola NjengamaKristu
5, 6. (a) Kubandakanya ntoni ukuqola ngokomoya? (b) Ukuxhinela ekuqoleni kufuna ukuba senze umgudu kweziphi iinkalo ezimbini?
5 UPawulos akazange aphelele nje ekukhuthazeni amaKristu angamaHebhere enkulungwane yokuqala ukuba axhinele ekuqoleni kodwa wawaxelela noko kubandakanyekileyo ekuqoleni ngokomoya. (Funda amaHebhere 5:14.) “Abantu abaqolileyo” abaneliswa “lubisi” nje kuphela. Batya “ukutya okuqinileyo.” Ngenxa yoko, bazi “izinto eziziziqalelo” “kwanezinto ezinzulu” zenyaniso. (1 Kor. 2:10) Ngaphezu koko, amandla abo okuqonda bawaqeqeshe, ngokusebenzisa oko bakwaziyo, ukuze bahlule okubi nokulungileyo. Xa kufuneka benze isigqibo, olu qeqesho lubanceda baqonde imigaqo yeZibhalo enokubanceda nendlela abanokuyisebenzisa ngayo.
6 UPawulos wabhala wathi: “Simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singakhukuliseki.” (Heb. 2:1) Singaqondanga sinokuzibona sele sikhukulisekile elukholweni. Oko sinokukuphepha ngokunikela “ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” xa sifunda izinto zokomoya. Ngenxa yoko, ngamnye kuthi umele azibuze oku: ‘Ngaba ndisafunda izinto eziziziqalelo? Ngaba kungenzeka ukuba ndibe ndidlulisa nje usana kunina, ndinganikeli ngqalelo ngokupheleleyo kwinyaniso? Ndinokuyenza njani inkqubela yokwenene ngokomoya?’ Ukuxhinela ekuqoleni kufuna ukuba senze umgudu ubuncinane kwiinkalo ezimbini. Sifanele siqhelane neLizwi likaThixo. Yaye sifanele sifunde ukuthobela.
Qhelana NeLizwi
7. Sinokungenelwa njani xa silazi kakuhle iLizwi likaThixo?
7 UPawulos wabhala wathi: “Wonk’ ubani osasela ubisi akaqhelananga nelizwi lobulungisa, kuba ulusana.” (Heb. 5:13) Ukuze siqole, sifanele siqhelane nelizwi likaThixo, elisisigidimi asinika sona. Ekubeni esi sigidimi sikwiLizwi lakhe, iBhayibhile, sifanele sizifunde ngokuzimisela iZibhalo neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47) Ukufunda iingcinga zikaThixo ngolo hlobo kunokusinceda siqeqeshe amandla ethu okuqonda. Cinga nje ngomnye umKristu ogama linguOrchid.a Uthi: “Esona sikhumbuzo siye sanegalelo kakhulu kubomi bam seso sokufunda iBhayibhile rhoqo. Ndathabatha iminyaka emibini ngaphambi kokugqiba ukufunda iBhayibhile, kodwa kwakungathi ndiyaqala ukudibana noMdali wam. Ndiye ndafunda ngeendlela zakhe, izinto azithandayo nangazithandiyo, indlela anamandla ngayo nendlela alumke ngayo. Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla kuye kwandomeleza ngamaxesha anzima ebomini bam.”
8. ILizwi likaThixo linokuba nawaphi amandla kuthi?
8 Ukufunda rhoqo iindinyana zeLizwi likaThixo kuvumela isigidimi salo ukuba sisinike ‘amandla.’ (Funda amaHebhere 4:12.) Oko kufunda kunokutshintsha ubuntu bethu kuze kusenze sithandwe nguYehova. Ngaba ukubona kuyimfuneko ukuzicwangcisela ixesha elingakumbi lokufunda iBhayibhile uze ucamngce ngoko ikuthethayo?
9, 10. Kubandakanya ntoni ukulazi kakuhle iLizwi likaThixo? Yenza umzekelo.
9 Ukuqhelana neBhayibhile akupheleli nje ekwazini oko ikuthethayo. Abo babeziintsana zokomoya zomhla kaPawulos kwakungathethi ukuba babengazi kwanto ngeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Noko ke, babengalisebenzisi baze babone indlela elixabiseke ngayo ebomini babo. Abazange baziqhelanise nesigidimi salo ngokusivumela ukuba sibakhokele ukuze benze izigqibo zobulumko ebomini babo.
10 Ukuqhelana neLizwi likaThixo kuthetha ukulazi size silusebenzise olo lwazi. Amava omnye udade ongumKristu ogama linguKyle abonisa indlela esinokukwenza ngayo oku. UKyle waxambulisana nomnye umntu asebenza naye. Wenza ntoni ukuze alungise oko kungavisisani? Uthi: “Isibhalo esakhawuleza safika engqondweni yam yeyabaseRoma 12:18, ethi: ‘Zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.’ Ngoko ndacela lo ndisebenza naye ukuba sibonane emva kokuphuma komsebenzi.” Bathetha bevana, yaye lowo usebenza noKyle walivuyela gqitha inyathelo awalithabathayo. UKyle uthi: “Ndafunda ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kusoloko kusebenza.”
Funda Ukuthobela
11. Yintoni ebonisa ukuba kunokuba lucelomngeni ukuthobela phantsi kweemeko ezinzima?
11 Ukusebenzisa oko siye sakufunda kwiZibhalo kunokuba lucelomngeni, ingakumbi xa sijamelene neemeko ezinzima. Ngokomzekelo, kungabanga thuba lide emva kokuba uYehova ekhulule oonyana bakaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, ‘baxabana noMoses’ baza baqhubeka ‘bemvavanya uYehova.’ Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba kwaphela amanzi okusela. (Eks. 17:1-4) Kungaphelanga neenyanga ezimbini emva kokwenza umnqophiso noThixo nokuvuma ukwenza “ngokwamazwi onke awathethileyo uYehova,” aphula umthetho wakhe ophathelele ukunqula izithixo. (Eks. 24:3, 12-18; 32:1, 2, 7-9) Ngaba oku kwabangelwa luloyiko ngenxa yokungabikho kukaMoses kangangexesha elide xa wayeye kunikwa imiyalelo kwiNtaba yeHorebhe? Ngaba mhlawumbi ayecinga ukuba ama-Amaleki ayeza kuphinda awahlasele yaye amaSirayeli ayengayi kukwazi ukuzikhusela ngaphandle koMoses, owabangela ukuba oyise ngaphambilana ngokuphakamisa izandla? (Eks. 17:8-16) Kusenokwenzeka ukuba kwakunjalo, kodwa enoba kwakutheni na, amaSirayeli ‘ala ukuthobela.’ (IZe. 7:39-41) UPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘enze unako-nako’ aphephe ‘ukweyela kwakuloo mzekelo wokungathobeli’ owaboniswa ngamaSirayeli xa ayesoyika ukungena kwiLizwe Lesithembiso.—Heb. 4:3, 11.
12. UYesu wakufunda njani ukuthobela, yaye wafumana ziphi iingenelo ngenxa yoko?
12 Ukuxhinela ekuqoleni kufuna ukuba senze unako-nako wokuthobela uYehova. Njengoko sibona kumzekelo kaYesu Kristu, umntu udla ngokufunda ukuthobela kwizinto aye watyhubela kuzo. (Funda amaHebhere 5:8, 9.) Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu wamthobela uYise. Noko ke, ukwenza ukuthanda kukaThixo emhlabeni kwakuquka ukubandezeleka emzimbeni nasengqondweni. Ngokuthobela kwakhe phantsi kwenkcaso ekrakra, uYesu ‘wenziwa wagqibelela’ elungele isigxina esitsha awayembekele sona uThixo, eso sokuba nguKumkani noMbingeleli Omkhulu.
13. Yintoni ebonisa ukuba sifunde ukuthobela?
13 Kuthekani ngathi? Ngaba sizimisele ukuthobela uYehova enoba sijamelene neengxaki ezinzima? (Funda eyoku-1 kaPetros 1:6, 7.) Isiluleko sikaThixo ngokuphathelele ukuziphatha, ukunyaniseka, ukulumkela izinto esizithethayo, ukufundisisa iZibhalo, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokushumayela sicacile. (Yosh. 1:8; Mat. 28:19, 20; Efe. 4:25, 28, 29; 5:3-5; Heb. 10:24, 25) Ngaba siyamthobela uYehova kule miba kwanaxa sichaswa? Xa sithobela sibonisa ukuba siye senza inkqubela esa ekuqoleni.
Kutheni Kuyingenelo Ukuqola NjengamaKristu?
14. Yenza umzekelo wendlela ukuxhinela ekuqoleni okunokusikhusela ngayo.
14 Kumkhusela ngokwenene umKristu ukuba namandla okuqonda akuqeqeshelwe kakuhle ukwahlula okubi kokulungileyo kwihlabathi ‘elingazivayo konke konke ngokokuziphatha.’ (Efe. 4:19) Ngokomzekelo, omnye umzalwana ogama linguJames, owayezifunda rhoqo yaye ezixabisa iimpapasho ezisekelwe eZibhalweni, wafumana umsebenzi owawunamabhinqa kuphela. UJames uthi: “Ngoxa uninzi lwawo lwalungaziphathanga kakuhle, elinye kuwo lalibonakala lingumntu ochubekileyo yaye lalinomdla kwinyaniso yeBhayibhile. Kodwa xa sasisebenza sobabini kwelinye igumbi, lafuna ukuba siziphathe kakubi ngokwesini. Ndandicinga ukuba liyadlala yaye ndakufumanisa kunzima ukulinqanda. Kanye ngelo xesha ndakhumbula amava akwiMboniselo omzalwana owafumana isilingo esifanayo apho wayesebenza khona. Eli nqaku labhekisela kumzekelo kaYosefu nomfazi kaPotifare.b Ngoko nangoko ndayityhalela kude le ntombazana yaza yabaleka yaphuma.” (Gen. 39:7-12) UJames uyavuya kuba kungazange kwenzeke enye into ibe usenesazela esicocekileyo.—1 Tim. 1:5.
15. Ukuxhinela kwethu ekuqoleni kunokuzomeleza njani iintliziyo zethu zokomfuziselo?
15 Kanti ukuqola kuyingenelo kuba komeleza iintliziyo zethu zokomfuziselo ukuze ‘zingathabatheki ziimfundiso ezahlukahlukeneyo nezingaqhelekanga.’ (Funda amaHebhere 13:9.) Xa sizama ukwenza inkqubela yokomoya, iingqondo zethu zigxininisa ‘kwizinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Fil. 1:9, 10) Ngaloo ndlela simxabisa ngakumbi uThixo namalungiselelo asenzele wona. (Roma 3:24) UmKristu ‘okhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda’ uba nombulelo yaye uba nobuhlobo obusenyongweni noYehova.—1 Kor. 14:20.
16. Yintoni eyanceda omnye udade ‘waqinisa intliziyo yakhe’?
16 Omnye udade ogama linguLouise wavuma ukuba kangangethuba elithile emva kokuba ebhaptiziwe, eyona nto wayezikhathaza ngayo yindlela abanye abantu ababemjonga ngayo. Wathi: “Kwakungekho nto iphosakeleyo ndiyenzayo, kodwa ndandingamkhonzi ngokuzimisela uYehova. Ndaqonda ukuba kuza kufuneka nditshintshile ukuze ndizive ndisenza konke okusemandleni am ekukhonzeni uYehova. Olona tshintsho lukhulu kwakuza kufuneka ndilwenzile kukumnqula ngentliziyo yam yonke.” Ngokwenza loo mgudu, uLouise ‘waqinisa intliziyo yakhe,’ yaye oko kwamnceda xa waphukelwa yimpilo. (Yak. 5:8) ULouise wathi, “Ndasokola gqitha, kodwa ndasondela ngokwenene kuYehova.”
‘Thobela Ngokusuka Entliziyweni’
17. Kutheni ukuthobela kwakubaluleke ngokukhethekileyo ngenkulungwane yokuqala?
17 Isiluleko sikaPawulos ‘sokuxhinela ekuqoleni’ sasindisa ubomi bamaKristu enkulungwane yokuqala awayehlala eYerusalem nakwelakwaYuda. Abo basithobelayo bahlala bephaphile ngokomoya baza bawuphawula umqondiso owachazwa nguYesu owawuza kubanceda ‘baqalise ukusabela ezintabeni.’ Bathi bakubona “into elizothe ebangela isiphanziso . . . imi kwindawo engcwele,” oko kukuthi imikhosi yamaRoma irhangqe iYerusalem, baqonda ukuba lixesha lokusaba. (Mat. 24:15, 16) Ethobela isilumkiso sikaYesu, amaKristu asaba kwisixeko saseYerusalem ngaphambi kokuba sitshatyalaliswe, yaye ngokutsho kombhali-mbali wecawa uEusebius, aya kuhlala kwisixeko sasePella esikummandla weentaba zaseGiliyadi. Ngaloo ndlela asinda kweyona ntlekele imanyumnyezi kwimbali yeYerusalem.
18, 19. (a) Kutheni kubalulekile ukuthobela kumhla wethu? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?
18 Ukuthobela okubangelwa kukuxhinela ekuqoleni kuya kusikhusela naxa sijamelana nokuzaliseka okukhulu kwesiprofeto sikaYesu esiphathelele “imbandezelo enkulu” engenakulinganiswa nanto. (Mat. 24:21) Ngaba siya kuluthobela naluphi na ulwalathiso olungxamisekileyo oluya kuvela ‘kwigosa elithembekileyo’? (Luka 12:42) Kubaluleke ngokwenene ukuba sifunde ‘ukuthobela ngokusuka entliziyweni’!—Roma 6:17.
19 Ukuze siqole kufuneka siqeqeshe amandla ethu okuqonda. Siya kukwenza oku ngokwenza umgudu wokuqhelana neLizwi likaThixo nangokufunda ukuthobela. Ukuqola njengamaKristu kuba lucelomngeni ngokukhethekileyo kulutsha. Kwinqaku elilandelayo siza kuhlolisisa indlela olunokuphumelela ngayo ekuhlangabezaneni nolo celomngeni.
[Imibhalo esemazantsi]
a Asilogama lakhe eli.
b Bona inqaku elinomxholo othi “Ukomelezelwa Ukuthi Hayi Kwisenzo Sobubi,” elikwiMboniselo kaOktobha 1, 1999.
Ufunde Ntoni?
• Kuthetha ntoni ukuqola ngokomoya, yaye sinokukufumana njani?
• Ukuqhelana neLizwi likaThixo kunayiphi indima ekuxhineleni kwethu ekuqoleni?
• Sikufunda njani ukuthobela?
• Ukuqola kusinceda ngaziphi iindlela?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile kusinceda sicombulule iingxaki ngendlela ebonisa ukuqola
[Umfanekiso okwiphepha 12, 13]
Ukuthobela isiluleko sikaYesu kwawasindisa amaKristu enkulungwane yokuqala