-
Nam Ndiyayisebenzisa!Vukani!—2012 | Februwari
-
-
Nam Ndiyayisebenzisa!
● Khawube nomfanekiso ngqondweni woku. Abantu babesithi uSam udla ngendeb’ endala. Kaloku, kangangeminyaka wayengafuni kusebenzisa izixhobo zobugcisa ezazisetyenziswa ngezo mini ukunxibelelana nezalamane nabahlobo. Wonk’ umntu, kuquka abantwana bakaSam babezifuna ezi zixhobo zitsha. Eqhula, ngeny’ imini uSam wathi kwintombi yakhe eneminyaka eli-16 ubudala, “Ndikhumbula iintsuku, xa abantu babedla ngokuhlala kunye bancokole!”
Emva koko, uSam wacingisisa ngale nto. Wacinga ngabantu awayegqibele kudala ukubabona nokuncokola nabo. Wacinga ngamalungu entsapho ekwakucaca ukuba axakeke kangangokuba alikho ithuba lokuncokola nawo. Wagqiba kweli, ‘Ukuze ndikwazi ukunxibelelana nabo bonke, kuza kufuneka nam ndibe nefowuni.’ Ngelo xesha kwakuphakathi kwinkulungwane yama-20, ehlala kumaphandle aseUnited States. Ekugqibeleni, uSam odla ngendeb’ endala, wagqiba ekubeni abe nefowuni.
Ngoku makhe sibethe owenkawu size kulo wama-2012. Umzukulwana kaSam, uNathan ugqiba kuncokola ngefowuni noRoberto noAngela, abamshiya kwiminyaka elishumi eyadlulayo baya kuhlala phesheya. UNathan umangaliswa yindlela eliye lakhawuleza ngayo elo xesha.
Kwiminyaka edluleyo uNathan ebeman’ ukufowunelwa ngamalungu entsapho nezihlobo ezafudukayo. Kodwa ngoku kubonakala ngathi bonk’ abantu—kuquka abantwana bakhe abakwishumi elivisayo—basebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana.
Abantu bathi uNathan udla ngendeb’ endala kuba engafuni kusebenzisa ubugcisa bale mihla. Uthi: “Ndikhumbula iintsuku zakudala xa umntu wawumfowunela uze uve ilizwi lakhe.” Kodwa ngoku uyacingisisa ngale nto. Uthi, ‘Ukuze ndikwazi ukunxibelelana nabo bonke kuza kufuneka ndisebenzise ezi webhsayithi.’
Ngaba wakha wavakalelwa ngaloo ndlela? Ngokwemvelo, abantu bayakuthanda ukunxibelelana nabanye. (Genesis 2:18; IMizekeliso 17:17) Ekubeni bebaninzi kangaka abantu abasebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana, yintoni omele uyazi ngazo?
-
-
Kutheni Zithandwa Kangaka?Vukani!—2012 | Februwari
-
-
Kutheni Zithandwa Kangaka?
KWEZI NDLELA zingezantsi zokuncokola yiyiphi oye wayisebenzisa kule nyanga iphelileyo?
Kukuhlala nincokole
Kukubhala ileta okanye ikhadi
Yifowuni
Yie-mail
Yimiyalezo ngefowuni
Yimiyalezo ngekhompyutha
Yividiyo (video chat)
YiWebhsayithi yokunxibelelana
Zange khe zibe ninzi kangaka iindlela zokunxibelelana, nganye ineengenelo neengxaki zayo. Cinga ngale mizekelo imbalwa:
UKUHLALA NOMNTU NINCOKOLE
Ingenelo: Uzibona kakuhle imvakalelo zakhe, ilizwi, nezimbo zomzimba.
Ingxaki: Nobabini kufuneka nibe kulo ndawo ukuze nithethe.
ILETA OKANYE IKHADI
Ingenelo: Iyakhuthaza yaye yeyakho wedwa.
Ingxaki: Kuthatha ixesha ukuyibhala yaye ifika kade kumniniyo.
IE-MAIL
Ingenelo: Inokubhalwa ize ithunyelwe ngokukhawuleza.
Ingxaki: Akunakuzibona iimvakalelo zomntu—kulula ukungayiqondi.
Zonke zithatyathelwe indawo ziiWebhsayithi zokunxibelelana, ezibonwa njengendlela ephambili yokunxibelelana. Kukho amakhulu eWebhsayithi zokunxibelelana, eyona ithandwayo—yiFacebook—enamalungu azizigidi ezingama-800! ITime magazine ithi: “Ukuba iFacebook ibililizwe, ibiya kuba lilizwe lesithathu ngabantu abaninzi emva kweTshayina neIndiya. Ziyintoni iiWebhsayithi zokunxibelelana, yaye kutheni zithandwa kangaka?
Iwebhusayithi yokunxibelelana lijelo elenzelwe ukuba umntu akwazi ukunxibelelana neqela elithile labahlobo kwi-Intanethi. UJean oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Yeyona ndlela ibhetele yokugcina unxibelelwano. Siyakwazi ukubonisa abanye iifoto zeendawo nezeziganeko esiye kuzo.
Kutheni bengasuke babhale ileta? Abanye baphendula bathi: ‘Kutya ixesha ukubhala ileta’—yaye kuziindleko ukwenza iikopi zezo foto. Kuthekani ngokusebenzisa ifowuni? Nako kutya ixesha—ngakumbi ekubeni kufuneka ufowunele umntu omnye ngexesha, babe abanye bengekho ekhaya okanye bengafumaneki ukuze uthethe nabo. Injani yona ie-mail? UDanielle oneminyaka engama-20 ubudala ukhalaza athi: “Akusekho mntu uphendula zie-mail, nokuba sele ekho, unokuthatha iiveki. Kanti kwiwebhsayithi yokunxibelelana, ndithumela nje umyalezo ochaza oko ndikwenzayo, baze abahlobo bathumele eyabo bebalisa ngosuku lwabo. Sivula nje iwebhsayithi sibe sesinxibelelene sonke. Kulula ngolo hlobo!”
Oku akuthethi kuthi yonke into ethethwa kwezi webhsayithi ayibalulekanga. Ngokomzekelo, xa kuhlasela intlekele—njengaleyo yenyikima netsunami ezantlitha iindawo ezithile zaseJapan ngoMatshi 11, 2011—abaninzi babesebenzisa ezi webhsayithi ukuze bazi ngempilo-ntle yezihlobo zabo.
Cinga ngezinto ezehlela uBenjamin ohlala eUnited States. Uthi: “Iifowuni zazingasebenzi emva kwetsunami eJapan. Omnye umntu wandixelela ukuba wathumela ie-mail kumhlobo wethu ohlala eTokyo, kodwa akafumana mpendulo. Ndathatha iselfowuni yam ndavula i-Intanethi, ndangena kwiwebhsayithi ayisebenzisayo. Kwangoko, ndabona umyalezo wakhe othi usindile yaye uza kuphinda asichazele ezinye inkcukacha.”
UBenjamin wongezelela athi: “Ukuze ndinxibelelane nabahlobo bam ababengenayo iwebhsayithi yokunxibelelana, ndabathumelela ie-mail. Kwathatha ixesha ukufumana iiadresi zabo nokubhalela umntu ngamnye. Kwathatha iintsuku ngaphambi kokuba ndifumane iimpendulo zabo. Omnye kwadlula iiveki ezimbini engaphenduli! Babefumana iie-mail ezininzi kangangokuba kwakunzima ukuziphendula zonke. Ukusebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana kwakuya kubongela ixesha elininzi. Ngemizuzu nje engephi wonke umntu wayeya kuyazi into eqhubekayo!”
Kuyacaca ukuba iiwebhsayithi zokunxibelelana zinazo iingenelo. Kodwa ngaba zinazo iingozi? Ukuba zikho, ziziphi yaye unokuziphepha njani?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 5]
INDLELA ESEBENZA NGAYO
1. Thumela umyalezo (uhlaziye iinkcukacha) kwiwebhsayithi yakho.
2. Bonke abo bakuludwe lwabahlobo bakho bafumana imiyalezo yakho xa bevula iiwebhsayithi zabo—yaye nawe ufumana eyabo xa uvula eyakho.
-
-
Imibuzo Emine Omele Uyibuze Ngeewebhsayithi ZokunxibelelanaVukani!—2012 | Februwari
-
-
Imibuzo Emine Omele Uyibuze Ngeewebhsayithi Zokunxibelelana
Njengayo nayiphi na indlela yokusebenzisa i-Intanethi, nazo iiwebhsayithi zokunxibelelana zineengozi zazo.a Ucinga ngoko, hlolisisa le mibuzo ilandelayo.
1 Iyichaphazela Njani Imibandela Yam Yobuqu?
“Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.”—IMizekeliso 10:19.
Oko umele ukwazi. Ukuba akulumkanga, iinkcukacha zakho kuquka igama lakho, indawo ohlala kuyo, iifoto zakho nemiyalezo oyithumelela abahlobo bakho kwezi webhsayithi inokudiza iimfihlo zakho. Ngokomzekelo, unokuzibhaqa sele uchaza indawo ohlala kuyo, ixesha obakho ngalo (nongekhoyo ngalo) ekhaya, indawo osebenza kuyo okanye isikolo ofunda kuso. Iadresi yakho ehamba nomyalezo othi: “Siya ekhefini ngomso!” zinokusetyenziswa ngamasela.
Ezinye inkcukacha—njengeadresi ye-e-mail, usuku lokuzalwa, okanye inombolo yefowuni—zisenokuvula ithuba lokuba ubhalelwe okanye ufowunelwe ngabantu ongabaziyo, uxhatshazwe, okanye kusetyenziswe igama lakho ngeendlela zomgunyathi. Sekunjalo, abantu abaninzi bayaqhubeka bezibhala ezi nkcukacha kwiwebhsayithi.
Abantu bayalibala ukuba izinto abazibhala kwiwebhsayithi, zinokubonwa nangubani na. Nokuba sebekhetha ukuba iinkcukacha zabo zifunyanwe “Ngabahlobo Babo Kuphela,” abanakuyazi into eyenziwa ngabahlobo babo ngazo. Ngoko, nantoni na ebhalwa kwezi webhsayithi inokubonwa nguye nabani na.
Oko unokukwenza. Yazi kakuhle indlela yokukhusela iinkcukacha zakho kwiwebhsayithi yakho uze usebenzise yona. Mayibe ngabantu obaziyo nobathembayo kuphela abakwaziyo ukufunda iinkcukacha okanye babone iifoto zakho.
Sekunjalo, yazi into yokuba abahlobo bakho banokuyidlulisela nakwabanye imiyalezo yakho okanye iifoto zakho. Yihlole rhoqo iwebhsayithi yakho yaye qiniseka ukuba akukho nto uyithumelayo inokufunyanwa ngoonqali-ntloko okanye babe iinkcukacha zakho. Nakubahlobo bakho, musa ukuthumela iinkcukacha zakho eziyimfihlo okanye ezomnye umntu. (IMizekeliso 11:13) Ukuba kukho umcimbi ontununtunu ofuna ukuthetha ngawo, sebenzisa enye indlela yokunxibelelana. Ibhinqa eliselula uCameron lithi: “Eyona ndlela ibhetele yokuthetha ngezinto eziyimfihlelo yifowuni.”
Eyona nto ibalulekileyo. Ibhinqa ekuthiwa nguKim lithi: “Ukuba uyayicingisisa into oyenzayo, ungakwazi ukugcina iinkcukacha zakho ziyimfihlo xa usebenzisa iwebhsayithi yokunxibelelana. Ayikufaki ngxakini ngaphandle kokuba uyayivumela.”
2 Indityela Ixesha Elingakanani?
“Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—Filipi 1:10.
Oko umele ukwazi. Iiwebhsayithi zokunxibelelana zinokukutyela ixesha elininzi obunokulisebenzisa kwizinto ezibalulekileyo. Ibhinqa ekuthiwa nguKay lithi: “Okukhona usazi abantu abaninzi kokukhona uchitha ixesha elininzi uncokola nabo kwezi webhsayithi yaye unokuzibhaqa sele ungasakwazi ukwahlukana nazo.” Yiva oko kuthethwa ngabanye abakha babhajiswa ngulo mgibe.
“Kunzima ukwahlukana newebhsayithi yokunxibelelana, nokuba sele ungasayithandi. Ifana nesiyobisi.”—UElise.
“Zininzi izinto onokuzenza kuyo—imidlalo, uvavanyo lwezinto ezithile, ukufunda ngeemvumi ozithandayo—singasathethi ke ngokufunda ngabahlobo.”—UBlaine.
“Ngumgibe okubambayo ngoxa ungaqondi de ngeny’ imini uve umama wakho ekubuza ngezitya ongakhange uzihlambe.”—UAnalise.
“Ndazibona sele ndifuna ukukhawuleza ndiphume esikolweni ukuze ndibone ukuba ngubani ophendule imiyalezo yam. Emva koko kwakufuneka ndibaphendule bonke abo bantu ndize ndibuke neefoto ezintsha abazithumeleyo. Ndandisiba nochuku xa ndijonge iwebhsayithi ndingafuni kuphazanyiswa. Kukho abantu endibaziyo abahlala bevule ezi webhsayithi imini yonke—nditsho naxa betyelele emizini yabanye abantu okanye ezinzulwini zobusuku!”—UMegan.
Oko unokukwenza. Ixesha libaluleke gqitha ukuba ungadlala ngalo. Kutheni ungacebi indlela oza kulisebenzisa ngayo njengokuba usenza ngemali. Qala ngokubhala ixesha ocinga ukuba ufanele ulichithe kwezi webhsayithi. Emva koko, zihlole kangangenyanga ukuba uqhuba njani na. Yenza uhlengahlengiso xa kuyimfuneko.
Ukuba ungumzali yaye abantwana bakho bachitha ixesha elininzi kwezi webhsayithi, zama ukuqonda oyena nobangela. Ngokomzekelo, kwincwadi yakhe ethi Cyber-Safe Kids, Cyber-Savvy Teens, uNancy E. Willard ubonisa ukuba ukuchitha ixesha elininzi kuzo kunokubangela ukuxhalaba, uxinezeleko nokungazithembi. Uthi: “Ulutsha oluninzi luyixhalabele kakhulu indlela olujongwa ngayo ngabanye. Xa lucinga ukuba ukubaluleka kwalo kuxhomekeke kubungakanani babantu oluncokola nabo kwezi webhsayithi, lunokuzibhaqa lungamakhoboka azo.”
Ungaze uvumele iiwebhsayithi zokunxibelelana—okanye nantoni na ekwi-Intanethi—ikwenze ungabakhathaleli abantu ohlala nabo. Kwincwadi ethi Grown Up Digital, uDon Tapscott uthi: “Into emangalisayo ngeIntanethi kukuba, ngoxa isenza kube lula ukuba amalungu entsapho anxibelelane xa engekho ndawonye, kwayona inokuphinda iluvale unxibelelwano lwawo xa ekunye.”
Eyona nto ibalulekileyo. Intombazana ekuthiwa nguEmily ithi: “Ndicinga ukuba ezi webhsayithi ziluncedo kakhulu ekunxibelelaneni nabantu. Kodwa njengayo nayiphi na enye into, kufuneka ulazi ixesha lokuzicima.”
3 Isichaphazela Njani Isidima Sam?
“Udumo oluhle lubaluleke ngaphezu kwesilivere negolide.”—IMizekeliso 22:1, “Contemporary English Version.”
Oko umele ukwazi. Izinto ozibhala kwiwebhsayithi zinokuchaphazela isidima sakho ngendlela ekusenokuba nzima ukuyijika. (IMizekeliso 20:11; Mateyu 7:17) Kubonakala ngathi abaninzi abayiqondi ingozi abazichanaba kuyo. Ibhinqa ekuthiwa nguRaquel lithi: “Ingathi abantu bayayeka ukucinga xa besebenzisa ezi webhsayithi. Babhala izinto abebengenakufane bazithethe. Abanye abaqondi ukuba ngokubhala nje into enye ebubudenge banokuzithoba isidima.”
Ukuzithoba isidima kwiwebhsayithi kunokuba nemiphumo ehlala ihleli. Incwadi ethi Grown Up Digital ithi: “Baninzi abantu abaye bagxothwa emsebenzini okanye abaqeshwa ngenxa yezinto abazibhale kwiwebhsayithi yokunxibelelana.”
Oko unokukwenza. Jonga izinto ozibhale kwiwebhsayithi yakho uze ucinge ngendlela abanokuzijonga ngayo abanye. Zibuze: ‘Ngaba le yindlela endifuna ukwaziwa ngayo? Ukuba umntu ebenokubona iifoto zam kuze kufuneke achaze ubuntu bam, ebeya kuthi ndingumntu onjani? Ngaba ebeya kuthi “Ndingudlalani”? “Ndithanda isini”? “Ndithanda iziyolo”? Ukuba kunjalo, ngaba le yindlela endifuna abaqashi bandijonge ngayo, ngokomzekelo xa benokujonga iwebhsayithi yam emva kokuba ndifake isicelo somsebenzi? Ngaba ezi foto zibonisa imilinganiselo endiphila ngayo?
Ukuba uselula, zibuze: ‘Kuthekani ukuba abazali, utitshala okanye nawuphi na umntu endimhlonelayo ebenokufunda iwebhsayithi yam? Ngaba bendiya kuba neentloni ngezinto abanokuzibona nabanokuzifunda kuyo?’
Eyona nto ibalulekileyo. Ngokuphathelele isidima sakho, cinga la mazwi ompostile uPawulos: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.”—Galati 6:7.
4 Iyichaphazela Njani Indlela Endikhetha Ngayo Abahlobo?
“Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.
Oko umele ukwazi. Abahlobo baba negalelo kwindlela ocinga ngayo nowenza ngayo izinto. (1 Korinte 15:33) Ngoko bubulumko ukubakhetha abahlobo kwiiwebhsayithi zokunxibelelana. Abanye bavumela inkumbula yabantu abangabaziyo nabangazange bababone ukuba babe ngabahlobo nabo. Abanye bazifumana sele benabahlobo abangalunganga. Khawuve ukuba bathini abanye.
“Uya kungena engxakini ukuba uvumela nabani na abe ngumhlobo wakho.”—UAnalise.
“Abaninzi endibaziyo bavuma ukuba ngabahlobo nabantu abangabathandi ncam kuba besithi abafuni kubaphoxa.”—ULianne.
“Kufana nokungathi uhlala nabo. Ufanele ubakhethe abahlobo.”—UAlexis.
Oko unokukwenza. Beka imigaqo ngabantu abanokuba ngabahlobo bakho. Ngokomzekelo, abanye baye baliqingqa inani labahlobo babo:b
“Ndivumela kuphela abantu endibaziyo ukuba babe ngabahlobo—hayi nje abantu endakha ndababona—kodwa endibaziyo.”—UJean.
“Ndiba ngumhlobo kuphela nabantu ekudala ndibazi. Andibi ngumhlobo nabantu endingabaziyo.”—UMonique.
“Ndiba ngumhlobo kuphela nabantu endibazi kakuhle okanye abanesimilo njengam.”—URae.
“Ukuba andimazi umntu ocela ukuba ngumhlobo wam, andivumi. Kulula ngolo hlobo. Bonke abahlobo bam ndiyabazi ibe asidibananga kwiiwebhsayithi.”—UMarie.
“Ukuba umhlobo ufaka iifoto okanye ubhala izinto endingaziginyiyo, ndivele ndimcime ngoko nangoko. Ukufunda nje imiyalezo yabo kukodwa, kulunxulumano olubi.”—UKim.
“Xa ndandinewebhsayithi, ndandingavumeli nabani na afunde izinto zam. Ndandingabavumeli abahlobo babahlobo bam ukuba babuke iifoto okanye bafunde imiyalezo yam—ndandivumela abahlobo bam kuphela. Kaloku ndandingazi ukuba abahlobo babahlobo bam ngabantu abanesimilo kusini na. Ndandingabazi—ndingazi nezinto abadume ngazo.”—UHeather.
Eyona nto ibalulekileyo. Kwincwadi yakhe ethi CyberSafe, uGqr. Gwenn Schurgin O’Keeffe uthi: “Elona cebiso kukuba ngumhlobo nabantu obusele ubazi kakade.”c
[Imibhalo esemazantsi]
a UVukani! akakhuthazi yaye akagxeki nenye kwiiwebhsayithi zokunxibelelana. AmaKristu afanele aqiniseke ukuba indlela ayisebenzisa ngayo i-Intanethi ayingqubani nemigaqo yeBhayibhile.—1 Timoti 1:5,19
b Kweli nqaku sithetha ngabahlobo kungekhona abantu osebenza nabo kwezoshishino.
c Ukuze ufunde ngakumbi ngeewebhsayithi zokunxibelelana, funda uVukani! kaJulayi 2011, kwiphepha 24-27 noka-Agasti 2011, kwiphepha 10-13.
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
YIVALE!
Ukuba akuyivali iwebhsayithi yakho xa ugqibile ukuyisebenzisa, uzibeka esichengeni sokuba abanye babhale izinto zabo kuyo. URobert Wilson oligqwetha uthi, “oku kufana nokushiya isipaji okanye iselfowuni yakho elubala. Wonk’ umntu unokubhala into ayithandayo kuyo. Qiniseka ukuba uyayivala.”
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
NGABA AKUZIBEKI SICHENGENI?
Uhlolisiso olwenziwa yiConsumer Reports lwatyhila ukuba abaninzi abasebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana “bazibeka esichengeni sokuqhekezelwa, ukubiwa kweenkcukacha zabo nokulandelwa ngabantu abangabaziyo. Abalishumi elinesihlanu ekhulwini bachaza indawo abakuyo okanye uhambo abalucebayo, abangama-34 ekhulwini bakhupha iinkcukacha ezipheleleyo ngemihla yabo yokuzalwa ngoxa abangama-21 ekhulwini kwabo banabantwana abahlala nabo bechaza amagama abo neefoto zabo.”
-