-
Xolela Ngokusuka EntliziyweniIMboniselo—1999 | Oktobha 15
-
-
uYesu wathi: “Ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo wasemazulwini uya kunixolela.” Kwisithuba esingangonyaka emva koko, wayivelisa ngolunye uhlobo le ngongoma, efundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza: “Usixolele amatyala ethu, njengoko nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mateyu 6:12, 14; Luka 11:4) Wandula ke, kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba afe, uYesu wongezelela esithi: “Xa nimile nithandaza, xolelani nakuphi na eninako nxamnye naye nabani na; ukuze noYihlo osemazulwini anixolele izigqitho zenu.”—Marko 11:25.
22, 23. Ukukulungela kwethu ukuxolela kunokulichaphazela njani ikamva lethu?
22 Ewe, ithemba lethu lokuqhubeka sixolelwa nguThixo lixhomekeke ngokuyintloko ekukulungeleni kwethu ukubaxolela abazalwana bethu. Xa kuvela imbambano ethile phakathi kwamaKristu, zibuze, ‘Ngaba ukuxolelwa nguThixo akubalulekanga ngaphezulu lee kunokuzama ukubonisa umzalwana okanye udade wethu ukuba wenze into ephosakeleyo ngesenzo esibonakalisa indelelo, unobenani nje ocaphukisayo, okanye into nje entama ukungafezeki kwabantu?’ Impendulo yaziwa nguwe.
23 Noko ke, kuthekani ukuba le ngxaki ingaphezulu kunento nje ecaphukisayo okanye ingxaki encinane? Yaye kuxa kutheni apho kufanele kulandelwe isiluleko sikaYesu esibhalwe kuMateyu 18:15-18? Lo mba siza kuwuhla amahlongwana kwixa elizayo.
-
-
Unako Ukumzuza Umzalwana WakhoIMboniselo—1999 | Oktobha 15
-
-
Unako Ukumzuza Umzalwana Wakho
“Yiya usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa. Ukuba uyakuphulaphula, umzuzile umzalwana wakho.”—MATEYU 18:15.
1, 2. Liliphi icebiso elisebenzisekayo elanikelwa nguYesu ngendlela yokusingatha iimbambano?
ESALELWE lixesha elingaphantsi konyaka ngaphambi kokuba buphele ubulungiseleli bakhe, uYesu wayenezinto ezibalulekileyo awayeza kuzifundisa abafundi bakhe. Unokuzifunda kuMateyu isahluko 18. Esinye yayikukubaluleka kokuthobeka, njengabantwana. Emva koko wagxininisa into yokuba simele singakhubekisi “namnye waba bancinane” nokuba sifanele sizame ukubabuyisa ‘abo bancinane’ xa belahleka ukuze bangatshabalali. Wandula ke uYesu wongezelela icebiso elibalulekileyo nelisebenzisekayo lokuzinzisa iimbambano phakathi kwamaKristu.
2 Usenokuba uyawakhumbula amazwi akhe athi: “Ukuba umzalwana wakho wenza isono, yiya usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa. Ukuba uyakuphulaphula, umzuzile umzalwana wakho. Kodwa ukuba akaphulaphuli, thabatha omnye okanye ababini abangakumbi, ukuze ngomlomo wamangqina amabini okanye amathathu wonke umbandela umiselwe. Ukuba akabaphulaphuli, thetha nebandla. Ukuba akaliphulaphuli nebandla, kuwe makabe kanye njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” (Mateyu 18:15-17) Sifanele sisisebenzise xa kutheni eso siluleko, yaye sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo xa sisisebenzisa?
3. Ubukhulu becala sifanele sizijonge njani iimpazamo zabanye?
3 Inqaku elandulelayo ligxininise into yokuba ekubeni sonke singafezekanga kwaye sityekele ekwenzeni iimpazamo, kufuneka sisebenzele ukuxolela. Oko kumele kube njalo ngokukodwa xa siye seva ubuhlungu ngenxa yoko kuye kwenziwa okanye kwathethwa ngomnye umKristu. (1 Petros 4:8) Ngokufuthi kuba yeyona ndlela ilungileyo ukusuka uziyeke zidlule nje izinto ezicaphukisayo—uxolele yaye uyikhuphe engqondweni loo nto. Ukwenjenjalo sinokukugqala njengokufak’ isandla kuxolo lwebandla lamaKristu. (INdumiso 133:1; IMizekeliso 19:11) Ukanti ke, ngamany’ amaxesha usenokuvakalelwa kukuba noko nimele niyihlalele phantsi ingxaki ethile wena nomzalwana okanye udade wenu oye wakuvisa ubuhlungu. Xa kunjalo ke, la mazwi kaYesu angasentla anikela ukhokelo.
4. Sinokuwusebenzisa njani umgaqo okuMateyu 18:15 ngokuphathelele iimpazamo zabanye?
4 UYesu wacebisa ukuba “usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa.” Kububulumko ukwenjenjalo. Ezinye iinguqulelo zesiJamani zithi, beka isiphoso sakhe “phambi kwamehlo amane,” ngamany’ amazwi awakho nawakhe. Xa uyichaza ngobubele ingxaki ngasese, kudla ngokuba lula ukuyicombulula. Kusenokuba lula ukuba umzalwana owenze okanye othethe into ecaphukisayo okanye ebonakalisa ulunya ayivume impazamo yakhe xa ninobabini. Xa abanye bephulaphule, ukungafezeki kunokumenza afune ukukhanyela ukuba wenze into ephosakeleyo okanye azame ukuzithethelela ngaloo nto ayenzileyo. Kodwa ke xa niyithetha le ngxaki “phambi kwamehlo amane,” nisenokufumanisa ukuba ibikukungaqondani kunokuba ibe sisono okanye isenzo esiphosakeleyo sangabom. Xa nobabini nifumanisile ukuba ibikukungaqondani, ninokuyizinzisa, ningayivumeli loo mbambano incinane ukuba ikhule ize yone ulwalamano lwenu. Ngenxa yoko, umgaqo okuMateyu 18:15 unokusebenza kwanakwizinto ezincinane ezicaphukisayo zemihla ngemihla.
Wayethetha Ukuthini?
5, 6. Ngokutsho komongo, hlobo luni lwezono awayebhekisela kuzo uMateyu 18:15, yaye yintoni ebonisa oko?
5 Enyanisweni, icebiso likaYesu libhekisela kwizinto ezinzulu ngakumbi. UYesu wathi: “Ukuba umzalwana wakho wenza isono.” Ngokwengqiqo ephangaleleyo, “isono” sinokuba yimpazamo okanye intsilelo. (Yobhi 2:10; IMizekeliso 21:4; Yakobi 4:17) Noko ke, umongo ubonisa ukuba isono uYesu awayethetha ngaso simele ukuba sasinzulu. Sasinzulu kangangokuba sasinokukhokelela ekubeni lowo usenzileyo agqalwe “njengomntu weentlanga nombuthi werhafu.” Lithetha ukuthini elo binzana?
6 Abafundi bakaYesu ababephulaphule loo mazwi babesazi ukuba abantu bakubo babengabuthi nabeeNtlanga. (Yohane 4:9; 18:28; IZenzo 10:28) Kwaye ngokuqinisekileyo babezikhwebula kubabuthi berhafu, amadoda awayezelwe engamaYuda kodwa ajika aba ngabaxhaphazi babantu. Ngoko enyanisweni, amazwi akuMateyu 18:15-17 ayebhekisela kwizono ezinzulu, kungekhona izinto ezikucaphukisayo nje okanye ezikuvisa ubuhlungu onokusuka uzixolele uze uzikhuphe engqondweni.—Mateyu 18:21, 22.a
7, 8. (a) Hlobo luni lwezono olufanele lusingathwe ngabadala? (b) Luluphi uhlobo lwezono olunokuzinziswa ngamaKristu omabini, ngokuvisisana noMateyu 18:15-17?
7 Phantsi koMthetho, ezinye izono zazifuna ukuba loo mntu woniweyo enze okungaphezulu kokuxolela. Ukunyelisa, ukuwexuka, unqulo-zithixo, kunye nezono zeentlobano zesini ezikukuhenyuza, ukukrexeza nobufanasini, zazifanele zixelwe zize zichotshelwe ngamadoda amakhulu (okanye ababingeleli). Kunjalo ke nakwibandla lamaKristu. (Levitikus 5:1; 20:10-13; Numeri 5:30; 35:12; Duteronomi 17:9; 19:16-19; IMizekeliso 29:24) Noko ke, phawula ukuba uhlobo lwezono olwachazwa nguYesu apha lwalunokuzinziswa ngabantu ababini. Ngokomzekelo: Ubani udl’ izithende omnye, eqhutywa ngumsindo okanye ngumona. UmKristu othile uyazibophelela ukuba uza kwenza umsebenzi ngezinto ezithile zokwakha aze awugqibe ngomhla othile. Omnye uyavuma ukuba uza kubuyisa imali yomnye ngomhla othile omiselweyo okanye ubuncinane ngosuku oluthile. Omnye uqinisekisa umqeshi wakhe ukuba xa enokumqeqesha, (kwanokuba utshintsha umsebenzi) akayi kukhuphisana naye okanye azame ukuthabatha abathengi bakhe kangangexesha elithile elimisiweyo okanye abakummandla othile ekugqitywe ngawo.b Ukuba umzalwana akasigcini isithembiso sakhe yaye akaguquki kuloo nto iphosakeleyo ayenzileyo, ngokuqinisekileyo sisenzo esinzulu eso. (ISityhilelo 21:8) Kodwa ke izinto ezinjalo zinokuzinziswa ngabantu ababini ababandakanyekileyo.
8 Noko ke, ubunokuyicombulula njani into enjalo? Ngokufuthi amazwi kaYesu ebesahlulwahlulwa abe ngamanyathelo amathathu. Masikhe siqwalasele inyathelo ngalinye. Kunokuba uwagqale njengeenkqubo ezimiselweyo ezingokomthetho, zama ukufumana ingcamango yawo, ungalulibali usukelo lwakho lothando.
Zama Ukumzuza Umzalwana Wakho
9. Yintoni esifanele siyikhumbule xa silandela oko kubhalwe kuMateyu 18:15?
9 UYesu waqalisa ngokuthi: “Ukuba umzalwana wakho wenza isono, yiya usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa. Ukuba uyakuphulaphula, umzuzile umzalwana wakho.” Kuyacaca ukuba eli nyathelo alithatyathwa kuba ubani eve undiva. Ufanele ube nobungqina okanye inkcazelo eneenkcukacha onokuyisebenzisa ukuze uncede umzalwana wakho abone ukuba wenze into ephosakeleyo yaye kufuneka alungise ukuhlala. Kuhle ukuba uyenze ngokukhawuleza loo nto, ungayivumeli ukuba ikhule okanye ide yendele engqondweni yakhe. Kwaye ungalibali ukuba ukusoloko ucinga ngaloo nto kunokukwenzakalisa nawe. Ekubeni le nto iza kuxutyushwa nguwe naye kuphela, musa ukuyithetha kwabanye kuba ufuna bavelane nawe okanye ubonakale ungumntu olungileyo kubo. (IMizekeliso 12:25; 17:9) Ngoba? Ngenxa yosukelo lwakho kaloku.
10. Yintoni eya kusinceda simzuze umzalwana wethu?
10 Injongo yakho kukumzuza umzalwana wakho, asikokumohlwaya, ukumenza intlekisa okanye ukumphilisa kabuhlungu. Ukuba ngokwenene wenze into ephosakeleyo, ulwalamano lwakhe noYehova lusemngciphekweni. Ngokuqinisekileyo ufuna aqhubeke engumzalwana wakho ongumKristu. Amathuba okuphumelela aya kuba maninzi ukuba xa nithethathethana ngasese uhlala uzolile, akusebenzisi mazwi arhabaxa okanye umtyhole. Kolu thethathethwano olwenziwa ngothando, khumbula ukuba nobabini anifezekanga, ningabantu abanesono. (Roma 3:23, 24) Xa efumanisa ukuba akumhlebanga yaye ebona ukuba ngokunyanisekileyo ufuna ukunikela uncedo, sinokufumaneka lula isicombululo. Le ndlela yobubele necacileyo yokusingatha izinto iya kungqineka ibubulumko ngokukodwa ukuba kuyacaca ukuba nobabini ngandlel’ ithile nibekek’ ityala okanye oyena nozala waloo nto ibikukungaqondani.—IMizekeliso 25:9, 10; 26:20; Yakobi 3:5, 6.
11. Kwanokuba lowo usonileyo akasiphulaphuli, yintoni esisenokuyenza?
11 Ukuba uyakwazi ukumenza abone ukuba wenze into ephosakeleyo nokuba loo nto inzulu, usenokushukunyiselwa ekubeni aguquke. Noko ke, enyanisweni ikratshi lisenokuba ngumqobo. (IMizekeliso 16:18; 17:19) Ngoko kwanokuba akayamkeli kwazisuka into yokuba wenze into ephosakeleyo aze aguquke, musa ukungxama ngokuyidlulisela phambili loo nto. UYesu akazange athi ‘yiya isihlandlo sibe sinye kuphela usidandalazise isiphoso sakhe.’ Ekubeni enze isono onokusicombulula, ceba ukuya kuye kwakhona ucinga ngamaGalati 6:1 yaye uyibeke “phambi kwamehlo amane” loo nto. Kusenokwenzeka ukuba uphumelele. (Thelekisa uYude 22, 23.) Kodwa ke, kuthekani ukuba uqinisekile ukuba wenze isono kwaye akasoze ayamkele loo nto?
Ukufuna Uncedo Lomntu Oqolileyo
12, 13. (a) Liliphi inyathelo lesibini elachazwa nguYesu lokusingatha iimbambano? (b) Ngawaphi amacebiso afanelekileyo esinokuwasebenzisa xa sithabatha eli nyathelo?
12 Ngaba ubungathanda ukuba abanye bakuncame msinya xa wenze into ephosakeleyo enzulu? Akunjalo. Ngokuvisisana noko, uYesu wabonisa ukuba akufanele umncame umzalwana wakho wakuba uthabathe inyathelo lokuqala, ukuze umgcine emanyene nawe kunye nabanye ekunquleni uThixo ngendlela eyamkelekileyo. UYesu wachaza inyathelo lesibini: “Ukuba akaphulaphuli, thabatha omnye okanye ababini abangakumbi, ukuze ngomlomo wamangqina amabini okanye amathathu wonke umbandela umiselwe.”
13 Wathi umele uthabathe “omnye okanye ababini abangakumbi.” Akazange athi emva kokuba uthabathe inyathelo lokuqala, ukhululekile ukuba uyithi paha kumntu wonke loo ngxaki, uthethe nomveleli ohambahambayo, okanye ubhalele abazalwana ngaloo ngxaki. Uqiniseke unjalo ngento yokuba woniwe, kodwa eneneni ayikamiselwa ngokupheleleyo. Akunakusasaza inkcazelo engentle osenokumangalelwa ngayo ize igqalwe njengentlebendwane. (IMizekeliso 16:28; 18:8) Kodwa uYesu wathi thabatha omnye okanye abanye ababini. Ngoba? Kwaye ngoobani onokubathabatha?
14. Ngubani esinokuhamba naye xa sithabatha inyathelo lesibini?
14 Uzama ukumzuza umzalwana wakho ngokumenza aqonde ukuba wenze isono nangokumshukumisela ekubeni aguquke ukuze abe seluxolweni nawe kunye noThixo. Ngenxa yoko, ukuze izinto zihambe kakuhle kufuneka ingqina ‘elinye okanye amabini’ eso senzo siphosakeleyo. Mhlawumbi ebekho xa bekusenzeka loo nto, okanye anenkcazelo enesihlahla yoko kwenziweyo (okanye kungenziwanga) kumcimbi woshishino. Ukuba akakho loo mangqina, abo uza nabo basenokuba ngabantu abanamava kuloo mbandela baze ngaloo ndlela bakwazi ukubona enoba loo nto yenzekileyo ngokwenene iphosakele kusini na. Ngaphezu koko, xa kamva kuyimfuneko, basenokuba ngamangqina koko kuthethiweyo, bengqina izibakala ezibekiweyo nomgudu owenziweyo. (Numeri 35:30; Duteronomi 17:6) Ngoko injongo yobukho babo asikokuba ngoondilele, okanye abalamli nje kuphela; kodwa, bakho ukuze bancede ekuzuzeni umzalwana wakho okwangumzalwana wabo.
15. Kutheni abadala abangamaKristu besenokungqineka beluncedo xa kufuneka sithabathe inyathelo lesibini?
15 Akunyanzelekanga ukuba abo uza nabo ibe ngamadoda angabadala bebandla. Noko ke, amadoda aqolileyo angabadala anokukwazi ukufak’ isandla ngeemfaneleko zawo zokomoya. Abadala abanjalo ‘banjengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; banjengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.’ (Isaya 32:1, 2) Banamava okuqiqa nokulungisa abazalwana noodade. Kwaye lowo wenze ububi unesizathu esihle sokuzithemba ezi “zipho ezikuhlobo lwabantu.”c (Efese 4:8, 11, 12) Ukuthetha ngalo mba kukho abaqolileyo abanjalo nokuthandaza kunye nabo kunokudala umahluko kuze kuyicombulule loo nto ebibonakala ingenakucombululeka.—Thelekisa uYakobi 5:14, 15.
Ilinge Lokugqibela Lokumzuza
16. Liliphi inyathelo lesithathu elachazwa nguYesu?
16 Ukuba inyathelo lesibini aliphumeleli, ngokuqinisekileyo abadala bebandla bayabandakanyeka kwinyathelo lesithathu. “Ukuba akabaphulaphuli [lowo omnye okanye ababini], thetha nebandla. Ukuba akaliphulaphuli nebandla, kuwe makabe kanye njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” Kubandakanya ntoni oko?
17, 18. (a) Nguwuphi umzekelo osincedayo ukuze siqonde oko kuthethwa ‘kukuthetha nebandla’? (b) Silithabatha njani eli nyathelo namhlanje?
17 Oku asifanele sikugqale njengomyalelo wokuba sichaze isono okanye into ephosakeleyo kwiintlanganiso ezibakho rhoqo okanye ezikhethekileyo zebandla liphela. Sinokuyiqonda inkqubo efanelekileyo ngokusuka kwiLizwi likaThixo. Yiva oko kwakumele kwenziwe kuSirayeli wamandulo xa kukho umvukeli, idlakudla okanye inxila: “Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko: uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo; bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu uyinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidlakudla, ulinxila. Omgibisela ngamatye onke amadoda omzi wakowabo.” (Akekeliswe sithi.)—Duteronomi 21:18-21.
18 Izono zale ndoda zazingachotshelwa zize zigwetywe luhlanga luphela okanye isizwe sakowayo. Kunoko, “amadoda amakhulu” aziwayo ayewusingatha loo mcimbi egameni lebandla. (Thelekisa iDuteronomi 19:16, 17 ethetha ngetyala elalichotshelwe ‘ngababingeleli nabagwebi ababeya kubakho ngaloo mihla.’) Ngokufanayo ke nanamhlanje, xa kuyimfuneko ukuthabatha inyathelo lesithathu, ngabadala abamela ibandla ekuwusingatheni loo mcimbi. Nabo usukelo lwabo kukumzuza umzalwana ongumKristu xa kunokwenzeka. Bayakubonisa oku ngokusebenzisa okusesikweni, bangaligwebi bengekalichopheli ityala okanye bakhethe icala.
19. Yintoni abaya kuzabalazela ukuyenza abadala ababelwe ukusingatha loo mcimbi?
19 Baya kuzabalazela ukuziphonononga izibakala baze baphulaphule namangqina afunekayo ukuze babone enoba ngokwenene kukho isono esenziweyo (okanye esiqhubeka sisenziwa) kusini na. Bafuna ukulikhusela ibandla kubungendawo baze bawukhuphele ngaphandle umoya wehlabathi. (1 Korinte 2:12; 5:7) Ngokuvisisana neemfaneleko zabo ezingokweZibhalo, baya kuzabalazela “ukubabongoza ngemfundiso ephilileyo nokubohlwaya abo baphikisayo.” (Tito 1:9) Sinethemba lokuba, lowo wenze ububi akayi kufana namaSirayeli awabhala wenjenje umprofeti kaYehova ngawo: “Ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.”—Isaya 65:12.
20. Yintoni uYesu awathi ifanele yenziwe xa umoni engavumi ukuphulaphula nokuguquka?
20 Noko ke, kwiimeko ezimbalwa umoni uye abonakalise isimo sengqondo esinjalo. Xa kunjalo ke, ulwalathiso lukaYesu lucacile: “Kuwe makabe kanye njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” INkosi yayingakhuthazi ukuba singabi nabuntu okanye sinqwenelele abanye ububi. Noko ke, ulwalathiso lukampostile uPawulos lokubakhuphela ngaphandle ebandleni aboni abangaguqukiyo licace okwekat’ emhloph’ ehlungwini. (1 Korinte 5:11-13) Kwanesi senzo sinokuphumela ekubeni azuzwe umoni.
21. Yintoni esenokwenzeka kulowo ukhutshelwe ngaphandle kwebandla?
21 Umzekeliso kaYesu wonyana wolahleko uyasibonisa ukuba kunokwenzeka oko. Njengoko kuboniswe kulo mzekeliso, emva kokuchitha ixesha engenabudlelane bothando nendlu kayise, loo moni “wabuyela ezingqondweni zakhe.” (Luka 15:11-18) UPawulos wachazela uTimoti ukuba abanye abenzi bobubi babeza kuguquka ekuhambeni kwexesha baze ‘babuyele kwiingqiqo zabo ezifanelekileyo baphume kumgibe kaMtyholi.’ (2 Timoti 2:24-26) Ngokuqinisekileyo sinethemba lokuba nabani na owonayo aze angaguquki kuze kufuneke akhutshelwe ngaphandle kwebandla uya kuyibona ilahleko yakhe—ukuphulukana nenkoliseko kaThixo nobudlelane bothando kunye nokunxulumana namaKristu anyanisekileyo—andule ke ukubuyela ezingqondweni zakhe.
22. Sinokumzuza njani kwakhona umzalwana wethu?
22 UYesu akazange athabathe abantu beentlanga nababuthi berhafu njengooncanyelweni. Omnye owayengumbuthi werhafu, uMateyu Levi, waguquka waza ‘wamlandela ngokunyaniseka uYesu,’ ibe wade wanyulwa njengompostile. (Marko 2:15; Luka 15:1) Lilonke, ukuba namhlanje umoni “akaliphulaphuli nebandla” yaye ukhutshelwa ngaphandle kulo, siza kulinda sibone enoba akayi kuthi ethubeni aguquke yaye abuyise unyawo lwakhe. Xa ebuya yaye esiba lilungu lebandla kwakhona, siya kuvuya kuba siye samzuza umzalwana wethu waza wabuyela kubuhlanti bonqulo lokwenyaniso.
[Imibhalo esemazantsi]
a ICyclopedia kaMcClintock noStrong ithi: “Ababuthi berhafu ekuthethwa ngabo [kwiTestamente Entsha] babejongwa njengabangcatshi nabawexuki, ababengcoliswe kukunxulumana ngokuthe rhoqo nabahedeni, bezizixhobo ezilungele ukusetyenziswa ngabacinezeli. Babebalwa phakathi kwaboni . . . Ekubeni abantu babezinxwema kubo, nabantu abandilisekileyo bezikhwebula kubo, ekuphela kwabahlobo nezinxulumani ababenazo yayingabo babengamaphuth’ ahlathinye nabo, ababengamkelekanga eluntwini.”
b Imicimbi yoshishino okanye yemali ebandakanya umlinganiselo othile wokuqhatha, ubuqhetseba okanye amaqhinga inokubalwa phakathi kwezono awayebhekisela kuzo uYesu. Ukuze abonise oko, emva kokunikela ulwalathiso olubhalwe kuMateyu 18:15-17, uYesu wenza umzekeliso wamakhoboka (abaqeshwa) awayetyala imali aza akakwazi ukuyihlawula.
c Omnye umphengululi weBhayibhile wagqabaza esithi: “Maxa wambi kuyenzeka ukuba lowo wenze ububi aphulaphule ngakumbi xa kukho abantu ababini okanye abathathu (ngokukodwa ukuba ngabantu abahlonelekayo) kunaxa emnye, ngokukodwa xa inguloo mntu anengxaki naye.”
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Ngokusisiseko, uMateyu 18:15-17 ubhekisela kwisono esinjani?
◻ Yintoni esifanele siyikhumbule xa kufuneka sithabathe inyathelo lokuqala?
◻ Ngubani onokusinceda xa simele sithabathe inyathelo lesibini?
◻ Ngoobani ababandakanyekayo kwinyathelo lesithathu, yaye sinokumzuza njani kwakhona umzalwana wethu?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
AmaYuda ayezikhwebula kubabuthi berhafu. UMateyu waguquka waza walandela uYesu
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ngokufuthi sinokuyicombulula ingxaki xa siyibeka “phambi kwamehlo amane”
-