Oko Kuya Kutyhilwa Ngemini KaYehova
“Imini kaYehova iya kuza njengesela, . . . uze wona umhlaba, nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.”—2 PET. 3:10.
1, 2. (a) Le nkqubo yezinto ingendawo iya kuphela njani? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?
LE NKQUBO yezinto isekelwe kubuxoki bokuba umntu angakwazi ukulawula umhlaba ngaphandle kokwalathiswa nguYehova. (INdu. 2:2, 3) Ngaba into esekelwe ebuxokini inokuqhubeka ikho ngonaphakade? Ayinakwenzeka loo nto! Sekunjalo, asiyi kulinda de eli hlabathi likaSathana liziphelele. Kunoko liza kutshatyalaliswa nguThixo ngexesha alimiseleyo nangendlela yakhe. Ukuthabatha amanyathelo kukaThixo nxamnye neli hlabathi lingendawo kuya kubonakalisa okusesikweni kwakhe nothando lwakhe.—INdu. 92:7; IMize. 2:21, 22.
2 Umpostile uPetros wabhala wathi: “Imini kaYehova iya kuza njengesela, ekuya kuthi ngayo amazulu adlule eqhuqhumba, neziqalelo ezishushu kakhulu zichithakale, uze wona umhlaba, nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.” (2 Pet. 3:10) Ayintoni “amazulu” ‘nomhlaba’ ekuthethwa ngawo apha? Ziyintoni ‘iziqalelo’ eziya kuchithakala? UPetros wayethetha ukuthini xa wayesithi “umhlaba nemisebenzi ekuwo” iya ‘kubhencwa’? Ukwazi iimpendulo zale mibuzo kuya kusinceda sixhobele iziganeko ezoyikekayo eziza kwenzeka kungekudala.
Amazulu Nomhlaba Oya Kudlula
3. Ayintoni “amazulu” achazwe kweyesi-2 kaPetros 3:10, yaye aya kudlula njani?
3 Xa igama elithi “amazulu” lisetyenziswe ngokufuziselayo eBhayibhileni, lidla ngokubhekisela kubalawuli, abangaphezulu kunabantu ababalawulayo. (Isa. 14:13, 14; ISityhi. 21:1, 2) ‘Amazulu aya kudlula’ afanekisela ulawulo lwabantu olulawula abantu abangahloneli Thixo. Ukudlula kwawo ‘eqhuqhumba’—okanye “egquma,” ngokutsho kwenye inguqulelo—kunokubhekisela ekutshatyalalisweni kwawo ngephanyazo.
4. Uyintoni “umhlaba” yaye uza kutshatyalaliswa njani?
4 ‘Umhlaba’ ufanekisela ihlabathi labantu abakude noThixo. Abantu bomhla kaNowa babenjalo yaye uThixo wayalela ukuba batshatyalaliswe ngoMkhukula. “Kwangelo lizwi linye amazulu nomhlaba wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo yaye zibekelwe imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.” (2 Pet. 3:7) Nakuba uMkhukula watshabalalisa bonke abantu abangendawo ngaxeshanye, intshabalalo ezayo iya kwenzeka ngokuthe ngcembe ebudeni ‘bembandezelo enkulu.’ (ISityhi. 7:14) Ekuqaleni kwembandezelo enkulu, uThixo uza kubonisa ukuba ulithiyile ihenyukazi ‘eliyiBhabhiloni Enkulu’ ngokuphembelela abalawuli beli hlabathi bezopolitiko ukuba balitshabalalise. (ISityhi. 17:5, 16; 18:8) Emva koko, ngasekupheleni kwembandezelo enkulu, ngemfazwe yeArmagedon, uYehova uza kulitshayela lonke ihlabathi likaSathana.—ISityhi. 16:14, 16; 19:19-21.
‘Iziqalelo Ziya Kuchithakala’
5. Iziqalelo zokomfuziselo ziquka ntoni?
5 Ziyintoni ‘iziqalelo eziya kuchithakala’? Esinye isichazi-magama seBhayibhile sithi ‘iziqalelo’ “yimilinganiselo yokuqala,” okanye “iziseko.” Sithi eli binzana “lalisetyenziswa ukubhekisela koonobumba, abasetyenziswa xa kusakhiwa amagama.” Ngoko ‘iziqalelo’ athetha ngazo uPetros zibhekisela kwizinto eziziziqalelo ezibangela ukuba eli hlabathi libe neempawu ezingezozabuthixo, isimo sengqondo, indlela yokuphila nosukelo abantu abanalo. ‘Iziqalelo’ ziquka “umoya wehlabathi,” “osebenza koonyana bokungathobeli.” (1 Kor. 2:12; funda eyabase-Efese 2:1-3.) Ihlabathi likaSathana lizaliswe nguloo ‘moya.’ Uqhubela abantu ekubeni bacinge, bathethe baze benze izinto ezibonisa ukuba baxelisa uSathana, onekratshi, ovukelayo ‘nongumlawuli wegunya lomoya.’
6. Ubonakala njani umoya wehlabathi?
6 Ngoko abo baphenjelelwa ngumoya wehlabathi bavumela iingqondo neentliziyo zabo ukuba ziphenjelelwe nguSathana baze babonakalise nesimo sengqondo sakhe. Ngenxa yoko, benza unothanda, kungakhathaliseki ukuba oko kuyavumelana okanye akuvumelani nokuthanda kukaThixo kusini na. Xa besenza izinto baqhutywa likratshi, yaye bavukela igunya baze bavumele ukulawulwa ‘yinkanuko yenyama nenkanuko yamehlo.’—Funda eyoku-1 kaYohane 2:15-17.a
7. Kutheni sifanele ‘silondoloze iintliziyo zethu’?
7 Kubalulekile ke ngoko ukuba ‘silondoloze iintliziyo zethu’ sibakhethe abantu esinxulumana nabo, izinto esizifundayo, indlela esizonwabisa ngayo, neeWeb sites esizijongayo kwi-Internet. (IMize. 4:23) Umpostile uPawulos wathi: “Lumkani, ningathabatheki ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu, nakwizinto eziziziqalelo zehlabathi, kungekhona kuKristu.” (Kol. 2:8) Esi silumkiso sibaluleke nangakumbi ngoku njengoko imini kaYehova isondela kuba ‘ubushushu’ bayo obungenakuthelekiswa nanto buya kunyibilikisa zonke ‘iziqalelo’ zenkqubo kaSathana ezingenakumelana nomlilo. Oku kusikhumbuza amazwi akuMalaki 4:1 athi: “Iyeza imini evutha njengeziko, yaye bonke abakhukhumeleyo nabo bonke abo benza ubungendawo bamele babe njengeendiza. Kwaye imini leyo izayo ngokuqinisekileyo iya kubaqwenga.”
‘Umhlaba Nemisebenzi Ekuwo Iya Kubhencwa’
8. Uya ‘kubhencwa’ njani umhlaba nemisebenzi ekuwo?
8 Wayethetha ukuthini uPetros xa esithi ‘umhlaba nemisebenzi ekuwo iya kubhencwa’? Igama elithi ‘ukubhenca’ linokuguqulelwa nangokuthi ‘ukubhaqwa’ okanye ‘ukubeka elubala.’ UPetros wayethetha ukuba, ebudeni bembandezelo enkulu, uYehova uza kulibhenca ihlabathi likaSathana, libonakale ukuba linxamnye naye noBukumkani bakhe yaye lifanelwe yintshabalalo. Eprofeta ngoko kuya kwenzeka ngelo xesha, uIsaya 26:21 uthi: “UYehova uyeza evela endaweni yakhe ukuze aphendulise ngesiphoso sommi welizwe nxamnye naye, ibe ngokuqinisekileyo ilizwe liya kulubhenca uphalazo-gazi lwalo kwaye aliyi kuba sabagubungela ababuleweyo balo.”
9. (a) Ziziphi izinto esimele sizichase? (b) Yintoni esifanele siyihlakulele yaye ngoba?
9 Ebudeni bemini kaYehova, abo baye baphenjelelwa lihlabathi nangumoya walo ombi baya kukubonakalisa oko bakuko, bade baxabelane. Eneneni, kusenokwenzeka ukuba iindlela ezininzi zokuzonwabisa ezinogonyamelo nezixhaphakileyo namhlanje ziya kwenza kube lula kwabaninzi xa kufika ixesha laxa isandla somntu ngamnye siya kuthi ‘okunene siphakamele isandla seqabane lakhe.’ (Zek. 14:13) Kubalulekile ke ngoko, ukuba siphephe nantoni na—iimovie, iincwadi, imidlalo yeevidiyo, njalo njalo—enokusenza sibe neempawu azithiyileyo uThixo, njengekratshi nokuthanda ugonyamelo. (2 Sam. 22:28; INdu. 11:5) Kunoko, masihlakulele isiqhamo somoya oyingcwele kaThixo, kuba ezo mpawu ziza kusinceda xa umsindo kaYehova uvutha.—Gal. 5:22, 23.
“Amazulu Amatsha Nomhlaba Omtsha”
10, 11. Ayintoni “amazulu amatsha nomhlaba omtsha”?
10 Funda eyesi-2 kaPetros 3:13. “Amazulu” buBukumkani bukaThixo basezulwini obamiselwa ngowe-1914 ekupheleni ‘kwamaxesha eentlanga.’ (Luka 21:24) Lo rhulumente ubunjwa nguKristu Yesu nabali-144 000 abaza kulawula naye yaye uninzi lwabo sele luwufumene umvuzo walo wasezulwini. Kwincwadi yeSityhilelo, aba banyuliweyo bachazwa ‘njengesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, sisihla siphuma ezulwini kuThixo yaye silungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.’ (ISityhi. 21:1, 2, 22-24) Kanye njengokuba urhulumente kaSirayeli wamandulo wawuseYerusalem, urhulumente wenkqubo entsha yezinto ubunjwa yiYerusalem Entsha noMyeni wayo. Esi sixeko saphezulu siya ‘kuhla siphuma ezulwini’ ngengqiqo yokuba siya kunikela ingqalelo emhlabeni.
11 ‘Umhlaba omtsha’ ubhekisela kwibutho labantu behlabathi elitsha abaye bazithoba kuBukumkani bukaThixo. Iparadesi yokomoya enanditshwa ngabantu bakaThixo iya kuba yeyokoqobo kuloo ‘mhlaba omiweyo oza kuza.’ (Heb. 2:5) Yintoni esinokuyenza ukuze sibekho kuloo nkqubo intsha yezinto?
Yixhobele Imini Enkulu KaYehova
12. Imini kaYehova iya kulothusa njani ihlabathi?
12 UPawulos noPetros baprofeta besithi loo mini kaYehova iya kuza “njengesela”—ingalindelwanga. (Funda eyoku-1 yabaseTesalonika 5:1, 2.) NamaKristu okwenyaniso alulindeleyo olo suku, aza kumangaliswa kukufika kwalo ngequbuliso. (Mat. 24:44) Noko ke, ihlabathi liya kothuka ngakumbi. UPawulos wathi: “Xa [abo bakude noYehova] besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’ iya kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo kanye njengenimba kumfazi omithiyo; yaye abasayi kuze basinde.”—1 Tes. 5:3.
13. Sinokukuphepha njani ukukhohliswa sisibhengezo esithi ‘Uxolo nonqabiseko!’?
13 Isibhengezo esithi, ‘Uxolo nonqabiseko!’ siya kube sibubuxoki nje obuvela kwiidemon; kodwa abakhonzi bakaYehova abayi kukhohliswa. UPawulos wabhala wathi: “Anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengamasela, kuba nonke nina ningoonyana bokukhanya noonyana bemini.” (1 Tes. 5:4, 5) Ngoko masihlale ekukhanyeni kude lee nehlabathi likaSathana elisebumnyameni. UPetros wabhala wathi: “Zintanda, ekubeni ninolu lwazi kwangaphambili, zilindeni ukuze ningawexulwa nani [ngabafundisi bobuxoki abakwibandla lobuKristu] ngabantu abadelela umthetho nize niwe ekuqineni kwenu.”—2 Pet. 3:17.
14, 15. (a) UYehova usiphatha njani ngesidima? (b) Ngawaphi amazwi aphefumlelweyo esifanele sicinge nzulu ngawo?
14 Phawula ukuba uYehova akaneli kuthi nje ‘masizilinde.’ Kunoko usiphatha ngesidima ngokusichazela kwangaphambili oko kuza kwenzeka kwikamva.
15 Okubuhlungu kukuba, abanye bazibetha ngoyaba bade bathethe ngokugculelayo ngezikhumbuzo zokuba sihlale siphaphile. Basenokuthi, ‘Kudala saziva ezi zikhumbuzo.’ Noko ke, abo bantu bayalibala ukuba xa bethetha ngolo hlobo bathandabuza kungekuphela nje udidi lwekhoboka elithembekileyo kodwa bathandabuza uYehova noNyana wakhe. UYehova uthi ‘masihlale silindile.’ (Hab. 2:3) Ngokufanayo noYesu wathi: “Hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.” (Mat. 24:42) NoPetros wabhala wathi: “Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!” (2 Pet. 3:11, 12) Udidi lwekhoboka elithembekileyo neQumrhu lalo Elilawulayo alisokuze luwathabathe lula loo mazwi abongozayo!
16. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sisiphephe yaye ngoba?
16 Eneneni, ‘likhoboka elinobubi’ elithi iNkosi iyalibazisa. (Mat. 24:48) Elo khoboka linobubi liyinxalenye yeqela elichazwe kweyesi-2 kaPetros 3:3, 4. UPetros wabhala wathi “ngemihla yokugqibela kuya kufika abagculeli” abaya kuthi “ngokweminqweno yabo” bagculele abo bahlala beyikhumbula imini kaYehova. Kunokuba banikel’ ingqalelo kwizilangazelelo zoBukumkani, aba bagculeli bacinga ngeziqu zabo nangeminqweno yabo yokuzingca. Masingaze sibe nesi simo sengqondo siyingozi sokungathobeli! Kunoko, ‘masigqale umonde weNkosi yethu njengosindiso’ ngokuhlala sixakekile ngumsebenzi wokushumayela iindaba zoBukumkani nowokwenza abafundi yaye singaxhalabi ngokugqithiseleyo ngexesha eya kufika ngalo imini kaYehova uThixo, kuba yena uyalazi.—2 Pet. 3:15; funda iZenzo 1:6, 7.
Kholosa NgoThixo Wosindiso
17. AmaKristu athembekileyo asabela njani kwisilumkiso sikaYesu sokusaba eYerusalem yaye ngoba?
17 Emva kokungena kwemikhosi yamaRoma kwaYuda ngowama-66 C.E., amaKristu asithobela isiluleko sikaYesu sokusaba kwisixeko saseYerusalem xa kuvela ithuba. (Luka 21:20-23) Kwakutheni ukuze aphume ngokukhawuleza? Ngokuqinisekileyo, ayethobela isilumkiso sikaYesu. Akuthandabuzeki ukuba ayesazi ukuba ayeya kujamelana nobunzima ngenxa yeso sigqibo sawo njengoko uKristu wayewalumkisile. Kwangaxeshanye ayesazi ukuba uYehova akasoze abashiye abanyanisekileyo bakhe.—INdu. 55:22.
18. Amazwi kaYesu akuLuka 21:25-28 athetha ntoni kuwe njengokuba imbandezelo enkulu isondela?
18 Nathi sifanele sithembele kuYehova ngokupheleleyo, kuba nguye yedwa oya kusisindisa xa le nkqubo yezinto ifikelwa yeyona mbandezelo inkulu yakha yabakho kwimbali yoluntu. Emva kokuba imbandezelo iqalile, ngaphambi kokuba uYehova agwebe ihlabathi liphela, abantu baya ‘kufa isiqaqa ngenxa yoloyiko nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo.’ Noko ke, ngoxa iintshaba zikaThixo zingcangcazela luloyiko, abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo abayi koyika nto. Kunoko baya kuvuya kuba besazi ukuba intlangulo yabo isondele.—Funda uLuka 21:25-28.
19. Yintoni eza kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo?
19 Abo bahlala bahlukile ehlabathini ‘nakwiziqalelo’ zalo banekamva eliqaqambe ngokwenene! Noko ke, njengoko inqaku elilandelayo libonisa, ukuze sifumane ubomi, asimele siphephe nje ukwenza okubi. Sifanele sihlakulele iimpawu ezikholisa uYehova size senze izinto azifunayo.—2 Pet. 3:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo ngokuphathelele umoya wehlabathi, funda incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 200-203.
Ngaba Ungachaza?
• Yintoni efanekiselwa . . .
‘ngamazulu nomhlaba’ wangoku?
‘ziziqalelo’?
‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha’?
• Kutheni sifanele sikholose ngoThixo ngokupheleleyo?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
‘Unokuyilondoloza njani intliziyo yakho’ uze uhlale wahlukile ehlabathini?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Sinokubonisa njani ukuba ‘sigqala umonde weNkosi yethu njengosindiso’?