Kubalisa uLuka
8 Kungekudala emva koko, uYesu waya kwizixeko ngezixeko nakwiilali ngeelali, eshumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo.+ Wayehamba nabapostile bakhe abayi-12, 2 nabanye abafazi awayebaphilisile wakhupha needemon kubo: UMariya ekuthiwa nguMagadala, owayekhutshwe iidemon ezisixhenxe; 3 uYowana+ umfazi kaKhuza, indoda eyayiphethe kwaHerode; uSusana; nabanye abafazi abaninzi, ababencedisa ngezinto abanazo.+
4 Kwadibana igquba labantu kunye nabo babehamba noYesu izixeko ngezixeko, wabafundisa ngomzekelo+ esithi: 5 “Kukho umntu owahamba wayokuhlwayela* imbewu yakhe. Njengoko wayehlwayela, enye yawela ecaleni kwendlela, yanyathelwa, zaza iintaka zayitya zayigqiba.+ 6 Enye yawela ematyeni, yathi yakuhluma yakhawuleza yoma, kuba umhlaba wawungafumanga.+ 7 Enye yawela phakathi kwameva, aza ameva awayekhula nayo ayiminxa.+ 8 Enye yona yawela kumhlaba otyebileyo, yahluma yaza yavelisa iziqhamo ngokuphindwe kayi-100.”+ Akugqiba, wakhwaza wathi: “Lowo uneendlebe zokumamela, makamamele.”+
9 Kodwa abafundi bakhe bambuza ukuba uthetha ukuthini lo mzekelo.+ 10 UYesu wathi: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele ezingoBukumkani bukaThixo, kodwa abanye abantu ndibafundisa ngemizekelo,+ ukuze nangona bejongile, bangaboni, ibe nangona besiva, bangacacelwa.+ 11 Nantsi ke into ethethwa ngulo mzekelo: Imbewu lilizwi likaThixo.+ 12 Leyo isecaleni kwendlela, ngabo balivileyo, wafika uMtyholi walithatha ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa baze basindiswe.+ 13 Leyo isematyeni, ngabo balamkela bevuya ilizwi, kodwa bengenazingcambu. Bakholwa nje okwexeshana, bathi bakuvavanywa, baphelelwe lukholo.+ 14 Leyo iwela emeveni, ngabo baye baliva ilizwi, kodwa boyiswa ngamaxhala, ubutyebi+ nobumnandi bobu bomi,+ baminxwa ngokupheleleyo baza abavelisa ziqhamo zihle.+ 15 Leyo ikumhlaba otyebileyo, ngabo bathi emva kokuliva ilizwi ngentliziyo entle nenyanisekileyo,+ balithobele baze bathwale isiqhamo ngoxa benyamezele.+
16 “Akukho mntu ulayita isibane aze asogqume ngesitya okanye asifake phantsi kwebhedi, kodwa usixhoma endaweni yaso ukuze sikhanyisele abantu abangenayo.+ 17 Kuba akukho nto ifihliweyo ingazukuvezwa, kungekho nanto igqunyiweyo ingazukutyhilwa.+ 18 Ngoko mamelisisani, kuba lowo unento uza kunikwa nenye,+ kodwa lowo ungenanto, kwanaloo ntwana acinga ukuba unayo iza kuthathwa.”+
19 Kwafika umama wakhe nabantakwabo,+ kodwa abazange bakwazi ukusondela kuye ngenxa yokuba kwakukho abantu abaninzi apho.+ 20 Kwathiwa kuye: “Umama wakho nabantakwenu bame apha phandle, bafuna ukukubona.” 21 Wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngaba balivayo ilizwi likaThixo baze balenze.”+
22 Ngenye imini yena nabafundi bakhe bakhwela isikhephe, wathi kubo: “Masiweleni siye kwelinye icala lechibi.” Ngoko bahamba.+ 23 Kodwa ngoxa behamba, uYesu walala. Kwavela isaqhwithi esikhulu kwelo chibi, isikhephe saqalisa ukugcwala ngamanzi, baza baba sengozini yokutshona.+ 24 Ngoko baya kuye bamvusa, besithi: “Mfundisi, Mfundisi, safa!” Wavuka wawungxolisa umoya namanzi, zehla, kwazola kakhulu.+ 25 Emva koko wathi kubo: “Kutheni ningenalukholo nje?” Kodwa babesoyika, bemangalisiwe besithi: “Ngubani kanye kanye lo? Lo uyalela umoya namanzi, zimthobele!”+
26 Bamisa elunxwemeni kummandla wamaGerasa,+ okwicala elimelene neGalili. 27 Akuba uYesu ehlile esikhepheni, kweza kuye indoda enedemon ivela esixekweni. Le ndoda yayisele inethuba elide inganxibi mpahla, ibe yayihlala emangcwabeni,*+ ingahlali ndlini. 28 Ithe yakubona uYesu, yawa phambi kwakhe, yakhwaza isithi: “Ufuna ntoni kum Yesu, Nyana wOyena Thixo Uphakamileyo? Ndiyakucela, ungandingcungcuthekisi.”+ 29 (Kuba uYesu wayeyiyalela le demon ukuba iphume kule ndoda. Yayiyihlasele kaninzi,*+ ibe le ndoda yayibotshwa qho ngamatsheyini nangamakhamandela, kwaye igadiwe. Kodwa yayiziqhawula ezo zinto yayibotshwa ngazo, ize iqhutyelwe yiloo demon kwindawo engenabantu.) 30 UYesu wayibuza wathi: “Ungubani igama lakho?” Yathi: “NdinguMkhosi,” kuba yayiphethwe ziidemon ezininzi. 31 Zamcenga ukuba angazithumeli emngxunyeni ongenasiphelo.*+ 32 Kwakukho apho iihagu+ ezininzi zisidla entabeni, ngoko zamcenga ukuba aziyeke ziyokungena kwezo hagu, ibe wazivumela.+ 33 Zaphuma ke ezo demon kuloo ndoda zangena ezihagwini, zaza zaphaphatheka ukuya kuwa eliweni, zeyela echibini, zarhaxwa. 34 Bathi bakuyibona into eyenzekileyo abalusi, babaleka baya kuxela esixekweni nasezilalini.
35 Ngoko abantu beza kubona loo nto yenzekileyo. Bathi bakufika kuYesu, babona indoda eyayikade ineedemon inxibile ibe isezingqondweni, ihleli ngasezinyaweni zikaYesu, baza boyika. 36 Abo babeyibonile into eyenzekileyo, bababalisela indlela ephiliswe ngayo le ndoda. 37 Ngoko elo qela likhulu labantu elalivela kummandla wamaGerasa, lamcela uYesu ukuba ahambe kummandla walo, kuba lalisoyika kakhulu. Wahamba ke waya kukhwela isikhephe. 38 Kodwa ke, indoda ebineedemon yamcenga ukuba ahambe nayo, kodwa wayijikisa esithi:+ 39 “Goduka, uyokubalisela abanye into akwenzele yona uThixo.” Ngoko yemka, yayibalisa kuso sonke isixeko into eyenzelwe nguYesu.
40 Wathi akubuya uYesu, abantu bamamkela ngobubele, kuba bonke babemlindele.+ 41 Kweza nelinye igosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda,* elinguYayiro. Lawa ezinyaweni zikaYesu, lamcenga ukuba aye endlini yalo,+ 42 kuba intombi yalo eyayikuphela kwayo, eyayimalunga neminyaka eyi-12, yayisifa.
Njengokuba uYesu wayehamba, wayexinwe ngabantu abaninzi. 43 Kwakukho nomfazi owayeneminyaka eyi-12 enengxaki yokopha,+ ibe kwakungekho mntu wayekwazi ukumphilisa.+ 44 Weza emva kwakhe, wabamba imisonto yesambatho sakhe sangaphezulu,+ waza wayeka ngoko nangoko ukopha. 45 UYesu wathi: “Ngubani ondibambileyo?” Xa bonke bathi abazi, uPetros wathi: “Mfundisi, ungqongwe ngabantu ibe bakuxinile.”+ 46 Kodwa uYesu wathi: “Ukho umntu ondibambileyo, kuba ndiwavile amandla+ ephuma kum.” 47 Uthe lo mfazi akubona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wafika wawa phambi kwakhe, wachaza phambi komntu wonke isizathu sokuba ambambe, nendlela akhawuleze waphiliswa ngayo. 48 Kodwa wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo.”+
49 Uthe esathetha, kwafika umntu evela emzini kaYayiro, wathi: “Intombi yakho iswelekile; sukuba samhlupha uMfundisi.”+ 50 Akuyiva loo nto, uYesu wathi kuYayiro: “Ungakhathazeki, yiba nokholo nje wena, intombi yakho iza kuphila.”+ 51 Wathi akufika endlini, akavuma kungene mntu ngaphandle kukaPetros, uYohane, uYakobi notata nomama wentombazana. 52 Kodwa bonke abantu babekhala bebuhlungu ngenxa yokusweleka kwayo. Ngoko wathi: “Sanukukhala,+ kuba ayifanga kodwa ilele.”+ 53 Basuka bamwa ngentsini, kuba babesazi ukuba ifile. 54 Kodwa wayibamba ngesandla, wakhwaza esithi: “Mntwana, vuka!”+ 55 Wabuya umoya wayo,*+ yavuka ngoko nangoko,+ waza wathi mayinikwe into yokutya. 56 Abazali bayo bavuya bengakwazi kuzibamba, kodwa wabayalela ukuba bangaxeleli mntu ngale nto yenzekileyo.+