Eyokuqala KuTimoti
1 Mna Pawulos, ongumpostile kaKristu Yesu ngokomyalelo kaThixo uMsindisi wethu noKristu Yesu, olithemba lethu,+ 2 ndibhalela uTimoti,*+ unyana wam wenene+ endikholwa naye:
Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi yethu uYesu Kristu, bangakwenzela ububele,* bakwenzele inceba, bakunike noxolo.
3 Njengokuba ndakucela ukuba uhlale e-Efese xa ndandiza kuya eMakedoni, nangoku ndisakucela ukuba uhlale, ukuze uyalele abanye apho ukuba bayeke ukuza nemfundiso eyahlukileyo, 4 bangamameli amabali obuxoki+ nokuphanda ngeminombo yokuzalwa. Ezi zinto azincedi nganto+ ibe zivusa nje iingxoxo ezingayi ndawo, nezingenanto yakwenza neemfundiso zikaThixo ezomeleza ukholo. 5 Esona sizathu sokuba ndikhuphe lo myalelo sesokuba kufuneka sithandane+ ngentliziyo emsulwa, ngesazela esilungileyo, sinokholo+ olungenaluhanahaniso.* 6 Abanye abantu khange bazihoye ezi zinto, baza baphela sebethetha izinto ezingancedi nganto.+ 7 Bafuna ukuba ngabafundisi+ bomthetho, kodwa abaziqondi izinto abathetha ngazo okanye iimfundiso abazinyanzelisa ebantwini.
8 Kodwa thina siyazi ukuba umthetho ulungile xa usetyenziswa ngendlela efanelekileyo, 9 siyazi ukuba awenzelwanga abantu abangamalungisa, kodwa wenzelwe abantu abangenamthetho+ nabangathobeliyo, abenza izinto ezingafunwayo nguThixo nabangaboni, abangathembekanga nabadelela izinto ezingcwele, ababulala ootata noomama babo, nabo babulala abanye abantu, 10 abantu abaziphethe kakubi ngesondo,* amadoda alalanayo, abaqweqwedisi, amaxoki, abantu abafunga bexoka, nayo yonke enye into engavumelaniyo nemfundiso ephilileyo*+ 11 engeendaba ezilungileyo nezizukileyo zoThixo owonwabileyo, endizithunyiweyo.+
12 Ndiyambulela uKristu Yesu iNkosi yethu, owandipha amandla, kuba wandithemba waza wandinika umsebenzi ongcwele,+ 13 nangona ndandikade ndidelela uThixo, nditshutshisa abantu bakhe.+ Kodwa ke ndaye ndenzelwa inceba, kuba ndandisenza izinto ngokungazi, ibe ndingenalukholo. 14 Kodwa iNkosi yethu yandenzela ububele obungathethekiyo,* ndafumana ukholo nothando kuKristu Yesu. 15 UKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.+ Le nto ndiyithethayo ithembekile, ibe abantu bamele bayamkele ngokupheleleyo. Mna ke ndingoyena moni ubodlula bonke.+ 16 Kodwa ke, ndenzelwa inceba ukuze ndibe ngumzekelo wendlela uKristu Yesu anomonde ngayo, baze babone kum abo baza kukholwa kuye ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.+
17 UKumkani kanaphakade,+ ongenakonakala,+ nongabonakaliyo,+ nonguThixo yedwa,+ makanikwe imbeko aze azukiswe ngonaphakade kanaphakade. Amen.
18 Timoti nyana wam, ndikunika lo myalelo ngokwamazwi awayethethwe ngabaprofeti ngawe, la mazwi aza kukunceda uqhubeke usilwa imfazwe yobulungisa,+ 19 ubambelele elukholweni uze ube nesazela esihle+ abaye basilahla abanye, baza baphukelwa yinqanawa yokholo. 20 Abanye babo bantu nguHimenayo+ noAleksandire, ibe ndibanikele kuSathana,+ ukuze baqeqeshwe bayeke ukudelela uThixo.