ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeSityhilelo—II
BALINDELWE yintoni abo banqula uYehova uThixo nabo bangamnquliyo? Liyintoni ikamva likaSathana needemon zakhe? Ziziphi iintsikelelo eziya kufunyanwa ngabantu abathobelayo ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka? Iimpendulo zale mibuzo neminye ebalulekileyo zifumaneka kwiSityhilelo 13:1–22:21.a Ezi zahluko zithetha ngemibono yokugqibela esithoba kweli-16 umpostile uYohane awayifumana ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo.
UYohane ubhala athi: “Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto, nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso.” (ISityhi. 1:3; 22:7) Ukufunda nokusebenzisa oko sikufundayo kwincwadi yeSityhilelo kunokusinceda, komeleze ukholo lwethu kuThixo nakuNyana wakhe, uYesu Kristu kuze kusenze sibe nethemba eliqaqambileyo lekamva.b—Heb. 4:12.
UKUPHALAZWA KWEZITYA EZISIXHENXE ZOMSINDO KATHIXO
ISityhilelo 11:18 sithi: ‘Iintlanga zaqumba, nengqumbo [kaThixo] yeza, nexesha elimisiweyo lokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ Ukusinika inkcazelo engakumbi ngoku, umbono wesibhozo uthetha ngoko kwenziwa ‘lirhamncwa elineempondo ezilishumi neentloko ezisixhenxe.’—ISityhi. 13:1.
Kumbono wesithoba, uYohane ubona “iMvana imi phezu kweNtaba yeZiyon” yaye kumi kunye nayo “ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.” Aba “bathengwa phakathi koluntu.” (ISityhi. 14:1, 4) Emva koko ingelosi yenza izibhengezo. Kumbono olandelayo, uYohane ubona “iingelosi ezisixhenxe zinezibetho ezisixhenxe.” Kuyabonakala ukuba, nguYehova oyalela ezi ngelosi ukuba ziphalaze “izitya ezisixhenxe zomsindo kaThixo emhlabeni” kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zehlabathi likaSathana. Ezi zitya zinezibhengezo nezilumkiso eziphathelele umgwebo kaThixo. (ISityhi. 15:1; 16:1) Le mibono mibini inikela iinkcukacha ezibhekele phayaa zemigwebo yoBukumkani ezinxulumene noyeha wesithathu nokuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe.—ISityhi. 11:14, 15.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
13:8—Uyintoni “umsongo wobomi weMvana”? Lo ngumsongo ofuziselayo onamagama abo baza kulawula noYesu Kristu kuBukumkani bakhe basezulwini kuphela. Ukwanawo namagama amaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni, anethemba lokuphila ezulwini.
13:11-13—Kwenzeka njani ukuba irhamncwa elineempondo ezimbini lenze izinto njengenamba lize lenze umlilo uhle uze emhlabeni uphuma ezulwini? Isibakala sokuba eli rhamncwa lineempondo ezimbini—iGunya Lehlabathi lamaNgesi namaMerika—lithetha njengenamba sibonisa ukuba lisebenzisa izisongelo, liyanyanzelisa lize libe nogonyamelo ukuze lenze abantu bamkele uhlobo lwalo lolawulo. Lenza umlilo uhle uphuma ezulwini ngokuthi lizenze umprofeti kuba lithi layoyisa imikhosi engendawo kwiimfazwe ezimbini zehlabathi ezaliwa kwinkulungwane yama-20 yaye lithi liboyisile nobuKomanisi.
16:17—Uyintoni ‘umoya’ esiphalazelwa kuwo isitya sesixhenxe? Lo ‘moya’ ufuzisela iingcamango zikaSathana, ‘umoya lowo [utyekelo lwengqondo] ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ Lo moya unetyhefu uphefumlwa yiyo yonke inkqubo engendawo kaSathana.—Efe. 2:2.
Oko Sikufundayo:
13:1-4, 18. “Irhamncwa” elimela oorhulumente babantu liphuma “elwandle,” oko kukuthi, abantu abandlongondlongo. (Isa. 17:12, 13; Dan. 7:2-8, 17) Eli rhamncwa lenziwe laza lanikwa amandla nguSathana, linenombolo engu-666, ebonisa ukungafezeki okupheleleyo. Ukuliqonda eli rhamncwa kusinceda ukuba singalilandeli okanye silinqule njengokuba abantu ngokubanzi besenza.—Yoh. 12:31; 15:19.
13:16, 17. Naxa sinokuba neengxaki kwizinto esizenza mihla le, ‘njengokuthenga okanye ukuthengisa,’ asifanele silivumele irhamncwa ukuba lilawule ubomi bethu. Ukwamkela ‘uphawu lwerhamncwa esandleni okanye emabunzini ethu’ kuya kufana nokulivumela ukuba lilawule indlela esenza nesicinga ngayo.
14:6, 7. Isibhengezo sengelosi sisifundisa ukuba sifanele sivakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo ngokungxamisekileyo. Sifanele sincede izifundo zethu zeBhayibhile ukuba zoyike uYehova ngendlela efanelekileyo zize zimzukise.
14:14-20. Xa “isivuno somhlaba,” oko kukuthi, ukuhlanganiswa kwabo baya kusindiswa, kugqityiwe, iya kuba lixesha lokuba ingelosi iphosele “kwisixovulelo esikhulu sewayini yomsindo kaThixo” ‘umdiliya womhlaba.’ Loo mdiliya—inkqubo kaSathana yoorhulumente abonakeleyo abalawula abantu kunye ‘nezihloko’ zayo ezineziqhamo ezingendawo—uya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Sifanele siqiniseke ukuba asiphenjelelwa ngumdiliya womhlaba.
16:13-16. “Amazwi aphefumlelweyo angahlambulukanga” afuzisela ubuxoki beedemon obenzelwe ukuqinisekisa ukuba ookumkani bomhlaba abatshintshi ngqondo besakubona ukuphalazwa kwezitya ezisixhenxe zomsindo kaThixo kodwa baphenjelelwa ukuba bamchase uYehova.—Mat. 24:42, 44.
16:21. Njengoko isiphelo seli hlabathi sisondela, ukuvakaliswa kwemigwebo kaYehova nxamnye nenkqubo kaSathana engendawo kunokuquka izibhengezo ezinamandla ngendlela engaqhelekanga zomgwebo kaThixo, ekusenokwenzeka ukuba zifuziselwa ngumkhenkce. Sekunjalo, abantu abaninzi baya kuqhubeka bemnyelisa uThixo.
UKUMKANI OWOYISAYO UYALAWULA
“IBhabhiloni Enkulu,” ebubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, iyinxalenye eyenyanyekayo yehlabathi elingendawo likaSathana. Umbono we-11 uyichaza ‘njengehenyukazi elikhulu,’ umfazi oziphethe kakubi ‘ohleli phezu kwerhamncwa elimbala ungqombela.’ Lo mfazi uza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo ‘ziimpondo ezilishumi’ zerhamncwa ahleli phezu kwalo. (ISityhi. 17:1, 3, 5, 16) Kumbono olandelayo kufaniswa eli henyukazi ‘nesixeko esikhulu,’ kuvakaliswe ukuwa kwalo, kuze kwenziwe isibhengezo esingxamisekileyo kubantu bakaThixo ukuba ‘baphume kuso.’ Ukuwa kwesi sixeko sikhulu kukhathaza abantu abaninzi. Noko ke, kuyavuywa ezulwini ngenxa ‘yomtshato weMvana.’ (ISityhi. 18:4, 9, 10, 15-19; 19:7) Kumbono we-13, umkhweli ‘wehashe elimhlophe’ wenza imfazwe neentlanga. Uyalitshabalalisa ihlabathi elingendawo likaSathana.—ISityhi. 19:11-16.
Kuthekani ‘ngenyoka yantlandlolo, enguMtyholi, uSathana’? Iya ‘kuphoselwa nini edikeni lomlilo nesalfure’? Leyo yenye yezinto ezixutyushwa kumbono we-14. (ISityhi. 20:2, 10) Imibono emibini yokugqibela isikrobisa kwindlela obuya kuba yiyo ubomi ebudeni beMinyaka Eliwaka. Njengoko “isityhilelo” sifikelela esiphelweni, uYohane ubona ‘umlambo wamanzi obomi, uqukuqela usihla embindini wendlela ephangaleleyo,’ yaye kumenywa “lowo unxaniweyo” ukuba asele kuwo.—ISityhi. 1:1; 22:1, 2, 17.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
17:16; 18:9, 10—Kutheni “ookumkani bomhlaba” belilela into abayitshabalalise ngokwabo? Baliliswa nje kukucingela iziqu zabo. Kubonakala ukuba ookumkani bomhlaba bayiqonde sele beyitshabalalisile iBhabhiloni Enkulu indlela ebibanceda ngayo. Ibisenza ingcinezelo yabo ibonakale isemthethweni. Enye into ebancede kuyo iBhabhiloni Enkulu kukukhuthaza ulutsha ukuba luye emfazweni. Ngaphezu koko, iye yanendima ebalulekileyo ekwenzeni abantu bathobele.
19:12—Kwenzeka njani ukuba kungabikho mntu wumbi ngaphandle kukaYesu owazi igama lakhe elingachazwanga? Kubonakala ukuba eli gama limela isigxina namalungelo uYesu anawo ebudeni bemini yeNkosi, njengalawo achazwe kuIsaya 9:6. Akakho umntu olaziyo eli gama ngengqiqo yokuba amalungelo anawo uYesu akhethekile yaye nguye kuphela onokuyiqonda indlela ekuyiyo ukuba kwisigxina esiphakame ngolo hlobo. Noko ke, uYesu wabela amalungu odidi lomtshakazi wakhe amanye ala malungelo, ngaloo ndlela ‘ebhala kuwo elo gama lakhe litsha.’—ISityhi. 3:12.
19:14—Ngoobani abanye abaya kukhwela amahashe njengoYesu eArmagedon? Phakathi ‘kwemikhosi yasezulwini’ eya kuba kunye noYesu kwimfazwe kaThixo kukho iingelosi kunye naboyisi abathanjisiweyo abasele bewufumene umvuzo wabo wokuphila ezulwini.—Mat. 25:31, 32; ISityhi. 2:26, 27.
20:11-15—Ngamagama oobani abhalwe ‘kumsongo [okanye ‘kwincwadi’] wobomi’? Lo msongo unamagama abo bonke abo baza kufumana ubomi obungunaphakade—amaKristu athanjisiweyo, amalungu esihlwele esikhulu nabakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaza kufumana “uvuko lwamalungisa.” (IZe. 24:15; ISityhi. 2:10; 7:9) Amagama abo baza kufumana “uvuko lwamalungisa” aya kubhalwa ‘kumsongo wobomi’ kuphela xa besenza ngokuvisisana nemiyalelo ‘ebhalwe kwimisongo’ eya kuvulwa ebudeni beMinyaka Eliwaka. Noko ke, amagama abo akabhalwa ngeinki engacimekiyo. Amagama abathanjiswa ahlala ekho xa beye bathembeka de bafa. (ISityhi. 3:5) Amagama abo baza kuphila emhlabeni aya kuhlala ekho xa bephumelele uvavanyo lokugqibela ekupheleni kweminyaka eliwaka.—ISityhi. 20:7, 8.
Oko Sikufundayo:
17:3, 5, 7, 16. “Ubulumko obuvela phezulu” businceda siqonde ‘imfihlelo ngalo mfazi nangerhamncwa [elimbala ungqombela] elimthweleyo.’ (Yak. 3:17) Eli rhamncwa lokomfuziselo laqala laba luManyano Lwezizwe laza kamva lavuselelwa laba ziZizwe Ezimanyeneyo. Ngaba ukutyhilwa kwale mfihlelo akufanele kusenze sizishumayele ngokuzimisela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo size sivakalise nemini kaYehova yomgwebo?
21:1-6. Sinokuqiniseka ukuba iintsikelelo eziprofetiweyo phantsi kolawulo loBukumkani ziza kubakho. Ngoba? Ngenxa yokuba kwathiwa ngazo: “Kwenzekile!”
22:1, 17. “Umlambo wamanzi obomi” umela amalungiselelo kaYehova okuhlangula abantu abathobelayo esonweni nasekufeni. Umlinganiselo waloo manzi sele ukho. Sinombulelo, masingapheleli nje ‘ekuthabatheni amanzi obomi ngesisa’ kodwa masizimisele ekumemeni nabanye ukuba benjenjalo!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho yeSityhilelo 1:1–12:17, bona inqaku elithi “Iimbalasane Zencwadi YeSityhilelo—I” kwiMboniselo kaJanuwari 15, 2009.
b Ukuze ufumane ukuxutyushwa kwendinyana nganye yencwadi yeSityhilelo, bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Abantu abathobelayo baya kusikelelwa ngendlela engathethekiyo xa sele kulawula uBukumkani!