Lilumkele “Ilizwi Labasemzini”
“Owasemzini aziyi kumlandela kodwa ziya kusaba kuye, kuba azilazi ilizwi labasemzini.”—YOHANE 10:5.
1, 2. (a) Wenza ntoni uMariya akuba uYesu embize ngegama, yaye oku kungqina waphi amazwi awayethethwe nguYesu ngaphambilana? (b) Yintoni esenza sihlale sisondele kuYesu?
UYESU ovusiweyo ubona ibhinqa elithile limi ngasengcwabeni lakhe elingenanto. Ulazi kakuhle eli bhinqa. NguMariya Magadala. Phantse kwiminyaka emibini ngaphambilana, uYesu wayemkhuphe iidemon. Ukususela ngoko eli bhinqa belisoloko lihamba naye nabapostile bakhe, libalungiselela izinto zemihla ngemihla. (Luka 8:1-3) Noko ke, namhlanje uMariya uyalila, ukhathazekile kuba ubone uYesu esifa, yaye ngoku kwanomzimba wakhe unyamalele! Ngoko uYesu uyambuza: “Mfazi, ulilelani? Ufuna bani na?” Ecinga ukuba ngumgcini-myezo, uyaphendula: “Mnumzana, ukuba umthabathile, ndixelele apho umbeke khona, ndiye kumthabatha.” Wandula ke uYesu athi: “Mariya!” Kwangoko uMariya uyaqonda ukuba le yindlela uYesu awayeqhele ukumbiza ngayo. Ngovuyo udanduluka athi: “Mfundisi!” Emva koko uyamanga.—Yohane 20:11-18.
2 Le ngxelo ikuzekelisa ngendlela echukumisayo oko uYesu wayekuthethile ngaphambilana. Ezifanisa nomalusi aze abalandeli bakhe abafanise nezimvu, uthi umalusi uzibiza ezakhe izimvu ngamagama yaye ziyalazi ilizwi lakhe. (Yohane 10:3, 4, 14, 27, 28) Kanye njengokuba izimvu zimazi umalusi wazo, noMariya uyamazi uMalusi wakhe, uKristu. Oku kunjalo nangabalandeli bakaYesu bokwenyaniso namhlanje. (Yohane 10:16) Kanye njengokuba indlebe ephulaphulayo yemvu iyenza ihlale ikufuphi nomalusi wayo, nathi ukuqonda kwethu okungokomoya kusenza sihambe ngokusondeleyo emanyathelweni oMalusi wethu Olungileyo, uYesu Kristu.—Yohane 13:15; 1 Yohane 2:6; 5:20.
3. Umzekeliso kaYesu wesibaya sezimvu usenza sibe nayiphi imibuzo?
3 Noko ke, ngokutsho kwalo mzekeliso, ukukwazi kwemvu ukuwaqonda amazwi abantu kuyenza ingaqondi nje kuphela ilizwi lomhlobo kodwa kwanelotshaba lwayo. Oku kubaluleke gqitha kuba sineentshaba ezikhohlisayo. Zingoobani ezi ntshaba? Zikhohlisa njani? Sinokuzikhusela njani? Ukuze sikufumanise oku, makhe sibone enye into ethethwa nguYesu kumzekeliso wakhe wesibaya sezimvu.
‘Ongangeniyo Ngomnyango’
4. Ngokutsho komzekeliso womalusi, izimvu zilandela bani, yaye ngubani ezingamlandeliyo?
4 UYesu uthi: “Lowo ungena ngomnyango ngumalusi wezimvu. Umgcini-mnyango uyamvulela lowo, yaye izimvu ziyaliphulaphula ilizwi lakhe, kwaye izimvu zakhe uzibiza ngamagama aze azikhokelele ngaphandle. Xa ezikhuphile zonke ezakhe, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele, ngenxa yokuba ziyalazi ilizwi lakhe. Owasemzini aziyi kumlandela kodwa ziya kusaba kuye, kuba azilazi ilizwi labasemzini.” (Yohane 10:2-5) Phawula ukuba uYesu usebenzisa igama elithi “ilizwi” izihlandlo ezithathu. Izihlandlo ezibini uthetha ngelizwi lomalusi, kodwa kwisihlandlo sesithathu, ukhankanya “ilizwi labasemzini.” Ngumntu wasemzini onjani lo uYesu athetha ngaye?
5. Kutheni singabonakalisi umoya wokubuk’ indwendwe kumntu wasemzini okhankanywe kuYohane isahluko 10?
5 UYesu akathethi ngomntu wasemzini esinokubonakalisa kuye umoya wokubuk’ iindwendwe—igama ngolwimi lweBhayibhile lwantlandlolo elalithetha “uthando ngabantu basemzini.” (Hebhere 13:2) Kumzekeliso kaYesu, owasemzini akalondwendwe olumenyiweyo. ‘Akangeni ngomnyango kwisibaya sezimvu, usuka akhwele ndaweni yimbi.’ “Ulisela nomphangi.” (Yohane 10:1) Ngubani owokuqala okhankanywe kwiLizwi likaThixo owaba lisela nomphangi? NguSathana uMtyholi. Ubungqina boku sibufumana kwincwadi yeGenesis.
Ukuqala Kokuviwa Kwelizwi Lowasemzini
6, 7. Kutheni kufanelekile ukumbiza uSathana njengowasemzini nesela?
6 IGenesis 3:1-5 ichaza indlela elaviwa ngayo okokuqala ilizwi lowasemzini emhlabeni. Le ngxelo ibalisa ukuba uSathana wathetha nomfazi wokuqala, uEva, esebenzisa inyoka waza wamkhohlisa. Liyinyaniso elokuba, kule ngxelo uSathana akabizwa ngokoqobo ngokuthi ‘ngowasemzini.’ Sekunjalo, izenzo zakhe zibonisa ukuba ngeendlela ezininzi wayenjengowasemzini ochazwe kumzekeliso kaYesu ekuthethwe ngawo kuYohane isahluko 10. Khawuqwalasele indlela afana ngayo.
7 UYesu uthi owasemzini uthetha namaxhoba akhe asesibayeni ngokungangqalanga. Ngendlela efanayo, uSathana wathetha nexhoba lakhe ngokungangqalanga, esebenzisa inyoka. Le ndlela ichuliweyo yokuthetha ibhenca into ayiyo uSathana—umphangi okhohlisayo. Ukongezelela, injongo yowasemzini kukuqhatha umnini wezimvu. Enyanisweni, ukhohlakele kunesela, kuba yena ukwanenjongo ‘yokubulala nokutshabalalisa.’ (Yohane 10:10) Ngokufanayo, uSathana wayelisela. Ngokukhohlisa uEva, wamenza akathembeka kuThixo. Ngaphezu koko, uSathana wabazisela ukufa abantu. Ngenxa yoko, ungumbulali.
8. USathana wawaguqula njani amazwi kaYehova neenjongo zakhe?
8 Ukunganyaniseki kukaSathana kwabonakala kwindlela awawaguqula ngayo amazwi kaYehova neenjongo zakhe. Wabuza uEva: “Utshilo ngokwenene na uThixo ukuba nize ningadli kuyo yonke imithi?” USathana wenza ngathi uyothuka, ngokungathi uthi: ‘Kutheni uThixo enolunya kangaka nje?’ Wongezelela esithi: “Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu.” Phawula amazwi akhe: “UThixo uyazi.” Ngokungathi kunjalo, uSathana wathi: ‘Nam ndiyayazi into uThixo ayaziyo. Ndiyazazi iinjongo zakhe, zimbi.’ (Genesis 2:16, 17; 3:1, 5) Ngelishwa, uEva noAdam abazange balilumkele ilizwi lalo mntu wasemzini. Kunoko, baliphulaphula baza bazizisela intlekele bona nenzala yabo.—Roma 5:12, 14.
9. Kutheni sifanele silindele ukuba ilizwi labasemzini liyaviwa namhlanje?
9 USathana usebenzisa iindlela ezifanayo ukulahlekisa abantu bakaThixo namhlanje. (ISityhilelo 12:9) ‘Unguyise wabo ubuxoki,’ yaye abo banjengaye, abazama ukukhohlisa abakhonzi bakaThixo bangabantwana bakhe. (Yohane 8:44) Makhe siqwalasele indlela eliviwa ngayo ilizwi labasemzini namhlanje.
Indlela Eliviwa Ngayo Ilizwi Labasemzini Namhlanje
10. Yiyiphi enye indlela eliviwa ngayo ilizwi labasemzini?
10 Iingcamango ezikhohlisayo. Umpostile uPawulos uthi: “Musani ukuthabatheka ziimfundiso ezahlukahlukeneyo nezingaqhelekanga.” (Hebhere 13:9) Ziimfundiso ezinjani ezi? Ekubeni ‘zinokusenza sithabatheke,’ kucacile ukuba uPawulos wayebhekisela kwiimfundiso ezinokusenza buthathaka ngokomoya. Ngoobani aba baza nezi mfundiso zingaqhelekanga? UPawulos wathi kwiqela labadala abangamaKristu: “Phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:30) Enyanisweni, namhlanje njengakumhla kaPawulos, abathile ngaphambili ababengamalungu ebandla lamaKristu ngoku bazama ukulahlekisa izimvu ngokuthetha “izinto ezijijekileyo”—iinyaniso ezingaphelelanga nobuxoki obuphandle. Kanye njengokuba umpostile uPetros esitsho, basebenzisa “amazwi alalanisayo”—amazwi angathi ayinyaniso kodwa eneneni angenangqiqo.—2 Petros 2:3.
11. Amazwi afumaneka kweyesi-2 kaPetros 2:1, 3 ayibhenca njani inkqubo nenjongo yabawexuki?
11 Ebhenca iindlela zabawexuki, uPetros wongezelela esithi baya “kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo.” (2 Petros 2:1, 3) Kanye njengokuba isela kumzekeliso kaYesu wesibaya sezimvu lingangeni ‘ngomnyango lisuka likhwele ndaweni yimbi,’ nabawexuki baza kuthi ngeendlela ezichuliweyo. (Galati 2:4; Yude 4) Yiyiphi injongo abanayo? UPetros wongezelela esithi: “Baya kunixhaphaza.” Enyanisweni, enoba yintoni abanokuyithetha abawexuki ukuphikisa oku, eyona njongo yabaphangi ‘kukuba nokubulala nokutshabalalisa.’ (Yohane 10:10) Balumkele aba bantu basemzini!
12. (a) Izinxulumani zethu zinokusenza njani sichanabeke kwilizwi labasemzini? (b) Amaqhinga kaSathana afana njani nalawo abantu basemzini namhlanje?
12 Izinxulumani eziyingozi. Ilizwi labasemzini lisenokuviwa nakwabo sinxulumana nabo. Izinxulumani eziyingozi ngokukhethekileyo zenzakalisa abaselula. (1 Korinte 15:33) Khumbula ukuba, uSathana wamfumana eyedwa uEva—oyena uselula nongenamava kubantu ababini bokuqala. Wamenza wakholelwa ukuba uYehova umbekele imiqathango engafanelekanga, nangona eneneni kwakungenjalo. UYehova wayezithanda izidalwa zakhe ezingabantu yaye wayezinyamekela. (Isaya 48:17) Ngokufanayo namhlanje, aba bantu basemzini bazama ukunenza nina baselula nikholelwe ukuba abazali benu abangamaKristu ngokungafanelekanga banibandeza inkululeko. Basenokuniphembelela njani aba bantu basemzini? Enye intombazana engumKristu iyavuma isithi: “Kangangexesha elithile ukholo lwam lwalubuthathaka ngenxa yabantwana endandifunda nabo. Babesoloko besithi ndikunqulo olungqongqo gqitha nolungekho ngqiqweni.” Ukanti, inyaniso ikukuba abazali benu bayanithanda. Ngoko ke, xa abo nifunda nabo bezama ukunenza ningabathembi abazali benu, musani ukukhohliseka njengokuba kwaba njalo ngoEva.
13. Liliphi ikhondo lobulumko uDavide awalilandelayo, yaye yiyiphi enye indlela esinokumxelisa ngayo?
13 Ngokuphathelele izinxulumani eziyingozi, umdumisi uDavide wathi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.” (INdumiso 26:4) Kwakhona, ngaba uyiphawulile indlela ababonakala ngayo abantu basemzini? Bayazifihla—kanye njengokuba noSathana wazifihla ngokusebenzisa inyoka. Namhlanje, abantu abathile abangcolileyo bayazifihla bona neenjongo zabo ngokusebenzisa i-Internet. Kumajelo onxibelelwano ekuthiwa ziichat rooms, abantu abadala basenokuzenza abantwana ukuze nje bakubambise. Ncedani nikulumkele gqitha oku, nina lutsha kungenjalo kuya kunenzakalisa ngokomoya.—INdumiso 119:101; IMizekeliso 22:3.
14. Maxa wambi, amajelo eendaba alibhengeza njani ilizwi labasemzini?
14 Ukutyholwa ngobuxoki. Nangona ezinye iingxelo zeendaba zisenokuba zitheth’ inyaniso ngamaNgqina kaYehova, maxa wambi amajelo eendaba ayavuma ukubhengeza ilizwi labasemzini elibubuxoki. Ngokomzekelo, kwelinye ilizwe ezindabeni kwathiwa amaNgqina ayexhasa umkhosi kaHitler ngeMfazwe Yehlabathi II nto leyo ebubuxoki. Kwelinye, ezindabeni amaNgqina atyholwa ngokuphanga izindlu zeecawa. Kumazwe aliqela ezindabeni amaNgqina aye atyholwa ngokungavumi ukuba abantwana bawo banyangwe nangokuthi aye azibetha ngoyaba izono ezinzulu ezenziwe ngamalungu awo. (Mateyu 10:22) Sekunjalo, abantu abanyanisekileyo abasaziyo bayaqonda ukuba obo bubuxoki.
15. Kutheni kungebobulumko ukukholelwa yonk’ into ethethwa ezindabeni?
15 Yintoni esifanele siyenze ukuba sijamelene nezityholo ezisasazwa lilizwi labasemzini? Kubalulekile ukuthobela isiluleko seMizekeliso 14:15 esithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Asibobulumko ukukholelwa yonke into ekuthiwa yinyaniso ezindabeni. Nangona singathi zonke iindaba zibubuxoki, siyaqonda ukuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.”—1 Yohane 5:19.
“Wavavanyeni Amazwi Aphefumlelweyo”
16. (a) Okwenziwa zizimvu zokoqobo kuyizekelisa njani inyaniso yamazwi kaYesu afumaneka kuYohane 10:4? (b) IBhayibhile isikhuthaza ukuba senze ntoni?
16 Noko ke, sinokuqiniseka njani ukuba sisebenzisana nomhlobo okanye utshaba? Kaloku, uYesu uthi izimvu ziyamlandela umalusi “ngenxa yokuba ziyalazi ilizwi lakhe.” (Yohane 10:4) Izimvu azimlandeli umalusi ngenxa yenkangeleko yakhe; kodwa zimlandela ngenxa yelizwi lakhe. Enye incwadi ethetha ngamazwe eBhayibhile ithi olunye undwendwe lwakhe lwathi izimvu zimazi umalusi wazo ngesinxibo, kungekhona ngelizwi lakhe. Umalusi waphendula ngokuthi zimqonda ngelizwi. Ukungqina oku, watshintshisana nolo ndwendwe ngempahla. Lunxibe impahla yomalusi, olo ndwendwe lwazibiza izimvu, kodwa zange zilulandele. Zazingalazi ilizwi lakhe. Kanti, nangona umalusi wayenxibe iimpahla ezingazaziyo, wazibiza yaye ngoko nangoko zeza kuye. Ngenxa yoko, ubani usenokukhangeleka njengomalusi, kodwa kwizimvu, akuthethi ukuba ngokwenene unguye. Enyanisweni, izimvu ziyaliphulaphula ilizwi laloo mntu uzibizayo, zilithelekisa nelizwi lomalusi wazo. ILizwi likaThixo lisixelela ukuba senze into efanayo—“wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na.” (1 Yohane 4:1; 2 Timoti 1:13) Yintoni eya kusinceda senjenjalo?
17. (a) Siliqhela njani ilizwi likaYehova? (b) Ukumazi uYehova kusenza sikwazi ukwenza ntoni?
17 Licacile elokuba, okukhona silazi ilizwi likaYehova, okanye isigidimi sakhe, kokukhona siya kuliqonda kakuhle ilizwi lowasemzini. IBhayibhile ibonisa indlela esilufumana ngayo olo lwazi. Ithi: “Neendlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo.’” (Isaya 30:21) Elo “lizwi” lisemva kwethu livela kwiLizwi likaThixo. Ngalo lonke ixesha sifunda iLizwi likaThixo, ngokungathi kunjalo, siva ilizwi loMalusi wethu Omkhulu, uYehova. (INdumiso 23:1) Ngenxa yoko, okukhona siyifundisisa iBhayibhile, kokukhona siya siqhelana nelizwi likaThixo. Olo lwazi lwethu lunzulu luya kusinceda sikwazi ukuliqonda kwangoko ilizwi labasemzini.—Galati 1:8.
18. (a) Ukwazi ilizwi likaYehova kubandakanya ntoni? (b) Ngokutsho kukaMateyu 17:5, kutheni sifanele silithobele ilizwi likaYesu?
18 Yintoni enye ebandakanyekileyo ekulazini ilizwi likaYehova? Ngaphezu kokuliva, kuthetha ukulithobela. Kwakhona phawula incwadi kaIsaya 30:21. ILizwi likaThixo lithi: “Nantsi indlela.” Ewe, ngokufundisisa iBhayibhile, siva ilizwi likaYehova lisikhokela. Wandula ke asiyalele esithi: “Hambani ngayo.” UYehova ufuna sikwenze oko sikuvayo. Ngaloo ndlela, ngokusebenzisa oko sikufundayo, sibonisa ukuba asilivanga nje kuphela ilizwi likaYehova kodwa siye saliphulaphula. (Duteronomi 28:1) Ukuthobela ilizwi likaYehova kukwathetha ukuba sithobela nelizwi likaYesu, kuba uYehova usixelele ukuba senjenjalo. (Mateyu 17:5) Yintoni uYesu, uMalusi Olungileyo, asixelela ukuba siyenze? Usifundisa ukuba senze abafundi size silithembe “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45; 28:18-20) Ukuthobela ilizwi lakhe kuya kusenza sifumane ubomi obungunaphakade.—IZenzo 3:23.
“Ziya Kusaba Kuye”
19. Yintoni esifanele siyenze xa sisiva ilizwi labasemzini?
19 Ngoko ke, yintoni esifanele siyenze xa sisiva ilizwi labasemzini? Sifanele senze into eyenziwa zizimvu. UYesu uthi: “Owasemzini aziyi kumlandela kodwa ziya kusaba kuye, kuba azilazi ilizwi labasemzini.” (Yohane 10:5) Zimbini izinto esifanele sizenze. Okokuqala, ‘asisayi kumlandela’ owasemzini. Ewe, owasemzini simchasa singacengi solalaphi. Enyanisweni, ngokwesiGrike esasisetyenziswa ekubhaleni iBhayibhile, igama elithi ‘asisayi’ liguqulela eyona ndlela inamandla yokuyichasa into ethile ngolo lwimi. (Mateyu 24:35; Hebhere 13:5) Okwesibini, ‘siya kusaba kuye,’ okanye simphephe. Leyo yinto esifanele siyenze kwabo banemfundiso engavisisaniyo nelizwi loMalusi Olungileyo.
20. Yintoni esiya kuyenza xa sijamelene (a) nabawexuki abakhohlisayo, (b) izinxulumani eziyingozi, (c) iingxelo zamajelo eendaba ezibubuxoki?
20 Ngoko ke, xa sidibana nabo baneengcamango zabawexuki, sifanele senze oko kuthethwa liLizwi likaThixo: ‘Babekeni esweni abo bahlukanisayo nabakhubekisayo ngokuchaseneyo nemfundiso eniyifundileyo, nize nibaphephe.’ (Roma 16:17; Tito 3:10) Ngokufanayo, amaKristu aselula ajamelene nezinxulumani eziyingozi afanele asiphulaphule isiluleko uPawulos awasinikela kuTimoti owayeselula esithi: “Zisabe iinkanuko zobutsha.” Yaye xa sityholwa kumajelo eendaba, siya kukhumbula icebiso likaPawulos elalisiya kuTimoti elalisithi: ‘[Abo baphulaphula ilizwi labasemzini] baya kuphambukela kumabali obuxoki. Ke wena, hlala uthe qwa.’ (2 Timoti 2:22; 4:3-5) Kungakhathaliseki ukuba livakala ligude kangakanani na ilizwi labasemzini, sisaba kuko nakuphi na okuya kubhukuqa ukholo lwethu.—INdumiso 26:5; IMizekeliso 7:5, 21; ISityhilelo 18:2, 4.
21. Nguwuphi umvuzo oya kufunyanwa ngabo bangaliphulaphuliyo ilizwi labasemzini?
21 Ngokungaliphulaphuli ilizwi labasemzini, amaKristu athanjiswe ngomoya aphulaphula amazwi oMalusi Olungileyo afumaneka kuLuka 12:32. Apho uYesu uthi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” Ngokufanayo, “ezinye izimvu” zikulindele ngomdla ukuva amazwi kaYesu athi: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, budleni ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina ukususela ekusekweni kwehlabathi.” (Yohane 10:16; Mateyu 25:34) Hayi indlela omhle ngayo umvuzo esiya kuwufumana ukuba asiliphulaphuli “ilizwi labasemzini”!
Ngaba Usakhumbula?
• USathana uyifanelekela njani inkcazelo yowasemzini ekhankanywe kumzekeliso kaYesu wesibaya sezimvu?
• Ilizwi labasemzini liviwa njani namhlanje?
• Sinokuliqonda njani ilizwi labasemzini?
• Yintoni esifanele siyenze xa sisiva ilizwi labasemzini?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UMariya wamqonda uKristu
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Owasemzini akazi kwizimvu ngokungqalileyo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Yintoni esiyenzayo xa sisiva ilizwi labasemzini?