Khangela! Ukukhanya Kungummangaliso!
UKUBA wakha wafathula ebumnyameni, uyayazi indlela ekunzima ngayo ukuhamba ebumnyameni. Kutsho kuthi qabu wakuvela ekukhanyeni. Mhlawumbi ukhe wakwimeko enokufaniswa nobumnyama. Mhlawumbi loo meko yayibangelwa kukuba wawungenaso isicombululo sengxaki ethile owawunayo. Kodwa kwaya kukhanya—njengoko wawusibona isicombululo. Ukufumana isicombululo sengxaki elolo hlobo ngamava achulumancisayo.
Kwinkulungwane yokuqala, inkoliso yabantu yayisebumnyameni ngokomoya. Ethetha nabo babeshiye iinkolelo zabo baza babangamaKristu, umpostile uPetros wathi: ‘[UThixo] wanibiza ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.’ (1 Petros 2:9) Babengathi, baphume entsunguzini yobumnyama bangena ekukhanyeni. Kwakhona kunokufaniswa nokuba likheswa elingenathemba suka uzibone sele ulilungu lentsapho elinekamva eliqaqambileyo.—Efese 2:1, 12.
“Walushiya Uthando Owawunalo Kuqala”
AmaKristu enkulungwane yokuqala ayifumana “inyaniso”—ukholo lwamaKristu okwenyaniso. (Yohane 18:37) Akubona ukukhanya okuqaqambileyo kwenyaniso aza abushiya ubumnyama bokomoya angena ekukhanyeni. Noko ke, njengokuba ixesha lihamba, ihlombe nenzondelelo awayenayo ekuqaleni amanye amaKristu yetha. Ngokomzekelo, ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, kwabakho ingxaki enzulu kwibandla lase-Efese. UYesu Kristu, ovusiweyo wachaza isizekabani wathi: “Ndinale nto ngakuwe, yokuba uye walushiya uthando owawunalo kuqala. Ngoko ke khumbula apho uwe usuka khona, uze uguquke wenze izenzo zangaphambili.” (ISityhilelo 2:4, 5) AmaKristu ase-Efese kwakufuneka avuselele indlela awayemthanda ngayo uThixo nenyaniso.
Kuthekani ngathi? Nathi siye sanandipha uvuyo lokubona ukukhanya, kokwazi inyaniso emangalisayo yeLizwi likaThixo. Ngoku siyayithanda inyaniso. Kodwa iingxaki ezithwaxa uluntu zinokukuthothisa oko kuyithanda kwethu. Ukongezelela koku kukho neengxaki zale “mihla yokugqibela.” Siphila kwihlabathi ‘lamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’—ihlabathi elizaliswe ngabantu ‘abazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga.’ (2 Timoti 3:1, 2) Impembelelo yabo inokuyethisa inzondelelo yethu ize ibangele ukuba luphole uthando lwethu ngoYehova.
Ukuba siphulukene nothando esasinalo ekuqaleni, simele ‘sikhumbule apho siwe sisuka khona, size siguquke.’ Kufuneka sibuyele kwimeko yokomoya yangaphambili. Ngaphezu koko, kufuneka singavumi ukuba lwethe uthando lwethu ngenyaniso. Kubaluleke gqitha ukuba sonke silondoloze isimo sengqondo esihle nesikhuthazayo size sigcine uthando lwethu ngoThixo nenyaniso luvutha.
‘Inyaniso Esikhululayo’
Ukukhanya kwenyaniso yeZibhalo kuyamangalisa kuba iBhayibhile iphendula imibuzo entsonkothileyo eye yadida uluntu kangangamawaka eminyaka. Eminye yaloo mibuzo yile: Kutheni silapha nje? Iyintoni injongo yobomi? Kutheni kukho ubungendawo nje? Ngaba bukho ubomi emva kokufa? UYehova uye wasikhanyisela ngeemfundiso ezimangalisayo zenyaniso. Ngaba asimele sibe nombulelo ongazenziyo ngoku? Ngamana singangaze sikuthabathe lula oko sikufundileyo.
UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Intlawulelo yedini likaYesu iye yasikhulula esonweni nasekufeni. Kodwa le nyaniso ixabisekileyo iye yasikhulula ekungazini nakwizinto ezenzeka kwihlabathi eligutyungelwe bubumnyama. Ukucamngca ngezinto esizifundileyo kuya kusomeleza simthande ngakumbi uYehova neLizwi lakhe.
Xa wayebhalela amaKristu aseTesalonika, umpostile uPawulos wathi: “Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, nalamkela, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo, elisebenzayo kuni makholwa.” (1 Tesalonika 2:13) AmaTesalonika aliva aza ‘alamkela ngovuyo ilizwi [likaThixo].’ Ayengasekho ‘ebumnyameni.’ Kunoko aba “ngoonyana bokukhanya.” (1 Tesalonika 1:4-7; 5:4, 5) Loo maKristu afunda ukuba uYehova unguMdali nokuba ungusomandla, ulumkile, unothando kwaye unenceba. Njengabanye abalandeli bakaKristu, afunda ukuba uYehova walungiselela ukuba zicinywe izono zawo ngentlawulelo yedini loNyana wakhe, uYesu Kristu.—IZenzo 3:19-21.
Nangona amaTesalonika ayengazi yonke into ngenyaniso, kodwa ayesazi ukuba amele alufune phi ulwazi. IZibhalo eziphefumlelweyo zinokumenza umntu kaThixo “awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) AmaKristu aseTesalonika ayenokuqhubeka efunda, aze ahlale enandipha ukukhanya okungumangaliso okuvela kuThixo. Ayenesizathu sokuvuya ngamaxesha onke. (1 Tesalonika 5:16) Oko kunjalo nangathi.
Ukukhanya Kwindlela Yethu
Echaza isizathu sokuba ukukhanya kumangalisa, umdumisi wathi: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.” (INdumiso 119:105) Ukhokelo esilufumana eLizwini likaThixo lunokusinceda sityeneneze umendo wethu ukuze siphile ubomi obunenjongo. Akufuneki sifane nenqanawa ezikayo. Ukuyazi size siphile ngayo inyaniso yeBhayibhile kuyasikhusela ‘singakhukuliswa ngamaza yaye siphetshethwe yiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi.’—Efese 4:14.
IBhayibhile ithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso. Unoyolo lowo unoncedo olunguThixo kaYakobi, othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe.” (INdumiso 146:3, 5) Ukongezelela, ukuthembela kwethu ngoYehova kuyasinceda soyise uloyiko nexhala. Umpostile uPawulos wathi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ukukhokelwa kukukhanya kweLizwi likaThixo kuya kusinceda.
Khanyani Njengezikhanyiso Ehlabathini
Esinye isizathu esenza ukukhanya okuvela eLizwini likaThixo kumangalise kukuba kuvula ucango kwesona sabelo siphakamileyo esinokufunyanwa ngabantu. UYesu wayalela abalandeli bakhe wathi: “Hambani . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona. Yaye, khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” Watshayelela lo myalelo ngokuthi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.”—Mateyu 28:18-20.
Khawucinge nje ukuba ngubani oncedisa amaKristu okwenyaniso kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo nokufundisa iinyaniso zeBhayibhile kubantu bazo zonke iintlanga? UYesu wathembisa abalandeli bakhe ukuba wayeza kuba nabo. Enyanisweni ebebanceda yaye ebaxhasa kubulungiseleli babo njengoko ‘bekhanyisa phambi kwabantu’ ngaloo ndlela nangeminye ‘imisebenzi emihle.’ (Mateyu 5:14-16) Neengelosi zibandakanyekile kulo msebenzi wokushumayela. (ISityhilelo 14:6) Kuthekani ngoYehova uThixo? Umpostile uPawulos wathi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, kodwa uThixo wakhulisa.” Elinjani ukuzuka ilungelo lokuba phakathi ‘kwabasebenzi abangamadlelane kaThixo’!—1 Korinte 3:6, 9.
Kwakhona, cinga, ngendlela esikelelwa ngayo imigudu yethu kwesi sabelo sisinikwe nguThixo. Ayikho into enokuthelekiswa nelungelo esilinikwe nguThixo ‘lokukhanya njengezikhanyiso ehlabathini.’ Ngokuphila ngokuvisisana nokukhanya kweLizwi likaThixo kwintetho nezenzo zethu, siyakwazi ukunceda abo bantliziyo zinyanisekileyo. (Filipi 2:15) Yaye sinokuvuyiswa yinto yokuba njengoko sishumayela size sifundise ngenzondelelo, ‘uThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi nothando esiye salubonisa ngegama lakhe.’—Hebhere 6:10.
‘Thenga Intambiso Yamehlo Uthambise Amehlo Akho’
Kwisigidimi sakhe kwibandla lenkulungwane yokuqala laseLawodike, uYesu wathi: “Thenga kum . . . intambiso yamehlo uthambise amehlo akho ukuze ubone. Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe.” (ISityhilelo 3:18, 19) Iyeza lokunyanga ubumfama bokomoya ‘yintambiso yamehlo’—iimfundiso noqeqesho lukaYesu. Ukuba sifuna ukuhlala siphilile ngokomoya, simele samkele isiluleko sakhe nolwalathiso olufumaneka kuyo yonke iBhayibhile size sizithobe. Kwakhona kufuneka sibe nesimo sengqondo esifana nesikaKristu size sixelise umzekelo wakhe. (Filipi 2:5; 1 Petros 2:21) Intambiso yamehlo ayifumaneki simahla. UYesu wathi: ‘Yithenge kum.’ Ixabiso layo liquka ixesha nomgudu esiwenzayo.
Xa siphuma kwindawo emnyama singene kwigumbi elikhanyayo, kusenokuthabatha ixesha ngaphambi kokuba amehlo ethu aqhelane nokukhanya. Ngendlela efanayo, kuthabatha ixesha ukufunda iLizwi likaThixo nokubona ukukhanya kwenyaniso. Kufuna ixesha ukucamngca ngezinto esizifundayo nokuqonda ukuxabiseka kwenyaniso. Noko ke, eli xabiso alikho likhulu ngaphaya kwengqondo. Ngoba? Kaloku ukukhanya kungummangaliso!
[Umfanekiso okwiphepha 14]
‘Thenga kum intambiso yamehlo uwathambise ukuze ubone’