ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaYeremiya
IZIBETHO ezazivakaliswa nguYeremiya zimele ukuba zazibatsho batyhwatyhwe ngokwenene abantu bakowabo! Itempile eyayiyimbalasane nesazulu sonqulo ngaphezu kweenkulungwane ezintathu yayiza kutshiswa iphele. Isixeko saseYerusalem nelakwaYuda laliza kuba yinkangala, nabemi balo basiwe ekuthinjweni. Ingxelo yezi zibetho neminye imigwebo iqulethwe kwincwadi yesibini ngobukhulu eBhayibhileni, incwadi kaYeremiya. Ibalisa nangezinto ezehlela uYeremiya njengoko wayetyhalela phambili ngokuthembeka nomsebenzi wakhe weminyaka engama-67 eprofeta. Inkcazelo ekule ncwadi ayibhalwanga ngokulandelelana kwayo, kodwa ichazwe ngokweziganeko ezikuyo.
Kutheni sinomdla nje kwincwadi yeBhayibhile kaYeremiya? Ukuzaliseka kweziprofeto zayo komeleza ukholo esinalo lokuba uYehova unguMphumezi wezithembiso zakhe. (Isaya 55:10, 11) Umsebenzi wokuprofeta kukaYeremiya nesimo sengqondo sabantu kwisigidimi sakhe kuyafana nanamhlanje. (1 Korinte 10:11) Indlela uYehova awaphatha ngayo abantu bakhe ibalaselisa iimpawu zakhe yaye imele ibe negalelo gqitha kuthi.—Hebhere 4:12.
“IZINTO EZIMBINI EZIMBI ABAZENZILEYO ABANTU BAM”
UYeremiya unikwa umsebenzi wobuprofeti ngonyaka we-13 wolawulo lukaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwiminyaka engama-40 ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. (Yeremiya 1:1, 2) Izibhengezo azenza ubukhulu becala kwiminyaka eli-18 eseleyo kulawulo lukaYosiya zityhila ububi bukaYuda nemigwebo kaYehova nxamnye naye. UYehova uthi: “IYerusalem ndiya kuyenza imfumba yamatye, . . . nezixeko zakwaYuda ndiya kuzenza inkangala ephanzileyo, zingabi nabemi.” (Yeremiya 9:11) Konakele phi kaloku? Uthi: “Ngenxa yokuba kukho izinto ezimbini ezimbi abazenzileyo abantu bam.”—Yeremiya 2:13.
Esi sigidimi sithetha nangokubuyiselwa kwentsalela eguqukileyo. (Yeremiya 3:14-18; 12:14, 15; 16:14-21) Noko ke, asehli kamnandi ebantwini. ‘Umveleli okhokelayo endlwini kaYehova’ ubetha uYeremiya aze amfake ezitokisini ubusuku bonke.—Yeremiya 20:1-3.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:11, 12—Kutheni ukuhlala kukaYehova eliphaphele ilizwi lakhe kunxulunyaniswa ‘negatya lomthi wom-amangile’? Umthi wom-amangile ngomnye wemithi yokuqala ukudubula entwasahlobo. Ngokufuziselayo, uYehova waqhubeka ‘evuka ekuseni athumele abaprofeti bakhe’ ukuze balumkise abantu bakhe ngemigwebo yakhe ibe ‘wahlala ethe qwa’ de yazaliseka.—Yeremiya 7:25.
2:10, 11—Yintoni eyayisenza zingaqheleki izenzo zamaSirayeli angathembekanga? Ngoxa ukuthi saa kweentlanga zabahedeni zisinge entshona eKitim nasempuma kwaKedare kwakunokwenza zize nezithixo zezinye iintlanga zongezelele kwezo zazo, yayingathi qatha tu ingcamango yokulahla ezazo ngokupheleleyo zinqule ezasemzini. Kodwa wona amaSirayeli amshiya uYehova, ezukisa izithixo ezingaphiliyo kunoThixo wawo ophilayo.
3:11-22; 11:10-12, 17—Kwakutheni ukuze uYeremiya aquke ubukumkani bezizwe ezilishumi basemntla kwizibhengezo zakhe, ngoxa iSamariya yayisele yawayo ngowama-740 B.C.E.? Kaloku ngokutshabalalisa iYerusalem ngowama-607 B.C.E. uYehova wayebonisa isohlwayo sakhe kulo lonke uhlanga lakwaSirayeli, kungekhona kuYuda kuphela. (Hezekile 9:9, 10) Ngapha koko, nasemva kokuwa kwabo kwahlala kukho ithemba lokuvuselelwa kobo bukumkani bezizwe ezilishumi eYerusalem, kuba izigidimi zabaprofeti bakaThixo zaqhubeka ziquka amaSirayeli.
4:3, 4—Yintoni intsingiselo yalo myalelo? AmaYuda angathembekanga kwakufuneka alungise, athambise aze acoce iintliziyo zawo. Kwakufuneka ashenxise “amajwabi” eentliziyo zawo, into ethetha ukususa iingcamango, iimvakalelo neenjongo ezimbi. (Yeremiya 9:25, 26; IZenzo 7:51) Oku kwakuthetha ukuba amele atshintshe indlela yokuphila—ayeke okubi enze oko kwakuza kuwazisela intsikelelo kaThixo.
4:10; 15:18—Kutshiwo njani ukuba uYehova wakhohlisa abantu bakhe abanemvukelo? Ngomhla kaYeremiya, kwakukho abaprofeti ‘abaprofeta ubuxoki.’ (Yeremiya 5:31; 20:6; 23:16, 17, 25-28, 32) UYehova zange abathintele ekuvakaliseni ezo zigidimi zenkohliso.
16:16—Yintoni ethethwa kukuthumela kukaYehova “kubalobi abaninzi” ‘nakubazingeli abaninzi’? Oku isenokuba kukuthumela kwakhe imikhosi yotshaba ifune amaYuda angathembekanga aza kubulawa nguYehova xa egweba. Noko ke, ngenxa yoko kuthethwa kuYeremiya 16:15, le ndinyana isenokubhekisela nasekufunweni kwamaSirayeli aguqukileyo.
20:7—UYehova ‘wawasebenzisa njani amandla akhe’ nxamnye noYeremiya ukuze amqhathe? Ngenxa yokungahoywa, ukuchaswa nokutshutshiswa xa evakalisa imigwebo kaYehova, uYeremiya usenokuba waziva engenawo amandla okuqhubeka. Kodwa, uYehova wasebenzisa amandla akhe nxamnye nezo ngcinga, wamnika amandla okutyhalela phambili. Yiloo ndlela ke, uYehova awaqhatha ngayo uYeremiya wamsebenzisa ukufeza oko lo mprofeti wayengacingi ukuba angakwenza.
Oko Sikufundayo:
1:8. Maxa wambi uYehova unokubahlangula abantu bakhe kwintshutshiso—mhlawumbi avelise abagwebi abangenamkhethe, ashenxise izikhohlakali zabaphathi amisele abanengqiqo, okanye anike abanquli bakhe amandla okunyamezela.—1 Korinte 10:13.
2:13, 18. AmaSirayeli angathembekanga enza izinto ezimbini ezimbi. Amshiya uYehova, umthombo othembekileyo weentsikelelo, ukhokelo nokhuseleko. Azimbela amaqula okomfuziselo ngokuzama ukwakha ubuhlobo bomkhosi neYiputa neAsiriya. Namhlanje, ukushiya uThixo oyinyaniso ngenxa yeentanda-bulumko, amabali nepolitiki zehlabathi kukushiya ‘umthombo wamanzi aphilayo’ siye ‘kumaqula aqhekekileyo.’
6:16. UYehova ubongoza abantu bakhe abanemvukelo ukuba bathi xha, bazihlolisise ukuze babuyele “ezindleleni” zooyisemkhulu ababethembekile. Ngaba asimele sihlale sizihlola enoba sisahamba ngendlela afuna ngayo kusini na uYehova?
7:1-15. Ukuthembela kwawo kwitempile, eyigqala njengekhubalo lokuwakhusela, akuzange kuwasindise amaYuda. Simele sihambe ngokholo, kungekhona ngokubona.—2 Korinte 5:7.
15:16, 17. NjengoYeremiya, sinokulwa nokudimazeka. Siya kukwazi ukuba siyavuyiswa kukufunda iBhayibhile, sidumise igama likaYehova kubulungiseleli ngoxa siphepha unxulumano olubi.
17:1, 2. Izono zabantu bakwaYuda zabangela ukuba uYehova angayamkeli imibingelelo yabo. Imibingelelo yethu ayamkeleki xa singahlambulukanga yaye siziphatha kakubi.
17:5-8. Abantu neentlangano zabo sizithemba kuphela xa zisenza izinto ngokuvumelana nokuthanda kuThixo nemigaqo yakhe. Xa kuthethwa ngosindiso, uxolo nokhuseleko lokwenene, senza kakuhle xa sithembela kuYehova kuphela.—INdumiso 146:3.
20:8-11. Asimele sivumele ukungabi namdla kwabantu, inkcaso okanye intshutshiso zidodobalise inzondelelo yethu ekushumayeleni ngoBukumkani.—Yakobi 5:10, 11.
“ZISANI IINTAMO ZENU PHANTSI KWEDYOKHWE KAKUMKANI WASEBHABHILONI”
UYeremiya uvakalisa imigwebo nxamnye nookumkani abane bokugqibela kwaYuda kuquka abaprofeti bobuxoki, abelusi abangoongantweni nababingeleli abonakeleyo. Ebhekisela kwintsalela ethembekileyo njengamakhiwane alungileyo, uYehova uthi: ‘Ndiza kubeka iliso lam kubo ngendlela elungileyo.’ (Yeremiya 24:5, 6) Iziprofeto ezithathu ezikwisahluko 25 zishwankathela imigwebo echazwa ngokweenkcukacha kwizahluko zamva.
Ababingeleli nabaprofeti bapheka iqhinga lokubulala uYeremiya. Isigidimi sakhe sithi bamele bamkhonze ukumkani waseBhabhiloni. KuKumkani uZedekiya, uYeremiya uthi: “Zisani iintamo zenu phantsi kwedyokhwe kakumkani waseBhabhiloni.” (Yeremiya 27:12) Noko ke, “Lowo uchithachitha uSirayeli uya kumqokelela ndawonye [uSirayeli].” (Yeremiya 31:10) Ngesizathu esivakalayo, kwenziwa isithembiso koonyana bakaRekabhi. UYeremiya ufakwa “eluvalelweni . . . kwiNtendelezo Yabalindi.” (Yeremiya 37:21) IYerusalem iyatshatyalaliswa, ize inkoliso yabemi bayo isiwe ekuthinjweni. UYeremiya nonobhala wakhe, uBharuki, baba kwiqela elincinane labo basala ngasemva. Phezu kwaso nje isilumkiso sikaYeremiya sokuba elo qela lingasabi, ngenxa yokoyika libalekela eYiputa. Isahluko 46 ukusa kwesama-51 zithetha ngesigidimi sikaYeremiya ngokuphathelele izizwe.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
22:30—Ngaba lo myalelo walihlutha ilungelo likaYesu Kristu lokungena kwitrone yolawulo kaDavide? (Mateyu 1:1, 11) Nakanye! Wawuthintela nayiphi na inzala kaYehoyakin ukuba ‘ihlale etroneni kaDavide ilawule kwaYuda.’ UYesu wayeza kulawula esezulwini, kungekhona kwitrone ekwaYuda.
23:33—Uyintoni “umthwalo kaYehova”? Ngomhla kaYeremiya, izibhengezo ezibalulekileyo zalo mprofeti zokutshatyalaliswa kweYerusalem zazingumthwalo kubantu balapho. NakuYehova, abantu abangasabeliyo babengumthwalo kangangokuba wayeza kubalahla. Ngokufanayo, isigidimi seZibhalo sokutshatyalaliswa kweNgqobhoko okuzayo singumthwalo kuyo, ibe abo bangasiphulaphuliyo bangumthwalo kuThixo.
31:33—Umthetho kaThixo ubhalwa njani ezintliziyweni? Xa umntu ewuthanda umthetho kaThixo de anqwenele ukwenza ukuthanda kwakhe, kunokutshiwo ukuba umthetho kaThixo ubhalwe entliziyweni yakhe.
32:10-15—Yayiyintoni injongo yokwenza amaxwebhu amabini esivumelwano sentengo enye? Uxwebhu olwashiywa luvulekile kwakuza kuboniswana kulo. Olutywiniweyo lwaluza kuba lolokungqinela elo livulekileyo xa kuyimfuneko. UYeremiya wasimisela umzekelo osengqiqweni nesimele siwuxelise xa sisenza izivumelwano ezisemthethweni nokuba sele sizenza nezihlobo nabazalwana bethu.
33:23, 24—Ziziphi “iintsapho ezimbini” ekuthethwa ngazo apha? Enye yeyasebukhosini yomnombo kaKumkani uDavide neyababingeleli benzala ka-Aron. Kuyabonakala ukuba ukutshatyalaliswa kweYerusalem netempile kaYehova kwakuthetha ukuba uYehova uzigatyile ezi ntsapho zimbini ibe akasayi kuphinda abe nobukumkani emhlabeni okanye unqulo lwakhe lubuyiselwe khona.
46:22—Kutheni ilizwi leYiputa lifaniswa nelenyoka nje? Oku kusenokubhekisela kwisandi senyoka erhoxayo okanye isizungu ekuso iYiputa ngenxa yentlekele. Enye into kwakulilize ukunxiba kooFaro baseYiputa imifanekiso yenyoka engcwele entloko into eyayibonisa ukukhuselwa kwabo nguthixokazi wenyoka u-Uatchit.
Oko Sikufundayo:
21:8, 9; 38:19. Nangomzuzu wokugqibela, uYehova wabanika ithuba lokuzikhethela abemi abangaguqukiyo baseYerusalem ababefanelwe kukufa. Ewe, “zininzi iinceba zakhe.”—2 Samuweli 24:14; INdumiso 119:156.
31:34. Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova akazikhumbuli izono zabo abaxolelayo, aze abohlwayele zona kwixesha elizayo.
38:7-13; 39:15-18. UYehova akayilibali inkonzo yethu yokuthembeka, equka ‘ukulungiselela abangcwele.’—Hebhere 6:10.
45:4, 5. Njengokuba kwakunjalo ngemihla yokugqibela kwaYuda, ‘imihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto asiloxesha lokuzifunela “izinto ezinkulu,” njengobutyebi, udumo, okanye ukhuseleko kwizinto eziphathekayo.—2 Timoti 3:1; 1 Yohane 2:17.
IYERUSALEM IYATSHISWA
Ngunyaka wama-607 B.C.E. UZedekiya ukunyaka we-11 wolawulo lwakhe. Sekudlule iinyanga ezili-18 uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni engqonge iYerusalem. Kusuku lwesixhenxe lwenyanga yesihlanu kunyaka we-19 wolawulo lukaNebhukadenetsare, uNebhuzaradan, intloko yamafanankosi, ‘uza,’ okanye ufika eYerusalem. (2 Kumkani 25:8) Mhlawumbi evela kwintente yakhe ngaphandle kwesixeko, uNebhuzaradan uhlola imeko eceba indlela aza kuhlasela ngayo. Kwiintsuku ezintathu kamva, kusuku lweshumi enyangeni, ‘uza ngaphakathi,’ okanye ungena eYerusalem. Ufika asintumeke ngomlilo eso sixeko.—Yeremiya 52:12, 13.
UYeremiya ukuchaza ngokweenkcukacha ukuwa kweYerusalem. Inkcazelo yakhe ibangela izililo. Ezi zililo zifumaneka kwincwadi yeBhayibhile, IZililo.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Izibhengezo zikaYeremiya zaziquka imigwebo kaYehova nxamnye neYerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYehova ‘wawasebenzisa njani amandla akhe’ nxamnye noYeremiya?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Njengala makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubagqala abathinjwa bakwaYuda.”—Yeremiya 24:5