ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zeencwadi ZikaYohane NekaYude
IINCWADI ezintathu zikampostile uYohane, ekusenokwenzeka ukuba zabhalwa ngowama-98 C.E. e-Efese, ziphakathi kweencwadi zokugqibela ezikwiZibhalo ezingcwele. Iincwadi ezimbini zokuqala zikhuthaza amaKristu ukuba aqhubeke ehamba ekukhanyeni aze alwe nokunyebelezela kowexuko. Kwincwadi yesithathu, uYohane akaneli nje ukuthetha ngokuhamba enyanisweni kodwa ukhuthaza nentsebenziswano phakathi kwamaKristu.
Kwincwadi yakhe awayibhala esePalestina, mhlawumbi ngowama-65 C.E., umntakwaboYesu uYude ulumkisa amanye amaKristu ngabantu abangendawo abaye banyebelezela ebandleni, aze acebise ngendlela yokuxhathisa impembelelo yabo embi. Ukunikela ingqalelo kwisigidimi sezi ncwadi zintathu zikaYohane neseleta kaYude kunokusinceda sihlale sinokholo olomeleleyo enoba sijamelana naziphi na iingxaki.—Heb. 4:12.
QHUBEKANI NIHAMBA EKUKHANYENI, ELUTHANDWENI NANGOKHOLO
Njengoko ibhalelwe bonke abo bamanyene noKristu, incwadi yokuqala kaYohane inesiluleko esihle esilungiselelwe ukunceda amaKristu amelane nowexuko aze abambelele enyanisweni nasebulungiseni. Ibethelela ukubaluleka kokuqhubeka ehamba ekukhanyeni, eluthandweni nangokholo.
UYohane uthi: “Ukuba sihamba ekukhanyeni njengoko [uThixo] ngokwakhe esekukhanyeni, soba sinokwabelana omnye nomnye.” Ekubeni uThixo enguMthombo wothando, lo mpostile uthi: “Masiqhubeke sithandana.” Ngoxa “ukumthanda uThixo” kusenza ukuba “siyigcine imiyalelo yakhe,” siyaloyisa ihlabathi ngokuba ‘nokholo’ kuYehova uThixo, kwiLizwi lakhe nakuNyana wakhe.—1 Yoh. 1:7; 4:7; 5:3, 4.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:2; 4:10—UYesu unguwo njani “umbingelelo wokucamagushela”? Ukucamagushela kuthetha “ukungxengxeza,” okanye “ukucenga.” UYesu wanikela ngobomi bakhe njengombingelelo wokucamagushela kuba xa wenza oko, wayengxengxeza, okanye efezekisa iimfuneko zokusesikweni okugqibeleleyo. Ngenxa yaloo mbingelelo, uThixo wayenokubonisa inceba, aze axolele izono zabo banokholo kuYesu.—Yoh. 3:16; Roma 6:23.
2:7, 8—Ubhekisela entwenini uYohane xa ethetha ngomyalelo “omdala” nomyalelo “omtsha”? UYohane uthetha ngomyalelo wothando lokuzincama ngenxa yabazalwana. (Yoh. 13:34) Ubhekisela kuwo ‘njengomdala’ kuba uYesu wawunikela kwiminyaka engaphezu kwama-60 ngaphambi kokuba uYohane abhale incwadi yakhe yokuqala ephefumlelweyo. Ngenxa yoko, amakholwa ayewufumene lo myalelo “ukususela ekuqaleni” kokuba ngamaKristu kwawo. Kukwabhekiselwa kuwo ‘njengomtsha’ kuba udlulela ngaphaya ‘kokuthanda idlelane lakho njengawe siqu’ uze ukhuthaze uthando lokuzincama.—Lev. 19:18; Yoh. 15:12, 13.
3:2—Kukuphi ‘okungekabonakaliswa’ kumaKristu athanjisiweyo, yaye ngubani aya kumbona “kanye njengoko anjalo”? Okungekabonakaliswa kuwo koko aya kuba kuko xa evuselwa ezulwini kwimizimba yomoya. (Fil. 3:20, 21) Noko ke, ayazi ukuba “xa sukuba [uThixo] ebonakaliswa [aya] kuba njengaye, ngenxa yokuba [aya] kumbona kanye njengoko anjalo,” ‘enguMoya.’—2 Kor. 3:17, 18.
5:5-8—Amanzi, igazi nomoya asingqinela njani isibakala sokuba “uYesu unguNyana kaThixo”? Amanzi anikela ubungqina kuba ekubhaptizweni kukaYesu emanzini, uYehova wavakalisa ukukholiswa kwakhe ngulo Nyana wakhe. (Mat. 3:17) Igazi okanye ubomi bukaYesu, obanikelwa ‘baba yintlawulelo yabo bonke,’ babonisa ukuba uYesu nguNyana kaThixo. (1 Tim. 2:5, 6) Kanti umoya oyingcwele wangqina ukuba uYesu nguNyana kaThixo xa wehla phezu kwakhe ekubhaptizweni kwakhe, umnceda ukuba ‘alityhutyhe ilizwe esenza okulungileyo kwaye ephilisa bonke abo bacinezelwe nguMtyholi.’—Yoh. 1:29-34; IZe. 10:38.
Oko Sikufundayo:
2:9-11; 3:15. Ukuba umKristu uvumela nantoni na okanye nabani na ukuba amenze ayeke ukuthanda abazalwana bakhe, uhamba ebumnyameni bokomoya yaye akazi apho aya khona.
QHUBEKANI ‘NIHAMBA ENYANISWENI’
UYohane uqala incwadi yakhe yesibini ngala mazwi: “Indoda enkulu, kwinenekazi elinyuliweyo nakubantwana balo.” Uthi uyavuyiswa kukufumanisa ukuba “abathile kubantwana [balo] bahamba enyanisweni.”—2 Yoh. 1, 4.
Emva kokubakhuthaza ukuba babe nothando, uYohane ubhala athi: “Oku koko luthetha kona uthando, ukuba siqhubeke sihamba ngokuvumelana nemiyalelo yakhe.” UYohane uphinde alumkise “ngabakhohlisi nabachasi-Kristu.”—2 Yoh. 5-7.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1, 13—Ngubani eli ‘nenekazi linyuliweyo’? Kusenokwenzeka ukuba uYohane ubhekisela kwibhinqa elithile elibizwa ngokuba nguKyria, gama elo ngesiGrike elithetha “inenekazi.” Okanye kusenokwenzeka ukuba wayesebenzisa isafobe ebhekisela kwibandla elithile ukuze adide abatshutshisi. Ukuba ke wayefuna ukudida abatshutshisi, mhlawumbi abantwana balo babebhekisela kumalungu elo bandla yaye “abantwana bodade [walo]” babebhekisela kumalungu elinye ibandla.
7—Kukuphi ‘ukuza’ kukaYesu athetha ngako uYohane apha, yaye abakhohlisi ‘abakuvumi’ ngayiphi indlela? Oku ‘kuza’ asikuko ukuza okungabonakaliyo kukaYesu kwixesha elizayo. Kodwa, kukuza kwakhe ekumzimba wenyama nokuthanjiswa kwakhe njengoKristu. (1 Yoh. 4:2) Abakhohlisi abakuvumi oku kuza kwakhe esenyameni. Mhlawumbi abavumi ukuba uYesu wakha waphila okanye bayayiphikisa into yokuba wathanjiswa ngomoya oyingcwele.
Oko Sikufundayo:
2, 4. Ukwazi kwethu ‘inyaniso’—iimfundiso zamaKristu eziseBhayibhileni xa zizonke—nokunamathela kuyo kubalulekile ukuze sisinde.—3 Yoh. 3, 4.
8-11. Ukuba asifuni ukuphulukana ‘nobubele obungasifanelanga, inceba noxolo oluvela kuThixo uBawo nakuYesu Kristu,’ nolwalamano lothando lwamanye amaKristu, simele ‘sizilumkele’ ngokomoya size sibaphephe abo ‘bangahlaliyo kwimfundiso kaKristu.’—2 Yoh. 3.
YIBANI “NGABASEBENZI ABANGAMADLELANE KUYO INYANISO”
Incwadi yesithathu kaYohane iya kumhlobo wakhe uGayo. Umbhalela athi: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.”—3 Yoh. 4.
UYohane uyamncoma uGayo ‘ngomsebenzi wokholo’ wokunceda abazalwana abatyeleleyo. Lo mpostile uthi: “Thina . . . simele sibamkele abantu abanjalo ngomoya wokubuk’ iindwendwe, ukuze sibe ngabasebenzi abangamadlelane kuyo inyaniso.”—3 Yoh. 5-8.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
11—Kutheni abanye besenza ububi? Ngenxa yokungomeleli enyanisweni, abanye abamboni uThixo ngeliso labo lengqondo. Kuba bengamboni ngokoqobo, benza izinto ngokungathi naye akababoni.—Hez. 9:9.
14—Ngoobani aba kuthiwa ‘ngabahlobo’? Igama elithi “abahlobo” apha alibhekiseli kwabo bangabahlobo abasenyongweni nje kuphela. UYohane ulisebenzisa ukuze abhekisele kumaKristu ngokubanzi.
Oko Sikufundayo:
4. Abantu abaqolileyo ngokomoya ebandleni bavuyiswa gqitha kukubona amalungu asematsha ‘ehamba enyanisweni.’ Abazali baba novuyo olungathethekiyo xa beye bakwazi ukunceda abantwana babo ukuba babe ngabakhonzi bakaYehova!
5-8. Abaveleli abahambahambayo, abathunywa bevangeli, abo basebenza kumakhaya aseBheteli okanye kwiiofisi zamasebe noovulindlela, baphakathi kwabo basebenza nzima ngenxa yokuthanda abazalwana babo noYehova. Ukholo lwabo lufanele luxeliswe yaye sifanele sibaxhase ngothando.
9-12. Sifanele sixelise umzekelo kaDemetriyo othembekileyo kungekhona lowo kaDiyotrefe owayelipholopholo nomhlebi.
“ZIGCINENI KUTHANDO LUKATHIXO”
UYude uchaza abo banyebelezela ebandleni ‘njengabambombozelayo, bekhalaza, behamba ngokweenkanuko zabo.’ “Bathetha ngokuzigwagwisa, bencoma abantu.”—Yude 4, 16.
AmaKristu anokumelana njani nempembelelo embi? UYude ubhala athi: “Zintanda, khumbulani amazwi aye athethwa ngaphambili ngabapostile beNkosi yethu uYesu Kristu.” Walek’ umsundulo ngelithi: “Zigcineni kuthando lukaThixo.”—Yude 17-21.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3, 4—Kwakutheni ukuze uYude abongoze amaKristu ukuba ‘alulwele nzima ukholo’? Kungenxa yokuba ‘abantu abangenabuthixo babethwethwela ebandleni.’ Aba bantu ‘babebujika ububele obungasifanelanga bukaThixo bube sisingxengxezo sehambo evakalala.’
20, 21—Thina ‘sinokuzigcina njani kuthando lukaThixo’? Oku sinokukwenza ngeendlela ezintathu: (1) ngokuzakha ‘kukholo olulolona lungcwele’ ngokulifunda ngokuzimisela iLizwi likaThixo size sikhuthale kumsebenzi wokushumayela; (2) ngokuthandaza ‘sinomoya oyingcwele,’ okanye ngokuvisisana nempembelelo yawo; (3) nangokuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu elisenza sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade.—Yoh. 3:16, 36.
Oko Sikufundayo:
5-7. Ngaba abantu abangendawo banokuwubaleka umgwebo kaYehova? Imizekelo emithathu esisilumkiso athetha ngayo uYude isinceda sibone ukuba oko akunakwenzeka.
8-10. Sifanele silandele umzekelo kaMikayeli isiphatha-zingelosi size sihlonele abo banikwe igunya nguThixo.
12. Abawexuki abazenza ngathi bayasithanda bayingozi kukholo lwethu kanye ngendlela amatye angaphantsi kwamanzi ayingozi ngayo kwiinqanawa okanye kwabo baqubhayo. Abafundisi bobuxoki basenokubonakala benesisa, kodwa bafana namafu angenamanzi kuba balambile ngokomoya. Abanaziqhamo kanye njengemithi efileyo ngasekupheleni kokwindla. Baza kutshatyalaliswa njengemithi esitshulwe neengcambu. Siya kuba silumkile ukuba siyabaphepha aba bawexuki.
22, 23. AmaKristu okwenyaniso akuthiyile okubi. Ngelokuzama ukusindisa “abathile abanamathandabuzo” kumlilo wentshabalalo kanaphakade, abo baqolileyo ebandleni—ingakumbi abaveleli abamiselweyo—bayabanceda ngokomoya.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Amanzi, umoya negazi ziyangqina ukuba “uYesu unguNyana kaThixo”