UYehova Utyhila “Izinto Ezimele Zenzeke Kamsinya”
“Isityhilelo ngoYesu Kristu, uThixo awamnika sona, ukuba abonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kamsinya”—ISITYHI. 1:1.
UNOKUPHENDULA UTHINI?
Ziziphi iinxalenye zomfanekiso omkhulu ezifuzisela iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika?
UYohane ukubonisa njani ukunxulumana phakathi kweGunya Lehlabathi LamaNgesi namaMerika kwakunye neZizwe Ezimanyeneyo?
UDaniyeli noYohane bakuchaza njani ukuphela kolawulo lwabantu?
1, 2. (a) Iziprofeto zikaDaniyeli noYohane zisivumela ukuba senze ntoni? (b) Iintloko ezintandathu zokuqala zerhamncwa zimela ntoni?
IZIPROFETO zikaDaniyeli nezikaYohane zingqamana ngendlela esinceda siqonde intsingiselo yeziganeko ezininzi zehlabathi ezenzeka ngoku nezexesha elizayo. Sinokufunda ntoni xa sithelekisa umbono kaYohane werhamncwa, ingxelo kaDaniyeli ephathelele irhamncwa eloyikekayo elaba neempondo ezilishumi kwanendlela uDaniyeli awuchaza ngayo umfanekiso omkhulu? Yaye ukuziqonda kwethu ngokucacileyo ezo ziprofeto kusinceda senze ntoni?
2 Makhe sithethe ngombono kaYohane werhamncwa. (ISityhi., isahlu. 13) Njengoko sifundile kwinqaku elingaphambi kweli, iintloko ezintandathu zerhamncwa zimela iYiputa, iAsiriya, iBhabhiloni, amaMedi namaPersi, iGrisi kwakunye neRoma. Onke loo magunya ayithiya imbewu yomfazi. (Gen. 3:15) Intloko yesithandathu, eyiRoma yaqhubeka iligunya lezopolitiko elilawulayo kangangeenkulungwane emva kokuba uYohane ebhale umbono wakhe. Ekugqibeleni kwakuza kubakho intloko yesixhenxe, eya kungena ezihlangwini zeRoma. Yayililiphi elo gunya lezopolitiko, yaye laliza kuyiphatha njani imbewu yomfazi?
IBRITANI NEUNITED STATES ZIBA NEGUNYA
3. Limela ntoni irhamncwa eloyikekayo elineempondo ezilishumi, yaye zifuzisela ntoni iimpondo ezilishumi?
3 Ukuze siqonde intloko yesixhenxe yerhamncwa leSityhilelo isahluko 13, simele sithelekise umbono kaYohane nalowo kaDaniyeli werhamncwa eloyikekayo elineempondo ezilishumi.a (Funda uDaniyeli 7:7, 8, 23, 24.) Irhamncwa elabonwa nguDaniyeli lalimela iGunya Lehlabathi lamaRoma. (Sicela ufunde isicangca esikwiphepha 12-13.) Ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uBukhosi baseRoma baqalisa ukuqhekeka. Iimpondo ezilishumi eziphuma kwintloko yelo rhamncwa loyikekayo zimela izikumkani ezaphuma kobo bukhosi.
4, 5. (a) Lwenza ntoni uphondo oluncinane? (b) Imela ntoni intloko yesixhenxe yerhamncwa?
4 Ezine kwezi mpondo, okanye izikumkani, ezaphuma kwintloko yerhamncwa elinoburhalarhume zikhankanywa ngokukhethekileyo. Ezintathu kuzo zincothulwa lolunye uphondo, “oluncinane.” Oku kwazaliseka xa iBritani eyayisakuba lithanga loBukhosi baseRoma, yaqalisa ukuduma. Kwada kwayinkulungwane ye-17, iBritani ingekadumi kangako. Eminye imimandla emithathu yoBukhosi obudala baseRoma—iSpeyin, iNetherlands, neFransi—zazinempembelelo emandla. IBritani yawancothula ngamanye lo magunya, iwasusa kwizigxina zawo zodumo. Phakathi kwinkulungwane ye-18 iBritani yayisele isondela ekubeni idume ehlabathini. Kodwa yayingekabi yiyo intloko yesixhenxe yerhamncwa.
5 Nangona iBritani yafumana igunya, amathanga akuMntla Merika azahlula kuyo. Sekunjalo, iUnited States yavunyelwa ukuba ikhule, ikhuselwe yimikhosi enamandla yaselwandle yaseBritani. Ngexesha lokuqalisa kwemini yeNkosi ngowe-1914, iBritani yayisele yakhe ubukhosi obukhulu nobunamandla embalini kanti yona iUnited States yayisele inkqenkqeza phambili kwezemveliso emhlabeni.b NgeMfazwe Yehlabathi I, iUnited States yakha ubudlelane obukhethekileyo neBritani. Intloko yesixhenxe yerhamncwa yayisele iliGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Le ntloko yayiphatha njani imbewu yomfazi?
6. Intloko yesixhenxe yabaphatha njani abantu bakaThixo?
6 Akuzange kube kudala emva kokuqala kwemini yeNkosi, intloko yesixhenxe yahlasela abantu bakaThixo—abazalwana bakaKristu abasaseleyo emhlabeni. (Mat. 25:40) UYesu wachaza ukuba ebudeni bobukho bakhe, intsalela yembewu iya kube ixakekile emhlabeni. (Mat. 24:45-47; Gal. 3:26-29) IGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika lalwa nabo bangcwele. (ISityhi. 13:3, 7) NgeMfazwe Yehlabathi I, lacinezela abantu bakaThixo, lazivakalisa njengezingekho mthethweni ezinye iimpapasho zabo, laza labaphosa entolongweni abameli bodidi lwekhoboka. Intloko yesixhenxe yerhamncwa yawubulala okwethutyana umsebenzi wokushumayela. UYehova wasibona esi siganeko simangalisayo waza wasityhilela uYohane. Kwakhona uThixo waxelela uYohane ukuba inxalenye yesibini yembewu iza kuvuselelwa ize ithi chatha ekuphumezeni umsebenzi wakhe. (ISityhi. 11:3, 7-11) Imbali yabakhonzi bakaYehova bale mihla iyasiqinisekisa isibakala sokuba ezo ziganeko zenzeka.
IGUNYA LEHLABATHI LAMANGESI NAMAMERIKA NEENYAWO ZENTSIMBI NODONGWE
7. Inxibelelene njani intloko yesixhenxe yerhamncwa nomfanekiso omkhulu?
7 Inxibelelene njani intloko yesixhenxe yerhamncwa nomfanekiso omkhulu? IBritani—kwakunye neUnited States—zaphuma kuBukhosi baseRoma. Noko ke, kuthekani ngeenyawo zomfanekiso? Zichazwa njengomxube wentsimbi nodongwe. (Funda uDaniyeli 2:41-43.) Le nkcazelo ingqamana nexesha lokuduma kwentloko yesixhenxe, eliGunya Lehlabathi LamaNgesi namaMerika. Kanye njengokuba intsimbi exutywe nodongwe ithambile kunentsimbi engadityaniswanga nanto, neGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika libuthathaka kunelo laliphuma kulo. Kwenzeka njani oko?
8, 9. (a) Igunya lesixhenxe lehlabathi lawabonisa njani amandla afana nentsimbi? (b) Udongwe olusezinyaweni zomfanekiso lumela ntoni?
8 Maxa wambi, intloko yesixhenxe yerhamncwa iye yaba neempawu zentsimbi. Ngokomzekelo, yazingqina inamandla ngokoyisa kwiMfazwe Yehlabathi I. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, kwazicacela ukomelela njengentsimbi kwegunya lesixhenxe.c Emva kwaloo mfazwe, maxa wambi intloko yesixhenxe iye yabonisa iimpawu ezifana nentsimbi. Noko ke, kwasekuqaleni le ntsimbi iye yaxutywa nodongwe.
9 Kudala abakhonzi bakaYehova bezama ukuqonda intsingiselo efuziselayo yeenyawo zomfanekiso. UDaniyeli 2:41 uchaza umxube wentsimbi nodongwe ‘njengobukumkani’ obunye, kungekhona izikumkani ezininzi. Ngenxa yoko, udongwe lumela izinto eziphembelela iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika, zinto ezo ezilenza libe buthathaka kunentsimbi eyomeleleyo yoBukhosi bamaRoma. Udongwe luchazwa ‘njengenzala yoluntu,’ okanye abantu abaqhelekileyo. (Dan. 2:43) KwiGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika, abantu baye bawamela ngenyawo amalungelo abo besebenzisa amaphulo okulwela amalungelo abantu, imibutho yabasebenzi nemibutho yenkululeko. Abantu abaqhelekileyo bayayithandabuza into yokuba iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika alinakukwazi ukusebenzisa amandla afana nentsimbi. Kwakhona, iingcamango ezibethabethanayo nokungafumani isininzi kwiziphumo zonyulo, ziye zazenza zabuthathaka iinkokeli ezidumileyo, nto leyo ezenze azakwazi ukubeka imithetho yazo. Isiprofeto sikaDaniyeli sithi: “Ubukumkani ngokuyinxenye buya komelela kwaye ngokuyinxenye buya kuba ethe-ethe.”—Dan. 2:42; 2 Tim. 3:1-3.
10, 11. (a) Kuza kwenzeka ntoni ‘ezinyaweni’? (b) Sinokugqiba kwelithini ngenani leenzwane?
10 Ngenkulungwane yama-21, iBritani neUnited States ziye zaqhubeka nobudlelane bazo obukhethekileyo, zibandakanyeke zombini kwimicimbi yehlabathi. Iziprofeto eziphathelele umfanekiso omkhulu nerhamncwa zibethelela ukuba iGunya Lehlabathi LamaNgesi namaMerika alisayi kuthathelwa indawo lelinye igunya lehlabathi. Eli gunya lokugqibela lisenokuba buthathaka kunelo linemilenze yentsimbi, kodwa alisayi kuzahlula ngokwalo.
11 Ngaba inani leenzwane zalo mfanekiso linentsingiselo ekhethekileyo? Khawucinge ngoku: Kweminye imibono, uDaniyeli ukhankanya amanani athile—ngokomzekelo, inani leempondo ezikwiintloko zamarhamncwa awahlukahlukeneyo. Loo manani abalulekile. Noko ke, xa echaza lo mfanekiso, uDaniyeli akathethi nto ngenani leenzwane. Ngenxa yoko, eli nani libonakala lingabalulekanga kunesibakala sokuba lo mfanekiso uneengalo, izandla, iminwe, imilenze neenyawo. UDaniyeli uchaza ngokuthe ngqo ukuba iinzwane ziza kubunjwa ngentsimbi nodongwe. Ngokusuka kwinkcazelo yakhe, sinokugqiba kwelokuba liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika eliya kuba lilawula xa “ilitye” elimela uBukumkani bukaThixo libetha iinyawo zalo mfanekiso.—Dan. 2:45.
AMANGESI NAMAMERIKA NERHAMNCWA ELINEEMPONDO EZIMBINI
12, 13. Limela ntoni irhamncwa elineempondo ezimbini, yaye lenza ntoni?
12 Nangona iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika lingumxube wentsimbi nodongwe, umbono uYesu awawunika uYohane ubonisa ukuba eli gunya liya kuqhubeka linendima ebalulekileyo kule mihla yokugqibela. Kutheni kunjalo? UYohane wabona umbono werhamncwa elineempondo ezimbini elalithetha njengenamba. Lalimela ntoni eli rhamncwa lingaqhelekanga? Lineempondo ezimbini, ngoko ligunya elintlu-mbini. UYohane uphinda abone iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika kodwa ngoku liphumeza injongo ekhethekileyo.—Funda iSityhilelo 13:11-15.
13 Eli rhamncwa likhuthaza ukwenziwa komfanekiso werhamncwa. UYohane wabhala wathi umfanekiso werhamncwa uya kubonakala, uphinde ungabonakali uze uvele kwakhona. Kwenzeka loo nto kanye kwintlangano eyayikhuthazwa yiBritani neUnited States, leyo yayinenjongo yokumanyanisa nokumela izikumkani zehlabathi.d Le ntlangano yavela emva kweMfazwe Yehlabathi I yaye yayibizwa ngokuba luManyano Lwezizwe. Yanyamalala ekuqaleni kweMfazwe Yehlabathi II. Ebudeni baloo mfazwe, abantu bakaThixo bavakalisa ukuba, ngokuvisisana nesiprofeto esikwiSityhilelo, umfanekiso werhamncwa uza kuphinda uvele. Yaye waphinda wavela—njengeZizwe Ezimanyeneyo.—ISityhi. 17:8.
14. Umfanekiso werhamncwa ‘ungukumkani wesibhozo’ ngayiphi ingqiqo?
14 UYohane wachaza umfanekiso werhamncwa ‘njengokumkani wesibhozo.’ Ngayiphi ingqiqo? Awuboniswa njengentloko yesibhozo yerhamncwa lokuqala. Ngumfanekiso nje welo rhamncwa. Nawaphi na amandla elinawo avela kumazwe angamalungu alo, ingakumbi oyena mxhasi walo uphambili, iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. (ISityhi. 17:10, 11) Kodwa lifumana igunya elifana nelikakumkani lokuphumeza indima ethile, leyo ebangela ukuba kubekho udederhu lweziganeko eziya kutshintsha imbali.
UMFANEKISO WERHAMNCWA UYALIQWENGA IHENYUKAZI
15, 16. Yintoni efuziselwa lihenyukazi yaye kwenzeke ntoni kwindlela ebelixhaswa ngayo?
15 UYohane uthi ihenyukazi lokomfuziselo likhwele phezu kwerhamncwa elimbala ungqombela yaye liyalilawula. Eli henyukazi libhalwe igama elithi, “iBhabhiloni Enkulu.” (ISityhi. 17:1-6) Kufanelekile ukuba eli henyukazi limele lonke unqulo lobuxoki, ingakumbi iicawa zeNgqobhoko. Iintlangano zonqulo ziye zawusikelela lo mfanekiso werhamncwa yaye ziye zazama ukuwuphembelela.
16 Noko ke, ebudeni bemini yeNkosi, iBhabhiloni Enkulu iye yabona amanzi, angabantu abayixhasayo, esoma ngokukhawuleza. (ISityhi. 16:12; 17:15) Ngokomzekelo, ukuqala kokuvela komfanekiso werhamncwa, icawa zeNgqobhoko—icandelo leBhabhiloni Enkulu elinempembelelo gqitha—zaziphethe kumazwe aseNtshona. Namhlanje, iicawa nabefundisi bazo abasahlonelwa yaye abasaxhaswa ngabantu. Eneneni, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba unqulo lunegalelo yaye lungunobangela weengxwabangxwaba. Izifundiswa zamazwe aseNtshona ezithetha phandle nezingoophuma-silwe zifuna ukuba unqulo lungabi nampembelelo ebantwini.
17. Yintoni eza kwenzeka kungekudala kunqulo lobuxoki, yaye ngoba?
17 Noko ke, unqulo lobuxoki alunakusuka luthi shwaka nje. Ihenyukazi liya kuqhubeka linempembelelo enamandla, lizama ukubangela ookumkani ukuba benze ukuthanda kwalo de uThixo afake ingcamango kwiintliziyo zabo banegunya (Funda iSityhilelo 17:16, 17.) Kungekudala uYehova uya kubangela abezopolitiko benkqubo kaSathana, njengoko bemelwa ziZizwe Ezimanyeneyo, ukuba bahlasele unqulo lobuxoki. Baya kuyitshayela impembelelo olunayo baze baphange ubutyebi balo. Into enjalo ibibonakala ingenakwenzeka kwisithuba senkulungwane eyadlulayo. Namhlanje ihenyukazi liyagungqa kumqolo werhamncwa elimfusa. Sekunjalo, alisayi kuthatha ixesha elide ngaphambi kokutyibilika kwindawo elihleli kuyo. Liza kuwa kabuhlungu ngokukhawuleza.—ISityhi. 18:7, 8, 15-19.
AMARHAMNCWA AFIKELELA ESIPHELWENI
18. (a) Liza kwenza ntoni irhamncwa, yaye oko kuya kuphumela entwenini? (b) UDaniyeli 2:44 uthi uBukumkani bukaThixo buya kutshabalalisa ziphi izikumkani? (Sicela ufunde ibhokisi ekwiphepha 17.)
18 Emva kokutshatyalaliswa konqulo lobuxoki, irhamncwa, eliyinkqubo kaSathana yasemhlabeni yezopolitiko liya kufunzwa ukuba lihlasele uBukumkani bukaThixo. Njengoko beya kuba bengakwazi ukufikelela ezulwini, ookumkani bomhlaba baya kukhuphela umsindo wabo kwabo basemhlabeni baxhasa uBukumkani bukaThixo. Imiphumo yoko ayinakuphepheka. (ISityhi. 16:13-16; 17:12-14) UDaniyeli uchaza enye inkalo yedabi lokugqibela. (Funda uDaniyeli 2:44.) Kuya kutshatyalaliswa irhamncwa ekuthethwa ngalo kwiSityhilelo 13:1, umfanekiso walo, kwakunye nerhamncwa elineempondo ezimbini.
19. Sinokuqiniseka ngantoni, yaye ngoku lixesha lokwenza ntoni?
19 Siphila kwimihla yentloko yesixhenxe. Akukho zintloko zingakumbi ziya kuvela kweli rhamncwa ngaphambi kokuba litshatyalaliswe. IGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika liya kuba lilawula xa kutshayelwa unqulo lobuxoki. Kuye kwazaliseka nezona nkcukacha zincinane zeziprofeto zikaDaniyeli nezikaYohane. Sinokuqiniseka ukuba ukutshatyalaliswa konqulo lobuxoki nedabi leArmagedon ziya kufika kungekudala. UThixo uye wazityhila kwangaphambili ezi nkcukacha. Ngaba siya kuzithobela izilumkiso zabaprofeti? (2 Pet. 1:19) Ngoku lixesha lokuma noYehova nokuxhasa uBukumkani bakhe.—ISityhi. 14:6, 7.
[Imibhalo esemazantsi]
a EBhayibhileni, ishumi lidla ngokufuzisela iqela elipheleleyo—kule imeko, zonke izikumkani ezaphuma kuBukhosi baseRoma.
b Nangona iinxalenye zeli gunya lehlabathi lintlu-mbini ziye zakho ukususela ngenkulungwane ye-18, uYohane uzichaza ngokungathi ziza kuvela ekuqaleni kwemini yeNkosi. Eneneni, imibono echazwe kwiSityhilelo izaliseka ebudeni ‘bemini yeNkosi.’ (ISityhi. 1:10) Kwathi ngeMfazwe Yehlabathi I le ntloko yesixhenxe yaqalisa ukusebenza njengegunya lehlabathi elimanyeneyo.
c UDaniyeli wayibona kusengaphambili indlela lo kumkani awayeza kuzisa ngayo intshabalalo eyoyikekayo kuloo mfazwe xa wabhala wathi: “Uya kwenza umonakalo omkhulu.” (Dan. 8:24) Ngokomzekelo, iUnited States yenza umonakalo ongathethekiyo xa yaphosa izixhobo ezibini zeathom kutshaba lweli gunya lintlu-mbini.
d Sicela ufunde incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! iphepha 240, 241, 253.
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
NGOOBANI ABABUMBA “ZONKE EZI ZIKUMKANI”?
Isiprofeto esikuDaniyeli 2:44 sithi uBukumkani bukaThixo “buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani.” Eso siprofeto sibhekisela kuphela kwizikumkani ezimelwa ziinxalenye ezahlukahlukeneyo zalo mfanekiso.
Kuthekani ngabo bonke abanye oorhulumente babantu? Isiprofeto esivumelana naso kwiSityhilelo sisichazela okungakumbi. Sibonisa ukuba ‘ookumkani bomhlaba omiweyo uphela’ baya kuhlanganisana nxamnye noYehova ‘ngemini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhi. 16:14; 19:19-21) Ngenxa yoko, asizozikumkani zomfanekiso kuphela eziza kutshatyalaliswa kodwa nabanye oorhulumente babantu baya kutshatyalaliswa eArmagedon.