ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaYakobi Nezeencwadi ZikaPetros
MALUNGA neminyaka engama-30 emva kwePentekoste yowama-33 C.E, umfundi uYakobi—umntakwaboYesu—ubhalela “izizwe ezilishumi elinesibini” zoSirayeli wokomoya. (Yak. 1:1) Injongo yakhe kukomeleza ukholo lwazo ukuze zinyamezele xa zijamelene nezilingo. Kwakhona uziluleka ukuba zilungise izinto ezingahambi kakuhle eziqhubeka kumabandla azo.
Kanye ngaphambi kwephulo lentshutshiso loMlawuli ongumRoma uNero lowama-64 C.E., umpostile uPetros ubhala incwadi yakhe yokuqala eya kumaKristu, ewakhuthaza ukuba ahlale eqinile elukholweni. Kwincwadi yakhe yesibini ayibhala ngokukhawuleza emva kweyokuqala, uPetros ukhuthaza amaKristu ukuba anikel’ ingqalelo kwilizwi likaThixo aze awalumkise ngemini kaYehova ezayo. Eneneni, kuya kusinceda ukunikel’ ingqalelo kwisiluleko esikwincwadi kaYakobi nekaPetros.—Heb. 4:12.
UTHIXO UBANIKA UBULUMKO ABO ‘BABUCELA NGOKHOLO’
UYakobi uthi: “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi.” UYehova ubanika ubulumko obubanceda banyamezele izilingo abo ‘baqhubeka bebucela ngokholo.’—Yak. 1:5-8, 12.
Ukholo nobulumko buphakathi kwezinto abafanele babe nazo abo ‘bangabafundisi’ ebandleni. Emva kokubhekisela kulwimi ‘njengelungu elincinane elinokudyobha umzimba uphela,’ uYakobi ulumkisa ngemikhwa yehlabathi enokonakalisa ulwalamano lomntu noThixo. Uphinda achaze namanyathelo anokuthatyathwa ngumntu ogulayo ngokomoya ukuze aphile.—Yak. 3:1, 5, 6; 5:14, 15.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:13—Ziziphi iindlela ethi ‘inceba yongamele isigwebo’? Xa kufikelelwa kumba wokuziphendulela kuThixo, ujonga inceba esiyibonisa kwabanye aze asixolele esebenzisa idini lentlawulelo loNyana wakhe. (Roma 14:12) Ngaba oku akumele kube ngunobangela wokuba inceba ibe lolona phawu lubalaseleyo kubuntu bethu?
4:5—Sisiphi isibhalo esicatshulwa nguYakobi apha? UYakobi akacaphuli ndinyana ithile. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba la mazwi aphefumlelwe nguThixo asekelwe kwizibhalo ezinjengeGenesis 6:5; 8:21; IMizekeliso 21:10; neyabaseGalati 5:17.
5:20—Ngumphefumlo kabani osindiswa ekufeni ‘ngulowo ubuyisa umoni kwisiphoso sakhe’? UmKristu obuyisa umoni kwisono usindisa umphefumlo waloo mntu uguqukayo ekufeni kokomoya, mhlawumbi nakwintshabalalo engunaphakade. Umntu onceda umoni ngale ndlela uya ‘kugubungela nenkitha yezono zaloo moni.’
Oko Sikufundayo:
1:14, 15. Isono siqala ngomnqweno ophosakeleyo. Ngenxa yoko, asifanele sihlale sicinga ngeminqweno ephosakeleyo. Kunoko, sifanele ‘sihlale sicinga’ ngezinto ezakhayo size sizalise iingqondo neentliziyo zethu ngazo.—Fil. 4:8.
2:8, 9. ‘Ukubonisa umkhethe’ kuchasene ‘nomthetho wakomkhulu’ wothando. Yiyo loo nto, amaKristu okwenyaniso engawubonisi umkhethe.
2:14-26. ‘Sisindiswa ngokholo,’ kungekhona “ngenxa yemisebenzi” yoMthetho kaMoses okanye leyo siyenzayo njengamaKristu. Ukholo lwethu alumele luphelele nje ekuthini siyakholelwa kuThixo. (Efe. 2:8, 9; Yoh. 3:16) Lumele lusenze siphile ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo.
3:13-17. Ngokuqinisekileyo “ubulumko obuvela phezulu” buphakamile ‘kunobasemhlabeni, obobulwanyana nobobudemon’! Sifanele ‘siqhubeke sibuphanda ubulumko bukaThixo njengobuncwane obufihliweyo.’—IMize. 2:1-5.
3:18. Imbewu yeendaba ezilungileyo zoBukumkani ifanele ‘ihlwayelwe phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.’ Kubalulekile ukuba sibe ngabenzi boxolo kunokuba ngabantu abanekratshi, abathanda iimbambano okanye abakrwada.
‘YIMANI NIQINILE ELUKHOLWENI’
UPetros ukhumbuza amaKristu ‘ngethemba lawo eliphilayo’ lokuphila ezulwini. UPetros uthi kuwo: “Nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele.” Emva kokuwanika isiluleko esingqalileyo ngokuzithoba, uwabongoza onke ukuba ‘acinge nto-nye, avelane, abe nomsa wobuzalwana, abe nemfesane aze athobeke engqondweni.’—1 Pet. 1:3, 4; 2:9; 3:8.
Ekubeni “isiphelo [senkqubo yezinto yamaYuda] sisondele,” uPetros ululeka abazalwana ukuba ‘baphile engqondweni baze baphaphele ukuthandaza.’ Uthi kubo: “Hlalani nithe qwa, nilindile. . . . Yimani ngokunxamnye [noSathana], niqinile elukholweni.”—1 Pet. 4:7; 5:8, 9.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:20-22—Ubhaptizo lusisindisa njani? Abo bafuna ukusindiswa bafanele babhaptizwe. Kodwa ke, ubhaptizo lulodwa alunakusisindisa. Eneneni usindiso lufumaneka “ngovuko lukaYesu Kristu.” Abo baza kubhaptizwa bamele babe nokholo lokuba banokusindiswa kuphela ngenxa yokuba bafelwa nguYesu njengedini, wavuswa yaye ngoku “ungasekunene kukaThixo,” enegunya phezu kwabaphilayo nabafileyo. Ubhaptizo olusekelwe ekukholelweni oko lufana ‘nokuthwalwa ngokukhuselekileyo kwemiphefumlo esibhozo emanzini.’
4:6—Ngoobani ‘abafileyo ezavakaliswa kubo iindaba ezilungileyo’? Aba ngabo ‘babefile kwizigqitho nezono zabo,’ okanye bengenanto yakwenza noYehova ngaphambi kokuba beve iindaba ezilungileyo. (Efe. 2:1) Noko ke, emva kokubonisa ukholo kwiindaba ezilungileyo, ‘baphila’ ngokomoya.
Oko Sikufundayo:
1:7. Ukuze ukholo lwethu lube nexabiso elikhulu, lumele ukuba lungqineke lunjalo okanye luvavanyiwe. Eneneni ukholo olunjalo “lugcina umphefumlo uphila.” (Heb. 10:39) Asimele sihlehle xa ukholo lwethu luvavanywa.
1:10-12. Iingelosi zanqwenela ukuphanda nzulu zize ziqonde inyaniso enzulu yokomoya ababhala ngayo abaprofeti bakaThixo bamandulo ngokuphathelele ibandla elithanjisiweyo lamaKristu. Noko ke, ezi zinto zacaca xa uYehova waqalisa ukusebenzisana neli bandla. (Efe. 3:10) Ngaba nathi asifanele silandele umzekelo weengelosi size sizame ukuziphanda ‘izinto ezinzulu zikaThixo’?—1 Kor. 2:10.
2:21. Sixelisa uMzekelo wethu, uYesu Kristu, sifanele sikulungele ukubandezeleka de sife ukuze sithethelele ulongamo lukaYehova.
5:6, 7. Xa siphosa ixhala lethu kuYehova, usinceda silwenze eyona nto iphambili ebomini bethu unqulo lokwenyaniso kunokuzixhalabisa ngokungeyomfuneko ngengomso.—Mat. 6:33, 34.
“IMINI KAYEHOVA IYA KUZA”
UPetros uthi: “Isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” Ukunikela ingqalelo kunokusikhusela ‘kubaprofeti bobuxoki’ nakwabanye abantu abonakeleyo.—2 Pet. 1:21; 2:1-3.
UPetros ulumkisa ngelithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika abagculeli nokugculela kwabo.” Kodwa “imini kaYehova iya kuza njengesela.” Uqukumbela incwadi yakhe ngecebiso elihle kwabo ‘babulindileyo nababukhumbulayo ubukho baloo mini.’—2 Pet. 3:3, 10-12.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:19—Ngubani ‘ikhwezi,’ liphuma nini yaye sazi njani ukuba oku kwenzekile? Eli ‘khwezi’ nguYesu Kristu ekumandla oBukumkani. (ISityhi. 22:16) Ngowe-1914, uYesu waphuma phambi kwayo yonke indalo njengoKumkani onguMesiya, ebonisa ukuqala kwemini entsha. Ukwenziwa kwakhe kumila kumbi kwabonisa kwangaphambili uzuko lukaYesu namandla akhe oBukumkani, nto leyo eyayibethelela ukuqiniseka kwelizwi likaThixo lesiprofeto. Ukunikel’ ingqalelo kwelo lizwi kukhanyisa iintliziyo zethu, ibe ngaloo ndlela siyaqonda ukuba iKhwezi liphumile.
2:4—Yintoni ‘iTartaro,’ yaye iingelosi ezinemvukelo zaphoswa nini kuyo? ITartaro yimeko ebuntolongo ekuthi izidalwa ezingumoya kuphela—kungekhona abantu—zivalelwe kuyo. Yimeko yobumnyama bengqondo ngokuphathelele iinjongo zikaThixo eziqaqambileyo. Abo baseTartaro abanalo ithemba lekamva. UThixo waziphosela eTartaro iingelosi ezingathobeliyo ngomhla kaNowa, ibe ziya kuhlala apho de zitshatyalaliswe.
3:17—Wayethetha ukuthini uPetros ‘ngolwazi lwangaphambili’? UPetros wayethetha ngokwazi kwangaphambili iziganeko eziza kwenzeka kwikamva, awathi yena nabanye ababhali beBhayibhile baphefumlelwa ukuba bazibhale. Ekubeni olu yayingelolwazi lupheleleyo, ukuba nalo akuzange kubangele amaKristu enkulungwane yokuqala azi zonke iinkcukacha ngeziganeko ezaziza kwenzeka kamva. Azi nje kuphela amavandlakanya ezinto ezazilindelekile.
Oko Sikufundayo:
1:2, 5-7. Ukongezelela ekusincedeni sikhule ‘kulwazi oluchanileyo ngoThixo noYesu,’ ukwenza umgudu wokuhlakulela iimpawu ezinjengokholo, unyamezelo nozinikelo lobuthixo, kuya sinceda singabi “ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo” ngokubhekisele kolo lwazi.—2 Pet. 1:8.
1:12-15. Ukuze ‘sime ngokuqinileyo kwinyaniso,’ sifanele sihlale sifumana izikhumbuzo, ezinjengezo sizifumana kwiintlanganiso zebandla, xa sifundisisa nakufundo lweBhayibhile.
2:2. Sifanele silumkele ukuba ukuziphatha kwethu kungamhlazisi uYehova nentlangano yakhe.—Roma 2:24.
2:4-9. Ngenxa yoko uYehova aye wakwenza kwixa elidluleyo, siqinisekile ukuba “uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.”
2:10-13. Ngoxa “abo bazukileyo,” oko kukuthi abadala abangamaKristu, beneempazamo yaye benokona maxa wambi, asimele sithethe kakubi ngabo.—Heb. 13:7, 17.
3:2-4, 12. Ukunikela ingqalelo ‘kumazwi awathethwa ngaphambili ngabaprofeti abangcwele nomyalelo weNkosi noMsindisi’ kuya kusinceda sihlale sikukhumbula ukusondela kwemini kaYehova.
3:11-14. Njengoko ‘sihlala sibulindile yaye sibukhumbula ubukho bemini kaYehova,’ simele (1) ‘sibe nehambo engcwele,’ sihlale sicocekile emzimbeni, engqondweni, ngokuziphatha nangokomoya; (2) siphuphume izenzo ezibonisa ‘uzinikelo lobuthixo,’ njengezo zinxulumene nomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi; (3) sigcine ukuziphatha nobuntu bethu ‘bungenabala,’ yaye bungangcoliswanga lihlabathi; (4) ‘singabi nasiphako,’ sisenza zonke izinto ngeenjongo ezinyulu; size (5) ‘sibe seluxolweni’ noThixo, nabazalwana bethu abangamaKristu nabamelwane bethu.