Oko Kuya Kwenziwa BuBukumkani BukaThixo
“Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—MATEYU 6:10.
1. Kuya kuthetha ntoni ukufika koBukumkani bukaThixo?
XA UYESU wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani bukaThixo, wayesazi ukuba xa bufika buya kuphelisa ulawulo lomntu lwamawaka eminyaka ezilawula ngaphandle kukaThixo. Ebudeni balo lonke elo xesha, uninzi lwabantu emhlabeni belungakwenzi ukuthanda kukaThixo. (INdumiso 147:19, 20) Kodwa emva kokumiselwa koBukumkani ezulwini, ukuthanda kukaThixo kuza kwenziwa kuyo yonke indawo. Alifikanga ligalelekile ixesha laloo nguqu ingummangaliso yokuthatyathelw’ indawo kolawulo lomntu lulawulo loBukumkani bukaThixo basezulwini.
2. Yintoni eya kuphawula inguqu yokuthatyathelw’ indawo kolawulo lomntu lulawulo loBukumkani?
2 Loo nguqu iya kuphawulwa lixesha uYesu awalibiza ngokuba ‘yimbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.’ (Mateyu 24:21) IBhayibhile ayichazi ukuba elo xesha liya kuba lide kangakanani, kodwa iintlekele eziya kwenzeka ebudeni belo xesha ziya kuba manyumnyezi ngendlela engazange ibonwe ngaphambili ehlabathini. Ekuqaliseni kwembandezelo enkulu, kuya kwenzeka into eya kothusa inkoliso yabantu emhlabeni: ukutshatyalaliswa kwalo lonke unqulo lobuxoki. AmaNgqina kaYehova akayi kothuswa yiloo nto, kuba kudala eyilindele. (ISityhilelo 17:1, 15-17; 18:1-24) Imbandezelo enkulu iya kuphela eArmagedon xa uBukumkani bukaThixo butyumza inkqubo kaSathana iphela.—Daniyeli 2:44; ISityhilelo 16:14, 16.
3. UYeremiya usichaza njani isiphelo sabo bangathobeliyo?
3 Kuya kuthetha ntoni oku kwabo bantu “bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo” zoBukumkani bakhe basezulwini obusezandleni zikaKristu? (2 Tesalonika 1:6-9) Isiprofeto seBhayibhile sisixelela oku: “Khangela! Kuphuma intlekele eluhlangeni ukusa eluhlangeni, nesivuthuvuthu esikhulu siya kuvuswa kweyona mimandla ithe qelele yomhlaba. Yaye abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba. Abayi kwenzelwa sijwili, bengayi kuhlanganiswa okanye bangcwatywe. Baya kuba njengomgquba phezu komhlaba.”—Yeremiya 25:32, 33.
Ukupheliswa Kobungendawo
4. Kutheni kufanelekile ngoYehova ukuyiphelisa le nkqubo ingendawo?
4 UYehova uThixo uye wabunyamezela ubungendawo kangangamawaka eminyaka, xesha elo elide ngokwaneleyo ukuba abantu abantliziyo zilungileyo babone ukuba ulawulo lomntu yintlekele yodwa. Ngokomzekelo, ngokutsho komnye umthombo, kwinkulungwane yama-20 kuphela, kuye kwafa abantu abangaphezu kwezigidi ezili-150 ezimfazweni, kwiimvukelo, nakwezinye izidubedube zamakhaya. Inkohlakalo yomntu yabonwa ngokukhethekileyo ebudeni beMfazwe Yehlabathi II xa kwabulawa abantu abamalunga nezigidi ezingama-50, uninzi lwabo lusifa ngokumasikizi kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Kanye njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili, kwixesha lethu ‘abantu abangendawo namabhedengu bahambela phambili ebubini.’ (2 Timoti 3:1-5, 13) Namhlanje ukuziphatha okubi, ulwaphulo-mthetho, ugonyamelo, ukunganyaniseki nokungakhathalelwa kwemilinganiselo kaThixo kuxhaphakile. Ngaloo ndlela, kufanelekile ngoYehova ukuyiphelisa le nkqubo ingendawo.
5, 6. Chaza ubungendawo obabukho kwiKanan yamandulo.
5 Imeko yanamhlanje iyafana naleyo yaseKanan malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo. IBhayibhile ithi: “Yonke into ecekisekayo nethiyekileyo kuYehova, ziyenzile koothixo bazo, ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshisa rhoqo emlilweni koothixo bazo.” (Duteronomi 12:31) UYehova waxelela uhlanga lwakwaSirayeli oku: “Kungenxa yobungendawo bezi ntlanga le nto uYehova uThixo wakho azigxothayo phambi kwakho.” (Duteronomi 9:5) Umbhali-mbali weBhayibhile uHenry H. Halley wathi: “Unqulo lukaBhahali, uAshtoreti nabanye oothixo bamaKanan lwaluquka awona matheko makhulu obuhenyu; iitempile zabo zazizizazulu zobungendawo.”
6 Lo kaHalley wabonisa indlela ababehambele phambili ngayo ebubini, kuba kwenye yezo ndawo zinjalo zininzi, abembi bezinto zakudala “bafumana iingqayi ezininzi ezazinamalungu athile abantwana ekwakubingelelwe ngabo kuBhahali.” Wathi: “Iyonke loo ndawo yaba ngamangcwaba eentsana ezisandul’ ukuzalwa. . . . AmaKanan ayenqula ngokuzifica ekuziphatheni okubi okwakusisithethe sonqulo, ekwenza oku phambi koothixo bawo; andule ke, abulale amazibulo awo, abingelele ngawo kwaba thixo banye. Kubonakala ukuba, ngomlinganiselo omkhulu lonke ilizwe lamaKanan lalifana neSodom neGomora. . . . Ngaba ibutho labantu elalingcole nelalikhohlakele ngolo hlobo lalinelungelo lokuqhubeka liphila? . . . Abembi bezinto zakudala abaye bemba kumabhodlo ezixeko zamaKanan bamangalisiwe yinto yokuba uThixo engazange awacim’ igama kwangaphambi koko.”
Ukuwudla Ilifa Umhlaba
7, 8. UThixo uya kuwucoca njani umhlaba?
7 Kanye njengoko uThixo wacoca elakwaKanan, kungekudala uya kuwucoca umhlaba uphela aze awunike abo benza ukuthanda kwakhe. “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.” (IMizekeliso 2:21, 22) Yaye umdumisi uthi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) NoSathana uya kushenxiswa, ukuze ‘angabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona de kuphele iminyaka eliwaka.’ (ISityhilelo 20:1-3) Ewe, “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
8 Eshwankathela ithemba elizukileyo labo bafuna ukuphila ngonaphakade emhlabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Kusenokwenzeka ukuba wayebhekisela kwiNdumiso 37:29, eyaxela kwangaphambili isithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” UYesu wayesazi ukuba yayiyinjongo kaYehova ukuba abantu abantliziyo zinyanisekileyo baphile kumhlaba oyiparadesi ngonaphakade. UYehova uthi: “Mna ndenze umhlaba, uluntu nezilo eziphezu komhlaba ngamandla am amakhulu . . . , kwaye ndiwunike lowo kungqineke kulungile emehlweni am ukumnika.”—Yeremiya 27:5.
Ihlabathi Elitsha Elimangalisayo
9. Luhlobo luni lwehlabathi eliya kungeniswa buBukumkani bukaThixo?
9 Emva kweArmagedon, uBukumkani bukaThixo buya kungenisa ‘umhlaba omtsha’ omangalisayo apho kuya ‘kuma ubulungisa.’ (2 Petros 3:13) Esinjani sona isiqabu kubasindi beArmagedon emva kokuba kushenxiswe le nkqubo yezinto ingendawo necinezelayo! Hayi indlela abaya kuchwayita ngayo bakungena kwihlabathi elitsha lobulungisa phantsi korhulumente omtsha woBukumkani basezulwini, benethemba leentsikelelo ezingummangaliso nobomi obungunaphakade!—ISityhilelo 7:9-17.
10. Ziziphi izinto ezimbi ezingayi kuphinda zibekho phantsi kolawulo loBukumkani?
10 Abantu abayi kuphinda basongelwe yimfazwe, ulwaphulo-mthetho, indlala okanye kwanezilwanyana eziqwengayo. “Ndiza kwenza umnqophiso woxolo kunye [nabantu bam], yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuwaphelisa elizweni amarhamncwa enzakalisayo . . . Nomthi wasendle umele unike isiqhamo sawo, nelizwe liya kunikela imveliso yalo, yaye okunene ziya kuba semhlabeni wazo zinqabisekile.” “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona. Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.”—Hezekile 34:25-28; Mika 4:3, 4.
11. Kutheni sinokuba nentembelo yokuba izigulo zenyama ziya kuphela?
11 Ukugula, usizi kwanokufa ziya kupheliswa. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’ Abemi belo lizwe baya kuzixolelwa iziphoso zabo.” (Isaya 33:24) “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule. . . . ’Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’” (ISityhilelo 21:4, 5) Xa wayesemhlabeni, uYesu wabonisa amandla awayewanikwe nguThixo okwenza ezo zinto. Exhaswa ngumoya oyingcwele, uYesu walityhutyha lonke ilizwe ephilisa iziqhwala yaye enyanga abagulayo.—Mateyu 15:30, 31.
12. Liliphi ithemba elikhoyo ngabafi?
12 UYesu wenza nokungakumbi. Wavusa abafileyo. Basabela njani abantu abathobekileyo? Xa wavusa intwazana eneminyaka eli-12 ubudala, abazali bayo “bathi phithi kwaoko bethabatheke ngokugqithiseleyo.” (Marko 5:42) Lo yayingomnye umzekelo woko uYesu aya kukwenza emhlabeni wonke phantsi kolawulo loBukumkani, kuba ngelo xesha “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Khawucinge ngemincili eya kuba lapho xa amaqela ngamaqela abafi eya kuba ebuyela ebomini kwakhona emanyaniswa nabantu abathandayo! Ngokungathandabuzekiyo kuya kubakho umsebenzi omkhulu wokufundisa phantsi kolwalathiso loBukumkani kangangokuba “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.
Ukuthethelelwa Kolongamo LukaYehova
13. Liya kubonakaliswa njani ilungelo likaThixo lokulawula?
13 Ngasekupheleni kweminyaka eliwaka yolawulo loBukumkani, intsapho engabantu iya kuba ibuyiselwe emfezekweni engqondweni nasemzimbeni. Umhlaba uya kuba ngumyezo omkhulu wase-Eden, iparadesi. Kuya kubakho uxolo, ulonwabo, unqabiseko nebutho labantu abanothando. Ayizange ibekho into enjengale kuyo yonke imbali yabantu ngaphambi kokuba kufike ulawulo loBukumkani. Onjani wona umahluko oya kubakho xa kuthelekiswa amawaka eminyaka edluleyo yolawulo lwabantu nolawulo lweminyaka eliwaka olubalaseleyo loBukumkani bukaThixo basezulwini! Ulawulo lukaThixo ngoBukumkani bakhe luya kuzibonisa ukuba longame ngazo zonke iindlela. Ilungelo likaThixo lokulawula, ulongamo lwakhe, luya kube luthethelelwe ngokupheleleyo.
14. Kuya kwenzeka ntoni kubavukeli ekupheleni kweminyaka eliwaka?
14 Ekupheleni kweminyaka eliwaka, uYehova uya kuvumela abantu abafezekileyo ukuba basebenzise inkululeko yabo yokuzikhethela umntu abafuna ukumkhonza. IBhayibhile ithi “akhululwe uSathana entolongweni.” Uya kuphinda azame ukulahlekisa abantu, bambi kubo abaya kukhetha ukuzimela geqe kuThixo. Ukuze athintele ‘ukubandezeleka kungavuki okwesihlandlo sesibini,’ uYehova uya kumtshabalalisa uSathana, iidemon zakhe, nabo bonke abo bavukela ulongamo lukaYehova. Akakho umntu oya kuphikisa ngelithi abantu abaya kutshatyalaliswa ngonaphakade ngelo xesha abakhange banikwe thuba okanye athi benze okungendawo ngenxa yokungafezeki. Akunjalo, baya kuba befezekile njengoAdam noEva, abazikhethelayo ukuvukela ulawulo lukaYehova lobulungisa.—ISityhilelo 20:7-10; Nahum 1:9.
15. Abo banyanisekileyo baya kuba nolwalamano olunjani noYehova?
15 Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba inkoliso yabantu iya kukhetha ukuphakamisa ulongamo lukaYehova. Emva kokuba bonke abavukeli betshatyalalisiwe, amalungisa aya kuma phambi koYehova, eluphumelele uvavanyo lokugqibela lokunyaniseka. Baya kwandula ke aba banyanisekileyo bamkelwe nguYehova njengoonyana neentombi zakhe. Ngaloo ndlela baya kubuyela kulwalamano awayenalo uAdam noEva noThixo ngaphambi kokuba bavukele. Ngenxa yoko, amaRoma 8:21 aya kuzaliseka: “Indalo ngokwayo [abantu] iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” Umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili esithi: “[UThixo] uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.”—Isaya 25:8.
Ithemba Lobomi Obungunaphakade
16. Kutheni kufanelekile ukukhangela phambili kumvuzo wobomi obungunaphakade?
16 Elinjani lona ithemba elilindele abo bathembekileyo, ukwazi ukuba uThixo uya kubathululela intabalala yeengenelo zokomoya nezenyama ngonaphakade! Ngokufanelekileyo umdumisi wathi: “Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno [ofanelekileyo] wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:16) UYehova ukhuthaza abo bodidi lwasemhlabeni ukuba eli themba lobomi baseParadesi balenze libe yinxalenye yokholo lwabo kuye. Ngoxa imbambano yolongamo lukaYehova ibaluleke ngakumbi, akafuni abantu bamkhonze kungekho mvuzo bakhangele phambili kuwo. Kuyo yonke iBhayibhile, ukunyaniseka kuThixo kunxulunyaniswa nethemba lobomi obungunaphakade njengezinto eziyimfuneko kukholo lomKristu kuThixo. “Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—Hebhere 11:6.
17. UYesu wabonisa njani ukuba kubalulekile ukomelezwa lithemba esinalo?
17 UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Apha wanxulumanisa ukwazi uThixo neenjongo zakhe kunye nomvuzo wako. Ngokomzekelo, xa umenzi wobubi wacela ukukhunjulwa nguYesu xa esiza eseBukumkanini bakhe, uYesu wathi: “Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Akazange axelele le ndoda ukuba mayibe nokholo kwanokuba ayiyi kufumana mvuzo. Wayesazi ukuba uYehova ufuna abakhonzi bakhe babe nethemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi ukuze libomeleze njengoko behlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo kweli hlabathi. Ngaloo ndlela, ukukhangela phambili emvuzweni kubalulekile ukuze umKristu akwazi ukunyamezela.
Ikamva LoBukumkani
18, 19. Yintoni eya kwenzeka kuKumkani noBukumkani ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka?
18 Ekubeni uBukumkani bungurhulumente ongaphantsi oye wasetyenziswa nguYehova ukuzisa umhlaba nabemi bawo abangabantu emfezekweni baze baxolelaniswe naye, yiyiphi indima aya kuba nayo uKumkani uYesu Kristu nookumkani abangababingeleli abali-144 000 emva kweWaka Leminyaka? “Kwandule ke kufike isiphelo, xa enikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise, xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla. Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.”—1 Korinte 15:24, 25.
19 Xa uKristu ebuyisela uBukumkani kuThixo, zimele ziqondwe njani izibhalo ezithi buya kuhlala ngonaphakade? Izinto eziya kufezwa buBukumkani ziya kuhlala ngonaphakade. UKristu uya kuhlonelwa ngonaphakade ngenxa yendima anayo ekuthethelelweni kolongamo lukaThixo. Kodwa ekubeni ngelo xesha isono nokufa ziya kube zishenxiswe ngokupheleleyo, noluntu lukhululwe, akuyi kuba yimfuneko ukuba abe nguMhlawuleli. ULawulo Lweminyaka Eliwaka loBukumkani nalo luya kube luphunyezwe ngokupheleleyo; ngoko akuyi kuphinda kubekho mfuneko yorhulumente ongaphantsi phakathi kukaYehova noluntu oluthobelayo. Ngaloo ndlela, ‘uThixo uya kuba zizinto zonke kubo bonke.’—1 Korinte 15:28.
20. Sinokukufumanisa njani oko kuya kwenzeka kwixesha elizayo ngoKristu nabo bali-144 000?
20 Yiyiphi indima aya kuba nayo uKristu nabo aza kulawula nabo emva kokuba uLawulo Lweminyaka Eliwaka luphelile? IBhayibhile ayithethi nto ngaloo nto. Ukanti, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kubanika amalungelo enkonzo amaninzi kuyo yonke indalo yakhe. Ngamana sonke namhlanje singaluphakamisa ulongamo lukaYehova size sinikwe ubomi obungunaphakade, ukuze kwixesha elizayo, siphile size sibone injongo kaYehova ngoKumkani nookumkani nababingeleli aza kulawula nabo, kuquka yonke indalo ebalaseleyo!
Iingongoma Zempinda
• Luluphi utshintsho lolawulo olusemnyango ngoku?
• Uya kubagweba njani uThixo abangendawo namalungisa?
• Ziziphi iimeko eziya kubakho kwihlabathi elitsha?
• Luya kuthethelelwa njani ngokupheleleyo ulongamo lukaYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
“Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa”
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abo banyanisekileyo baya kuphinda babe nolwalamano olufanelekileyo noYehova