Qhubeka Uqinile Ngokungathi Uyambona Lowo Ungabonakaliyo!
“[UMoses] waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—HEBHERE 11:27.
1. Yiyiphi into ephawulekayo eyathethwa nguYesu ngoThixo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni?
UYEHOVA nguThixo ongabonakaliyo. Xa uMoses wacela ukubona uzuko Lwakhe, uYehova waphendula wathi: “Akunakububona ubuso bam, kuba akukho mntu unokundibona aze aphile.” (Eksodus 33:20) Yaye umpostile uYohane wabhala wathi: “Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18) Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, naye wayengenakumbona uThixo. Noko ke, kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abasulungekileyo entliziyweni, kuba baya kumbona uThixo.” (Mateyu 5:8) Wayethetha ukuthini uYesu?
2. Kutheni singenakumbona uThixo ngamehlo ethu enyama?
2 IZibhalo zichaza uYehova njengoMoya ongabonakaliyo. (Yohane 4:24; Kolose 1:15; 1 Timoti 1:17) Ngenxa yoko, uYesu wayengathethi ukuba thina bantu sinokumbona uYehova ngamehlo ethu enyama. Liyinyaniso elokuba, amaKristu athanjisiweyo aya kumbona uYehova uThixo ezulwini emva kokuba evusiwe njengezidalwa zomoya. Kodwa abantu “abasulungekileyo entliziyweni” nabanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni ‘banokumbona’ uThixo. Kunokwenzeka njani oku?
3. Abantu banokuziqonda njani ezinye zeempawu zikaThixo?
3 Sifunda okuthile ngoYehova xa siqwalasela ngenyameko izinto azidalileyo. Ngaloo ndlela, sinokuchukunyiswa ngamandla akhe size simgqale njengoThixo onguMdali. (Hebhere 11:3; ISityhilelo 4:11) Ngokuphathelele le nkalo, umpostile uPawulos wabhala esithi: “Iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.” (Roma 1:20) Ngoko amazwi kaYesu athetha ngokubona uThixo aquka ukukwazi ukuqonda ezinye zeempawu zikaYehova. Oko kumbona kusekelwe kulwazi oluchanileyo yaye kuqondwa ngokomoya ‘ngamehlo entliziyo.’ (Efese 1:18) Amazwi nezenzo zikaYesu zityhila okuninzi ngoThixo. Ngenxa yoko, uYesu wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:9) UYesu wabonakalisa ubuntu bukaYehova ngendlela egqibeleleyo. Ngaloo ndlela, ukwazi ubomi neemfundiso zikaYesu kunokusinceda ukuba sibone size siqonde iimpawu zikaThixo.
Ukuzixabisa Izinto Zokomoya Kubalulekile
4. Abantu abaninzi namhlanje bazibonakalisa njani ukuba abanankxalabo ngezinto zokomoya?
4 Namhlanje, ukholo nokuxabisa izinto zokomoya kunqabile kakhulu. UPawulos wathi: “Ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Abantu abaninzi bazibhokoxa ngokupheleleyo kusukelo lwabo lobuqu yaye abanalukholo kuThixo. Ihambo yabo yesono nokungazixhalabeli kwabo izinto zokomoya kuyabathintela ekubeni bambone ngamehlo abo engqondo, kuba umpostile uYohane wabhala: “Lowo wenza okubi akambonanga uThixo.” (3 Yohane 11) Ngenxa yokuba bengamboni uThixo ngamehlo abo enyama, abantu abanjalo benza ngathi akakuboni oko bakwenzayo. (Hezekile 9:9) Abazikhathalele izinto zokomoya, ngoko ke abanakukuzuza “ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:5) Ngoko ke, ngokufanelekileyo uPawulos wabhala: “Umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akanakuzazi, ngenxa yokuba zincinwa ngokomoya.”—1 Korinte 2:14.
5. Sisiphi isibakala esaziwa ngabantu abasoloko becinga ngezinto zokomoya?
5 Noko ke, ukuba sisoloko sicinga ngezinto zokomoya, siya kusoloko siyiqonda into yokuba nangona uYehova engengoThixo ohlaba amadlala, uyazi xa sisenza ngokuvisisana neengcinga kunye neminqweno engendawo. Eneneni, “iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.” (IMizekeliso 5:21) Ukuba isono sinokusongamela, sishukunyiselwa ukuba siguquke size sicele uxolo kuYehova ngenxa yokuba siyamthanda yaye asifuni kumenza buhlungu.—INdumiso 78:41; 130:3.
Yintoni Esenza Siqine?
6. Kuthetha ukuthini ukuqina?
6 Nangona singenakumbona uYehova, masisoloko sikhumbula ukuba yena uyasibona. Ukuqonda ukuba ukho nokweyiseka kukuba ukufuphi nabo bonke ababiza kuye kuya kusinceda ukuba siqine—somelele singabi nakushukuma sihlale sithembekile kuye. (INdumiso 145:18) Sinokuba njengoMoses, awathi uPawulos ngaye: “Ngokholo wayishiya iYiputa, kodwa engawoyiki umsindo wokumkani, kuba waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—Hebhere 11:27.
7, 8. Yintoni eyabangela ukuba uMoses abe nenkalipho yokuya kuFaro?
7 Ekuphumezeni uthumo awayelunikwe nguThixo ukuba akhokele amaSirayeli xa ayephuma ebukhobokeni baseYiputa, ngokufuthi uMoses wayesiya phambi koFaro owayekhohlakele, kwinkundla yasebukhosini eyayizele zizidwangube zonqulo nezomkhosi. Kusenokwenzeka ukuba, iindonga zasebhotwe zazizaliswe zizithixo. Kodwa uYehova, nangona wayengabonakali, wayengumntu wokwenene kuMoses, ngokungafaniyo nazo zonke ezo zithixo zazifanekisela oothixo baseYiputa ababezizigodo. Akumangalisi ke ngoko ukuba uMoses wayengamoyiki uFaro!
8 Ngubani owenza uMoses ukuba abe nenkalipho yokuya kuFaro ngokuphindaphindiweyo? IZibhalo zisixelela ukuba “indoda leyo inguMoses yayiyeyona ilulamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba.” (Numeri 12:3) Ngokucacileyo, ukomelela kwakhe ngokomoya nolweyiseko awayenalo lokuba uThixo wayenaye kwamnika uMoses amandla awayewafuna okuba amele “Lowo ungabonakaliyo” phambi kokumkani waseYiputa owayengenalusini. Ziziphi ezinye iindlela, namhlanje abathi abo ‘bambonayo’ babonakalise ngazo ukholo kuThixo ongabonakaliyo?
9. Yiyiphi enye indlela esinokwenza ngayo ukuze siqhubeke siqinile?
9 Enye indlela yokubonakalisa ukholo nokuqhubeka uqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo kukushumayela ngenkalipho nangona utshutshiswa. UYesu walumkisa abafundi bakhe wathi: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.” (Luka 21:17) Kwakhona wabaxelela oku: “Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Ngokuvisisana naloo mazwi kaYesu, kungekudala emva kokufa kwakhe, abalandeli bakhe batshutshiswa ngezisongelo, ngokubanjwa nangokubethwa. (IZenzo 4:1-3, 18-21; 5:17, 18, 40) Nangona babetshutshiswa, abapostile bakaYesu nabanye abafundi baqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo ngenkalipho.—IZenzo 4:29-31.
10. Intembelo esinayo ngenyameko nenkuselo kaYehova isinceda njani kubulungiseleli bethu?
10 NjengoMoses, abalandeli bakaYesu bokuqala abazange boyikiswe ziintshaba zabo ezininzi ababezibona. Abafundi bakaYesu babenokholo kuThixo, yaye ngenxa yoko, bakwazi ukunyamezela intshutshiso ekrakra. Ewe, baqhubeka bomelele ngokungathi bayambona Lowo ungabonakaliyo. Namhlanje, ukuhlala siyiphaphele inyameko nenkuselo kaYehova kusenza sikhaliphe, size sibe nesibindi, singoyiki xa sisenza umsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani. ILizwi likaThixo lithi “ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe, kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.” (IMizekeliso 29:25) Ngenxa yoko, asirhwaqeleli emva ngenxa yokoyika intshutshiso; singenazo neentloni ngobulungiseleli bethu. Ukholo lwethu lusishukumisela ukuba sinikele ubungqina ngenkalipho kubamelwane bethu, kwabo sisebenza nabo, kwabo sifunda nabo nakwabanye.—Roma 1:14-16.
Lowo Ungabonakaliyo Uyabalathisa Abantu Bakhe
11. Ngokutsho kukaPetros noYude, abanye ababenxulumana nebandla lamaKristu babonakalisa njani ukuba babelambatha ngokomoya?
11 Ukholo lusinceda ukuba sibone uYehova njengalowo walathisa intlangano yakhe yasemhlabeni. Ngaloo ndlela, siyakuphepha ukubagxeka abo banembopheleleko ebandleni. Umpostile uPetros noYude, umntakwabo Yesu ngonina, balumkisa ngabathile ababelambatha ngokomoya kangangokude batshabhise amadoda akhokelayo phakathi kwamaKristu. (2 Petros 2:9-12; Yude 8) Ngaba abo bagxeki ngebabethethe ngaloo ndlela phambi koYehova ukuba babembona ngokoqobo? Nakanye! Kodwa ngenxa yokuba uThixo engabonakali, loo madoda angabantu benyama asilela ukuqonda ukuba amele aziphendulele kuye.
12. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sisibonakalise kwabo bakhokelayo ebandleni?
12 Liyinyaniso elokuba, ibandla lamaKristu libunjwe ngabantu abangafezekanga. Abo bakhonza njengabadala benza iimpazamo, ezo maxa wambi, zisenokusichaphazela ngokobuqu. Sekunjalo, uYehova usebenzisa loo madoda njengabalusi bomhlambi wakhe. (1 Petros 5:1, 2) Amadoda namabhinqa okomoya ayaqonda ukuba le yenye indlela uYehova abalathisa ngayo abantu bakhe. Ngoko ke, njengamaKristu, siyakuphepha ukuba ngabagxekayo nabakhalazayo yaye sibonakalisa intlonelo ngamalungiselelo kaThixo okwalathisa abantu bakhe. Ngokuthobela abo bakhokelayo phakathi kwethu, sibonakalisa ukuba siyambona Lowo ungabonakaliyo.—Hebhere 13:17.
Ukubona UThixo NjengomYaleli Wethu Ozukileyo
13, 14. Kuthetha ntoni kuwe ukubona uYehova njengomYaleli Ozukileyo?
13 Kukho enye inkalo yokomoya esimele siyiqonde. UIsaya waprofeta esithi: “Namehlo akho amele abe ngamehlo abona umYaleli Ozukileyo wakho.” (Isaya 30:20) Kufuneka sibe nokholo ukuze siqonde ukuba uYehova usifundisa ngentlangano yakhe yasemhlabeni. (Mateyu 24:45-47) Ukubona uThixo njengomYaleli wethu Ozukileyo kuthetha okungakumbi kunokuba nemikhwa emihle yokufundisisa iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo. Kuthetha ukuwasebenzisa ngokuzeleyo amalungiselelo kaThixo okomoya. Ngokomzekelo, kufuneka sinikele ingqalelo engakumbi kukhokelo olunikelwa nguYehova ngoYesu ukuze singaphambuki ngokomoya.—Hebhere 2:1.
14 Maxa wambi, kufuneka senze umgudu okhethekileyo ukuze singenelwe ngokuzeleyo kukutya kokomoya. Ngokomzekelo, sisenokuba notyekelo lokukha phezulu xa sifunda iingxelo ezithile zeBhayibhile esifumanisa kunzima ukuziqonda. Xa sifunda iphephancwadi IMboniselo noVukani!, mhlawumbi sisenokungawafundi amanye amanqaku kuba singenamdla koko kuxutyushwayo kuwo. Okanye sisenokuvumela iingqondo zethu zibhadule xa sikwiintlanganiso zamaKristu. Noko ke, sisenokuhlala siphaphile ukuba sicingisisa ngenyameko ngeengongoma ekuthethwa ngazo. Uxabiso olunzulu esinalo ngemfundiso yokomoya esiyifumanayo lubonisa ukuba siyamqonda uYehova ukuba ungumYaleli wethu Ozukileyo.
Simele Siphendule
15. Ziziphi iindlela abaye benza ngazo abanye ngokungathi ababonwa nguYehova?
15 Ukuba nokholo kuLowo ungabonakaliyo kubalulekile, ingakumbi kweli ‘xesha lesiphelo,’ ngenxa yokuba ubungendawo buxhaphake kakhulu. (Daniyeli 12:4) Ukunganyaniseki nokuziphatha okubi ngokwesini kwandile. Kakade ke, kububulumko ukukhumbula ukuba uYehova uyazibona izinto esizenzayo kwanokuba abantu abasiboni. Bambi baye basilibala esi sibakala. Xa bengabonwa ngabanye, basenokubandakanyeka kwihambo engavumelaniyo nezibhalo. Ngokomzekelo, abanye abakhange basixhathise isilingo sokubukela izinto zokuzonwabisa eziyingozi nezingamanyala eziboniswa kwi-Internet, kumabonwakude nakwezinye izinto zobugcisa. Ekubeni ezo zinto bezenzela ekhusini, bambi baye benza ngokungathi uYehova akayiboni ihambo yabo.
16. Yintoni efanele isincede ukuze siphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova ephakamileyo?
16 Kuhle ukukhumbula amazwi kampostile uPawulos athi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.” (Roma 14:12) Simele siqonde ukuba ngalo lonke ixesha sisona, sona uYehova. Ukwazi oku kufanele kusincede senze ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe ephakamileyo size siphephe ihambo engacocekanga. IBhayibhile iyasikhumbuza: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe, kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Liyinyaniso elokuba, simele siphendule kuThixo, kodwa ngokuqinisekileyo esona sizathu siphambili sokuba senze ukuthanda kwakhe nesokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe yobulungisa, luthando olunzulu esinalo ngoYehova. Ngoko ke, masisebenzise ubulumko kwimibandela enjengokukhetha iindlela zokuzonwabisa nendlela esiziphatha ngayo nabantu besini esahlukileyo.
17. UYehova usiqwalasele enawuphi umdla kuthi?
17 UYehova unomdla onzulu kuthi, kodwa oko akuthethi kuthi ulindele ukuba senze iimpazamo ukuze asohlwaye. Kunoko, uyasiqwalasela ngenkxalabo enothando, njengobawo ofuna ukuvuza abantwana bakhe abathobelayo. Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uBawo wethu wasezulwini uyakholiswa lukholo lwethu yaye “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko”! (Hebhere 11:6) Ngamana singaba nokholo olupheleleyo kuYehova size ‘simkhonze ngentliziyo epheleleyo.’—1 Kronike 28:9.
18. Ngenxa yokuba uYehova esibona aze aphawule ukuthembeka kwethu, sisiphi isiqinisekiso esisifumana eZibhalweni?
18 IMizekeliso 15:3 ithi: “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.” Ewe, uThixo uyababona abantu ababi aze abaphathe ngokuvisisana nehambo yabo. Noko ke, ukuba siphakathi ‘kwabalungileyo,’ sinokuqiniseka ukuba uYehova uyazibona izenzo zethu zokuthembeka. Hayi indlela okomeleza ukholo ngayo ukwazi ukuba ‘ukusebenza kwethu akulolize eNkosini’ nokuba lowo ungabonakaliyo akayi ‘kuwulibala umsebenzi wethu nothando esilubonisayo ngegama lakhe.’—1 Korinte 15:58; Hebhere 6:10.
Ukucela UYehova Ukuba Asigocagoce
19. Ziziphi ezinye zeengenelo ezifumaneka ekubeni nokholo olomeleleyo kuYehova?
19 Njengabakhonzi bakaYehova abathembekileyo, sixabisekile kuye. (Mateyu 10:29-31) Nangona engabonakali, unokuba ngumntu wokwenene kuthi, yaye sinokubuxabisa ubuhlobo bethu naye. Ukuba neso simo sengqondo ngoBawo wethu osezulwini kusizisela iingenelo ezininzi. Ukholo lwethu olomeleleyo lusinceda ukuba sibe nentliziyo nesazela esicocekileyo phambi koYehova. Ukholo olungenaluhanahaniso luyasithintela ekuphileni ubomi obumbaxa. (1 Timoti 1:5, 18, 19) Ukholo lwethu olungagungqiyo kuThixo ngumzekelo omhle yaye kunokuba nempembelelo entle kwabo basingqongileyo. (1 Timoti 4:12) Ngaphezu koko, ukholo olunjalo lusenza sibe nehambo eyamkelekileyo kuThixo, yaye luvuyisa intliziyo kaYehova.—IMizekeliso 27:11.
20, 21. (a) Kutheni kuyinto enqwenelekayo ukwaluswa nguYehova? (b) Sinokuyisebenzisa njani kuthi INdumiso 139:23, 24?
20 Ukuba silumkile ngokwenene, siyakuvuyela ukwaluswa nguYehova. Asifuni nje ukuba asibone kodwa sinomnqweno wokuba agocagoce iingcinga nezenzo zethu. Xa sithandaza, senza kakuhle xa sicela uYehova ukuba asigocagoce aze abone enoba asinalutyekelo olungafanelekanga kusini na. Ngokuqinisekileyo unokusinceda sihlangabezane neengxaki zethu size senze naluphi na uhlengahlengiso oluyimfuneko. Ngokufanelekileyo, umdumisi uDavide wavuma ingoma ethi: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.”—INdumiso 139:23, 24.
21 UDavide wabongoza uYehova ukuba amgocagoce ukuze abone enoba akukho ‘ndlela yobubi’ kusini na kuye. Njengomdumisi, ngaba asikulangazeleli ukuba uThixo agocagoce iintliziyo zethu aze abone enoba asinantshukumisa zingafanelekanga kusini na? Ngoko ke, ngokholo, masicele uYehova ukuba asigocagoce. Kodwa kuthekani ukuba sixhalabile ngenxa yesiphoso esithile okanye kukho nto ithile esikhathazayo? Ngoko ke, masiqhubeke sithandaza ngokunyanisekileyo kuThixo wethu onothando, uYehova, size sizithobe kulwalathiso lomoya wakhe oyingcwele nakwisiluleko esiseLizwini lakhe. Sinokuba nentembelo yokuba uya kusinceda sisukele ikhondo eliya kukhokelela kubomi obungunaphakade.—INdumiso 40:11-13.
22. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza ngokuphathelele Lowo ungabonakaliyo?
22 Ewe, uYehova uya kusisikelela ngobomi obungunaphakade ukuba senza ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. Kakade ke, simele siwaqonde amandla akhe negunya lakhe, nanjengoko umpostile uPawulos wenzayo xa wabhala esithi: “Kuye uKumkani kanaphakade, ongenakonakala, nongabonakaliyo, uThixo okuphela kwakhe, makubekho imbeko nozuko ngonaphakade kanaphakade. Amen.” (1 Timoti 1:17) Ngamana singasoloko sibonakalisa uloyiko olunjalo ngoYehova, olusuk’ entliziyweni. Yaye nokuba sekumnyam’ entla masingaze sigungqe kuzimiselo lwethu lokuqhubeka siqinile ngokungathi siyambona Lowo ungabonakaliyo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kunokwenzeka njani ukuba abantu babone uThixo?
• Ukuba uYehova ungumntu wokwenene kuthi, yintoni esiya kuyenza xa sitshutshiswa?
• Kuthetha ukuthini ukubona uYehova njengomYaleli wethu Ozukileyo?
• Kutheni sifanele sinqwenele ukuba uYehova asigocagoce?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UMoses, akazange amoyike uFaro, wenza ngokungathi uyambona uYehova, uThixo ongabonakaliyo
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Masingaze senze ngokungathi uYehova akanako ukukubona oko sikwenzayo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Silufuna ngenyameko ulwazi ngoThixo ngenxa yokuba siyambona njengomYaleli wethu Ozukileyo